- Eternal Life - Justified Through Faith - God's Love in Christ Jesus
3Nabu ke obona bomi: kukwazana nawe, wena Thixo unguye, ingabi wumbi; bazane naye lowo uthunywe nguwe, uYesu Krestu.
1Njengoko sikholwa, sígwetyelwe nguThixo, sinoxolo naye ngenxa yeNkosi yethu uYesu Krestu. 2Kaloku sibe nako ukungena ngoKrestu ngokukholwa kolu babalo sikulo. Siyaqhayisa ke sithembe ukuba nenxaxheba ebuqaqawulini bukaThixo. 3Ngaphezu koko, siqhayisa nangeembandezelo ezi, sisazi nje ukuba iimbandezelo zisiqhelisa ukunyamezela. 4Ke ukunyamezela kubonisa ukuba sicikidekile. Ukucikideka ke kudala ithemba. 5Ithemba ke lona alidanisi, kuba uthando lukaThixo luthululelwe ezintliziyweni zethu ngoMoya oyiNgcwele esamnikwayo.
31Masithini na ke ngezi zinto? Ukuba uThixo ungakuthi ngubani onokusichasa? 32Yena kaloku akambandezanga owakhe uNyana, koko usuke wamnikela ngenxa yethu sonke. Angathini ke ukungasibabali asiphe zonke ezinye izinto? 33Ngubani na oya kubamangalela abanyulwa bakaThixo, inguThixo nje obagwebelayo? 34Ngubani onokubagweba, ethe wafa nje uKrestu, wathi ngaphezu koko wabuya wavuka, waza waya kuhlala ewongeni kwaThixo, apho asithethelela khona? 35Ngubani ke onokusahlukanisa nothando lukaKrestu? Yimbandezelo na? Yinkxwaleko na? Yintshushiso na? Yindlala na? Bubuzé na? Yingozi na? Likrele na? 36Kunjengoko *iziBhalo zitshoyo ukuthi:
“Ngenxa yakho sisesichengeni sokubulawa;
yiyo loo nto sesifana neegusha eziya kuxhelwa nje.”
37Kanti ke, kwezi zinto zonke sisuka soyise sitshatshele ngalowo wasithandayo. 38Kaloku ndiqinisekile kukuba asikuko nakufa, nabomi, nazithunywa zezulu, nazilawuli, nanto zikhoyo, nanto zizayo, naziphathamandla, 39nanto ziphezulu, nanto zingaphantsi, nditsho nasiphi na isidalwa, esiya kuba nako ukusahlula nothando lukaThixo olukuye uKrestu Yesu, iNkosi yethu.