Bible Society of South Africa

Imephu yendlela yoBomi – Day 3

- Fumana “iLizwi” lakho lemihla ngemihla
- Yima uthi nkqo ngento okholelwa kuyo
- Yenza amazwi akho abe lingqina lakho

Itekisi yeBhayibhile

IINDUMISO 108

Ukucela ukukhuselwa ezintshabeni

1Awu, Thixo, ndizimisele ngokupheleleyo;

ewe ngenene, andithandabuzi;

ndiza kumemelela nditsholoze!

2Ndosuka ndiqubul' ihapu nekatala;

ewe, ndovuka xa kumpondo zankomo.

3Ndiya kukuncoma phakathi kweentlanga, *Ndikhoyo;

ewe, ndokudumisa naphakathi kwezizwe.

4Izibele zakho zibalasele ezulwini;

ukuthembeka kwakho kurhec' amafu.

IINDUMISO 108:1-4XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 119

Ukuthobela ilizwi likaThixo

9Lungaziphatha kanjani ulutsha ukuze ihambo yalo ibe nyulu?

Ngokuthobela ilizwi lakho.

10Ndizimisele ukukulandela ngokupheleleyo;

ndincede ndingaze ndizidele iziyalo zakho.

11Ndihamba ngokomlomo wakho,

khon' ukuze ndingoni.

IINDUMISO 119:9-11XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

1 KUTIMOTI 4

12Musa ukuvuma ukudelwa ngabantu ngenxa yokuba usemncinci. Yiba ngumzekelo kuwo onke amakholwa, ngentetho yakho, ngokuziphatha, ngothando, ngentembeko, nangobunyulu.

1 KUTIMOTI 4:12XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KWABASEKOLOSE 4

5Yilumkeleni indlela eniziphatha ngayo phambi kwabo bangakholwayo, nilisebenzise kakuhle ithuba eninalo. 6Incoko yenu mayisoloko imnandi, inika umdla. Fundani ukucebisana kakuhle nomntu ngamnye enidibana naye.

KWABASEKOLOSE 4:5-6XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

Fumana “iLizwi” lakho lemihla ngemihla
Qala imini nganye ngeLizwi likaThixo ngelixa unxibelelana naye ngomthandazo ngayo yonke imini. Le kuphela kwendlela yokugcina izinto eziphambili kuwe ngokuhambelana noko ukholelwa kuko.

Yima uthi nkqo ngento okholelwa kuyo
Kukho intetho ethi: Ukuba akuyithandi indlela endizenza ngayo izinto, ndinabo abanye! Kananjalo indlela ozijonga ngayo izinto iye itshintsha ngokuhamba kwexesha. Kodwa kukho iinkolelo ezithile ezihlala zinjalo, zingatshintshi.

Yenza amazwi akho abe lingqina lakho
Xa umntu egxeka oko ukholelwa kuko, musa ukoyika ukuyimela into yakho. Ngaxeshanye, yiba nobuchule bokudlulisa intetho xa ubhekisa kubantu benkolo eyahlukileyo kweyakho.

Bible Society of South Africav.4.25.3
SIFUMANE KU-