Bible Society of South Africa

Emsebenzini noThixo – Usuku 10

Nceda abanye abantu.

Itekisi yeBhayibhile

KUMAHEBHERE 13

16Masingaze siyeke ukwenzelana ububele, kuba leyo yeyona minikelo imkholisayo uThixo.

KUMAHEBHERE 13:16XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UHLAZIYO-MNQOPHISO 24

19“Ukuba ushiye isithungu sengqolowa entsimini xa uvunayo, sukuphinda usiphuthume; sesoba sesabangeneleli abahlala phakathi kwenu, neenkedama, nabahlolokazi, khon' ukuze uNdikhoyo uThixo wakho akuthamsanqele kuyo yonke into oyenzayo. 20Xa uvuna umnquma, sukubuya ukhwahlaze; lo useleyo woba ngowabangeneleli, neenkedama, nabahlolokazi. 21Ngokunjalo naxa uvuna idiliya sukukhwahlaza; leyo iseleyo yeyabangeneleli, neenkedama, nabahlolokazi. 22Mayingaze iphume engqondweni yakho into yokuba nawe wawukhe walikhoboka eJiputa; yiyo loo nto ke mna ndikuyala ngolu hlobo nje.

UHLAZIYO-MNQOPHISO 24:19-22XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UMATEWU 25

34Ukumkani ke uya kuthi kwabangasekunene: ‘Yizani, nina basikelelweyo nguBawo, nixhamle uyolo lolawulo enalulungiselelwayo kwasekusekweni kwehlabathi; 35kuba ndandilambile, nandipha ukutya; ndandinxaniwe, nandipha amanzi; ndandingowasemzini, nandamkela; 36ndandihamba ze, nandambathisa; ndandigula, nandihambela; ndandisentolongweni, nandivelela.’

37“Omphendula ke amalungisa esithi: ‘Nkosi, ngaba sakubona nini na ulambile, sakupha ukutya; unxaniwe, sakunika amanzi? 38Ngaba sakubona nini na ungowasemzini, sakwamkela; uhamba ze, sakwambathisa? 39Ngaba sakubona nini na ugula, okanye usentolongweni, sakuhambela?’ 40Wophendula ukumkani athi kuwo: ‘Ndithi kuni, inene, ekubeni nithe nenjenjalo nakomnye kula mawethu angawona agqusha eluthulini, nithe nenjenjalo nakum.’

UMATEWU 25:34-40XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

EKAYAKOBI 1

27Inkolo enyanisekileyo nengenachaphaza kuThixo uBawo yile: kukubonelela iinkedama nabahlolokazi abahluphekileyo, nokuphepha ukudyojwa lihlabathi.

EKAYAKOBI 1:27XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IZAFOBE 19

17Umntu opha ohlelelekileyo ufana noboleka uNdikhoyo;

uNdikhoyo uya kumbuyisela.

IZAFOBE 19:17XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IZAFOBE 21

13Umntu ongaphulaphuliyo xa amahlwempu ezibika

naye akayi kuhoywa xa esengxakini.

IZAFOBE 21:13XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

1 KAYOHANE 3

16Inkqu yothando siyibona kule nto yokuba uKrestu anikele ubomi bakhe ngenxa yethu. Ngokunjalo ke nathi sifanele ukuba sibunikele ubomi bethu ngenxa yamawethu. 17Ukuba umntu omi kakuhle ngezinto zobu bomi ubona uwabo eswele, aze amvimbe into engamncedayo, angatsho njani loo mntu ukuba unalo uthando lukaThixo entliziyweni yakhe?

1 KAYOHANE 3:16-17XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

Ukulandela ubutyebi nokuba nezinto ezininzi akufanelanga ukuba kube yinjongo yethu ephambili. NgokweBhayibhile, uThixo uyasisikelela ukuze sikhathalele abo bangakwazi kuzikhathalela. UThixo usinike uxanduva lokukhathalela amahlwempu, abagulayo, iinkedama, abahlolokazi nabaphambukeli. Ukunceda abantu asiyonto yokwakha nje ubudlelwane noluntu. Ifanele ibonise inkonzo enyanisekileyo kuThixo.

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-