Bible Society of South Africa

Ndiyindoda – Day 7

Uyinkokeli Yezakwalizwi

Uyavuma ukukhokela imicimbi yezakwalizwi xa kufuneka enze njalo. Akunyanzelekanga abe ngumfundisi, kodwa uyamamela xa uThixo esithi makanike ubungqina nokubuyisela abantu kuThixo. Uyamamela uThixo ze adlale indima yakhe ebandleni.

Suke ufumanise ukuba: Ndiyindoda!

Itekisi yeBhayibhile

EYEZIQALO 6

12Walibona lonakele ilizwe uThixo, kuba abantu babeziphethe kakubi.

13Wathi ke uThixo kuNowa: “Ndifikelele ekubeni ndilubhangise lonke uluntu. Ndiza kulutshabalalisa luphele tu, kuba ilizwe lizele zizenzo zobundlobongela. 14Wena zenzele inqanawa ngamaplanga, ibe namagumbi, uyiqabe itha ngaphandle nangaphakathi.

EYEZIQALO 6:12-14XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

EYEZIQALO 6:22-14XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

1 KUTIMOTI 1

Isingeniso

1Kubhala mna Pawulos *umthunywa kaYesu Krestu ngokugunyaziswa nguThixo uMsindisi wethu, noKrestu Yesu ithemba lethu. 2Ndibhalela uTimoti, unyana wam wenene ngokwaselukholweni. Ndithi: Kuwe makulawule isisa, inceba, noxolo oluvela kuThixo uBawo, noKrestu Yesu iNkosi yethu.

1 KUTIMOTI 1:1-2XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

1 KUTIMOTI 1

18Lo myalelo ndiwunika wena, Timoti, nyana wam, ngokwamazwi awodwa âvela kuThixo ethethwa ngawe mandulo. Ngoko ke loo mazwi makabe sisixhobo sakho edabini, 19uxhobe ngokholo nangesazela esihlambulukileyo. Ngokudela isazela, abanye abantu balutyumza okweselwa elinamasi ukholo lwabo. 20Phakathi kwabo ndingabalula uHimeniyo noAlesandire, esendide ndabanikela kuSathana, ukuze baqeqeshwe bakuyeke ukunyelisa.

1 KUTIMOTI 1:18-20XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KUMAGALATI 2

UPawulos ukhalimela uPetros eAntiyokwe

11Xa wayeseAntiyokwe uPetros ndamgqogqa iindlebe, ndimxelela ngempazamo yakhe eyayidandalazile mpela. 12Wayedla ngokutya kunye namakholwa aziintlanga, ngaphambi kokuba kufike apho iqela lamadoda awayevela kuYakobi. Kodwa kuthe kwakuba kufike la madoda warhoxa uPetros, wazilumla ekutyeni namawethu aziintlanga, ngenxa yokoyika ukugxekwa ngâbo babesithi makwalukwe. 13Namanye amakholwa amaJuda abonakalisa kwaobo bubhetyebhetye bufana nobukaPetros, kangangokuba noBharnabha wawexuleka bobo bubhetyebhetye. 14Ndithe ke ndakukuphawula ukungabi nanyaniso kokuziphatha kwabo ngendlela engangqinelaniyo nenyaniso yeendaba ezimnandi, ndathi kuPetros phambi kwabo bonke: “Nakuba wena ungumJuda, ubusoloko uziphethe njengeentlanga kodwa; ungathini ke ngoku ukujika uzinyanzele iintlanga ukuba ziziphathe njengamaJuda?”

KUMAGALATI 2:11-14XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UMSEBENZI WABATHUNYWA 18

UApolo e-Efese naseKorinte

24E-Efese kwafika umJuda, ogama linguApolo, owazalelwa eAlesandriya. Wayeliciko lokuthetha, futhi ezazi ngokucokisekileyo *iziBhalo. 25Wayeqeqeshiwe ngeNdlela yeNkosi, ngokunjalo wayethetha ngokutshiseka ezifundisa iinyaniso ezingoYesu ngentembeko. Nangona kunjalo wayesazi ubhaptizo lukaYohane kuphela. 26Wayethetha ngesibindi *endlwini yesikhungo. Bathi ke bakumva ooPrisila noAkwila, bammemela emzini wabo, bamcacisela kakuhle ngokuzeleyo iNdlela yeNkosi.

UMSEBENZI WABATHUNYWA 18:24-26XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UYOSHUWA 24

14“UNdikhoyo mhloneleni, nimnqule ngentembeko ninyanisekile. Yahlukanani *nezithixo zookhokho benu ngexesha bengaphesheya kwe-Efrati naseJiputa, nikhonze uNdikhoyo yedwa. 15Ke ukuba kubi emehlweni enu ukumkhonza uNdikhoyo, khethani ngoku, ukuba nokhonza bani na nina, phakathi koothixo baseMesopotami booyihlo noothixo bama-Amori enimi kumhlaba wawo. Kodwa mna kunye nomzi wam, siya kukhonza uNdikhoyo.”

UYOSHUWA 24:14-15XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

2 KUTIMOTI 4

6Okokwam ke mna, ubomi bam sebuphalazwa njengedini; nexesha lam lokunduluka selisongekile. 7Ndizabalazile elugqatsweni olukhulu; ngoku ndifikile entanjeni; ke lona ukholo ndilugcinile. 8Ngoku ke sendilindelwe yimbasa, isithsaba esibonakalisa ubulungisa, eya kundithwesa sona ngaloo Mini inkulu iNkosi, uMgwebi ogweba engenaxanasi. Phofu ke asindim ndedwa olindelwe seso sithsaba, koko ngabo bonke abayithandayo iNkosi eza kufika.

2 KUTIMOTI 4:6-8XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

2 KUTIMOTI 3

Isiyalo

10Kodwa ke wena, nyana wam, uze uhambe rhoqo ekhondweni lam, ngeemfundiso, ngokuziphatha, ngeenjongo, ngokholo, ngomonde, nangothando, nangokunyamezela 11ngexesha leentshutshiso, nasebunzimeni. Izinto ezandihlelayo eAntiyokwe, eIkoniyo, naseListra, uyazi ukuba ndazithwala, iNkosi indihlangula kuzo zonke. 12Kambe intshutshiso yomfikela nawuphi na umKrestu ofuna ukuhlala esoyika iNkosi. 13Kodwa zona izikhohlakali nezikrelemnqa ziya kuqhuba zisuka ebubini ziye kobungaphezulu ububi, zihamba zikhohlisa, zikhohliswa nazo. 14Ke wena yayamana rhoqo neenyaniso ozifundileyo waqinisekiswa ngazo. Khumbula ukuba uzifunde kubani na. 15Khumbula ukuba kwausengumntwana waqhelaniswa *neziBhalo eziNgcwele ezikunika ubulumko, khon' ukuze usindiswe ngokukholwa kuKrestu Yesu.

2 KUTIMOTI 3:10-15XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

  • Ubomi bakhe butshintsha kakhulu emva kokudibana noYesu
  • Uyakhula emoyeni njengokuba efunda iLizwi
  • Uthandaza ngokuzinikela nokuba imeko ithini
  • Uthobela intando kaThixo ngobomi bakhe
  • Unikela ubomi bakhe eNkosini
  • Akasoloko eziqonda iindlela zikaThixo
  • Akasoloko eziqonda iindlela zikaThixo
  • Ngelinye ixesha uyathandabuza
  • Ngelinye ixesha uba neentloni ukuvuma ukuba uyamazi uYesu
  • Ngelinye ixesha uyaphazama
  • Uza kuThixo afumane uxolelo

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-