Bible Society of South Africa

To The Word – Day 125

Habakkuk 1–3, Nahum 1–3

Itekisi yeBhayibhile

UHABHAKUKI 1

Isingeniso

1Nalu udaba olundilisekileyo olwatyhilelwa *umshumayeli uHabhakuki.

Isikhalazo sikaHabhakuki

2Koda kube nini na, *Ndikhoyo,

ndidanduluka ndisithi: “Nceda!”

ube wena uthe cwaka?

Koda kube nini na ndizibika kuwe ndisithi: “Ugonyamelo!”

ube wena ungahlanguli?

3Yini na ukuba undibonise inkohlakalo?

Ngani ukuba ujongane nobugwenxa?

Naku sendiphahlwe yimbubho nogonyamelo;

imbambano nesidube-dube zixananazile.

4Okwakungumthetho sekuyingxwelerha;

ke bona ubulungisa abuvakali ndawo.

Izikhohlakali zidobelel' amalungisa;

ke bona ubulungisa buyagqwethwa.

Impendulo kaNdikhoyo

5“Khanizikhangele izizwe nibukele:

ewe, nosuka nikhwankqiswe,

kuba kuyo le mihla yenu ndiza kwenza isimanga,

into eningasoze niyikholelwe noba ningade niyibaliselwe.

6Kaloku ndiza kuvusa amaKaledi,

uhlanga olugenalusini noluzizityhuthu-tyhuthu,

izinto ezilityhutyha ngobubanzi balo ilizwe,

zithimbe imizi engeyoyazo.

7Hayi kambe ukoyikeka kweso sizwe!

Zizinto ezenza unothanda;

ewe, aphuhlisa isidima sawo.

8Ziintw' ezimahashe ashiy' ihlosi;

oyikeka ngaphezu kweengcuka zamarhatya.

Iinkweli-mahashe zawo zifunz' emsini;

ewe, ngabafo abaphuma ekudeni.

Ziintw' ezirhiwula ngathi lukhozi,

9zifike zizele lugonyamelo;

izinto ezizilahlela mpela kwinjongo yazo,

ziqokelel' intimbo ngathi yintlabathi.

10Iikumkani ahlekisa ngazo;

bona abalawuli ayabagcolodela.

Ke zona iinqaba awazazele nto;

enza iinduli zokuhlasela azithimbe.

11Asisitshu esigqotsa njengomoya;

ngoonomatyala abanqula amandla abo.”

UHabhakuki uyakhala kwakhona

12Akunguye na owamandulo, *Ndikhoyo,

Thixo wam, wena Yedwa wam?

Ke thina asiyi kufa.

Ndikhoyo, amaKaledi uwamisele ukuze usigwebe ngawo;

Ngxondorha yam, wena uwabekele ukusohlwaya ngawo.

13Kaloku amehlo akho amsulwa,

akangede ajongane nobubi,

ungenako nokunyamezela ubugwenxa.

Ngani ukuba ubabukele abakreqi?

Kutheni wathi cwaka xa kunje,

xa izikhohlakali ziginya abantu abangamalungisa kunazo?

14Kutheni abantu ubafanisa neentlanzi?

Ngani kuwe babe njengezinambuzane ezingenamlawuli?

15Kaloku xa bebonke amaKaledi abatsala ngehaki;

ewe, ababambisa ngomnatha.

Nango ebaqokelela ebarhuqa,

nto leyo iwavuyisa ngochulumacho.

16Loo mnatha ke awenzela amadini,

umnatha otsalwayo awenzele isiqhumiso.

Kaloku ethe gcobho nje, ngulo mnatha;

ngenxa yawo atya ooni nooni.

17Ngaba ohlala eqongqotha umnatha,

etshabalalisa izizwe engenalusini?

UHABHAKUKI 1XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UHABHAKUKI 2

UNdikhoyo uphendula uHabhakuki

1Ndophuma ndime emboniselweni yam,

ndothi ngxishi phaya enqabeni,

ndibonisele ndive oko akuthethayo kum,

nempendulo yakhe kwisimangalo sam.

2*UNdikhoyo undiphendule esithi:

“Wubhale lo mbono –

wukrole ngokucacileyo emacwecweni,

ube nokufundwa nangogqitha ebaleka.

3Lo mbono ubhekiselele kwixesha elimisiweyo,

kwaye uxhinele ixesha lesiphelo,

ibe ke awuyi kuphosisa.

Noba ngathi uyalibazisa, wulindele;

ewe, uya kufika ngokuqinisekileyo ungenakuthintelwa nto.

4“Uyabona, lowo ukhukhumeleyo unentliziyo embi enxaxhileyo;

ke yena olilungisa wophila ngokuthembeka kwakhe.

5Yona iwayini iyakhohlisa;

umntu imenza azidle angazinzi.

Sisinyolu-nyolu esikhamise njengengcwaba,

nqwa nokufa soze ahluthe,

nokuba uzihlanganisela kuye zonke iintlanga,

azibuthele kuye izizwe zonke.

6“Abazi kuphoxisa ngaye kodwa,

bahlekise ngaye bemenza isigculelo,

besithi: ‘Mawoo ke, maqokelel' okungekuko okwakho,

wena ozityebisa ngokuphanga impahla ekubanjiswe ngayo!

Yaz'ba koda kube nini na kunje?’

7Abanamatyala kuwe bosuka bakuvukele ngequbuliso;

bokujikela bakutsho ungcangcazele,

ibe nguwe kanye lowo uphangwayo.

8Kaloku uxhaphaze izizwe ezininzi;

wena ke woxhatshazwa ngamasalela azo.

Kaloku uliphalazile igazi lomntu;

ewe, uyitshabalisile imihlaba,

wabhuq' iidolophu nabemi bazo.

9“Mawoo kowakha umzi ngenzuzo yobuqhophololo,

ayimise indlu yakhe kwiindawo eziphezulu

ukuze asinde nakweyiphi inkxwaleko.

10Uzifuthele imbubho izizwe ezininzi,

nkqu nendlu yakho wayigalela ngehlazo,

wabeka ubomi bakho esichengeni.

11Amatye odonga osuka abhomboloze,

imiqadi yophahla ithelele.

12“Mawoo kowakha isixeko ngokuphalaza igazi,

kulowo useka iidolophu ngobugwenxa!

13Akatshongo na uNdikhoyo uSomandla

ukuthi imigudu yeentlanga lilifa lomlilo?

Nezizwe ke zifumana zibulaleka.

14Ke wona umhlaba uya kuphuphuma kukubuqonda ubungangamsha bukaNdikhoyo,

okwamanzi agubungele ulwandle.

15“Mawoo ububi bomntu oseza ummelwane wakhe,

lowo umkhelela utywala kumphanda wakhe,

amseze ade ayayatheke kukunxila,

aze ke abukele ihlazo lobuze bakhe.

16Uya kugutyungelwa lihlazo, ingebubo ubungangamsha.

Nawe sela unxile ugxadazele.

Iyahamba ibhekile yomgwebo kaNdikhoyo;

yofika nakuwe,

ubungangamsha bakho bugutyungelwe lihlazo.

17Ugonyamelo olwenze eLebhanon lokufikela;

uya kunkwantya yimbubho oyenzele izilwanyana.

Kaloku uliphalazile igazi labantu;

ewe, uyitshabalalisile imihlaba,

wabhuq' iidolophu nabemi bazo.

18“Unaxabiso lini umfanekiso,

into eqingqwe yingcibi?

Sinceda ntoni isithixo esifundisa inkohliso?

Umenzi waso uqamela ngobuchule,

aze enze into engathethiyo.

19Mawoo kothi emthini: ‘Vuka!’

othetha nelitye elifileyo, athi: ‘Phakama!’

Ungakufundisa ntoni umfanekiso,

into etyatyekwa ngegolide nesiliva?

Hayi, ayinamphefumlo tu!

20Ke yena uNdikhoyo usendlwini yakhe engcwele;

malithi cwaka phambi kwakhe lonke ihlabathi.”

UHABHAKUKI 2XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UHABHAKUKI 3

Umthandazo womshumayeli uHabhakuki

1Nanku umthandazo *womshumayeli uHabhakuki; uvunywa okwesililo.

2*Ndikhoyo, ndiluvile udaba olungawe;

ewe, ndithe khamnqa zizenzo zakho.

Nakule mihla yethu khawuhlaziye loo misebenzi yakho yamandulo;

ewe, ukusebenza kwakho

makubonakale nakule yethu iminyaka.

Nokuba unomsindo, mus' ukuyilibala inceba yakho.

3UThixo uyeza ephuma eTeman;

uYedwa uvela kwintaba iParan.

Ubuqaqawuli bakhe bambathisa amazulu;

ihlabathi lizele ludumo lwakhe.

4Ukuqaqamba kwakhe kunjengokukhanya;

isandla sakhe siphanjwa yimitha;

azimel' apho amandla akhe.

5Yaba sisibetho phambi kwakhe;

emkhondweni wakhe wee chu ubhubhani.

6Uthi angema lishukum' ihlabathi,

azijonge zitsho zinkwantye izizwe.

Iintaba zamandulo ziyaqhaqhamba;

iinduli zakudala zona ziyatshona.

Ewe, le yindlela yakhe yasephakadeni.

7Ndibona iintente zakwaKushan zisenkathazweni,

izikhuselo zelizwe lakwaMidiyan zingcangcazela.

8Ucatshukiswa yimilambo na, Ndikhoyo?

Ngaba uqunjiswa ziintlambo na?

Ngaba wenziwa umsindo lulwandle na,

le nto uqhuba amahashe akho nje,

ukhwele kwiinqwelo zakho zoloyiso?

9Wena utyhila isaphetha sakho,

uziqinise ngeziqalekiso iintolo zakho,

ihlabathi uliphambe ngemilambo.

10Iintaba zithi zingakubona zibhinyalaze,

imisinga yamanzi iqukuqele.

Ke zona iinzonzobila ziyagquma;

amaza ayalatyuza okwezandla eziphakanyisiweyo.

11Zithi zakumenyez' iintolo zakho ezikhawulezayo,

wakuba umkhonto wakho umenye-menyeza,

suka lingabonakali ilanga nenyanga esibhakabhakeni.

12Ihlabathi ulicanda unengqumbo,

nezizwe uzinyhasha unomsindo.

13Uphuma uye kubahlangula abantu bakho,

ukuze usindise umthanjiswa wakho.

Uyaludiliza uphahla lomzi wabakhohlakeleyo,

kutyhileke iindonga kuye kutsho kwilitye lesiseko.

14Uyigwaza ngomkhonto wayo inkokheli,

bakuba abomkhosi wayo bephume okoqhwithela beze kusisarhaza,

bezidla ngathi bobaqwenga ngasese abahlelelekileyo.

15Ugxampuza elwandle ngamahashe akho,

aze ayaluzele amanzi amaninzi.

16Ndithe ndakuva satsho saxuxuzela isisu sam,

imilebe yatsho yabebezela;

amathambo atsho angenelwa yimpehla,

nemilenze yam yasuka yagevezela.

Kambe ke ndowulinda ngomonde umhla wenkxwaleko;

nditsho umhla oya kufikela olu hlanga lusihlaselayo.

17Noba ungade ungadubuli umkhiwane,

umdiliya ungabi nazo neziqhamo,

nokuba awungevelisi nto umnquma,

namasimi ngokwawo angabi nasivuno,

zingade zingabikho iigusha esibayeni,

nobuhlanti bungabi nazo nazinkomo,

18ewe, khona kungade kube njalo,

kodwa mna ndochwayita kuNdikhoyo,

ndibe nemihlali kuThixo ondisindisayo.

19Amandla am nguMhlekazi uNdikhoyo;

uzenza iinyawo zam zibe njengezenxala;

ngaye ndihamba kweziphezulu iindawo.

Kumbhexeshi-kwayala; ngezikhalisi ezineentambo.

UHABHAKUKI 3XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UNAHUM 1

Isingeniso

1Le yincwadi yombono kaNahum wase-Elkoshe. Ludaba olundilisekileyo olumayela neNiniva.

Umsindo kaNdikhoyo ngenxa yeNiniva

2*UNdikhoyo nguThixo onekhwele nophindezelayo.

UNdikhoyo ngumbuyekezi; yena ngumalawul' inqumbo.

Ewe, uyaziphindezela kwabamchasayo;

ingqumbo yakhe ihlala ihleli kwiintshaba zakhe.

3Umsindo kaNdikhoyo uza kade,

kodwa ke yena ngumandla-makhulu.

Umntu owonileyo akaphuncuki kwisohlwayo sakhe.

Indlela yakhe sisivungu-vungu noqhwithela;

amafu luthuli lweenyawo zakhe.

4Ulwandle ulukhalimela lome qoko,

imilambo itshe ikhotheke.

IBhashan neKarmele iyatshaza;

iintyatyambo zaseLebhanon ziyeketheke.

5Phambi kwakhe iintaba ziyaqhaqhamba;

ke zona iinduli zitsho zinyibilike.

Akuvela umhlaba uyarhwaqela,

ngokunjalo nehlabathi nabemi balo.

6Ngubani onokumelana nengqumbo yakhe,

ingubani onokujongana nomsindo wakhe ovuthayo?

Ingqumbo yakhe iphokoka njengomlilo;

phambi kwakhe namawa ayaqhaqheka.

7Ewe, uNdikhoyo ulungile:

ungumqolomba ngamaxesha eenkathazo;

ubakhathalele abo bathembele kuye.

8Ngeempuphuma ezikhukhulisayo uyayigubungela iNiniva,

aye kuzitshonisa ebumnyameni iintshaba zakhe.

9Nimjikeleza ngantoni uNdikhoyo?

Wosuka yena anitshabalalise;

inkathazo soze iphindelele.

10Noba sebebhijeleke okobobo,

noba sebemanzi ngokwamanxila,

bofana nomququ owomileyo,

bovutha baphele kuthi nya.

11Apho kuwe kuthe gqi umfo

owenzela uNdikhoyo ubugwenxa,

umfo ofutha inkohlakalo.

12Utsho uNdikhoyo ukuthi:

“Nangona bomelele beyinyambalala,

baya kunqanyulwa bathi shwaka.

Nangona ndakubandezelayo, Juda,

ngoku andiyi kuphinda.

13Idyokhwe yabo ndiza kuyaphula;

ewe, ndoyisusa entanyeni yakho,

ndiziqhawule iimbophelelo zakho.”

14UNdikhoyo umisele umyalelo ngawe, Niniva:

“Wena akuyi kuba nasizukulwana;

igama lakho aliyi kuhlwayeleka.

Ndoyitshabalalisa imifanekiso eqingqiweyo netyhidiweyo

apho kuloo ndlu yothixo wakho.

Sendikumbela ingcwaba,

kuba uphuthile.”

15Khawukhangele phaya ezintabeni;

nazo iinyawo zalowo uzisa iindaba ezimnandi,

lowo uvakalisa uxolo.

Xhamlani imibhiyozo yenu, maJuda;

zifezekiseni izibhambathiso zenu.

Anisayi kuphinda nihlaselwe sisikhohlakali;

sona sitshatyalaliswe kwaphela.

UNAHUM 2

Ukuwa kweNiniva

1Nanko umchitha-chithi esiza, Niniva!

Khusela inqaba yakho!

Nendlela mayihlale yalusiwe.

Xhoba uhlale ugcisile.

Yomelela uzimisele kangangoko!

2*UNdikhoyo uyasibuyisa isidima sikaYakobi;

ewe, uyasibuyisa isidima sikaSirayeli,

nakuba iintshaba zambhukuqayo,

zatshabalalisa nesidiliya sembala.

3Amakhaka amajoni akhe abomvu;

ziinto ezivathe ngezimsobo.

Iinqwelo zawo ziyamenyezela

mhla sekusithiwa lifile;

alekuza ngemikhonto.

4Nazo iinqwelo zigaleleka ezintilini,

zibetha zibuyelela emathafeni,

zimenyeza ngathi zizibane,

ziqhwanyaza ngathi yimibane.

5Izinxiba-mxhaka ziyabizwa;

zihamba zigxalathelana.

Nazo zigaleleka kudonga lwesixeko;

ewe, zitwabulula ikhaka lokuzikhusela.

6Gengelele – avulwa amasango omlambo!

Hi-i-i – lawa ibhothwe!

7Kumiselwe ukuthinjwa kweNiniva;

izicaka zayo nazo zililisela.

Zitsho ngozungu ngathi ngamahobe,

zibek' izandl' entloko.

8INiniva suka yanjengechibi elimanzi atyhobozayo.

Bathi: “Kahleni, kahleni!”

kodwa abanyeki nokunyeka.

9Nantso isiliva, zithathele.

Zenzele, nantso negolide.

Hayi, asipheli esi sitha;

ubutyebi yimfumba koovimba.

10Bayivuthulule bayithimba bayibhodloza.

Waphukile umoya wabantu;

suka bangenelwa yingevane;

ewe, babanjwe kukungcangcazela,

ubuso butsho bambatsha.

11Iphi ke indlu yengonyama?

Siphi isikhundla apho ebesondlelwa khona amathole,

apho bezihamba khona iinkunzi neemazi namathole,

zingaphazanyiswa nto?

12Ingonyama iwazingelele amthole ayo,

oogxa bayo yabaqwengela amaxhoba;

imingxuma yayo iyizalise ngenyama,

isikhundla sayo siphuphuma okuqwengiweyo.

13Nanku umlomo kaNdikhoyo onamandla onke:

“Uyabona, ndikuchasile.

Iinqwelo zakho zokulwa ndozifaka umlilo;

iingonyama zakho eziselula zodliwa likrele.

Ndoliphelisa ehlabathini ixhoba lakho;

ilizwi lezigidimi zakho soze libuye livakale.”

UNAHUM 3

Ukutshatyalaliswa kweNiniva

1Mawoo, sixekondini samagazi,

ntondini ephuphuma ubuxoki,

into emaxhoba maninzi kunene,

ekuxhaphaza kungenalo nekhefu!

2Naso sihlwahlwaz' isabhokhwe,

atsho akraxalaza namavili.

Ewe, ayagqabadul' amahashe;

zigoqoza ngamandla iinqwelo.

3Umkhosi wabamahashe ugalelekile,

utsho ngaloo makrele akhazimlayo.

Hayi ukumenyezela kwemikhonto!

Ewe, kujub' ugodo ngapha nangapha.

Hayi, akuzidumbu zibelekene!

Yinyambalala imizimba yabafi;

uba ngahamba ukhubeka kuyo.

4Yonke loo nto kukuphum' izandla kobuhenyu behenyukazi elinombizane,

igcisa lemilingo elazikhobozayo izizwe,

ngobuthi balo lazichan' iintlanga.

5Nanku umlomo kaNdikhoyo onamandla onke:

“Ndichasene nawe, Niniva!

Ndokuhluba izambatho zakho ziye kufika ebusweni,

iintlanga ndizivezele ubuze bakho,

izikumkani zilibone ihlazo lakho.

6Ndiza kukubhaxeka ngobunyhuku-nyhuku,

Ewe, ndokuphatha ngolunya,

ndikutsho ube sisigculelo.

7Abakubonayo bongcachela phaya,

besithi: ‘Kaloku iNiniva seyingamabhodlo.

Yaz'ba ingalilelwa ngubani na?

Ndingambhaqa phi onokukuthuthuzela?’ ”

8Ngaba wena ungcono kuneNo-amon

eyayimi phezu kweNayile,

leyo yayijikelezwe ngamanzi

afana nolwandle olulixhadi layo,

manzi lawo aludonga lwayo?

9Amandlakazi ayo inguKushe noJiputa,

intong' esekhosi inguPuti noLibhiya.

10Nakuba kunjalo yathinjwa,

bahamba baya kutshona ebukhobokeni,

ke bona oozimveku yaba ziziqwenga;

ube ngajikela kule kona ibe zizo.

Izikhulu zaqashwa oku kwenyama,

amadoda azivayo suka akhonkxwa.

11Nawe kambe uza kushusha,

uzame ukuzimela,

ufune ukuzikhusela ezintshabeni zakho.

12Iinqaba zakho zofana nemikhiwane;

nditsho leyo ilulibo luvuthiweyo.

Umthi lowo uthi ungashukunyiswa

amakhiwane adibane nokutyiwa.

13Khawujonge imikhosi yakho!

Awu, bafazi bakwabani!

Amasango elizwe lakho avulwe gabalala;

usesichengeni seentshaba zakho;

imivalo ilenywe ngumlilo.

14Zikhelele amanzi – ilizwe lifile!

Khawuzomeleze iinqaba zakho;

ewe, xonkxa udongwe,

uxovule udaka,

wenze izitena ezomeleleyo.

15Wokutshisela apho umlilo,

ikrele likungqengqise phantsi.

Lokugeqa ngathi ziinkumbi,

noba unganda njengeentothoviyane,

unyakazele njengeentethe.

16Abarhwebi bakho bandile;

bangaphezu kwazo neenkwenkwezi.

Njengeenkumbi banqunqa konke, bemke.

17Abalindi bakho nqwa neenkumbi;

amagosa akho anjengebubu leentethe

elihlala eludongeni mhla ngengqele,

kwakuvela ilanga lisabe,

lingaze laziwe mntu.

18Ke wena, kumkani waseAsiriya,

abelusi bakho bona balele,

izikhulu zakho zilel' obentlombe.

Abantu bakho bathe saa ezintabeni;

ewe, abanaye namqokeleli.

19Uduma lwakho alunakunyangeka;

awenzakalanga ungxwelerhekile!

Abazivayo iindaba zokuwa kwakho basuka baqhwabe izandla.

Ngubani ongayingcamlanga inkohlakalo yakho engenasiphelo?

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-