Bible Society of South Africa

Strength For Today – Day 7

- The Power of Faith
- Don't be Afraid
- Come to Me and Rest

Itekisi yeBhayibhile

UMATEWU 8

Ukuphiliswa kwesicaka somphathi-butho

5Kwathi uYesu akungena eKapernahum, wahlangatyezwa ngumphathi-butho wamajoni, owambongozayo 6esithi: “Nkosi, isicaka sam silele ngendlu. Asisaphakami; sithuthunjelwa gqitha.”

7UYesu wathi kuye: “Ndofika ndisiphilise.”

8Waphendula umphathi-butho wathi: “Nkosi, andifanelekanga ukuba ungene phantsi kwentungo yendlu yam. Thetha nje ilizwi; sophiliswa isicaka sam.

UMATEWU 8:5-8XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UMATEWU 8

13Waza uYesu wathi kumphathi-butho: “Hamba ke; ngenxa yokuba ukholiwe, wokwenzelwa oko.” Saza saphila kwangelo xesha isicaka eso.

UMATEWU 8:13XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UMATEWU 10

29Andithi, iintaka ezincinci zithengiswa ngambini ngesenti? Kanti akukho nanye kuzo iya kuwa emhlabeni engavumanga uYihlo. 30Nina ke, kwaneenwele ezi zentloko yenu zibaliwe zonke. 31Ke musani ukoyika: nixabisekile kuneentaka ezininzi nina!”

UMATEWU 10:29-31XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UMATEWU 11

28“Yizani kum, nina nonke nisindwayo, nibulalekayo; ndoniphumza. 29Ngenani edyokhweni yam, nifunde kum, kuba mna ndilulamile, ndingontliziyo ithobekileyo. Nothi ke nizifumanele ukuphumla iintliziyo zenu, 30kuba idyokhwe yam ayityabuli, nomthwalo wam ulula.”

UMATEWU 11:28-30XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-