Bible Society of South Africa

How to Live – Day 10

A Prayer.

Itekisi yeBhayibhile

EKAYAKOBI 5

16Ngoko ke zivumeni izono omnye komnye, nithandazelane, khon' ukuze ninyangeke. Kaloku umthandazo womntu olungileyo unamandla angummangaliso.

EKAYAKOBI 5:16XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KWABASEKOLOSE 1

9Ngenxa yeso sizathu ke, ukususela mhla seva ngani, asiphezi ukunithandazela. Siyamcela uThixo ukuba aniphe ukuyazi intando yakhe, nibe nabo bonke ubulumko nokuqonda okuvela kuMoya. 10Ngoko ke niya kuba nako ukuziphatha ngendlela ethandekayo eNkosini, niyikholise ngeendlela zonke. Xa kunjalo ke ubomi benu buya kuqhama ziintlobo-ntlobo zemisebenzi elungileyo, nani nikhule ekumazini uThixo. 11Wanga anganomeleza ngamandla akhe agqitha ukuqonda, ukuze nibe nako ukunyamezela ninomonde novuyo.

KWABASEKOLOSE 1:9-11XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KUMAGALATI 5

UMoya kaThixo nesimo somntu

16Nantsi ke into endithetha yona kuni: Ukuba nikhokelwa nguMoya kaThixo, aniyi kuzenza izinto ezinqwenelwa sisimo esidala.

KUMAGALATI 5:16XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

1 KWABASEKORINTE 13

1Ewe kambe, ndingade ndibe liciko lokuthetha iilwimi zabantu, ndide ndithethe nezezithunywa zezulu – kodwa ndingenalo uthando, intetho yam isuka ibe yingxolo nje, efana neyentsimbi ehlokomayo, necangci elikhenkcezayo. 2Ndingade ndibe naso nesiphiwo sokushumayela ngefuthe, ndinalo lonke ulwazi, ndizazi nezinto ezingàziwa mntu, ndinalo nokholo olugungqisa iintaba, kodwa ndingenalo uthando, andinto konke! 3Ewe, nokuba ndinganikisa ngempahla yam yonke, ndide nam ngokwam ndizinikele ukuba nditshiswe, kodwa ke ndingenalo uthando, akuncedi nto konke-konke.

4Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando alunamona, alugwagwisi, lungakhukhumali. 5Uthando alugezi, alufuni okukokwalo, alunachuku, alunanzondo. 6Uthando aluvuyiswa bububi, luvuyiswa yinyaniso. 7Uthando aluncami; lukholwa zizinto zonke, luthemba izinto zonke, lunyamezela izinto zonke.

8Uthando alupheli. Zikho zona iintshumayelo ezinefuthe, kodwa ziyatshitsha. Zikho neziphiwo zokuthetha iilwimi, kodwa nazo ziyabhanga. Kukwakho nokwazi, kodwa kuyadlula nako. 9Kaloku ezi ziphiwo sinazo zokwazi nokushumayela azigqibelelanga. 10Kodwa ke xa kuthe kwafika oko kugqibeleleyo okungagqibelelanga kuya kuphuthiswa konke.

11Xeshikweni bendingumntwana, bendithetha njengomntwana, ndicinga njengomntwana, ndinezimvo zobuntwana; njengoko ke ndimdala, ndahlukene ngoku neendlela zobuntwana. 12Into esiyibonayo ngoku yimbonakalo nje eluzizi ngokungathi sikhangele esipilini; kanti ke ngoko siya kubona ngokucacileyo. Ukwazi kwam ngoku akugqibelelanga, kanti ke ndokwazi kakuhle ngoko, kufane nokundazi kwakhe uThixo ukwazi kwam.

13Ngalinye ke, zintathu izinto eziya kuhlala zihleli: lukholo, nethemba, nothando. Engaphezu kwazo zonke ke luthando.

1 KWABASEKORINTE 13XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

1 KAYOHANE 4

8Kodwa yena ongenalo uthando akamazi uThixo, kuba uThixo uluthando.

1 KAYOHANE 4:8XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

1 KAYOHANE 4

12Nangona uThixo engazanga wabonwa mntu nje, uhlala emanyene nathi ukuba siyathandana, luthi nothando lwakhe luyondelelane kuthi.

1 KAYOHANE 4:12XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KWABASEROMA 5

5Ithemba ke lona alidanisi, kuba uthando lukaThixo luthululelwe ezintliziyweni zethu ngoMoya oyiNgcwele esamnikwayo.

KWABASEROMA 5:5XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KWABASEFILIPI 1

9Umthandazo wam kukuba ze niye nikhula ngokukhula eluthandweni naselwazini oluphangaleleyo, nibe nombono onzulu, 10ukuze nibe nokukwazi ukuzicalu-calula izinto. Xa kunjalo ke iMini kaKrestu yofika ningenasiphako, nimsulwa,

KWABASEFILIPI 1:9-10XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

Prayer is the hotline of hope that keeps a righteous man in touch with the great God. Through that binding connection we pray and have hope for ourselves, for loved ones, fellow believers and unbelievers. Prayer is more than just an emergency call to get needs met, it is also the hotline that generates power so that through the Holy Spirit I am more able to live as God wants. Prayer is therefore a two-way conversation between God and people.  Daily, I wait expectantly and with full attention, when I read God’s Word so that the Holy Spirit reveals God’s will for me.

Listen to what the Word already tells us about God’s will. As believers and image bearers of God in the world, we need to honour God by living simply and doing what he wants. We can know what he wants through prayer and asking that we will continually be filled:  “…with the knowledge of his will through all the wisdom and understanding that the Spirit gives…” (Colossians 1:9) This means that we must live by the Spirit (Galatians 5:16) and allow God to lead us. Knowledge of His will must go hand in hand with growing in the knowledge of God (Colossians 1:10) – the discovery of his heart, God’s incomparable greatness.

Such a life offers challenges to every believer. It needs a God-focused life and perseverance. Difficult? Not if we ask God, that we be “…strengthened with all power according to his glorious might so that you may have great endurance and patience.” (Colossians 1:11).

Jesus’ preaching and teaching about the Christian believer’s lifestyle, centres around love. Without it, we are nothing (1 Corinthians 13), we do not know God (1 John 4:8) and God is not in us. (1 John 4:12) Every believer can be certain that the love of God has been poured out into our hearts through the Holy Spirit who has been given to us. (Romans 5:5) We actually bear responsibility to cultivate that “seed” of love, and one way in which we can do so is to pray that our love will increase more and more in understanding and sensitivity so that we may be able to distinguish the things that matter, (Philippians 1:9). Why is this distinction necessary? It is necessary so that we, on the day of Christ, may be found pure and blameless. (Philippians 1:10).

Prayer has great power and has the ability to change our lives, our circumstances and outlook on life, because God hears every prayer. In the words of RA Torrey: “Prayer is the key that unlocks all the storehouses of God’s infinite grace and power. All that God is, and all that God has, are at the disposal of prayer.”

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-