Ukuhendwa kukaYesu
1Waza uYesu wakhokelelwa entlango nguMoya, ukuba ahendwe ngumtyholi. 2Uthe ke, ezile ukutya iintsuku ezimashumi mane, walamba ekupheleni kwazo. 3Wafika umhendi, wathi kuye: “Ukuba unguye uNyana kaThixo, yitsho la matye abe zizonka.”
4Waphendula yena wathi: “*IziBhalo zithi: ‘Umntu akaphili ngasonka sodwa; uphila ngamazwi onke athethwa nguThixo.’”
5Umtyholi ke wasa uYesu kwisiXeko esiNgcwele, wammisa phezu *kwendlu kaThixo, 6wathi kuye: “Ukuba unguye uNyana kaThixo, ziphose ezantsi phaya; kuba iziBhalo zithi:
“ ‘UThixo uya kuziwisela umthetho ngawe izithunywa zakhe;
ziya kukufunqula, hleze ukhubeke elityeni.’”
7UYesu wathi kuye: “IziBhalo zikwathi: ‘Uze ungayilingi iNkosi uThixo wakho.’”
8Kwakhona umtyholi wasa uYesu entabeni ephakame kakhulu, wambonisa onke amazwe ezikumkani zehlabathi, nobuhle bazo, 9wathi kuye: “Zonke ezi zinto ndokunika, ukuba uthe wazithoba wandinqula.”
10Waza wathi kuye uYesu: “Hamb' umke, Sathana; kuba iziBhalo zithi: ‘Uze unqule iNkosi uThixo wakho, ukhonze yona yodwa.’”
11Waza umtyholi wamyeka uYesu, zafika izithunywa zezulu zamlungiselela.
UYesu uyaqala ukufundisa
12Ke uYesu akuva ukuba uYohane ubanjiwe, wahamba waya kwelaseGalili. 13Wemka ke eNazarete, wafudukela eKapernahum ngaselwandle, emideni yakwaZebhulon neyakwaNafetali. 14Kwazaliseka ke ngoko okwathethwayo *ngumshumayeli uIsaya esithi:
15“Wena sithili sakwaZebhulon, nawe sithili sakwaNafetali,
nina eningakwindlela yaselwandle, phesheya kweJordan,
nina baseGalili yeentlanga,
16bantu ababehleli ebumnyameni,
niboné ukukhanya okukhulu;
nina enanihleli ezweni nasethunzini lokufa,
nivelelwe kukukhanya.”
17Ukususela ngoko uYesu washumayela esithi: “Guqukani, kuba ulawulo lukaThixo lusemnyango.”