Bible Society of South Africa

An Unforgettable Journey – Day 4

Happiness, Healing & Hope

Itekisi yeBhayibhile

AMAVA ENGQONDI 7

14Ngamathuba obumnandi yonwaba;

ngemihla yobubi qonda kakuhle ukuba kwale njengaleya yenziwe nguThixo.

Ngoko ke akukho mntu uyaziyo into eza kwenzeka kamva.

AMAVA ENGQONDI 7:14XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IZAFOBE 15

13Umntu oxolileyo ukhangeleka enemihlali,

kanti ke yena oneenzingo uyanxuba.

IZAFOBE 15:13XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 118

24Namhla kunamhla, yimini kaNdikhoyo;

masizonwabise sibe nemihlali ngayo.

IINDUMISO 118:24XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

ULUKA 4

18“UMoya weNkosi undongamele,

ngoko ke indithambisile;

indalathele ukushumayela iindaba ezimnandi kwabasweleyo.

Yandithuma ukuvakalisa inkululeko kubathinjwa,

nokubuyisela ukubona kwabaziimfama,

ndibandululè bekhululekile abacinezelweyo,

19ndivakalisè unyaka wokuthululwa kwenceba yeNkosi.”

ULUKA 4:18-19XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 119

114Wena ulikhaka nekhusi lam;

ndiqamele ngelizwi lakho.

IINDUMISO 119:114XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KWABASEROMA 15

13Wanga ke uThixo, umthombo wethemba, angáthi ngokukholwa kwenu anivuyise kakhulu, aniphe uxolo, ukuze ithemba lenu liye lisanda ngokwanda ngamandla oMoya oyiNgcwele.

KWABASEROMA 15:13XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-