Bible Society of South Africa

26 – AmaSirayeli aphambuka ekumkhonzeni uThixo

Itekisi yeBhayibhile

IINKOKHELI 2

Ukufa kukaYoshuwa

6Ke kaloku uYoshuwa amaSirayeli wawandulula. Indlu nganye yaya kuthatha esayo isabelo somhlaba esililifa layo.

IINKOKHELI 3

Izizwe eziseleyo

1*UNdikhoyo washiya izizwe ezithile ukuze zibe luvavanyo kumaSirayeli awayengekangeni ezimfazweni kwelaseKanana. 2Le nto ke wayenza kuba efuna ukuzifundisa ngemfazwe zonke izizukulwana zamaSirayeli ezivelayo, ngakumbi ke ezo zazingazange zibe semadabini ngaphambili. 3Iintlanga ezasala kwelo lizwe ke yaba ngamaFilistiya neenkosi zawo ezintlanu, namaKanana ephela, namaSidon, namaHivi awayehlala kwiintaba zeLebhanon ukusuka kwintaba iBhali-hermon ukuya kuthi xhaxhe ngenkalo yeHamati. 4Zashiyelwa ukuba kuvavanywe amaSirayeli, khon' ukuze acace ukuba azimisele na ukuyithobela imimiselo eyanikezelwa nguNdikhoyo kookhokho bawo ngoMosis. 5Ngoko ke amaSirayeli ema phakathi kwamaKanana, amaHiti, ama-Amori, amaPerezi, amaHivi, namaJebhusi. 6AmaSirayeli endiselana nazo ezi ntlanga, anqula *nezithixo zazo.

IINKOKHELI 2:6XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

THANDAZA phambi kokuba ufunde, ucele ukuba uThixo akuncede uqonde.

FUNDA isiqendu saloo mini, yaye okungcono kukuba usiphinda-phinde.

CINGISISA ngaloo ndawo uyifundileyo, uzibhale phantsi iingcinga zakho.

KWENZE oko uThixo akufundisileyo kwiLizwi lakhe.

THANDAZA KWAKHONA ucele ukuba uThixo akomeleze uphile ngokweLizwi lakhe.

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-