Bible Society of South Africa

To The Word – Day 106

Isaiah 56–58, Matthew 17–19

Itekisi yeBhayibhile

UISAYA 56

UThixo ngoweentlanga zonke

1*UNdikhoyo uthethe wenjenje:

“Yenzani okusemthethweni noko kulungileyo.

Kaloku usindiso lwam lukufuphi,

nobulungisa bam buza kutyhileka.

2Unoyolo ke umntu owenjenjalo,

nditsho umntu oyibambisisayo,

lowo uwuhlonelayo *uMhla wokuPhumla,

umntu ongawudeliyo awuxabhele,

nditsho ozigcinayo angenzi bubi konke.”

3Intlanga ezibandakanya noNdikhoyo mayingathi:

“Inene uNdikhoyo wondikhetha kubantu bakhe.”

Nendoda elithenwa mayingakhalazi ithi:

“Mna ndinjengomthi ongenahlumela.”

4Kumathenwa uNdikhoyo uthi:

“Ukuba niyawuhlonela *uMhla wokuPhumla,

ukuba nizimisele ukwenza izinto ezindikholisayo,

niwugcine ngokupheleleyo umnqophiso wam,

5ndonenzela isikhumbuzo negama endlwini yam,

elingaphezu kokuba noonyana neentombi,

nditsho igama elingasoze litshitshe.

6Iintlanga ezizibandakanya noNdikhoyo,

ezizinikeleyo kuye zimsebenzela,

ezizimiseleyo ukuba zizicaka zakhe,

lowo uwuhloneleyo uMhla wokuPhumla,

umntu ongawudeliyo awuxabhele,

owuthobelayo pheleleyo umnqophiso wam –

7abanjalo ndobasa kwintaba yam eyodwa,

bonwabe endlwini yam yokuthandaza.

Amadini abo atshiswayo kunye neminikelo

aya kwamkeleka kwiqonga lam lamadini.

Kaloku indlu yam kothiwa yindlu yokuthandaza iintlanga zonke.

8Utsho ke uMhlekazi uNdikhoyo,

nditsho umqokeleli weembacu zikaSirayeli:

“Ndisaza kuqokelela nabanye

ngaphandle kwâbo sendibaqokelele.”

Iinkokheli ziyagxekwa

9Yizani nonke, marhamncwa, nibaqwenge,

nina zinyamakazi nezilo zamahlathi.

10Kaloku iinkokheli zabo aziboni,

zizonke nje zititsekile

nqwa nezinja ezimumekileyo,

nditsho izinja ezingakhonkothiyo,

ezibhuqa-bhuqeka zide ziphuphe,

ezilangazelela ubuthongo kuphela.

11Zifana nqwa nezinja ngokunyoluka;

zizingxala ngokutya, kodwa azihluthi.

Zinjalo nezi nkokheli, zivaleke mba;

zonke zenza ngokuzithandela;

ngulowo nalowo usemva kwenzuzo.

12Ungaziva zisithi:

“Yizani sihambe siye etywaleni;

masibutye sibuphathe ngeembambo.

Nangomso yiloo nto – okanye kothi kratya!”

UISAYA 57

1Amalungisa ayafa,

kungabikho mntu ukhathalayo;

abantu benene bayahamba,

kungabikho bani uqondayo –

bona bayafa ngenxa yobubi.

2Kambe ke bangena eluxolweni;

ukufa kubaphathela ukuphumla

abo bahamba ngendlela ethe ngqo.

Kugxekwa imifanekiso eqingqiweyo

3“Yizan' apha ke, nina nzala yezanusekazi,

sizukulwanandini sabakrexezi namahenyukazi!

4Ngubani lo nidlala ngaye?

Ngubani lo niphoxisa ngaye,

lo nimlencezela ulwimi?

Nzalandini yezibhoxi!

Sizukulwanandini sabakhohlisi!

5Zintondini zitshiseka emiokini,

ze zilalane phantsi kwemithi efukufuku,

nixhela abantwana ezingxingweni,

emiqolombeni phantsi kwezawana.

6Ilifa lenu ngamatye agudileyo ezingxingweni;

isabelo senu zezo *zithixo.

Zona nide nizithululele utywala,

niziphe nomnikelo weenkozo.

Nithi mandivelane nani kule mikhuba?

7Amadini niwenzela ezintabeni eziphakamileyo,

kanti kwalapho ninawo nomandlalo.

8Emigubasini nasemva kocango

kulapho nizizoba khona izithixo.

Ngokundibaleka niwuhlubile umandlalo wenu,

suka nawuvula nangena nezithandwa zenu,

ezo nilala nazo ngokuzihlawula,

khon' ukuze nizanelise ngazo.

9Nto niyaziyo kukuziqaba nokuziqhola,

nenjenjeya ukunqula uMoleki.

Izithixo nide nizizingele,

izigidimi zenu zixananaze,

nithumele nakwelo labafileyo.

10Nibhadula nide nidinwe, nifuna izithixo,

kodwa anivumi ukuba yinkcitha-xesha.

Anizilibali nisomelezwa zizithixo;

yiyo le nto ngathi

anidinwa.”

11*UNdikhoyo uyabuza, uthi:

“Ngoobani ezi zithixo nizoyika kangaka?

Ngenxa yazo nide anathembeka,

mna anabi sandikhumbula mpela.

Ngaba ndithule ndada ndagqithisa

le nto ningasandazele nto ngoku?

12Ndosuka ndibudandalazise ubulungisa benu benkohliso,

ngokunjalo nezenzo zenu;

nolu nqulo lwenu luya kulambatha.

13Xa nibhomboloza nizibika,

azinincedi ngani izithixo zenu;

kambe ke zona ziphetshethwa nangumoya lo,

nditsho nomphunga lo.

Ke bona abo bakholosa ngam

baya kuma bazinze kulo mhlaba;

ewe, intaba yam eyodwa ibe lilifa labo.”

UThixo uthembisa ngoncedo nokuphilisa

14*UNdikhoyo ke uthi:

“Shenxisani izithintelo endleleni;

bahlahleleni indlela abantu bam.”

15Utsho uThixo ophakamileyo,

uThixo oyedwa ophila ngonaphakade:

“Ndihlala emajuku-jukwini angayiwayo,

kanti ndiyahlala nasebantwini –

kwabo bazinikelayo bathobekileyo –

ukuze ndibahlaziye abathobekileyo,

ndibakhuthaze abo bazinikelayo.

16Andiyi kusoloko ndibamangalela abantu,

ndingayi kusoloko ndisilwa nabo,

hleze umntu atyhafe,

adane lowo ndimenzileyo.

17Ndacatshukiswa sisono sabo sokunyoluka,

suka ke ndabohlwaya ndabafulathela.

Kambe ke basuke baneenkani,

babhadulela ekuthandeni kwabo.

18Ngoku ke ndikubonile ukuziphatha kwabo;

ngoko ke ndiza kubanyanga –

ndiza kubakhokela ndibasize ndibathuthuzele,

19abo banesingqala ndibaphakel' indumiso,

uxolo nenzolo kwabakufuphi nabasekudeni;

ewe, ndiza kubanyanga abantu bam,”

utsho uNdikhoyo.

20Ke zona izikhohlakali ziphithizela njengolwandle

olumaza asoloko elatyuza,

edudula ukungcola nodaka.

21Ewe, uThixo wam uthi:

“Akukho ukonwaba kwabakhohlakeleyo!”

UISAYA 58

Ukuzila

1*UNdikhoyo uthi:

“Danduluka ubhomboloze ungathandabuzi;

khwaza umemeze njengexilongo.

Thetha uzikhombe izikreqo zabantu bam;

indlu kaYakobi yibonise izono zayo.

2Kaloku bona bafunana nam mihla le,

ngathi bayazithanda iindlela zam.

Sebengathi basisizwe esindithobelayo,

ngathi babambelele kwizimiso zoThixo wabo.

Bathi mandibanik' umtheth' onguwo

ngokwabantw' abalangazelel' uThixo wabo.”

3Ungabeva bekhalaza besithi:

“Siba ngazila awusikhathaleli!

Kudala sizibhuqa-bhuqa ngentobeko,

kodwa wena ngathi awusiboni.”

Kanti ke yena uNdikhoyo uthi:

“Ewe, ngenene ninayo imihla yokuzila,

kodwa ikwayimihla yokuzenzela unothanda –

ngayo nisuka nixhaphaze abasebenzi.

4Ngomhla wokuzila iba sisiphithi-phithi semfazwe;

nisuka nibethane ninqindane ngolunya.

Namhlanje ke olo zilo lwenu lilize;

ilizwi lenu alinakuviwa phezulu.

5Kakade, nithi olu lolu zilo lufunwa ndim,

usuku nje lokuba umntu aziqobe,

ufike nithe tyek' iintloko ngathi yingcongolo,

nide nilal' eluthuthwini ngamasaka?

Ningathi kukuzila ke eso simanga?

Ingandikholisa njani ke into enjalo?

6“Naku okona kuzila ndikufunayo:

Zikhululeni iimbophelelo zengcinezelo;

niwanyenyise amatyathanga edyokhwe,

bakhululwe bonke abacinezelwa,

niyaphule idyokhwe yengcinezelo.

7Kananjalo yabelanani nabo abalambileyo,

amahlwempu eembacu niwafake ezindlwini.

Abo badlakazelayo baphen' impahla;

yekani ukusuka nifulathele amawenu.

8Nam ke ndotsho ndiyenze mhlophe indlela yenu;

nezifo zenu ndozinyanga ngokukhawuleza.

Ewe, impumelelo yakho iya kukukhokela,

ubungangamsha bukaNdikhoyo bukuphahle ngeenxa zonke.

9Nothi ke nakuzibika, asabele uNdikhoyo;

nothi nakukhala, athi: ‘Ndim lo!’

“Ukuba nithe nahlukana nengcinezelo,

nayeka ukutyityimbisela abanye umnwe,

nahlukana nokuyila nokuthetha inkohlakalo –

10ewe, xa nithe nababela abalambileyo,

ukuba nithe nabathuthuzela abaxhwalekileyo,

notsho nibe zizibane ezigxotha ubumnyama,

ngenene yotsho ibe mhloph' indlela yenu.

11UNdikhoyo ke wonikhokela njalo-njalo,

anibonelele naxa senisenkqantosini.

Uya kunomeleza nihlale niphile qete!

Nodlamka njengomyezo onkcenkceshelwayo;

nofana nomthombo ompompoz' ungaz' utshe!

12Abanye benu baya kuwakha amabhodlo akudala;

iziseko zamandulo ziya kuvuswa.

Kothiwa ningabakhi beendonga eziwileyo,

abavusi bezitalato ukuze kumiwe kuzo.”

Umvuzo wokuhlonela uMhla wokuPhumla

13*UNdikhoyo ke uthi:

“Ukuba nithe ke nawuhlonela *uMhla wokuPhumla,

nayeka ukuzikholisa ngalo mhla wam uwodwa,

xa nithe nawulangazelela lo mhla,

ukuba niyawuxabisa umhla kaNdikhoyo,

ngawo ningenzi misebenzi iyeyenu,

niyeke ukuzonwabisa ngawo nokuthetha ngokungakhathali,

14uNdikhoyo ke uya kunonwabisa,

animise nasezintabeni,

nixhamle ilifa lokhokho wenu uYakobi.”

Etshilo nje ke uNdikhoyo utshilo.

UMATEWU 17

UYesu wenziwa kumila kumbi

(Marko 9:2-13; Luka 9:28-36)

1Emva kweentsuku ezintandathu uYesu wathatha uPetros noYakobi noYohane, banyuka intaba ephakamileyo bebodwa. 2UYesu wênziwa kumila kumbi phambi kwabo, ubuso bakhe babengezela ngokwelanga, izambatho zakhe zaqaqamba njengokukhanya. 3Nâko kubonakala uMosis noEliya bethetha noYesu. 4Wasuka ke uPetros wathi kuYesu: “Nkosi, kulungile ukuba sibe lapha. Ukuba uyafuna masakhe apha amaphempe abe mathathu: elinye libe lelakho, elinye libe lelikaMosis, elinye libe lelikaEliya.”

5Esathetha kwabakho ilifu elibengezelayo, labasibekela; kwavakala nelizwi livela efini apho, lisithi: “Lo nguNyana wam endimthandayo; yivani yena.”

6Bakukuva oko abafundi bawa phantsi ngobuso, besoyika kakhulu. 7Waya kubo uYesu, wabavusa esithi: “Phakamani! Musani ukoyika!” 8Bawaphakamisa ke amehlo abo, àbabona mntu ngaphandle koYesu.

9Xa babesihla entabeni, uYesu wabayala esithi: “Ze ningawuxeleli bani lo mbono, ade *uNyana woLuntu avuke kwabafileyo.”

10Bambuza ke uYesu abafundi, besithi: “Kungani na ukuba abachazi-mthetho bathi uEliya umelwe kukufika kuqala?” 11Waphendula wathi: “Ewe, okunene nguEliya omelwe kukufika kuqala, azilungise zonke izinto. 12Mna ke ndithi kuni: uEliya selefikile, baza abantu àbamazi, koko bênza kuye konke abakuthandayo. Ngokukwanjalo naye uNyana woLuntu seleza kuviswa ubunzima ngabo.” 13Baqonda ke abafundi okokuba wayethetha ngoYohane umbhaptizi.

Ukuphiliswa komntwana onamafufunyana

(Marko 9:14-29; Luka 9:37-43a)

14Bakubuyela esihlweleni, kweza indoda kuYesu, yaguqa phambi kwakhe, 15yathi: “Nkosi, menzele inceba unyana wam. Uphethwe kakubi sisithuthwane. Usoloko esiwa emlilweni okanye emanzini. 16Ke bendimzisile kubafundi bakho, kodwa àbaba nako ukumphilisa.”

17Waphendula uYesu wathi: “Sizukulwanandini esingàkholwayo, esigwenxa, koda kube nini ndinani, ndininyamezele? Mziseni apha kum!” 18Wayikhalimela uYesu indimoni leyo, yaza yaphuma kumntwana lowo, waphila kwangoko.

19Abafundi bakaYesu bêza kuye bucala, bathi: “Bekutheni kakade ukuze thina singabi nako ukuyikhupha le ndimoni?” 20Wathi kubo: “Kungenxa yokulambatha kokholo lwenu. Ndithi kuni, inene, ukuba beninokholo olungangokhozo lwemostade, beninokuthi kule ntaba: ‘Suka apha, uye phaya,’ ize iye, kungabikho nto ininqabelayo.

[ 21“Olu lona uhlobo alunako ukuphuma kungengako ukuthandaza nokuzila ukutya.”]

UYesu ufundisa okwesibini ngokufa nokuvuka kwakhe

(Marko 9:30-32; Luka 9:43b-45)

22Xa babelityhutyha elaseGalili, uYesu wathi kubafundi bakhe: “*UNyana woLuntu seleza kunikelwa ezandleni zabantu. 23Baya kumbulala, aze abuye avuke ngomhla wesithathu.”

Baba buhlungu kakhulu ke.

UYesu uhlawula umrhumo wendlu kaThixo

24Kwathi uYesu nabafundi bakhe bakufika eKapernahum, kweza kuPetros abo bamkela umrhumo *wendlu kaThixo, bathi kuye: “Umfundisi wenu akawurholi na umrhumo wendlu kaThixo?”

25Wathi: “Ewe, uyawurhola.”

UPetros akungena endlwini, kwathi engekathethi, uYesu wathi kuye: “Simon, ubona njani? Ookumkani beli hlabathi barhafisa bani? Ngaba barhafisa oonyana babo, okanye abasemzini?”

26Waphendula wathi: “Abasemzini.”

Waza uYesu wathi kuye: “Bakhululekile ke erhafini oonyana, 27kodwa ukuze singabakhubekisi, yiya elwandle, uphose umlobothi, uvule umlomo waloo ntlanzi uthe wayibamba kuqala. Wothi ke emlonyeni wayo ufumane iqhosha lemali elanele umrhumo wam nowakho. Yithathe ubanike, urhumele mna nawe.”

UMATEWU 18

Oyena mkhulu

(Marko 9:33-37; Luka 9:46-48)

1Ngelo xesha abafundi bakaYesu beza kuye, babuza besithi: “Nguwuphi oyena mkhulu kwabalawulwa nguThixo?

2UYesu wabizela umntwana kuye, wammisa phambi kwabo, 3wathi: “Ndithi kuni, inene, ukuba anithanga nijike nibe njengabantwana, anisoze nifikelele kumgangatho wabalawulwa nguThixo. 4Oyena mkhulu kwabalawulwa nguThixo ngulowo uzithobayo abe njengalo mntwana. 5Othe egameni lam wamkela nokuba mnye onje, wamkela mna.”

Ngezikhubekiso

(Marko 9:42-48; Luka 17:1-2)

6“Othe wakhubekisa nokuba mnye waba bancinane bakholwayo kum, ngekumlungele kanye ukuba agangxwe ilitye lokusila entanyeni, antywiliselwe enzonzobileni yolwandle. 7Hayi ihlabathi ngezikhubekiso! Azinakungezi izinto ezibakhubekisayo abantu, kodwa hayi loo mntu kuza ngaye ukukhubeka!

8“Ukuba ke isandla sakho, nokuba lunyawo lwakho, luyakukhubekisa, lunqumle, ululahle. Kulunge kanye ukuba ungene ebomini usisilima okanye usisiqhwala, kunokuba uthi, unezandla zozibini, okanye uneenyawo zombini, uphoswe emlilweni wangonaphakade. 9Nokuba ke iliso lakho lithe lakukhubekisa, likhuphe, ulilahle. Kulunge kanye ukuba ungene ebomini unaliso linye, kunokuba uthi, unamehlo amabini, uphoswe esihogweni somlilo.”

Umzekeliso ngegusha eyayilahlekile

(Luka 15:3-7)

10“Lumkani, ningadeli namnye waba bancinane. Ndithi kuni, izithunywa zabo ezulwini zihlala ziphambi koBawo osezulwini. [ 11Kaloku *uNyana woLuntu weza kusindisa abo balahlekileyo.]

12“Nithini ke nina? Ukuba ubani unekhulu leegusha, kuze kulahleke ibe nye kuzo, akayi kuzishiya na edlelweni ezo zimashumi alithoba anethoba, aye kufuna leyo ilahlekileyo? 13Ukuba ke uthe wayifumana, ndithi kuni, inene, uyavuya kukuyifumana leyo ngaphezu kokuba evuya zezinye ezimashumi alithoba anesithoba ezingalahlekanga. 14Kwangokunjalo naye uYihlo osezulwini akafuni kulahleke nokuba abe mnye kwaba bancinane.”

Ikholwa eliziphethe kakubi

15“Ukuba uwenu uthe wona, yiya uthethe naye ninodwa. Ukuba úthe wakuva, woba umzuzile uwenu. 16Ke ukuba úthe akeva, yiya kuye uhamba nomnye umntu, nokuba babini, ukuze loo ngxoxo ibe namangqina amabini okanye amathathu. 17Ukuba úthe akabeva nâba, xelela ibandla. Ukuba ke úthe akaliva ibandla, kuwe makabe njengâbo ungenabudlelane nabo mpela.

18“Ndithi kuni, inene, konke enithe nakubopha emhlabeni, kuya kubotshwa nasezulwini; nako konke enithe nakukhulula emhlabeni, kuya kukhululwa nasezulwini.

19“Kananjalo ndithi kuni, ukuba ababini kuni bathe bavana emhlabeni nangayiphi na indawo abanesicelo ngayo, baya kuyenzelwa nguBawo osezulwini; 20kuba apho bathe bahlangana khona egameni lam ababini nokuba ngabathathu, nam ndikho phakathi kwabo.”

Umzekeliso ngesicaka esingafuni kuxolela

21Weza uPetros kuYesu, wabuza esithi: “Nkosi, koda kube kangaphi na uwethu endona ndimxolela? Ngaba koba kasixhenxe na?”

22UYesu wathi kuye: “Hayi, akuyi kuba kasixhenxe, kuya kuba ngamashumi asixhenxe aphindwe kasixhenxe. 23Kaloku ukulawula kukaThixo kunokufaniswa nokumkani owafuna ukuphicotha amatyala ezicaka zakhe. 24Zisukanje kwaziswa kuye isicaka esinetyala elikhulu lemali. 25Esi sicaka sasingenanto yakulihlawula eli tyala, yaza ke inkosi yayalela ngelithi makuthengiswe ngaso, nomfazi waso, nabantwana baso, babe ngamakhoboka, kuthengiswe nangako konke esinako, kuhlawulwe eli tyala. 26Eso sicaka ke sawa ngamadolo phambi kokumkani, sambongoza sisithi: ‘Nkosi yam, khawundinyamezele; ndokuhlawula konke.’ 27Yavelana naso inkosi, yasixolela elo tyala, yasikhulula.

28“Kwathi siphumanje eso sicaka, sadibana nomnye osisicaka kunye naso, owayesibamba imalana engephi, sambamba, samkrwitsha, sisithi: ‘Khupha imali yam!’ 29Sawa phantsi isicaka eso, sasibongoza esinye, sisithi: ‘Khawundimele; ndoyihlawula yonke.’ 30Asivumanga, saya sasiphosa entolongweni esinye, lide libe lihlawulekile elo tyala. 31Zathi ke ezinye izicaka, zikubonile okwenzekileyo, zakhathazeka kakhulu, zaya kuxelela inkosi yazo konke okwenzekileyo. 32Yaza inkosi yasibiza eso sicaka senze loo nto, yathi kuso: ‘Sicakandini esikhohlakeleyo, ndâkuxolela lonke elaa tyala wakundibongoza; 33ubungamelwe na kukuba ube nenceba nawe kosisicaka kunye nawe, njengokuba nam ndikwenzele inceba?’ 34Yacaphuka inkosi yaso, yasithumela entolongweni ukuba sohlwaywe de silihlawule lonke ityala laso. 35Uya kwenjenjalo ke nakuni uBawo osezulwini, ukuba anithanga nonke ngabanye nawaxolela ngokupheleleyo amawenu iziphoso zawo.”

UMATEWU 19

Uqhawulo-mtshato

(Marko 10:1-12)

1Wathi uYesu akugqiba ukuwathetha la mazwi, wemka eGalili, wafika kwimida yelakwaJuda, phesheya kweJordan. 2Walandelwa yinkitha yabantu, wabaphilisa.

3Bafika kuye *abaFarasi, bambuza bemlinga, bathi: “Ngaba kuvumelekile na okokuba indoda imale umfazi wayo nangasiphi na isizathu?”

4Wabaphendula wathi: “Aniyifundanga na *eziBhalweni le ndawo ithi: ‘UMdali wabadala kwasekuqalekeni bayindoda nomfazi. 5Yiyo ke loo nto indoda ishiya uyise nonina nje, inamathele kumkayo, baze bamanyane’? 6Ke ngoko àbasebabini, koko banye. Abo ke uThixo abamanyileyo mabangahlulwa mntu.”

7AbaFarasi bathi kuye: “Kwakutheni ke ngoko ukuba uMosis avumele indoda ukuba ibhale incwadi yokuqhawula umtshato, ize imale umfazi wayo?”

8UYesu wathi kubo: “Kwakungokuba lukhuni kweentliziyo zenu ukuba uMosis anivumele nibàle abafazi benu, kodwa ekuqalekeni kwakungenjalo. 9Ke mna ndithi kuni, othe wamala umfazi wakhe, engakrexezanga, aze athathe omnye, nguye okrexezayo.”

10Ke abafundi bakaYesu bathi kuye: “Ukuba unjalo umcimbi wendoda nomfazi, ukuzeka akulunganga.”

11Waza wathi kubo: “Asingabo bonke abanako ukungàzeki, kuphela ngabo baphiweyo nguThixo. 12Kuba kaloku bakho abangenamnqweno wakuzeka, ngenxa yokuba bâzalwa benjalo, okanye bênziwa banjalo ngabantu, kanti bakwakho nâbo bakuncamileyo ukuzeka ngenxa yokuthobela ulawulo lukaThixo. Onako ukuyiva le nto makaqiqe.”

UYesu usikelela abantwana

(Marko 10:13-16; Luka 18:15-17)

13Kwaziswa abantwana kuYesu, ukuba ababeke izandla, abathandazele. Basuka abafundi bakaYesu babakhalimela abo babezisa abantwana; 14waza uYesu wathi: “Bayekeni abantwana beze kum, ningabanqandi, kuba ábalawulwa nguThixo ngabanjengabo.” 15Wababeka izandla abantwana, wemka.

Umfana osisityebi

(Marko 10:17-31; Luka 18:18-30)

16Kwabonakala mntu uthile esiza kuYesu, wathi: “Mfundisi, ndingenza ntoni ilungileyo ukuze ndibe nobomi obungunaphakade?”

17UYesu wathi kuye: “Kutheni ukuba undibuze ngokulungileyo? Mnye kuphela olungileyo. Ukuba ufuna ukubudla ubomi, yigcine imiyalelo.”

18Waza wathi: “Yiyiphi le miyalelo?”

UYesu wathi: “Yile ithi: Uze ungabulali, uze ungakrexezi, uze ungebi, uze ungangqini buxoki, 19beka uyihlo nonyoko, uze umthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo nawe.”

20Ke umfana lowo wathi kuYesu: “Zonke ezi zinto ndazigcina. Ngaba kusafuneka ndenze ntoni na?”

21UYesu wathi kuye: “Ukuba ufuna ukufeza konke ngokupheleleyo, hamba uye kuzithengisa zonke izinto onazo, wabele amahlwempu imali leyo; woba nobutyebi ezulwini; uze kum ke, undilandele.”

22Ekuvilé oku, umfana lowo wemka ebuhlungu, kuba wayesisinhanha.

23Waza uYesu wathi kubafundi bakhe: “Ndithi kuni, inene, kunzima kakhulu ukuba isityebi sibuxhamle ubuncwane bokulawulwa nguThixo. 24Kananjalo ndithi kuni, kungálula ukuba inkamela iphumele entunjeni yenaliti, kunokuba isityebi sixhamle ubuncwane bokulawulwa nguThixo.”

25Bakukuva oku abafundi, bamangaliswa kunene, bathi: “Ngubani na ke onokusindiswa?”

26Waza uYesu wabakhangela wathi: “Abantu bona abanako ukuyenza le nto, kodwa yena uThixo unako ukuzenza zonke izinto.”

27Wathi ke uPetros: “Khangela, thina sishiye zonke izinto sakulandela. Ngaba siya kufumana ntoni na ke thina?”

28Waza uYesu wathi kubo: “Ndithi kuni, inene, nina eningabalandeli bam nothi kwiphakade elitsha, xa *uNyana woLuntu ahleli ebhotwe lobungangamsha bakhe, nani nihlale kwizihlalo zobukhosi ezilishumi elinambini, nibagwebe abezindlu ezilishumi elinambini zakwaSirayeli. 29Wonke umntu oncame ikhaya nokuba ngabantakwabo, nokuba ngoodade wabo, nokuba nguyise, nokuba ngunina, nokuba ngabantwana, nokuba ngamasimi, ngenxa yegama lam, uya kwamkela ngokuphinda-phindiweyo, abe nenxaxheba kubomi obungunaphakade. 30Baninzi phofu abaya kuthi bengabokuqala babe ngabokugqibela, nabokugqibela abaya kuba ngabokuqala.”

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-