Bible Society of South Africa

Ndiyindoda – Day 6

Wenza Umahluko

Uyindoda efuna ukwenza umahluko eluntwini. Akoyiki ukuzifaka emingciphekweni. Uyazivakalisa izimvo zakhe, ze ngaloo ndlela enze ihlabathi ukuba libe yindawo engcono. Uyalwazi ubizo lwakhe alunikwe nguThixo yaye ululandela ngentliziyo yakhe yonke.

Suke ufumanise ukuba: Ndiyindoda!

Itekisi yeBhayibhile

UNEHEMIYA 2

UNehemiya uthunyelwa eJerusalem

1Ngenyanga uNisan kunyaka wamashumi amabini kakumkani uAtashasta, ngethuba lokunikwa kwakhe iwayini, ndayithatha iwayini leyo ndamnika. Ukumkani wayengazange andibone ndilusizi ngaphambili, 2ngoko ke ukumkani wathi kum: “Ungaguli nje, ngani ke ukuba bunxunguphale kangaka ubuso bakho? Makube ikho into ekuhluphayo entliziyweni.”

Ndasuka ndoyika, 3kodwa ndathi kukumkani: “Phil' ud' ukhokhobe, kumkani! Bebungathini ubuso bam ukungathi rhubaxa xa isixeko abângcwatywa kuso oobawo singamabhodlo, amasango aso etshatyalaliswe ngomlilo?”

4Ukumkani wathi kum: “Yintoni ke oyifunayo?”

Ndathandaza uThixo wamazulu, 5ndaza ke ndathi kukumkani: “Xa kukholekile kuwe, kumkani, nesicaka sakho esi sisamkeleka kuwe, ndithume kwelakwaJuda kwisixeko abângcwatywa kuso oobawo, ukuze ndisivuse.”

6Ke ukumkani, enokumkanikazi ecaleni kwakhe, wathi kum: “Loba ngakanani olo hambo; khona, uya kubuya nini?” Kwakholeka ke kukumkani ukundikhulula, ndaza ke ndammisela ixesha.

UNEHEMIYA 2:1-6XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UDANIYELI 1

3Ukumkani uNebhukadenezare wathi kuAshpenazi, intloko yamaphakathi akomkhulu, makakhethe abafana begazi nabomnombo wezikhulu apho kuloo maSirayeli wayewathimbile. 4Wathi makakhethe iinzwana ezingenasiphako, ezikrelekrele ngengqondo, eziqeqeshekileyo, nezinengqiqo – abafana abakufaneleyo ukugosiswa komkhulu. UAshpenazi wayalelwa ukuba abafundise ukusithetha nokusifunda isiKaledi. 5Ngaphezu koko ukumkani wayalela ukuba yonke imihla mabaphakelwe kwimbiza kakumkani, ngokunjalo basele nakwiwayini yakhe. Olu qeqesho ke lwaluza kuthatha iminyaka emithathu, emva koko bagosiswe komkhulu. 6Phakathi kwâbo bakhethiweyo ke kwabakho nabafana bendlu kaJuda: uDaniyeli, uHananiya, uMishayeli, noAzariya. 7Ke kaloku intloko yamaphakathi akomkhulu yabathiya amagama amatsha; uDaniyeli wabizwa ngokuba nguBhelteshazare, uHananiya ngokuba nguShadraki, uMishayeli ngokuba nguMeshaki, uAzariya ngokuba nguAbhednigo.

8Kambe ke yena uDaniyeli wenza isigqibo sokuba angazixabheli ngokutya nangeziselo zalapho ebhotwe. Ngoko ke wacela kwintloko yamaphakathi akomkhulu ukuba avunyelwe ukungazixabheli ngoku kutya.

UDANIYELI 1:3-8XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UMSEBENZI WABATHUNYWA 7

Ukuxulutywa kukaStefano

54Athi amalungu *eBhunga akuziva ezi zinto zithethwa nguStefano, acaphuka kangangokuba ade abe ngathi osuka amthi qwenge-qwenge. 55Kodwa uStefano yena ezele nguMoya oyiNgcwele, wakhangela ezulwini, waza wabubona ubuqaqawuli bukaThixo, noYesu emi ewongeni ngakuThixo. 56Waqhuba wathi: “Khawukhangele! Amazulu ndiwabona evulekile, *noNyana woLuntu emile ngasekunene kukaThixo!”

57Kwesi sithuba basuka bazivingca iindlebe zabo, bahlahlamba kwathi nkxwe, baza basuka indulumbane phezu kwakhe. 58Bamkhuphela ngaphandle kwedolophu, bamxuluba ngamatye. Abamangaleli bakaStefano bazigcinisa iimpahla zabo kumfana ogama linguSawule. 59Bemxuluba njalo ngamatye, uStefano yena wakhala eNkosini esithi: “Nkosi Yesu, wamkele umoya wam!” 60Waguqa ngamadolo, wadanduluka wathi: “Nkosi, musa ukubabeka tyala ngesi sono!” Akukhov' ukutsho, wafa ke.

UMSEBENZI WABATHUNYWA 7:54-60XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

1 KASAMWELI 24

9Waqhuba wenjenje: “Mhlekazi, kungani na ukuba uhambisane nolwimi oluthi mna ndizungula ukukwenzakalisa? 10Wena akuyiboni into yokuba khona ngoku uNdikhoyo ebekunikele esandleni sam phaya kulaa mqolomba? Bekusithiwa mandikucim' igama, kodwa ndaba nenceba, ndala konke mna ukukubulala, kuba kaloku wena ungukumkani, umthanjiswa kaNdikhoyo. 11Bawo, khangela, nali isondo lesambatho sakho esandleni sam! Ngendikucim' igama, koko ndisuke nje ndasika le ndawo engubeni yakho. Yazi ke ngoku uqonde ukuba mna andikhange ndafuna kukuvukela okanye kukwenzakalisa. Nguwe ozingela mna, ufuna ukundibulala, naxa ndingakwenzanga nto imbi. 12Wanga ke uNdikhoyo angahlula phakathi kwam nawe. Ubenga angandiphindezela ngenxa yobubi ondenzele bona. Mna andingekhe ndikuse sandla. 13Kaloku sitsho njalo isaci samandulo ukuthi: ‘Inkohlakalo iphuma kwabakhohlakeleyo.’ Ke mna andiyi kukusa sandla konke. 14Ngaba úyayiqonda yona le nto ayileqayo ukumkani wamaSirayeli? Yintoni le ayisukelayo? Ngaba usukela inja efileyo okanye intakumba enye? 15Hayi, makahlule uNdikhoyo, kucace ukuba ngubani owonileyo phakathi kwam nawe. Makayigqale imeko yam, andigwebele, ancede andihlangule kuwe!”

1 KASAMWELI 24:9-15XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

  • Ubomi bakhe butshintsha kakhulu emva kokudibana noYesu
  • Uyakhula emoyeni njengokuba efunda iLizwi
  • Uthandaza ngokuzinikela nokuba imeko ithini
  • Uthobela intando kaThixo ngobomi bakhe
  • Unikela ubomi bakhe eNkosini
  • Akasoloko eziqonda iindlela zikaThixo
  • Akasoloko eziqonda iindlela zikaThixo
  • Ngelinye ixesha uyathandabuza
  • Ngelinye ixesha uba neentloni ukuvuma ukuba uyamazi uYesu
  • Ngelinye ixesha uyaphazama
  • Uza kuThixo afumane uxolelo

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-