Bible Society of South Africa

An Unforgettable Journey – Day 8

Trust, Wisdom & Witnessing

Itekisi yeBhayibhile

UISAYA 12

2Ngenene uThixo ngumsindisi wam;

ndokholosa ngaye ndingenadyudyu.

NgoNdikhoyo ndomelele ndide ndimemelele,

kuba kaloku nguye ondihlangulayo.

IZAFOBE 3

5Kholosa *ngoNdikhoyo ngomxhelo wakho wonke,

ungaze ungqiyame ngezakho iimbono.

IZAFOBE 1

Isiseko sobulumko

7Isiseko sobulumko kukuthobela *uNdikhoyo,

kambe ke zona izityhakala zibujongele phantsi ubulumko nengqeqesho.

UJEREMIYA 1

Ukubizwa kukaJeremiya

4Lavakala kum ilizwi *likaNdikhoyo lisithi:

5“Ndakwazi ndingekakubumbi esizalweni sonyoko;

ndazahlulela wena ungekazalwa,

ndakwalatha ukuba ube ngumshumayeli kwiintlanga.”

6Mna ndiphendule ngelithi: “Awu, Nkosi yam Ndikhoyo, andikwazi ukuthetha; ndisengumntwana.”

7Uthe yena kum uNdikhoyo: “Mus' ukuthi usengumntwana! Yiya kubo bonke abantu endikuthuma kubo, ubaxelele konke endikuyalela kona. 8Uze ungaboyiki, kuba mna ndiza kuba nawe, ndikuhlangule. Kutsho mna Ndikhoyo.”

9Wasolula isandla sakhe uNdikhoyo, wachukumisa umlomo wam, watsho esithi kum: “Ngoku ndiwafaka emlonyeni wakho amazwi am. 10Namhla ndikumisela phezu kweentlanga nezikumkani ukuba uncothule, udilize, utshabalalise, ubhukuqe, wakhe, utyale.”

UJEREMIYA 1:4-10XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UMSEBENZI WABATHUNYWA 1

8Nina niya kunikwa amandla, akufika kuni uMoya oyiNgcwele, nindingqinele ebantwini baseJerusalem, nabakulo lonke elakwaJuda, nabaseSamariya, kude kuse naseziphelweni zomhlaba.”

UMSEBENZI WABATHUNYWA 1:8XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-