Bible Society of South Africa

12 – Uvalelwa entolongweni aphinde akhululwe

Itekisi yeBhayibhile

EYEZIQALO 39

UJosefu nomka-Potifare

1Ke kaloku amaIshmayeli aya naye eJiputa uJosefu, afika amthengisa kuPotifare, owayengomnye wamaphakathi okumkani waseJiputa, owayenguyena nduna yabalindi basebhotwe. 2*UNdikhoyo waba naye uJosefu, wamphumeza kwinto yonke. Wayehlala endlwini yenkosi yakhe yomJiputa, 3eyaqondayo ukuba uJosefu wayephantsi kogcino lukaNdikhoyo, yaye yayinesandla sikaNdikhoyo yonke into ayenzayo. 4Wakholiseka nguJosefu uPotifare, wamenza intonga yakhe yasekhosi. Ngoko ke wamenza induna yomzi wakhe nomlawuli wempahla yakhe yonke. 5Ukususela ngoko uNdikhoyo wawuthamsanqelisa umzi waloo mJiputa, kunye nemfuyo yakhe, namasimi akhe, nayo yonke into awayenayo, ngenxa kaJosefu. 6Yonke into yakhe ke uPotifare wayinikela elulawulweni lukaJosefu, akwabikho nto yimbi azikhathaza ngayo ngaphandle nje kokuthatha icephe atye.

UJosefu wayemile kakuhle, eyinzwana yomfana. 7Kwakuba mzuzu umka-Potifare wafikelwa ngumnqweno ngoJosefu, wazicelela isondo kuye. 8UJosefu wala, esithi: “Inkosi yam ijonge kum, mna Josefu, ngento yonke yayo; ayisazikhathazi nganto, kuba ithembe mna. 9Yaye indinike lonke igunya emzini wayo; nguwe kuphela endingenagunya kuye. Ke ndingathini mna ukwenza into embi kangako, ndimone uThixo?” 10Naxa wazingayo lo mfazi ukucela isondo kuJosefu mihla le, uJosefu yena wala ukuyenza loo nto.

11Kwathi ngenye imini, uJosefu engene endlwini kaPotifare, eye kusebenza, wafika kungekho nasinye isicaka. 12Umka-Potifare wambamba, emtsala ngengubo, wathi: “Yiza kaloku!” Kodwa waphuncula uJosefu, wabalekela ngaphandle, washiya loo ngubo yakhe eyiphethe ngesandla loo mfazi. 13Uthe loo mfazi akuphawula ukuba uJosefu uyishiyile ingubo yakhe, wabalekela ngaphandle, 14wabiza izicaka zakhe, wazibonisa loo ngubo. Watsho esithi: “Laa mHebhere ungeniswe ngumyeni wam emzini wam uyasihlazisa, kuba ungene egumbini lam efuna ukundidlwengula. Kodwa mna ndizincede ngokutsho esikrakra esi isikhalo. 15Wothuswe seso sikhalo, wabalekela ngaphandle, eshiya loo ngubo yakhe ngakum.”

16Wayigcina ke loo ngubo kaJosefu kwada kwabuya inkosi yakhe. 17Ithe yakufika nayo wayenzela eli bali: “Laa mHebhere umngenise ekhaya apha ungene egumbini lam, efun' ukundihlazisa. 18Ndizincede ngokutsho esikrakra sona isikhalo, ukuze abalekele ngaphandle. Washiya nale ngubo yakhe ngakum.”

19Waqumba kakhulu uPotifare akuyiva loo nto ithethwa ngumkakhe, 20wathi uJosefu makabanjwe, avalelwe entolongweni ekwakuvalelwa kuyo amabanjwa kakumkani.

Wahlala apho. 21Kodwa nalapho uNdikhoyo waba ngakuJosefu, wamthamsanqelisa, watsho wathandwa ngujela. 22Ujela wamnyusela uJosefu, wangumphathi wamanye amabanjwa. Yonke into eyenziwa entolongweni yajonga yena. 23UNdikhoyo wamphumeza uJosefu kangangokude ujela angabi sajongana nemisebenzi eyayijongwe nguJosefu, kuba uNdikhoyo wayemthamsanqelisa.

EYEZIQALO 40

UJosefu uchaza amaphupha amanye amabanjwa

1Emva kwexesha injoli kakumkani waseJiputa, kunye nombhaki oyintloko, bayona inkosi yabo ukumkani. 2Wacaphuka ukumkani zizenzo zala madoda, 3wawafaka ke entolongweni kumzi wenduna yabalindi, apho kwakugcinwe khona uJosefu. 4Bahlala ke entolongweni apho, yaza induna yenza uJosefu umququzeleli wabo.

5Ngabusuku buthile bakuba besentolongweni ithutyana, injoli yaba nephupha, kwanaye nombhaki waba nelakhe iphupha. Amaphupha abo ayethetha izinto ngezinto. 6Akufika kubo uJosefu ngentsasa, wababona bematshekile. 7Ubuze wathi: “Kutheni ingathi nikhathazekile nje namhlanje?”

8Bathe bona: “Sibe namaphupha phezolo, yaye akukho namnye umntu apha okwaziyo ukuwachaza into ayithethayo.”

“NguThixo otyhila inkcazelo yamaphupha,” utshilo uJosefu. Watsho esithi: “Ndilawuleleni amaphupha enu.”

9Kuqale injoli, yathi: “Mna ndiphuphe kukho umdiliya ngaphambi kwam, 10unamasebe amathathu. Kuthe nje kuvele amagqabi, kwantshula iintyatyambo, neediliya zavuthwa. 11Bendiphethe indebe kakumkani, ndazikha iidiliya ezo, ndazikhamela endebeni, ndazinika ukumkani.”

12Uthe uJosefu: “Nantsi into ethethwa leli phupha lakho: Amasebe amathathu ziintsuku ezintathu. 13Ngeentsuku ezintathu ukumkani uza kukukhulula, akuxolele, akubuyisele emsebenzini wakho. Uza kubuya ube yinjoli yendebe yakhe njengoko ubuyiyo ngaphambili. 14Uzuncede ke kodwa, ungandilibali xa izinto sezikulungele, uncede uthethe ngam kukumkani, ndikhululwe kule ntolongo. 15Ikakade mna ndebiwa kwilizwe lamaHebhere, ukanti nalapha eJiputa akukho nto ndiyenzileyo ibinokundingenisa entolongweni.”

16Uthe naye umbhaki wezonka, akubona ukuba into iphupha lenjoli eliyithethayo iyanandipheka, naye walilawula kuJosefu iphupha lakhe, esithi: “Mna, kwelam iphupha bendithwele ngentloko iibhaskiti ezintathu. 17Kwephezulu ibhaskiti bekukho zonke iindidi zokutya kukakumkani okwenziwa ngumbhaki, kwafika iintaka zakuxhola.”

18UJosefu uthe: “Nantsi into ethethwa liphupha lakho: Iibhaskiti ezintathu zithetha iintsuku ezintathu. 19Ukumkani uza kukukhulula ngeentsuku ezintathu, kodwa uza kunqunyulwa intloko, uze uxhonywe esibondeni, zize iintaka zikuxhole.”

20Ngomhla wokukhunjulwa kokuzalwa kukakumkani, ngemva kweentsuku ezintathu ukususela koku, ukumkani wenzela iindedeba zasebhotwe itheko. Wayikhulula injoli nombhaki, beziswa phambi kwezo ndedeba. 21Injoli yabuyiselwa kumsebenzi wayo ebikade iwenza, 22kodwa yena umbhaki wanqunyulwa intloko. Kwaba njengokutsho kukaJosefu.

23Kodwa injoli yamlibala kwaphela uJosefu.

EYEZIQALO 41

UJosefu uchaza iphupha likakumkani

1Kwadlula iminyaka yamibini, ukumkani waseJiputa waphupha emi ngakumlambo iNayile, 2apho kwathi gqi iimazi zeenkomo ezityebileyo ezisixhenxe, ziphuma emlanjeni, zigramza apho phezu komlambo. 3Kuthe thu ezinye iimazi ezinqinileyo, ezikwasisixhenxe. Zafika zema ngakwezo zaziphezu komlambo. 4Zaza ezo mazi zinqinileyo zazithi bimbilili ezo zityebileyo. Kwesi sithuba waphaphama ukumkani.

5Uphinde walala, wabuya waphupha kwakhona. Ubone izikhwebu ezisixhenxe zengqolowa, zizihle, zivuthiwe, zikhula kwisikhondo esinye. 6Kusuke kwantshula ezinye izikhwebu zengqolowa. Ezo zazintshwenyile, zimbatshiswe lulophu lwasempumalanga. 7Ezo zikhwebu zazintshwenyile zazithi bimbilili eziya zihle izikhwebu. Uphaphamile ukumkani, waza waziqonda ukuba ubephupha.

8Kwasa ekhathazekile yile nto, waza wathi makubizwe zonke izanuse noosiyazi baseJiputa. Wabalawulela amaphupha akhe, kodwa bonke batsho phantsi, ababi nako ukuwachaza.

9Kuvele injoli, yathi kukumkani: “Mandiyivume namhla into yokuba ndenze impazamo. 10Ngokuya wawukhathazekile ngenxa yam nombhaki, wasivalela entolongweni emzini womphathi-balindi bebhotwe, 11kwathi ngabusuku buthile saphupha. Elowo waba nelakhe iphupha, engathethi nto inye loo maphupha. 12Apho kwakukho umfana womHebhere, evalelwe nathi, engumququzeleli womphathi-balindi. Sathi sakumlawulela wasichazela sobabini amaphupha ethu. 13Kwenzeka kanye njengoko wayetshilo: mna ndabuyiselwa emsebenzini wam, waxhonywa yena umbhaki.”

14Ukumkani wathi makabizwe uJosefu, waza ngoko nangoko wakhululwa entolongweni. Akuba etshevile, wanxiba kakuhle, wasiwa kukumkani. 15Waza wathi ukumkani kuJosefu: “Ndinephupha ekungekho bani ube nako ukulichaza. Ke ndivile ukuba uyakwazi ukuchaza amaphupha.”

16UJosefu uphendule ngelithi: “Mhlekazi, andikwazi kuchaza maphupha, koko nguThixo oya kuchazela ukumkani iphupha lakhe.”

17Ulilawule ke iphupha lakhe ukumkani wenjenje: “Ndiphuphe ndimi phezu komlambo iNayile. 18Ndabona kuvela iimazi zeenkomo ezisixhenxe ezityebileyo emlanjeni apho, zigramza. 19Kuvele esinye isixhenxe seemazi ezinqinileyo. Zaziyeyona migqutsuba ndakha ndayibona kwelaseJiputa. 20Loo migqutsuba ke yazithi bimbilili ezo mazi zityebileyo. 21Kambe ke ayikhange ibonakale loo nto, kuba zasala ziyiloo migqutsuba kwanjengangaphambili. Ndaphaphama ke. 22Emva koko ke ndibuye ndaphupha ndibona izikhwebu ezisixhenxe ezihle zengqolowa, zintshula sikhondweni sinye. 23Kuphinde kwantshula nezinye ezisixhenxe izikhwebu zizibi ngathi zitshazwe lulophu lwasempumalanga, 24zazithi ginyi-ginyi eziya zikhwebu zihle. Ndiwalawule la maphupha kwizanuse zalapha, kodwa akwabikho namnye unokundichazela.”

25Uthe ukuphendula uJosefu: “Omabini la maphupha athetha into enye, mhlekazi. UThixo ebekuxelela into aza kuyenza. 26Iimazi ezityebileyo ezisixhenxe yiminyaka esixhenxe, ukanti nezikhwebu ezihle ezisixhenxe zikwayiminyaka esixhenxe. Athetha into enye omabini la maphupha. 27Zona iimazi ezisixhenxe ezinqinileyo, ezivele mva, kwakunye nezikhwebu ezisixhenxe ezibi, ezitshaziswe lulophu lwasempumalanga, yiminyaka esixhenxe yendlala. 28Kunjengokuba besenditshilo, mhlekazi, uThixo ubekuxelela into aza kuyenza. 29Kuza kubakho iminyaka esixhenxe yendyebo kulo lonke elaseJiputa, 30emva koko kubekho iminyaka esixhenxe yendlala; yaye yonke loo minyaka yendyebo iya kuba ngathi ayizange yabakho ngenxa yendlala eya kuligqiba lonke ilizwe. 31Koba ngathi akuzange kubekho ntlutha, kuba indlala eyolandela yoba yeyoyikekayo. 32Ukuphinda-phindwa kwephupha lakho kuthetha ukuthi uThixo selesenzile isigqibo, yaye uselembovu ukuyenza le nto.

33“Ngoko ke, mhlekazi, khetha indoda elumkileyo, enamava, uyenze umphathiswa kweli lizwe. 34Kufuneka utyumbe nabanye abaphathi abaza kugcina isihlanu sesivuno kule minyaka isixhenxe yendyebo. 35Kufuneka bakuqokelele ukutya kule minyaka izayo yendyebo, babe negunya lokuvula oovimba ezixekweni, kugcinwe apho. 36Kukutya okugciniweyo kaloku okuya kondla abantu kwiminyaka yendlala eya kulandela kweli laseJiputa. Ngale ndlela ke abasayi kulamba abantu.”

UJosefu ngumphathiswa waseJiputa

37Ukumkani namaphakathi akhe balivuma eli cebo likaJosefu, 38watsho esithi kubo: “Ngaba singafumana ndoda yimbi ngaphandle koJosefu, umfo owambathiswe ngoMoya kaThixo?”

39Ubhekise kuJosefu ke ukumkani, wathi: “Nguwe oyiboniswe nguThixo le nto yonke. Kucacile ke ukuba asinakubuya sifumane mntu wumbi onobulumko namava, ingenguwe. 40Ndiza kwenza wena ube ngumphathiswa elizweni lam. Bonke abantu bam baya kuthobela wena. Igunya lakho liya kuba ngaphantsi kwelam qha. 41Ngoko ke ndithi ungumphathiswa kulo lonke elaseJiputa.”

42Watsho ukumkani wakhulula emnweni wakhe umsesane owawukrwelwe uphawu lokumkani, wawufaka emnweni kaJosefu. Wamthi wambu ngomnweba owenziwe ngelinen entle, watsho emgaxela entanyeni ngesidanga esenziwe ngegolide. 43Wamnika enye yeenqwelo zakhe ukuba ajikeleze ngayo njengesekela likakumkani. Wamnika namaphakathi okuhamba emgabulela izigcawu endleleni esithi: “Shenxani nikhahlele!” Wamiselwa ke uJosefu, waba ngumphathiswa waseJiputa.

44Wathi ukumkani kuye: “Ukumkani ndim, ndithi ke akukho bani kulo lonke elaseJiputa oya kwenza nto engakhululelwanga nguwe.”

45-46Watsho ke ethiya uJosefu igama abizwa ngalo eJiputa elinguZafenati-paneya, wamzekela nomfazi, uAsenati intombi kaPotifare umbingeleli waseOni.

Ukuqala kwakhe ukungena kwakumkani waseJiputa wayemashumi mathathu ubudala uJosefu. Wemka ebhotwe, walijikeleza lonke elaseJiputa. 47Ngale minyaka isixhenxe yendyebo saba sikhulu kakhulu isivuno. 48Wasivalela koovimba isivuno uJosefu kuzo zonke iidolophu. Kwidolophu nganye wayeqokelela ukutya okuvunwe kumasimi alapho. 49Ingqolowa yayiyintaphane kangangokuba wada wayeka ukuyiveyisha uJosefu. Yayingangentlabathi ukuba ninzi kwayo.

50UAsenati intombi kaPotifera, umbingeleli waseOni, wazalela uJosefu oonyana ababini ngaphambi kwendlala. 51Unyana olizibulo wathi igama lakhe nguManase, kuba esithi: “UThixo undiphumzile ndatsho ndazilibala iinkxwaleko zam, andawakhumbula namawethu.” 52Owesibini unyana wathi nguEfrayim, kuba esithi: “UThixo undiphe inzala kwilizwe endihlupheke kulo.”

53Yaphela ke yona iminyaka yendyebo eJiputa, 54yagaleleka iminyaka yendlala, kanye njengoko wayetshilo uJosefu. Kwalanjwa kuwo onke amanye amazwe, kodwa kulo lonke elaseJiputa kwakukho intlutha. 55Athe akulamba amaJiputa, aya kuzicelela ukutya kukumkani. Wathi ke yena makaye kuJosefu, aze enze loo nto awayalela yona. 56Yakhula indlala, yaligqiba lonke elaseJiputa. Wabavula ke oovimba uJosefu, wawathengisela ingqolowa amaJiputa. 57Babevela ngeenkalo zonke abantu elizweni, beze kuthenga ingqolowa kuJosefu, kuba indlala yayiligqugqisile lonke.

EYEZIQALO 39:1-41:57XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

THANDAZA phambi kokuba ufunde, ucele ukuba uThixo akuncede uqonde.

FUNDA isiqendu saloo mini, yaye okungcono kukuba usiphinda-phinde.

CINGISISA ngaloo ndawo uyifundileyo, uzibhale phantsi iingcinga zakho.

KWENZE oko uThixo akufundisileyo kwiLizwi lakhe.

THANDAZA KWAKHONA ucele ukuba uThixo akomeleze uphile ngokweLizwi lakhe.

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-