Ukumiselwa kwabalamli
13Kwangentseni ngomhla olandelayo uMosis waba sisinxadanxada, echophele amatyala, esombulula iingxaki zamaSirayeli kwada kwahlwa.
14Uthe ke uJetro akuyibona le meko yokuxakeka kukaMosis, wabuza wathi: “Khawutsho, yintoni kanye le niyenzayo naba bantu bakho? Khona, ngani ukuba ube wedwa, bona beze bengumngcelele, bafike bakuphahle kwangentseni kude kuhlwe?”
15UMosis waphendula wathi: “Kaloku aba bantu beza kum khon' ukuze ndibabeke emkhondweni mayela nentando kaThixo, 16kuthi xa benembambano beze kum ukuze ndibalamle ndibachazele imimiselo nemiyalelo kaThixo.”
17Ke yena uJetro wathi kuMosis: “Hayi, nyana, olu hlobo wenza ngalo alulunganga. 18Ngale ndlela uqhuba ngayo uyaziqoba. Uya kuxhwaleka uphel' amandla; naba bantu baya kudinwa yile nto. Kaloku umsebenzi onje awukulingananga uwedwa. 19Khawuphulaphule ke ndikucebise; ngamana wakunceda ke uThixo. Into ofanelwe kukuyenza kukuzakuzelela abantu kuThixo, use imicimbi yabo kuye. 20Wena kufuneka ubafundise imimiselo nomthetho kaThixo, ubacacisele indlela yokuziphatha, nako konke okulindelekileyo kubo. 21Ngaphezulu khetha amadoda aziinkokheli ezifanelekileyo, uwamisele phezu kwamaqela ahlulwa-hlulwe angamawaka, amakhulu, namashumi angamahlanu njalo-njalo. La madoda ke mayibe ngabantu abamthobelayo uThixo, abathembekileyo, abantu abanganyobekiyo. 22Wona isigxina sawo mayibe kukuchophela imicimbi yaba bantu. Imicimbi elula makayiphicothe ayilungise ngokwawo, ke yona imicimbi ewaxakayo ayizise kuwe. Ngale ndlela ke nawo aya kuba nenxaxheba kulo msebenzi wakho, akuphungulele umthwalo. 23Ukuba wenjenje ke ngokuvuma kukaThixo, awuyi kuqobeka, futhi ke nabantu aba baya kutsho bavisisane.”
24Ngenene ke uMosis wenza ngokwecebo likaJetro, 25wawakhetha amadoda afanelekileyo kumaSirayeli, wawamisela aziinkokheli phezu kwamaqela ahlulwa-hlulwe angamawaka, amakhulu, namashumi ngamahlanu njalo-njalo. 26Wona ke aba ngabalamli abavunyiweyo bokuphicotha imicimbi yamaSirayeli. Yonke imicimbi elula yayisonjululwa ngawo, ithi ke ewaxakayo ayigqithisele kuMosis.