Bible Society of South Africa

Intuthuzelo evela kwiLizwi – Day 20

Ukungabaluleki komntu

Itekisi yeBhayibhile

IINDUMISO 62

9Abantu bafana nomphunga.

Umntu yinto engento yanto.

Akubekwa esikalini ukhaphukhaphu;

hayi, kubhetele kwaphepha.

10Musa ukuqamela ngezigalo;

musa ukuthembela ekuphangeni.

Noba bungade bufumbe ubutyebi,

wena musa ukuqamela ngabo.

11Nto zimbini azithethileyo uThixo:

Le yokuba amandla ngawakhe,

12nenkqu yothando ivela kuMhlekazi.

Kaloku wena, Nkosi, uyazelelela,

umntu umvuza ngokwemisebenzi yakhe.

IINDUMISO 62:9-12XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 90

3Umbuyisela kwaseluthulini umntu, usithi:

“Buyela apho ubuvela khona, mntundini!”

4Linjengemini enye iwaka leminyaka kuwe,

lona liyafana nemini yezolo,

lifutshane okwexesha labalindi ebusuku.

5Uphephetheka njengephepha umntu;

uphela okobuthongo, abune njengengca,

6yona iba luhlaza kusasa,

ithi kwakuhlwa ibe selintshwenyile.

IINDUMISO 90:3-6XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 144

3Awu, Ndikhoyo, yaz'ba kuxa eyintoni na umntu

le nto ude uzidube ngaye?

Ngani ukuba ude uzikhathaze ngaye?

4Umntu ufana nqwa nomphunga,

imihla yakhe injengesithunzi sisiya kusithela.

IINDUMISO 144:3-4XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

Xa ubani edandathekile yaye edinga amandla nentuthuzelo yeNkosi, loo mntu uziva ephelelwe ngamandla. Ezi zifundo ezithathwe kwINDUMISO zihlanganisiwe zaze zanikezwa izihloko ukukunceda ukuba ufumane iivesi zeZibhalo ezihambelana neemeko okuzo.

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-