Bible Society of South Africa

Strength For Today – Day 9

- Christ's Ministry
- The Lost Sheep
- Give Thanks to God

Itekisi yeBhayibhile

ULUKA 4

18“UMoya weNkosi undongamele,

ngoko ke indithambisile;

indalathele ukushumayela iindaba ezimnandi kwabasweleyo.

Yandithuma ukuvakalisa inkululeko kubathinjwa,

nokubuyisela ukubona kwabaziimfama,

ndibandululè bekhululekile abacinezelweyo,

19ndivakalisè unyaka wokuthululwa kwenceba yeNkosi.”

20Eyisongile incwadi uYesu, wayibuyisela kwisicaka, wahlala phantsi. Amehlo abo bonke ababesendlwini yesikhungo ayondele kuye; 21waza wathi kubo: “Namhlanje esi *siBhalo sizalisekisiwe phambi kwenu.”

22Babemncoma, bonke bemangalisiwe ngamazwi amnandi awathethayo, besithi: “He bethu, lo mntu asinguye na unyana kaJosefu?”

ULUKA 4:18-22XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

ULUKA 15

3Waza ke uYesu wenza umzekeliso wathi: 4“Nguwuphi na kuni onokuthi enekhulu leegusha, kuze kulahleke enye kuzo, angazishiyi endle ezo zimashumi alithoba anethoba, aye kufuna leyo ilahlekileyo, ade ayifumane? 5Hayi ukuvuya kwakhe ke akuba eyifumene! Woyithwala emagxeni, 6athi akufika ekhaya, abizele ndawonye abahlobo nabamelwane, esithi kubo: ‘Vuyisanani nam, kuba ndiyifumene igusha yam ebilahlekile.’ 7Ndiyanixelela ukuba ngokukwanjalo kuya kubakho uvuyo ezulwini nangomoni omnye oguqukayo kunamashumi alithoba anethoba lamalungisa angaswelanga nguquko.”

ULUKA 15:3-7XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

ULUKA 17

12Ekungeneni kwakhe kwidolophana ethile, wahlangatyezwa ngamadoda alishumi aneqhenqa; aza amela mgama. 13Akhwaza ke esithi: “Yesu, Mhlekazi, senzele inceba!”

14Ewabonile, wathi kuwo: “Hambani niye kuzibonakalisa kubabingeleli.”

Kwathi ke ekuyeni kwawo ahlanjululwa. 15Yathi enye kuwo, yakubona ukuba iphilisiwe, yabuya imncoma kakhulu uThixo; 16yaza yaziphosa ezinyaweni zikaYesu, ibulela kuye. Le ndoda yayingumSamariya. 17Waza ke uYesu wathi: “Bekungahlanjululwanga balishumi na? Baphi na ke abalithoba? 18Kutheni ke ukuba ibe ngulo wolunye uhlanga yedwa othe wabuya esiza kubulela uThixo?” 19Wathi kwindoda leyo: “Phakama, uhambe; ukholo lwakho lukuphilisile.”

ULUKA 17:12-19XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-