Bible Society of South Africa

Intuthuzelo evela kwiLizwi – Day 11

Ukholo

Itekisi yeBhayibhile

IINDUMISO 31

14Kodwa ithemba lam likuwe, Ndikhoyo;

ewe, unguThixo wam wena.

15Imihla yam isesandleni sakho;

ndihlangule ezintshabeni zam nakwabanditshutshisayo.

16Ndisisicaka sakho, Ndikhoyo, ndikhangele ngobubele;

ndihlangule ezintshabeni zam ngenxa yezibele zakho.

IINDUMISO 31:14-16XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 31

22Ukothuka kwam ndathi ndilahlelwe kude nawe,

kodwa wandiva ndakuzibika kuwe.

IINDUMISO 31:22XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 31

24Qinani nibe nesibindi, nonke nina nithembele ngoNdikhoyo.

IINDUMISO 31:24XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 33

18UNdikhoyo uyabanakekela abo bamhlonelayo

nabo bathembe izibele zenceba yakhe,

19aze abahlangule ekufeni,

abondle ngelixa lendlala.

20Thina sithembele kuNdikhoyo,

kuba nguye umncedi nomkhuseli wethu.

21Ewe, siya kuchulumacha ngenxa kaNdikhoyo,

kuba sithembele kwigama lakhe elidumileyo.

22Ndikhoyo, senzele ububele nenceba,

njengoko kaloku sithembele kuwe.

IINDUMISO 33:18-22XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 69

29Kambe ke ndiyajwaqeka yintlungu;

ndonyule undisindise, Thixo.

30Ndiya kumemelela ndibonge uThixo;

ndiya kumncoma ndidomboze.

31Lo ke wona umbulelo ubalasele;

ungaphezulu kokubulela ngethole kuNdikhoyo,

uyidlula lee inkunzi yenkomo.

32Ke bona abahlelelekileyo baya kuvuya;

abamlangazelelayo uThixo bokhuthazeka.

33Kaloku uNdikhoyo uyabeva abahlelelekileyo;

akabacekisi abakhe ababanjiweyo.

34Dandulukani, mazulu nani hlabathi, nimbonge,

nani zilwandle nako konke okushukumayo kuni!

35Kuba uThixo uya kuyisindisa iZiyon,

aphinde azakhe izixeko zakwaJuda.

Izicaka zakhe ziya kuba ngabemi bakhona,

36izizukulwana zona zidle ilifa,

bathi nabamthandayo bahlale khona.

IINDUMISO 69:29-36XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

Xa ubani edandathekile yaye edinga amandla nentuthuzelo yeNkosi, loo mntu uziva ephelelwe ngamandla. Ezi zifundo ezithathwe kwINDUMISO zihlanganisiwe zaze zanikezwa izihloko ukukunceda ukuba ufumane iivesi zeZibhalo ezihambelana neemeko okuzo.

Bible Society of South Africav.4.25.3
SIFUMANE KU-