Bible Society of South Africa

Emsebenzini noThixo – Usuku 3

Ukweba (ubusela) nokuphosisa.

Itekisi yeBhayibhile

EYONQULO 19

11“Ze ningebi, okanye nenze amaqhinga, okanye nixoke.

EYONQULO 19:11XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IZAFOBE 6

30Aligxekwa kangako isela

xa lisiba kuba lilambile.

31Noxa kunjalo lihlawuliswa kasixhenxe xa libanjiwe,

lithinjwe yonke impahla yendlu yalo.

32Ke yena umntu okrexezayo ngathi ushiywe ziingqondo;

ewe, uyazibhubhisa yena ngokunokwakhe.

33Isiqhamo salo msebenzi wakhe ziinduma nokuhlazeka;

futhi ke oko kuphoxeka kwakhe kuya kuhlala kungenakucinywa.

IZAFOBE 6:30-33XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UZAKARIYA 5

3Saza sathi kum: “Esi sisiqalekiso esijinga phezu kwawo wonke umhlaba. Kwelinye icala kubhalwe kwathiwa wonke umntu olisela uza kugxothwa angabikho. Kanti ke kwelinye kuthiwa wonke umntu ofunga exoka uza kugxothwa angabikho. 4UNdikhoyo onamandla onke uthi: ‘Ndiza kusikhupha esi siqalekiso size singene emzini walowo ulisela, nakuwo umzi walowo ufunga igama lam exoka. Siya kuhlala apho emzini wakhe, siwutshabalalise kunye nezinti zawo namatye awo.’ ”

UZAKARIYA 5:3-4XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UMALAKI 3

5UNdikhoyo onamandla onke uthi: “Ndiya kufika ndize kunigweba. Ngoko nangoko ndiya kubabek' ityala bonke abenza imilingo, abakrexezayo, abangqina ubuxoki, nabaqeshi abaqhatha abaqeshwa ngemivuzo yabo, nabo baxhaphaza abahlolokazi neenkedama nabangeneleli, nabo bonke abangandihloneliyo.”

KWABASE-EFESE 4

28Umntu obekade elisela makahlukane nokuba. Ndaweni yaloo nto makasebenze enyanisekile, azixhase, abe nako nokunceda abahlelelekileyo.

KWABASE-EFESE 4:28XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KUTITO 2

9Izicaka zifundise ukuthobela abaphathi, zibakholise kwinto yonke. Mazingaphendulani nabo, 10zingebi nokuba. Koko mazisoloko zinyanisekile, zibonakalisa intembeko, ukuze inconywe imfundiso engoThixo nangoMsindisi ngenxa yokuziphatha kwazo.

KUTITO 2:9-10XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

Ubusela yingxaki emandla kumashishini kwezi ntsuku, nokuba uthatha izinto ezincinci uza kuzisebenzisela wena, okanye ukweba kwinkampani ngokuthatha iimali ezinkulu. Kufuneka sizukise uThixo ngokunyaniseka ngokupheleleyo kuyo yonke into esiyenzayo nesiyithethayo emsebenzini. Izwi likaThixo kwiMithetho eLishumi ukuya kwiTestamente eNtsha liyasilumkisa ngokucacileyo ukuba masingebi.

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-