Bible Society of South Africa

Intuthuzelo evela kwiLizwi – Day 27

Ubulungisa

Itekisi yeBhayibhile

IINDUMISO 94

17Ukuba bendingancedwanga nguNdikhoyo,

ngesele ndikwantsonga-nyawana.

18Xa ndandisendisithi ndiyoyisakala,

wandixhasa ngezibele zakho wena, Ndikhoyo.

19Xa ndandinxubile, ndixhalabile,

wandithuthuzela, wandonwabisa wena.

20Akunabudlelana nabalawuli abakhohlakeleyo,

bona bayenza umthetho intswela-bulungisa.

21Bayalihlanganyela ilungisa bona,

bamgwebele ukufa umnt' engenatyala.

22Kodwa ngumkhuseli wam yena uThixo;

yinqaba endizimela ngayo.

IINDUMISO 94:17-22XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 119

Imiyalelo kaNdikhoyo inobulungisa

137Hayi kambe ukulunga kwakho, *Ndikhoyo!

Ewe, isigwebo sakho asinagobe.

138Usinika imfundiso enobulungisa;

ewe, inolungelelwano, ithe ngqo.

IINDUMISO 119:137-138XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 103

9Kaloku akasolok' engxolisa, yaye akananqala.

10Akasohlwayi njengoko sifanelwe kukohlwaywa,

engaziphindezeli ngokwezigqitho zethu.

11Kungangokuba kude kwesibhakabhaka emhlabeni

ukubalasela kwezibele zakhe kwabamhlonelayo;

IINDUMISO 103:9-11XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

Xa ubani edandathekile yaye edinga amandla nentuthuzelo yeNkosi, loo mntu uziva ephelelwe ngamandla. Ezi zifundo ezithathwe kwINDUMISO zihlanganisiwe zaze zanikezwa izihloko ukukunceda ukuba ufumane iivesi zeZibhalo ezihambelana neemeko okuzo.

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-