Bible Society of South Africa

Intuthuzelo evela kwiLizwi – Day 38

Ukuthembeka

Itekisi yeBhayibhile

IINDUMISO 27

Umthandazo wokubonga

Umhobe kaDavide.

1*InguNdikhoyo nje ondikhanyiselayo,

inguye nje ondisindisayo, ndingoyika ntoni?

InguNdikhoyo nje inqaba yam, ndingoyika bani?

2Xa bendidlavula abantw' abakhohlakeleyo,

iintshaba zam nabandileqayo,

kokhubeka kwabona, bawe.

3Nokuba ndingade ndingqongwe ngumkhosi,

andiyi kuba naluvalo konke.

Nokuba ndirhawulwe yimfazwe,

ndiya kuthembela ngoNdikhoyo.

IINDUMISO 27:1-3XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 20

Umthandazo woloyiso

Umhobe kaDavide; kumbhexeshi-kwayara.

1Wanga *uNdikhoyo angakuphulaphula ngemini yeembandezelo!

Wanga angakukhusela uThixo kaYakobi!

2Wanga angakuthumela uncedo luvel' ebhotwe lakhe,

akuxhase esentabeni yeZiyon.

IINDUMISO 20:1-2XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 20

7Baqhayisa ngeenqwelo zokulwa abanye, abanye ngamahashe;

thina siqhayisa ngoNdikhoyo uThixo wethu.

8Bona babhukuqwa bawe;

thina sisuka sime ngxishi.

9Ndikhoyo, mnike amandla oloyiso ukumkani;

sive naxa sizibika kuwe!

IINDUMISO 20:7-9XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 62

Ukukholosa ngokukhuselwa nguThixo

Kumbhexeshi-kwayara uJedutun; umhobe kaDavide.

1Ndithe cwaka ndikholose ngoThixo;

kaloku nguye yedwa ondikhululayo.

2Ndizimela ngaye, nguye ondisindisayo.

Yinqaba yam, soze ndichukunyiswe.

IINDUMISO 62:1-2XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 62

5Ndithe cwaka, ndikholose ngoThixo;

kaloku nguye yedwa ithemba lam.

6Ndizimela ngaye, nguye ondisindisayo.

Yinqaba yam, soze ndichukunyiswe.

7Ndisindiswa nguThixo, uliwonga lam.

UThixo yinqaba yam, ndizimela ngaye.

8Maxa onke thembelani kuye, bantundini,

nizityand' igila kuye;

kaloku uThixo yinqaba yethu.

IINDUMISO 62:5-8XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 56

3Ndakuxineka ndikholosa ngawe.

4UThixo olizwi ndilidumisayo

ndikholosa ngaye ndingenadyudyu.

Soze andenze nto umntu.

IINDUMISO 56:3-4XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 56

8Uyakubona ukubhadula kwam,

neenyembezi zam uyazibona.

Kaloku uyazibhala ezi zinto.

IINDUMISO 56:8XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 56:21XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 56:63XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

Xa ubani edandathekile yaye edinga amandla nentuthuzelo yeNkosi, loo mntu uziva ephelelwe ngamandla. Ezi zifundo ezithathwe kwINDUMISO zihlanganisiwe zaze zanikezwa izihloko ukukunceda ukuba ufumane iivesi zeZibhalo ezihambelana neemeko okuzo.

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-