Bible Society of South Africa

Strength For Today – Day 4

- God's Complete Knowledge and Care
- Trust in the Lord
- Perfect Peace

Itekisi yeBhayibhile

IINDUMISO 139

7Ndingamzimela ndithini uMoya wakho?

Ndingasabela phi apho ungekhoyo khona?

8Ukuba ndingenyukela emazulwini, ndingafika ukho;

nokuba ndingalala kwelabafileyo, ukho nalapho.

9Ndingafanelana ndihamba nokusa,

ndiye kutsho eziphelweni zolwandle,

10nalapho ndingakhokelwa sisandla sakho;

ewe, ndohlala ndisemandleni akho.

11Noba ndingathi mandisongelwe bubumnyama,

nokukhanya kujike kube bubusuku,

12kwabumnyama obo abumnyamanga kuwe.

Kaloku nobusuku bukhanya njengemini kuwe,

kuba nobumnyama buyakhanya kuwe.

IINDUMISO 139:7-12XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IZAFOBE 3

5Kholosa *ngoNdikhoyo ngomxhelo wakho wonke,

ungaze ungqiyame ngezakho iimbono.

6Mkhumbule uNdikhoyo kuyo yonke ihambo yakho,

waye ke yena eya kukukhokela kuzo zonke iindlela zakho.

IZAFOBE 3:5-6XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UISAYA 26

3Ke wena ubathi jize ngenzolo

abo banjongo zingajika-jikiyo,

kuba behlala bekholose ngawe.

4Kholosa *ngoNdikhoyo njalo-njalo;

kaloku yena uNdikhoyo ngumqolomba ongasoz' uthini.

UISAYA 26:3-4XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-