Bible Society of South Africa

Intuthuzelo evela kwiLizwi – Day 15

Ingqiniseko yethu ekukuphela kwayo

Itekisi yeBhayibhile

IINDUMISO 33

16Asimkhosi mkhulu ohlangula ikumkani;

asimandla agorha alisindisayo.

17Akuthenjelwa ngahashe edabini,

kungemandla alo amsindisayo umntu.

18UNdikhoyo uyabanakekela abo bamhlonelayo

nabo bathembe izibele zenceba yakhe,

19aze abahlangule ekufeni,

abondle ngelixa lendlala.

20Thina sithembele kuNdikhoyo,

kuba nguye umncedi nomkhuseli wethu.

21Ewe, siya kuchulumacha ngenxa kaNdikhoyo,

kuba sithembele kwigama lakhe elidumileyo.

22Ndikhoyo, senzele ububele nenceba,

njengoko kaloku sithembele kuwe.

IINDUMISO 33:16-22XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 18

Umhobe kaDavide; kumbhexeshi-kwayara. UDavide isicaka *sikaNdikhoyo wawubhekisa lo mhobe kuNdikhoyo mhla wamkhulula kwiintshaba zakhe nakuSawule, wathi:

1Ndiyakuthanda, Ndikhoyo, mandla am.

2NguNdikhoyo iliwa lam; nguye inqaba yam; nguye umkhuseli wam.

Xa ndizimele ngoThixo wam ndihlala ndikhuselekile.

Nguye ikhaka lam, nguye ondigcina ndifihlakele.

IINDUMISO 18:1-2XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 18

28Usisibane sokundikhanyisela, wena Ndikhoyo;

undigxothela ubumnyama, wena Thixo.

29Ewe, ngawe ndingawuchitha-chitha nomkhosi,

ngamandla akho ndilutsibe nongqameko lwawo.

30Hayi bo, zigqibelele izinto azenzayo lo Thixo!

Hayi ukuthembeka kwelizwi lakhe!

Uyabakhusela bonke abo bathembela ngaye.

31NguNdikhoyo yedwa uThixo;

nguye kuphela osikhuselayo.

IINDUMISO 18:28-31XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

Xa ubani edandathekile yaye edinga amandla nentuthuzelo yeNkosi, loo mntu uziva ephelelwe ngamandla. Ezi zifundo ezithathwe kwINDUMISO zihlanganisiwe zaze zanikezwa izihloko ukukunceda ukuba ufumane iivesi zeZibhalo ezihambelana neemeko okuzo.

Bible Society of South Africav.4.25.3
SIFUMANE KU-