Bible Society of South Africa

Intuthuzelo evela kwiLizwi – Day 9

Umthandazo

Itekisi yeBhayibhile

IINDUMISO 34

4Ndazibika kuNdikhoyo waza wandiva,

wandikhulula kuko konke ukoyika kwam.

5Abacinezelweyo bathembela kuNdikhoyo, bagcobe;

ewe, abasayi kuze badakumbe bona.

6Lwazibika udwayi, waluva uNdikhoyo,

walukhupha kuzo zonke iinkxwaleko zalo.

7Bonke abahlonela uNdikhoyo isithunywa sakhe siyabakhusela, sibahlangule.

8Khanibuxhamle ububele bukaNdikhoyo;

ngenene unoyolo umntu othembela ngoNdikhoyo!

IINDUMISO 34:4-8XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 71

Umthandazo wengwevu

1*Ndikhoyo, ndizimela ngawe, mandingaze ndidaniswe.

2Njengokuba ulilungisa, ndihlangule undisindise;

ndiphulaphule, undikhulule.

3Yiba ngumqolomba wokuzimela;

yiba yinqaba endiphephela kuyo.

Thetha ngezwi ndikhuseleke;

kaloku uligwiba elindikhuselayo.

IINDUMISO 71:1-3XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 86

6Ndikhoyo, wuve umthandazo wam;

khawundivele, ndiyakubongoza.

7Ndakuba sengxakini, ndibhenela kuwe,

kuba wena uyavelana nam.

8Nkosi, kubo bonke *oothixo akakho onjengawe,

engekho nonemisebenzi enjengeyakho.

IINDUMISO 86:6-8XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

Xa ubani edandathekile yaye edinga amandla nentuthuzelo yeNkosi, loo mntu uziva ephelelwe ngamandla. Ezi zifundo ezithathwe kwINDUMISO zihlanganisiwe zaze zanikezwa izihloko ukukunceda ukuba ufumane iivesi zeZibhalo ezihambelana neemeko okuzo.

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-