Bible Society of South Africa

Ndim elo bhinqa – Usuku 1

Owasetyhini waseBhayibhileni uphila ebudlelaneni noThixo

Lo ngumba obalulekileyo kumntu olibhinqa. Unokholo olulodwa kunxibelelwano noThixo. Ewe, uyithanda ngokupheleleyo iNkosi, kwaye uzimisele ukwenza intando yayo. Kodwa ngamanye amaxesha uyanxaxha.

Ewe, ùbhaqa ukuba: Ndim elo bhinqa!

Itekisi yeBhayibhile

UMARKO 12

Umnikelo womhlolokazi

41UYesu waya kuhlala phantsi *endlwini kaThixo malunga nesikhongozeli-mali, wasibukela isihlwele sifaka imali kwisikhongozeli apho. Izityebi ezininzi zazinikela kakhulu. 42Ke kwafika mhlolokazi uthile ulihlwempu, wafaka iimalana zambini, ezixabiso limalunga nesenti. 43UYesu wababizela kuye abafundi bakhe, wathi kubo: “Ndithi kuni, inene, lo mhlolokazi ulihlwempu unikele ngaphezu kwabo bonke abafake imali kwisikhongozeli. 44Kuba bonke abanye banikele bekhupha kwintabalala yabo, kanti yena eswele nje, uzibhokoxile, wanikela konke abenako.”

UMARKO 12:41-44XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 1

(IiNdumiso 1 – 41)

Ilungisa nomoni

1Hayi inyhweba yomntu ongahambiyo ngecebo labantw' abagwenxa,

ongahambiyo ekhondweni lamatshijolo,

umnt' ongadlelaniyo nabaphoxisayo.

2Lowo wonwatyiswa yimiyalelo *kaNdikhoyo,

ayetyise emini nasebusuku.

3Unjengomth' otyalwe ngasemijelweni yamanzi,

umth' ovelisa iziqhamo ngexesha leziqhamo,

umth' omagqabi angasoz' abune.

Ewe, konk' akwenzayo umnt' onjalo kuyaphumelela.

IINDUMISO 1:1-3XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

1 KASAMWELI 1

Isibhambathiso sikaHana

9-10Ngamhla uthile, beseShilo apho, kwakuba kutyiwe kwaselwa, wasuka waphakama uHana, ebindekile, wazibika *kuNdikhoyo. Ngelo xesha umbingeleli uEli wayehleli esihlalweni sakhe ngasemnyango wendlu kaNdikhoyo. Ebuhlungu enjalo uHana, wathandaza, 11wenza isibhambathiso kuNdikhoyo, wathi: “Ndikhoyo Somandla, wanga ungayibona inkxwaleko yesicakazana sakho, usikhumbule, ungasilibali isicakazana sakho, kodwa usinike unyana. Ke ndomnikezela kuwe, Ndikhoyo, abe ngowakho bonke ubomi bakhe, yaye neenwele zakhe azinakuze zichetywe.

12UHana wathandaza ithuba elide, uEli emjongile, ethe ntsho kuloo milebe. 13Wayengavakalisi kuthetha uHana, kodwa yayibebezela yona imilebe. UEli wacinga ukuba uHana uyanxila, 14wathi kuye: “Koda kube nini na unxila? Yahlukana notywala!”

15“Hayi, mhlekazi, andinxilanga,” waphendula watsho uHana. “Andikhange ndisele iwayini okanye utywala, nto nje ndibuhlungu kakhulu. Wena undibona ndibika intlungu yam kuNdikhoyo. 16Uze ungathi ndilitshijolo lomfazi. Ndithandaza ndingayeki nje, kungenxa yokuba ndibindekile ndihluphekile.”

1 KASAMWELI 1:9-16XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

ULUKA 10

UMarta noMariya

38Kolo hambo lwabo uYesu ungene dolophaneni ithile, waza wamkelwa endlwini ngumfazi othile ogama linguMarta. 39UMarta wayenodade wabo ogama linguMariya, owathi yena wahlala ngasezinyaweni zeNkosi, ephulaphula amazwi ayo. 40Ke yena uMarta wayexakeke kakhulu ngamalungiselelo; waya kuYesu, wathi: “Nkosi, akukhathali na kukuba umsakwethu andiyekele ndilungiselele ndendwa? Yitsho kuye andincedise.”

41Waphendula ke uYesu, wathi kuye: “Wena Marta, uzikhathaza ngezinto ezininzi, 42kanti inye kuphela eyimfuneko. UMariya unyule loo nto ilungileyo, kwaye ayiyi kuhluthwa kuye.”

ULUKA 10:38-42XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

ULUKA 1

Ukuvakaliswa kokuzalwa kukaYesu

26Ngenyanga yesithandathu isithunywa esinguGabriyeli sathunywa nguThixo kwelaseGalili, kwidolophu eyiNazarete, 27kwintombi eyayisendela kumfana wendlu kaDavide, ogama linguJosefu. Igama lentombi leyo lalinguMariya. 28Safika ke isithunywa kuye, sathi: “Bhota, wena ubabalweyo! INkosi inawe.”

29UMariya woyika akuweva la mazwi, waza wafuna engqondweni ukuba ngaba ngumbuliso mni na lo. 30Isithunywa ke sathi kuye: “Musa ukoyika, Mariya, kuba uThixo ukwenzela isisa. 31Uyabona, uza kumitha, uzale unyana, umthiye igama *elinguYesu. 32Yena uya kuba mkhulu, abizwe ngokuba nguNyana kaPhezukonke. INkosi uThixo iya kummisela abe ngukumkani kwaDavide uyise, 33ayilawule indlu kaYakobi kude kube ngunaphakade, nolawulo lwakhe lungaze luphele.

34UMariya ke wathi kuso isithunywa: “Iya kwenzeka njani na loo nto, ndingazani nandoda nje?”

35Saphendula isithunywa sathi kuye: “UMoya oyiNgcwele uya kuhlela kuwe, athi amandla kaThixo uPhezukonke akufukamele. Kungoko loo mntwana ungcwele uya kuzalwa nguwe kuya kuthiwa nguNyana kaThixo. 36Uyabona, naye uElizabhete ozalana nawe, ukhawule unyana ebudaleni bakhe. Le yinyanga yesithandathu kuye, yena lowo bekusithiwa uludlolo. 37Kaloku akukho nanye into enokumnqabela uThixo.

38Wathi ke uMariya: “Ndim lo mna mkhonzazana weNkosi. Makwenzeke kum ngokwamazwi akho.” Saza semka isithunywa kuye.

ULUKA 1:26-38XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

ULUKA 2

36Kwalapho kwakukho nentokazi *eyayingumshumayeli, uAna, intombi kaFanuweli wendlu ka-Ashere. Wayeselaluphele kakhulu. Akuba endile, uhleli iminyaka esixhenxe kuphela kunye nendoda yakhe, 37waza waphila de waba minyaka imashumi asibhozo anane engumhlolokazi. Wayengapheli endlwini kaThixo, ekhonza uThixo ngokuzila ukutya nangokuthandaza ebusuku nasemini.

ULUKA 2:36-37XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

EYEMFUDUKO 15

20Ke kaloku umshumayelikazi uMiriyam, udade boAron, waqubula igubu lakhe, baza bonke ababhinqileyo bamlandela namagubu abo, batsho ngentsholo bengqungqa. 21UMiriyam ke wahlabela ingoma wenjenje:

“Hoyina! Memelelani nitsholoze!

UNdikhoyo woyise wada watshatshela!

Ihashe ngokunjalo nophezu kwalo

ulintywilisele phakath' elwandle.”

EYEMFUDUKO 15:20-21XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UMARKO 5

25Kwakukho nomfazi owayehlamba engaphezi iminyaka elishumi elinambini esifa, 26ephatheke kabuhlungu kumagqirha amaninzi. Wayedleke konke awayenako, engancedakali, kodwa eya egula ngakumbi. 27Evile ke ngoYesu, wasondela kuye ngasemva esesihlweleni apho, wayichukumisa ingubo yakhe; 28kuba wayesithi: “Ukuba ndithe ndachukumisa nokuba yingubo yakhe le, ndophila.”

29Lanqamka kwangoko igazi, waziva emzimbeni wakhe ukuba uphilile kweso sifo. 30Ngoko nangoko uYesu waqonda ukuba kukho amandla aphumileyo kuye, wabheka ngasemva esendimbaneni apho, wathi: “Ngubani lo uchukumise ingubo yam?”

31Abafundi bakhe bathi kuye: “Ubona nje ukuba isihlwele sikuxinile, ungáthini ke ukuthi: ‘Ngubani lo undichukumisileyo?’ ”

32Noko yena wasinga-singa ukuba ambone lowo uyenzileyo le nto. 33Uthe ke umfazi lowo, ekuqondile okwenzeke kuye, weza esoyika, engcangcazela, wazikhahlela phambi kwakhe, wamxelela inyaniso yonke. 34UYesu wathi kuye: “Ntombi yam, ukholo lwakho lukuphilisile. Hamba ngoxolo, uphile kweso sifo sakho.”

UMARKO 5:25-34XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UMATEWU 6

25“Kungoko ndithi kuni, musani ukubuxhalela ubomi benu nisithi notya ntoni, nisele ntoni. Kwanomzimba wenu ze ningawuxhaleli, nisithi niya kunxiba ntoni. Ubomi abungaphezulu na kokutyiwayo; wona umzimba awungaphezulu na kokunxitywayo? 26Khaniqwalasele iintaka. Azihlwayeli, azivuni, azigcini siseleni, kanti uYihlo osezulwini uyazondla. Ke, kungakanani na ukuxabiseka kwenu kunazo! 27Nguwuphi na kuni onokuthi ngokuxhala abongeze nangemini enye le ubomi bakhe?

28“Kananjalo yini na ukuba nixhalele into yokunxiba? Khaniqwalasele ukukhula kweenyibiba zasendle; azisebenzi, azithungi nokuthunga; 29kanti ngenene, noSolomon kubo bonke ubunewu-newu bakhe, wayengavathiswanga nanjenganye yazo. 30Ukuba ke uThixo wenjenje ukuyambesa ingca yasendle, ethi namhlanje ibekho, ze ngomso iphoswe eziko, akayi kugqithisa na ukunambathisa nina, bantundini balukholo luncinane?

31“Musani ke ukuxhala, nisithi: ‘Sodla ntoni na; sosela ntoni na; sonxiba ntoni na?’ 32Zezi zinto kanye abahlala besukelana nazo abangakholwayo beentlanga. Ke yena uYihlo osezulwini uyazi ukuba ezo zinto zonke ziyimfuneko kuni. 33Ke ngoko kuqala zondelelani ukulawulwa nguThixo, nenze ubulungisa obufunwa nguye, waye ke yena eya kunongezelela zonke ezi zinto. 34Ngenxa yoko musani ukulixhalela ingomso. Ingomso liya kuxhalela okwalo. Ziyanele imini nganye iingxaki zayo.”

UMATEWU 6:25-34XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

EYEZIQALO 3

Ukuwa koluntu

1Inyoka yayisesona sidalwa sinobuqhetseba kunazo zonke izidalwa *zikaNdikhoyo uThixo. Yambuza umfazi inyoka yathi: “Ngaba kuyinyani na ukuba uThixo uniyalele ukuba ningatyi kuyo yonke imithi ekulo myezo?”

2“Hayi, singatya nakuwuphi na umthi osemyezweni,” utshilo umfazi ukuphendula. 3“Ngumthi ophaya esidikidikini somyezo qha esingenakutya kuwo. UThixo uthe maze singazityi iziqhamo zawo, singaziphathi nokuziphatha oku, ukuba asifuni kufa.”

4Ithe ukuphendula inyoka: “Hayi, anisoze nife. 5Nto nje uyazi uThixo ukuba xa nizityileyo iziqhamo zawo novuleka amehlo, nibe njengaye, nikwazi ukucalula okuhle kokubi.”

6Watsho waqonda umfazi ukuba singamnandi eso siqhamo: siyanqweneleka, yaye sifanele ukunika ulwazi. Wakha, watya; wanika nomyeni wakhe owayekho, naye watya. 7Bathi bakugqiba ukutya kwatsho kwee dlwe, avuleka amehlo, baziqonda ukuba bahamba ze. Bathunga amagqabi omkhiwane, bazambhathisa.

8Emva koko beva isandi sokuhamba kukaThixo uNdikhoyo emyezweni ukujika kwelanga. Bazimela ematyholweni emyezweni apho. 9UNdikhoyo uThixo wayibiza indoda, wathi: “Ùphi?”

10Yaphendula yathi: “Ndive isandi sokuza kwakho, ndaza ndoyika ndazimela, kuba ndihamba ze.”

11Uthe uThixo: “Ùve ngabani ukuba uhamba ze? Utyile kulaa mthi bendithe uze ungatyi kuwo?”

12Ithe indoda ukuphendula: “Ngulo mfazi ùndinike yena lo úndiphileyo, nam ke ndatya.”

13UNdikhoyo uThixo wambuza umfazi esithi: “Ùyenzele ntoni into enje?”

Uphendule umfazi wathi: “Ndikhohliswe yinyoka, nam ke ndatya.”

EYEZIQALO 3:1-13XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

EYEZIQALO 16

2Wathi ke uSarayi kuAbram: “Ndiyabona ukuba *uNdikhoyo akandiphanga inzala. Ungangeni uHagare nje, isicakakazi sam? Mhlawumbi angandizalela unyana yena.” UAbram wavuma. 3USarayi ke wamnikezela uHagare abe ngumfazi omncinci ka-Abram. Le nto yehla selehleli ishumi leminyaka uAbram eKanana. 4UAbram wadibana noHagare, waza uHagare wakhulelwa. Uthe ke akuziqonda ukuba ukhulelwe, waqhosha wamdela uSarayi.

5USarayi ke uthe kuAbram: “Endidela nje uHagare lo, kungenxa yakho. Kanti ke wawumnikwe ndim lo, seleqhosha nje akuzibona ekhulelwe. Ngamana uNdikhoyo angahlula oyena unyanisileyo phakathi kwam nawe.”

EYEZIQALO 16:2-5XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

ULUKA 7

37Kuloo dolophu kwakukho umfazi *owayengumoni, owathi, akuva ukuba uYesu usendlwini yomFarasi lowo, weza ephethe iqhaga lelitye lelabhastile, linamafutha aqholiweyo. 38Waya kuma ngasemva koYesu, ngasezinyaweni zakhe, elila; waza wazifefa iinyawo zakhe ngeenyembezi, wazisula ngeenwele zakhe, wazanga iinyawo zakhe, wazithambisa ngamafutha lawo. 39Akukubona oko umFarasi lowo wayememe uYesu, uthethe yedwa esithi: “Ukuba lo mntu *ebengumshumayeli, ngesazi ukuba ngubani, eluhlobo luni na, lo mfazi umchukumisayo; kuba ungumoni.”

40Waphendula uYesu wathi kuye: “He Simon, yiva apha!”

Wathi ke yena: “Yitsho, Mfundisi.”

41Wathi uYesu: “Kwakukho mbolekisi-mali uthile, enabantu ababini abanamatyala kuye. Omnye wayenetyala elingangeerandi ezimakhulu mahlanu, omnye ke zingamashumi amahlanu. 42Ekubeni bengenanto bangahlawula ngayo, usuke wabaxolela bobabini. Khawutsho ke, nguwuphi kubo oya kumthanda ngakumbi?”

43Waphendula uSimon wathi: “Ndiba ngulowo uxolelwe ngokungaphezulu.”

Wathi kuye: “Uchane ucwethe!” 44Wajika ke uYesu, wakhangela kumfazi lowo, wathi kuSimon: “Uyambona ke lo mfazi? Ndingené endlwini yakho, waza wena akwandinika amanzi okuhlamba iinyawo zam; kanti ke yena iinyawo zam uzihlambe ngeenyembezi zakhe, wazisula ngeenwele zakhe. 45Akundanganga wena; kanti yena, okoko ndingenileyo, akayekanga ukuzanga iinyawo zam. 46Intloko yam akuyithambisanga ngamafutha; kanti yena iinyawo zam uzithambise ngamafutha aqholiweyo. 47Ngenxa yoko ke, ndithi kuwe: olu thando lwakhe lungaka lubonakalisa okokuba izono zakhe ebezizininzi zixolelwe. Kanti ke yena oxolelwe kancinane, ukwathanda kancinane.”

48UYesu ke wathi kuloo mfazi: “Izono zakho zixolelwe.”

ULUKA 7:37-48XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UYOHANE 11

20Akuva uMarta okokuba uYesu uyeza, wamhlangabeza, kodwa yena uMariya wasala endlwini. 21Waza wathi uMarta kuYesu: “Nkosi, ukuba ubukho, ngengabhubhanga umnakwethu. 22Kodwa nangoku ndiyazi ukuba uThixo wokunika nantoni na oyicelayo kuye.”

23Waza wathi kuye uYesu: “Umnakwenu uya kubuya avuke.”

24Wathi kuye uMarta: “Ndiyazi okokuba uya kubuya avuke xa kuvuswa bonke abafileyo ngomhla wokugqibela.”

25Waza wathi kuye uYesu: “Ndim uvuko; ndim ubomi. Lowo ukholwayo kum wodla ubomi nokuba ebefile. 26Wonke odla ubomi ekholwa kum, soze afe naphakade. Ke wena ngaba uyakholwa koku?”

27Waza wathi kuye: “Ewe, Nkosi. Sendoyisekile; ndiyavuma okokuba wena unguye *uKrestu, uNyana kaThixo, lowo umelwe kukuza ehlabathini.”

UYOHANE 11:20-27XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

  • Uphelelisile ekuyithandeni iNkosi; kwaye yona isesazulwini sobomi bakhe
  • Uyaliphicotha ngenene iLizwi likaThixo
  • Uthandaza enenyameko
  • Uhlala ngasezinyaweni zeNkosi ephulaphula amazwi ayo
  • Uyayithobela intando kaThixo malunga nobomi bakhe
  • Unikezela ngobomi bakhe eNkosini
  • Ukhonza iNkosi echwayitile
  • Uthembe uYesu ukumnika amandla
  • Amaxhala akhe uwaphosa eNkosini
  • Maxa wambi uyakhubeka …
  • Uya eNkosini axhamle ukuxolelwa
  • Uphila enethemba ngekamva

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-