Bible Society of South Africa

Intuthuzelo evela kwiLizwi – Day 7

Ukuba nombulelo

Itekisi yeBhayibhile

IINDUMISO 18

32Ewe, nguThixo ondinika amandla;

nguye oyenza iphumelele indlela yam.

33Undicondobisa kuhle njengenxala,

ndichankcathe emaweni ndingatyibiliki.

IINDUMISO 18:32-33XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 18

35Ndikhoyo, undinike ikhaka lokuhlanganisa,

wandixhasa ngesandla sakho esinamandla;

undibonelele ndatsho ndazimaseka.

36Undimise endaweni ephangaleleyo;

azinakutyibilika kuyo iinyawo zam.

IINDUMISO 18:35-36XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 103

Izibele zikaThixo

Umhobe kaDavide.

1Mbonge *uNdikhoyo, moya wam!

Mandimbonge uNdikhoyo ngomxhelo wam wonke!

2Moya wam, mbonge uNdikhoyo,

ungaze uyilibale imisebenzi yakhe emihle nanini-nanini:

3uloxolela zonk' izono zam;

ulophilisa zonk' izifo endinazo;

4ulohlangula ubomi bam enzonzobileni,

andambese ngezibele nangenceba;

5ulondenzel' izintw' ezintle ebomini,

ndihlale ndingumqaba-qaba njengokhozi.

IINDUMISO 103:1-5XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 9

Ukubulela uThixo umgwebi olilungisa

Umhobe kaDavide; kumbhexeshi-kwayara; uvunywa ngathi yilaa ngoma ithi: “Ukufa konyana.”

1Mandikubonge ngomxhelo wam wonke, *Ndikhoyo,

ndibalise ngayo yonke imimangaliso oyenzileyo.

2Ndomemelela ngemincili,

ndikuvumel' ingoma, ndibonge wena, Phezukonke.

IINDUMISO 9:1-2XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 28

6Makabongwe uNdikhoyo,

kuba ukuvile ukutarhuzisa kwam.

7NguNdikhoyo amandla am nekhaka lam;

ndithembele ngaye ngomxhelo wam wonke.

Ndoncedakala nditsho ndibe nemincili,

ndimbonge ngengoma.

8NguNdikhoyo obomelezayo abantu bakhe;

nguye omkhuselayo nomsindisayo umthanjiswa wakhe.

9Basindise abantu bakho, Ndikhoyo;

lithamsanqelise ilifa lakho.

Baluse, ubathwale ngoku kude kube nini-nini.

IINDUMISO 28:6-9XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 66

Elokudumisa nelokubulela

Kumbhexeshi-kwayara; umhobe oculwayo.

1Khanitsho ngentsholo nidumisa,

nibong' uThixo, nonke bemi behlabathi!

2Culani nidumise isidima sakhe;

khanimtyibele nimemelele!

3Dandulukani, nithi kuThixo:

“Iyamangalisa imisebenzi yakho;

ubungangamsha bakho bunabile;

buzitsho neentshaba zakho zinkwantye.

4Ihlabathi liphela likhahlela kuwe,

livum' amaculo, lidumisa wena;

liyamemelela, libong' igama lakho.”

5Yizani niyibone imisebenzi kaThixo;

izenzo zakhe ziyalumangalisa uluntu.

6Ulwandle walujika lwayinkangala.

Umlambokazi bawuwela betabhata.

Ngenene sachulumacha ngenxa yakhe.

7Igunya lamandla akhe alinamida.

Iliso lakhe lizalusile izizwe;

nezibhoja mazingajambalazi.

8Mncomeni uThixo wethu, nonke zizwe!

Izibongo zenu maziviwe nangabakude.

9Yena wasithundeza wasixhasa;

akasiyekelanga ekutyibilikeni.

10Kaloku, wena Thixo, usivavanyile;

usicikide njengesiliva.

11Wasiyeka sagaxeleka elubobeni;

wasiyekela sathandelwa ziinkxwaleko.

12Wasivula, iintshaba zasityakatya,

sadada emililweni nasemanzini;

wabuya wasithi jize ngendyebo.

13Ndoya endlwini yakho,

ndikuphathele amadini atshiswayo;

ndiza kuzifezekisa izithembiso zam,

14ndizenze izinto endazithethayo

mhla kwakugos' okwaphukayo.

15Ndiza kukwenzela amadini ngezityebileyo,

ndiqhumise ngombingelelo weenkunzi zeegusha,

ndibingelele ngeenkunzi zeenkomo nezeebhokhwe.

16Nonke nina nimhlonelayo uThixo,

yizani ndinibonise izinto andenzele zona.

17Ndadanduluka kuye ndizibika;

ndandipheth' iindumiso nemibongo.

18Ukuba ndandizigushile izono zam

uMhlekazi ebengayi kundiphulaphula.

19Kambe ke uThixo undivile;

uwuphendule umthandazo wam.

20Ngenene ngowokubongwa uThixo.

Yena akakhalalanga ndakuzibika kuye;

akazibandezanga izibele zothando lwakhe.

IINDUMISO 66XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 116

Osindisiweyo ekufeni ubonga uThixo

1*UNdikhoyo ndiyamthanda, kuba uyandiva;

uyasabela ndakuzibika kuye.

2Njengoko endiphulaphula nje,

ndobhenela kuye xa ndisadl' ubomi.

3Izabatha zokufa zandibhijela,

izoyikiso zelabafileyo zandikhonkxa;

latsho laxubayela ndangcungcutheka.

4Ke kaloku ndabhenela kuNdikhoyo, ndathi:

“Awu, Ndikhoyo, ndiyakubongoza, ndisindise!”

5Unesisa kambe uNdikhoyo, ulungile;

hayi ke bethu, inceba yoThixo wethu!

6UNdikhoyo uyabakhusela abaxakiweyo;

nam ndandingenamandla wandihlangula.

7Musa ukuxhalaba, mphefumlo wam,

kuba uNdikhoyo undivelele.

8UNdikhoyo undihlangule ekufeni;

yena undosule iinyembezi,

wandikhusela andakhubeka.

9Kungoko ndihamba noNdikhoyo

kweli lizwe labaphilayo.

10Ndancekelela, ndathemba,

nakuba ndandisithi sendivuthulukile.

11Ekuncameni ndakhala ndathi:

“Abathembekanga kambe abantu.”

12Yaz'ba ndingambuyisela ngantoni na uNdikhoyo

ngezibele ezingaka andenzele zona?

13Ndothatha indebe yosindiso,

ndibize igama likaNdikhoyo.

14Izithembiso zam ndozifezekisa kuNdikhoyo;

ewe, nditsho phambi kwabantu bakhe.

15Ayithandeki kambe kuNdikhoyo

into yokufa kwabantu bakhe.

16Awu, Ndikhoyo, ndisisicaka sakho;

ewe, ndingunyana wesicakazana sakho;

ndilapha nje ndakhululwa nguwe.

17Ndiya kukwenzela idini lombulelo;

ewe, ndobiza igama likaNdikhoyo.

18Izithembiso zam ndozifezekisa kuye;

ewe, nditsho phambi kwabantu bakhe,

19enkundleni yendlu kaNdikhoyo,

kanye phakathi eJerusalem.

Huntshu-u-u! Sithi: “Bayethe, Mhlekazi!”

IINDUMISO 116XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 149

Umhobe wokudumisa

1Aa! Bayethe, Mhlekazi!

Memelelani niculele *uNdikhoyo ingoma entsha

abongwa ngayo ebandleni lakhe labanyanisekileyo!

2USirayeli makagcobe agcolode ngoMdali wakhe;

oonyana beZiyon mabachulumache ngoKumkani wabo.

3Mabadude bamdumise bememelela,

betsholoza bembonga ngegubu nekatala.

4Kaloku uNdikhoyo akaziva ngosapho lwakhe;

abazithobayo ubathi jize ngoloyiso!

5Imilowo yakhe mayitaka-take ngemincili;

mayimemelele ngemihlali naxa ilalayo;

6mayitsho ngentsholo idumisa uThixo,

amakrele abazwe macala esezandleni,

7ukuze iphakele iintlanga impindezelo,

ixhaphaze izizwe ngesohlwayo,

8ibasonge ibakhonkxe ookumkani ngamakhamandela,

zona izikhulu zabo izikhuleke ngemixokelelwana,

9khon' ukuze ifezekise isigwebo sikaThixo phezu kwabo.

Nântso ke intshinga yemilowo yakhe.

Masikhahlele sithi: “Bayethe, Mhlekazi!”

IINDUMISO 149XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 150

Bayethe, Mhlekazi!

1Sithi: “Bayethe, Mhlekazi!”

Khahlelani, nimbonge uThixo endlwini yakhe engcwele;

mdumiseni ngenxa yamandla akhe esibhakabhakeni.

2Mbongeni ngenxa yemisebenzi yobugorha bakhe,

nimdumise kuba yena usisihandiba sesikhulu!

3Yitshoni ngomtyangampo wexilongo nimdumise;

yombelani nimbonge ngomrhubhe nehapu!

4Dumisani nimbonge ngegubu nomdudo;

ngqungqani nimbonge ngezeengcingo nesigodlo!

5Tshilani nimbonge ngamacangci akhenkcezayo;

yitshoni ngentswahla nimdumise ngamacangci ahlokomayo!

6Ewe, konke okushukumayo makudume kubonge *uNdikhoyo!

Masidanduluke sonke sithi: “Bayethe, Mhlekazi!”

IINDUMISO 150XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

Xa ubani edandathekile yaye edinga amandla nentuthuzelo yeNkosi, loo mntu uziva ephelelwe ngamandla. Ezi zifundo ezithathwe kwINDUMISO zihlanganisiwe zaze zanikezwa izihloko ukukunceda ukuba ufumane iivesi zeZibhalo ezihambelana neemeko okuzo.

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-