Bible Society of South Africa

A Triumphant King – Day 102

A series of readings on the Easter story, exploring the reality and wonder of Jesus' death and resurrection.

Itekisi yeBhayibhile

UMATEWU 28

Ukuvuka kukaYesu

1Wakuba udlule *uMhla woPhumlo, ekuseni ngeCawe, kwafika uMariya waseMagadala nomnye uMariya, beze kukhangela ingcwaba. 2Kwasuka kwabakho ukunyikima okukhulu komhlaba, kuba isithunywa seNkosi sehla ezulwini, saza saliqengqa ilitye, sahlala phezu kwalo. 3Imbonakalo yaso yayinjengombane, izambatho zaso zimhlophe ngokwekhephu. 4Bathi ke ababegadile basoyika kangangokuba babe njengabafileyo.

5Isithunywa sathi kubafazi abo: “Sanukoyika nina. Ndiyazi ukuba nifuna uYesu obebethelelwe emnqamlezweni. 6Akakho apha. Uvukile, njengoko watshoyo. Yizani apha, niyibone indawo awayekuyo.

UMATEWU 28:1-6XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-