Bible Society of South Africa

Intuthuzelo evela kwiLizwi – Day 33

Inkululo

Itekisi yeBhayibhile

IINDUMISO 39

11Ngokumohlwaya umntu, umbonisa isono.

Uyidlavula njengenundu loo nto ayithandayo.

Ewe, kambe, umntu ufana nomphunga nje kuwe.

12“Ndikhoyo, wubazel' iindlebe umthandazo wam;

ndive, ndakuzibika kuwe.

Ungàthi cwaka xa ndikhala kuwe,

kuba ndiselugcinweni lwakho,

nam ndisisibhadu-bhadu njengookhokho.

IINDUMISO 39:11-12XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 65

Elokudumisa nokubulela

Kumbhexeshi-kwayara; umhobe oculwayo kaDavide.

1Ufanelwe kukubongwa, Thixo, eZiyon,

zifezekiswe kuwe izibhambathiso.

2Wena uyawugqala umthandazo;

bonke baya kuza kuwe.

3Ngenxa yobugwenxa bethu

iziphoso zethu ziyasongamela,

kodwa wena uyasixolela.

4Uthamsanqelekile omnyulayo wena.

Lowo umhlalisa enkundleni yakwakho.

Siya kufumana ukwanela endlwini yakho,

apho kukho ubunewu-newu nobungcwele.

5Ngemisebenzi yakho emangalisayo

uyasiphendula usikhulule.

Thixo, wena uyinkululeko kuthi.

Ihlabathi liphela lithembele ngawe,

nditsho neelwandle jikelele.

IINDUMISO 65:1-5XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 68

19Yibongeni iNkosi!

Mihla le iyasazelelela, uThixo ngumsindisi wethu.

20UThixo wethu ungosindisayo;

uMhlekazi uNdikhoyo uyasihlangula ekufeni.

IINDUMISO 68:19-20XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

Xa ubani edandathekile yaye edinga amandla nentuthuzelo yeNkosi, loo mntu uziva ephelelwe ngamandla. Ezi zifundo ezithathwe kwINDUMISO zihlanganisiwe zaze zanikezwa izihloko ukukunceda ukuba ufumane iivesi zeZibhalo ezihambelana neemeko okuzo.

Bible Society of South Africav.4.25.3
SIFUMANE KU-