Bible Society of South Africa

To The Word – Day 155

Nehemiah 1–7

Itekisi yeBhayibhile

UNEHEMIYA 1

Ixhala likaNehemiya ngeJerusalem

1Nali ibali likaNehemiya unyana kaHakaliya. Kunyaka wamashumi amabini kwinyanga uKislevu, ndathi ndikomkhulu eSusa, 2kwafika uHanani omnye kumawethu, evela kwelakwaJuda namanye amadoda. Ndabancina ngemibuzo, ndifuna ukuqonda ngemeko yamaJuda abhungcileyo ekuthinjweni, nangobume beJerusalem.

3Bandiphendula bathi: “Abo basindileyo, baza babuya ekuthinjweni, bakho phaya kwiphondo lakwaJuda, kambe bakwinkxwaleko enkulu nasehlazweni. Iindonga zeJerusalem ziwile, namasango ayo atshiswe ngomlilo.”

4Ndithe ke ndakuziva ezi zinto ndahlala phantsi ndalila. Yaba ziintsuku ndizilile, ndingatyi, koko ndithandaza uThixo wamazulu. 5Ndasuka ndathi:

“Camagu, *Ndikhoyo, Thixo wamazulu, ngangalala yoThixo owoyikekayo owugcinayo umnqophiso wakho wentembeko kwabo bakuthandayo, beyithobela imiyalelo yakho! 6Khawubek' iindlebe, uvul' amehlo akho, ukuze uwuve umthandazo owenziwa sisicaka sakho phambi kwakho umhla nezolo, ngenxa yezicaka zakho amaSirayeli. Ndiyavuma, mna kunye nendlu kabawo, ndawonye namaSirayeli, sikonile. 7Inkulu inkohlakalo esiyenzileyo kuwe; asiyithobelanga imiyalelo nemimiselo nemithetho owayinikezela kwisicaka sakho uMosis.

8“Khawusikhumbule isiyalo owasinika isicaka sakho uMosis, usithi: ‘Xa nithe ananyaniseka ndiya kunichitha-chitha phakathi kwezizwe, 9kodwa ukuba nithe nabuyela kum, nayithobela imiyalelo yam, bothi noba sebechithakele beseziphelweni zomhlaba abantu bakowenu, ndibaqokelele khona apho, ndibabuyisele kule ndawo ndayinyulayo ukuze lihlale kuyo igama lam.’

10“Bazizicaka nabantu bakho owabakhulula ngaloo mandla nobo bungangamsha besandla sakho. 11Khawubek' iindlebe, Nkosi yam, uwuve umthandazo wesicaka sakho esi, ndawonye nowezo zicaka zakho zikulangazelela ngentlonelo. Namhlanje khawusiphumelelise isicaka sakho, usenze samkeleke kulo mfo.”

Ngelo thuba ke ndandiyinjoli kakumkani.

UNEHEMIYA 2

UNehemiya uthunyelwa eJerusalem

1Ngenyanga uNisan kunyaka wamashumi amabini kakumkani uAtashasta, ngethuba lokunikwa kwakhe iwayini, ndayithatha iwayini leyo ndamnika. Ukumkani wayengazange andibone ndilusizi ngaphambili, 2ngoko ke ukumkani wathi kum: “Ungaguli nje, ngani ke ukuba bunxunguphale kangaka ubuso bakho? Makube ikho into ekuhluphayo entliziyweni.”

Ndasuka ndoyika, 3kodwa ndathi kukumkani: “Phil' ud' ukhokhobe, kumkani! Bebungathini ubuso bam ukungathi rhubaxa xa isixeko abângcwatywa kuso oobawo singamabhodlo, amasango aso etshatyalaliswe ngomlilo?”

4Ukumkani wathi kum: “Yintoni ke oyifunayo?”

Ndathandaza uThixo wamazulu, 5ndaza ke ndathi kukumkani: “Xa kukholekile kuwe, kumkani, nesicaka sakho esi sisamkeleka kuwe, ndithume kwelakwaJuda kwisixeko abângcwatywa kuso oobawo, ukuze ndisivuse.”

6Ke ukumkani, enokumkanikazi ecaleni kwakhe, wathi kum: “Loba ngakanani olo hambo; khona, uya kubuya nini?” Kwakholeka ke kukumkani ukundikhulula, ndaza ke ndammisela ixesha.

7Kananjalo ndathi kuye: “Ukuba uyakholwa, kumkani, uze undinike iileta eziya kubalawuli belentshona ye-Efrati, ukuze bangandithinteli ukudlulela kwelakwaJuda. 8Uze undiphathise neleta eya kuAsafu umgcini-mahlathi okumkani, ukuze andinike imithi yokwenza imiqadi yamasango enqaba ekufuphi nendlu kaThixo, neyokwakha iindonga zesixeko, ndawonye nendawo yam yokuhlala.” Ngenxa yesandla esikulunga sikaThixo wam esasiphezu kwam ukumkani wazamkela zonke ezo zicelo zam. 9Ndaya ke kubalawuli belentshona ye-Efrati, ndabanika ezo leta zazivela kukumkani. Kananjalo ke ukumkani wayendikhuphele namagosa omkhosi, namajoni amahashe.

10USanebhalati umHoron, noTobhiya igosa lom-Amon, bathe bakuyiva le nto, suka bakhathazeka yinto yokuba kubekho umntu oze kuphuhlisa intlalo-ntle yamaSirayeli.

UNehemiya uhlola iindonga zeJerusalem

11Ndaya eJerusalem, ndaza emva kweentsuku ezintathu 12ndaphuma ngobusuku ndinebathwana lamadoda. Zange ndixelele mntu ngento uThixo wam ayibeke entliziyweni yam ukuba ndiyenzele iJerusalem. Kwakungekho nazinto zokukhwela ngaphandle kwaleyo ndandikhwele kuyo.

13Ngobusuku njalo ndaphuma ngeSango leNtili, ndaya ngakwiQula likaDyakalashe neSango lobuLongwe, ndazihlola ezo ndonga zidilikileyo naloo masango atshiswe ngomlilo. 14Ndadlulela kwiSango loMthombo neQula loKumkani; kambe ke andibanga nako ukudlula khona ndikhwele. 15Ewe, intili ndayinyuka ngobusuku ndizihlola iindonga. Ndaza ke ndajika, ndangena ngeSango leNtili. 16Abaphathi babengandazi apho ndiye khona nento endandiyenza, kuba ndandingekathethi nto kumaJuda, nababingeleli, nezikhulu, nabaphathi, nabanye ababeza kusebenza.

17Ndaza ndathi kubo: “Ngaba niyayibona na le nkxwaleko sikuyo? IJerusalem ingamabhodlo; amasango ayo atshiswe ngomlilo. Ngoko ke yizani sizivuse iindonga zeJerusalem, ukuze siphume ehlazweni.” 18Kananjalo ndabaxelela ngesandla esikulunga sikaThixo wam ebesiphezu kwam, ngokunjalo namazwi athethwe ngukumkani kum.

Baphendula ke bathi: “Masiqalise ukwakha.” Baqalisa ke ukuwenza loo msebenzi mhle.

19Kambe ke uSanebhalati umHoron, noTobhiya igosa lom-Amon, noGeshem um-Arabhu, bakuyiva loo nto, basuka baphoxisa bahlekisa ngathi, besithi: “Yintoni le niyenzayo? Nizama ukuvukelana nokumkani?”

20Ndabaphendula ndathi: “UThixo wamazulu uza kusiphumelelisa. Thina zicaka zakhe siza kuqalisa ukwakha; kambe ke nina aninasabelo eJerusalem, ningenalo nalubango; nangokwasezimbalini aninalungelo kuyo.”

UNEHEMIYA 3

Abakhi bodonga

1Ke umbingeleli omkhulu uEliyashibhi kunye noogxa bakhe ababingeleli bahamba baya kwakha iSango leeGusha. Balinikezela, bawabuyisela namasango, bakha baya kuthi xhaxhe ngeNqaba yeKhulu abayinikezelayo, baqhuba bema ngeNqaba kaHananeli. 2Amadoda aseJeriko ayesakha kufuphi nabo, ngakuwo kusakha uZakure unyana kaImri.

3ISango leeNtlanzi lona lakhiwa ngoonyana bakaHasena. Bayigxumeka imiqadi, bazifaka iingcango zalo, neziqhobosho nemivalo. 4UMeremoti, unyana kaUriya, kaHakoze, walungisa umgama olandelayo. Ke yena wayelandelwa nguMeshulam unyana kaBherekiya kaMeshezabheli, owayelandelwa nguZadoki unyana kaBhana, xa bebonke besakha. 5Umgama olandelayo wawusakhiwa ngamadoda aseTekowa, nto nje izikhulu zawo zazingafuni kufaka gxalaba kuloo msebenzi phantsi komphathi wazo.

6UJoyada unyana kaPaseya noMeshulam unyana kaBhesodiya balungisa iSango eliDala. Bayigxumeka imiqadi, bazifaka iingcango neziqhobosho nemivalo. 7Kufuphi nabo kwakusebenza amadoda aseGibheyon naseMizpa, uMelatiya waseGibheyon noYadon waseMeronoti, ndawo ezo zaziphantsi komlawuli wakwelentshona ye-Efrati. 8U-Uziyeli unyana kaHarehaya omnye weengcibi zegolide wayelungisa umgama olandelayo. Ke yena uHananiya, omnye wabenzi-ziqholo, wayesebenza loo mgama ulandelayo. Iindonga zeJerusalem bazilungisa bema ngoDonga oluBanzi. 9URefaya unyana kaYuri, umlawuli wesiqingatha seJerusalem, wayelungisa umgama olandelayo. 10UYedaya unyana kaHarumafi wayelungisa iindawo ekufuphi nendlu yakhe, kufuphi naye inguHatushe unyana kaHashabheniya. 11UMalekiya unyana kaHarim noHashubhi unyana kaPahati-mowabhi babelungisa enye indawo kunye neNqaba yamaZiko. 12Ke yena uShalum unyana kaHaloheshe umlawuli wesiqingatha seJerusalem wayelungisa umgama olandelayo ekunye neentombi zakhe.

13ISango leNtili lalilungiswa nguHanum kunye nabemi baseZanowa. Balakha balifaka iingcango neziqhobosho nemivalo. Kananjalo balungisa umgama oziimitha ezimakhulu mane anamashumi amahlanu kudonga olo, bema ngeSango lobuLongwe.

14ISango lobuLongwe lalungiswa nguMalkiya unyana kaRekabhi, umphathi wesithili saseBhete-kerem. Walifaka iingcango neziqhobosho nemivalo.

15UShalum unyana kaKolihoze, umlawuli weMizpa, walungisa iSango loMthombo. Walifulela, walifaka iingcango neziqhobosho nemivalo. Walungisa nodonga lweQula laseShela ngakuMyezo kaKumkani, wee xhaxhe ngezinyuko zendlela ehla iphuma kwisiXeko sikaDavide. 16Ngaphaya kwakhe yayinguNehemiya unyana ka-Azebhuki, umlawuli wesiqingatha seBhete-zure. Walungisa wada wajongana namangcwaba akwaDavide, wee xhaxhe ngequla elakhiweyo nendlu yabalindi.

17Ngakuye ke kwakusebenza abaLevi abaphantsi koRehum unyana kaBhani, kwalandela uHashabhiya umlawuli wesiqingatha seKehila, emele isithili sakhe. 18Kufuphi naye kwakusebenza amawabo aphantsi koBhawayi unyana kaHenadadi umlawuli wesinye isiqingatha seKehila. 19Kwakulandela uEzere unyana kaYeshuwa umlawuli weMizpa, elungisa enye indawo ukusukela ekunyukeni kwidolo eliya kwiNqaba yeziXhobo. 20Wayelandelwa nguBharuki unyana kaZabhayi esebenza ngenyameko kwenye indawo ukusuka edolweni ukuya esangweni lendlu yombingeleli omkhulu uEliyashibhi. 21Kufuphi naye yayinguMeremoti unyana kaUriya, kaHakozi, elungisa omnye umgama osukela esangweni lendlu kaEliyashibhi kuye ekupheleni kwayo.

22Ngakuye apho kwakusebenza ababingeleli bommandla obangqongileyo. 23Ngaphaya kwabo kwakulungisa uBhenjamin noHashubhi phambi kwendlu yabo, belandelwa nguAzariya unyana kaMaseya, ka-Ananiya, elungisa ngasendlwini yakhe. 24Ngakuye yayinguBhinuwi unyana kaHenadadi elungisa enye indawo esukela kwindlu ka-Azariya ukuya edolweni nakuyo ikona. 25UPalali unyana kaUzayi wayesebenza malunga nedolo nenqaba evelele amantla ebhotwe kufuphi nenkundla yabalindi. Kufuphi naye yayinguPedaya unyana kaParoshe 26kunye nezicaka zendlu kaThixo ezazihlala kwinduli iOfeli, zalungisa zaya kuma ngakwiSango laManzi ngasempuma nakwinqaba eveleleyo. 27Ngakubo yayingamadoda aseTekowa elungisa enye indawo ukusukela ngakuloo nqaba iveleleyo ukuya kudonga lweOfeli.

28Phezu kweSango lamaHashe ababingeleli babelungisa elowo phambi kwendlu yakhe. 29Balandelwa nguZadoki unyana kaImere esebenza malunga nendlu yakhe. Ngakuye yayinguShemaya unyana kaShekaniya, umlindi wesango elisempuma, naye evusa udonga. 30Wayelandelwa nguHananiya unyana kaShelemiya noHanun unyana wesithandathu kaZalafi belungisa enye indawo. Ngakubo yayinguMeshulam unyana kaBherekiya esakha malunga nendawo awayehlala kuyo, 31kufuphi naye inguMalkija, enye yeengcibi zegolide. Yena walungisa wee xhaxhe ngendlu yezicaka zikaThixo neyabarhwebi, malunga neSango labaHloli, wema ngegumbi eliphezu kwekona. 32Phakathi kwegumbi eliphezu kwekona neSango leeGusha kwakulungisa iingcibi zegolide nabarhwebi.

UNEHEMIYA 4

Inkcaso ekwakheni

1Akuva ukuba siyalwakha udonga uSanebhalati wachukumiseka wakhathazeka gqitha. Waphoxisa ngawo amaJuda, 2ethetha bekho noogxa bakhe nomkhosi waseSamariya. Wayesithi: “Zenza ntoni ezi ngcekengceke zamaJuda? Athi angaluvusa na olu donga lwawo? Ngaba aza kwenza amadini, asuke agqibe ukwakha udonga ngemini enye? Ngaba oba nako ukuwenza asebenziseke la matye akwezaa ngqumba zenkunkuma, lawa atshileyo?”

3Ke uTobhiya umAmon owayesecaleni kwakhe wathi: “Iyintoni yona khona le bayakhayo? Kolu donga lwabo lwamatye kungathi kuqabele impungutye lusuke luwe!”

4Khawuve usivelele, Thixo wethu, kuba sideliwe. Izishwabulo zabo zibuyisele kwaphezu kwabo. Banikezele babe ngamaxhoba kwilizwe lokuthinjwa. 5Ungalingcwabi ityala labo, nezono zabo ungazisusi emehlweni akho. Kaloku bona babagibisele ngezithuko abakhi.

6Ngoko ke saqhuba salwakha udonga lwada lwasisiqingatha ukuphakama. Kaloku abantu babesebenza ngokuzinikela.

7USanebhalati, uTobhiya, ama-Arabhu, ama-Amon, namadoda aseAshdode, bathi bakuva ukuba umsebenzi wokuvusa iindonga zeJerusalem uqhubele phambili, zaye nezikhewu zivaliwe, basuka bakhathazeka gqitha. 8Badibana bonke, benza iyelenqe lokuza kulwa neJerusalem, badale isiphithi-phithi. 9Kambe ke sakhunga kuThixo wethu, samisa abalindi ukujongana nabo imini nobusuku.

10Ke bona abantu bakwaJuda bathi: “Abasebenzi bayaphelelwa ngamandla ngoku, ibe yona inkunkuma ininzi kangangokuba singabi nako ukuqhubela phambili silwakhe udonga.”

11Neentshaba zethu zathi: “Bothi bengekasiqondi okanye basibone, sibe sesiphakathi kwabo, sibaqwakanise bafe, ume lo msebenzi.”

12Ke amaJuda awayemelene nazo ezi ntshaba eza kaninzi-ninzi kuthi esixelela esithi: “Noba ningathini na ziza kusihlasela.”

13Ngoko ke ndamisa abantu emva kwezona ndawo zimfutshane apho eludongeni, iindawo ezisesichengeni, ndabamisa ngokwemizi, bexhobe ngamakrele, imikhonto, neentolo. 14Emva kokuba ndikhe ndaqwalasela ndajonga, ndasuka ndathetha nezikhulu, namagosa, nabanye abantu, ndathi: “Musani ukuboyika; khumbulani iNkosi, ingangalala eyoyikekayo, nibalwele abantakwenu, oonyana neentombi, abafazi namakhaya enu.”

15Iintshaba zethu zeva ukuba siyaliqonda iyelenqe lazo nokudodotyaliswa kwalo nguThixo; saza ke thina sonke yangulowo nalowo wabuyela emsebenzini wakhe eludongeni.

16Ukusuka loo mini ke isiqingatha samadoda am saba semsebenzini, sabe ke esinye sixhobe sif' amacala ngoomikhonto, oomakhaka, oozintolo, nezikhuselo. Amagosa ke ema emva kwabo bonke abantu bakwaJuda 17ababesakha udonga. Abathwala iimpahla zokwakha, babesebenza ngesandla esinye, esinye siphethe izixhobo; 18umakhi ngamnye wayenxule ikrele lakhe ecaleni ngoku asebenzayo. Ke indoda evuthela isigodlo yayisoloko ikunye nam.

19Ke kaloku ndathetha nezikhulu, namagosa, nabantu ngokubanzi, ndathi: “Lo msebenzi wethu ubanzi, uthe xakalala, saye ke thina sahluka-hlukene ekusebenzeni eludongeni apha. 20Ngoko ke, nanini na nisiva isandi sesigodlo, khawulezani nize kuthi kuloo ndawo. UThixo wethu uza kusilwela.”

21Ngoko ke saqhuba sisebenza ngesiqingatha samadoda aphethe imikhonto ukusukela xa kuthi qheke ukusa kude kube lungcwalazi. 22Ngelo thuba ke ndathi ebantwini: “Umakhi ngamnye enomncedisi wakhe ebusuku makalale phakathi eJerusalem, khon' ukuze abe ngumlindi wayo, ze ke emini abe ngumakhi.” 23Mna namawethu, namadoda angabalindi, sasingazikhululi iimpahla esizinxibileyo; sasihlala sigaxele izikhali noba siya kukha amanzi.

UNEHEMIYA 5

UNehemiya usiza amahlwempu

1Ngoku ke amadoda nabafazi bawo benza isimbonono bekhalazela amawabo angamaJuda. 2Abanye babesithi: “Thina noonyana neentombi zethu sibaninzi; ngoko ke ukuze sibe nokutya siphile kufuneka sikufumane ukudla.”

3Abanye ke babesithi: “Sibambise ngamasimi ethu, nezidiliya, namakhaya, ukuze sizuze ukudla ngethuba lendlala.”

4Kwakukho nabathi: “Siboleke imali ukuze sibe nokuhlawula irhafu yakomkhulu ngenxa yamasimi nezidiliya zethu, 5kodwa nangona sibanye ngegazi namawethu la, futhi oonyana bethu befana nababo, kodwa thina oonyana neentombi zethu bazizisulu zobukhoboka. Ezinye kwiintombi zethu sezingene ebukhobokeni; ke thina asinakwenza nto, kuba amasimi nezidiliya zethu zathathwa zanikwa bantu bambi.”

6Ndithe ke ndakusiva esi simbonono sabo, ndawonye nezityholo zabo, ndasuka ndacaphuka kakhulu. 7Ndawetyisa engqondweni lo mcimbi, ndaza ke ndazikhalazela izikhulu namagosa, ndathi: “Nicinezela amawenu ngokutsala ingeniso kwakuwo!” Ngoko ke ndabiza imbizo ukuze ichophele lo mbandela wabo, 8ndathi: “Senze unako-nako sawakhulula ngokuwathenga amawethu angamaJuda awayethengiswe kwiintlanga. Ngoku ke nina nithengisa ngabo abantakwenu, nisenzela ukuba baphinde bathengiswe kwakuthi.” Kwathi cwaka ke, kuba babengenayo indlela yokuziphendulela.

9Ndaqhuba ndathi: “Le nto niyenzayo ayilunganga. Ngani ukuba ningamhloneli uThixo, khon' ukuze niziphephe izinyeliso zeentlanga eziziintshaba zethu? 10Mna nabantakwethu namadoda akwam siyababoleka abantu imali nokudla. Ngoko ke masiyeke ukubaxhaphaza sizuze ingeniso. 11Khanibabuyisele kwanamhlanje amasimi, izidiliya, izinquma, nezindlu zabo, ngokunjalo nala matyala banibamba wona: isahlulo sekhulu semali, ingqolowa, iwayini, kunye namafutha omnquma.”

12Ke bona bathi: “Siza kubabuyisela; futhi asisayi kubuya sibahlawulise nto ngaphezulu. Siza kwenza ngokokuthetha kwakho.”

Ndaza ke ndabiza ababingeleli, zona izikhulu, namagosa, ndathi mabafunge ukuba baza kusifezekisa isithembiso sabo. 13Ndawuvuthulula umnweba wam ndisithi: “Ngamana wenjenje uThixo ukuyivuthulula indlu yakhe, kunye naye nabani na onezinto, ongavumiyo ukusifezekisa esi sithembiso. Umntu onjalo makavuthululwe ashiywe eyimpula kalujaca!”

Ndithe ke ndakutsho, ibandla lonke lathelela lathi: “*Amen,” lamdumisa uNdikhoyo. Ngenene ke abantu benza ngokwesithembiso sabo.

14Ngaphezu koko ke, ukusukela kunyaka wamashumi amabini kakumkani uAtashasta, ekumiselweni kwam ukuba ndibe ngumlawuli welakwaJuda, yada yangunyaka wakhe wamashumi mathathu anambini – ishumi elinambini leminyaka emva koko – mna ndawonye namawethu asizange sikutye ukutya okwakusisabelo somlawuli. 15Kambe ke bona abalawuli abandandulelayo, babemisela abantu uxanduva lomthwalo oyisiliva ebunzima busisahlulo sesihlanu sekhilogram ukongeza ukutya newayini ababeyikhupha. Nabancedisi babo babebaxhaphaza abantu. Kodwa ke mna ngenxa yokuhlonela uThixo andiyenzanga loo nto. 16Ndaweni yaloo nto mna ndazinikela ekwakheni udonga. Onke amadoda am ayehlanganela ukusebenza; asizange sizifunele mhlaba.

17Kananjalo ke mna ndandisitya namaJuda alikhulu elinamashumi amahlanu, kunye nabaphathiswa ndawonye nâbo babeze kuthi besuka kwizizwe ezisingqongileyo. 18Ngemini nganye ndandilungiselelwa inkabi yenkomo, iigusha ezintandathu ezikhethiweyo, neenkuku; kuze ke njalo ngeshumi leentsuku ndinikwe iindidi zonke zewayini ibe ninzi. Nakuba kunjalo ke, mna andizange ndikubize ukutya okusisabelo somlawuli, kuba ezi ndleko zaziluxanduva phezu kwabantu.

19Ndikhumbule undazelele, Thixo wam, kuzo zonke izinto endizenzele aba bantu.

UNEHEMIYA 6

Ukwakha kusachaswa

1Ke kaloku kwavakala kuSanebhalati, uTobhiya, noGeshem umArabhu, nezinye ke iintshaba zethu, ukuba ndibuye ndalwakha udonga, akwasala nasinye isikhewu, nangona ukuza kuthi gaa kwelo thuba ndandingekazifaki iingcango zamasango. 2Ke uSanebhalati noGeshem bandithumelela umyalezo othi: “Khawufike sidibane kwenye yeedolophana kumathafa aseOno.”

Kambe ke babesenza iyelenqe lokundenzakalisa. 3Ngoko ke ndabathumelela izigidimi ndisithi: “Ndenza umsebenzi omkhulu apha, ngoko ke andinako ukuwuyeka ndize kuni. Ngani ukuba ume umsebenzi ndilibele kukuza kuni?” 4Lo myalelo bawuthumela kane kum, mna ke ezo zihlandlo zozine ndawuphendula kwangaloo mpendulo inye.

5Kwisihlandlo sesihlanu ke uSanebhalati wathumela ihlakani lakhe eliphethe kwalo myalezo mnye uyileta engavalwanga 6ebhalwe ngolu hlobo:

“Kukho ingxelo eyaziwayo phakathi kwezizwe – yaye ke uGeshem uthi iyinyaniso. Kuthiwa wena ndawonye namaJuda niceba uvukelo; kungeso sizathu nivusa olu donga nje. Ngaphezu koko ke ngokwale ngxelo wena uzimisele ukuba ngukumkani wawo, 7kangangokuba sowude wamisela abashumayeli ukuze benze isihlokomiso ngawe apha eJerusalem, bathi: ‘Ukho ukumkani welakwaJuda!’ Le ngxelo ke iza kufikelela kukumkani; ngoko ke wena yiza ukuze sithetha-thethane.”

8Ndamthumelela le mpendulo ke, ndathi: “Ayikho into enjengale uyithethayo; kuphela wena uyikha entloko le nto uyithethayo.”

9Ewe, babezama ukusoyikisa besithi: “Baza kutyhafa ukuze umsebenzi bawuyeke ungagqitywanga.”

Kambe ke ndathandaza ndathi: “Thixo wethu, zomeleze izandla zam!”

10Ngenye imini ndaya endlwini kaShemaya unyana kaDelaya kaMetabheli owayezivalele emzini wakhe. Waza ke wathi: “Masiye kuhlangana endlwini kaThixo, singene ngaphakathi, sivale iingcango, kuba kukho abantu abafuna ukukubulala; ewe, baza kukubulala ngobusuku.”

11Kambe ke ndathi apho kuye: “Uthi ingaze ibaleke indoda enjengam nje? Okanye ke uthi ndingade ndiye kungena endlwini kaThixo ukusindisa ubomi bam? Hayi bo! Andiy' apho!” 12Ewe, ndayiqonda into yokuba akathunywanga nguThixo, koko undishumayeza ezi zinto kuba ethengwe nguTobhiya noSanebhalati. 13Wayethengwe ukuze andigrogrise, khon' ukuze ngale nto ndenze isono, bona ke banditshabhise ngegama elibi.

14Awu, Thixo wam, uze ubakhumbule ooTobhiya noSanebhalati ngale nto bayenzileyo; ungamlibali nomshumayelikazi uNowadiya nabo bonke abashumayeli abazama ukundigrogrisa.

Ukugqitywa kodonga

15Ke lona udonga lwagqitywa ngomhla wamashumi amabini anantlanu wenyanga uEluli, emva kweentsuku ezingamashumi amahlanu anambini lwaqalwayo. 16Zithe ke iintshaba zethu zakuziva ezi ndaba, ndawonye nezizwe ezingabamelwana ezazibona ngamehlo, suka zaphelelwa kukuzithemba kwazo, kuba kaloku ziqonda ukuba lo msebenzi wenziwe ngoncedo lukaThixo wethu.

17Ngaloo mihla ke izikhulu zakwaJuda zazithumela intaphane yeeleta kuTobhiya; neempendulo ke zazithululeka ukungena zivela kuTobhiya. 18Kaloku amaJuda amaninzi ayenqophisene naye, njengoko wayengumkhwenyana kaShekaniya unyana ka-Ara, unyana wakhe uYohanan ethathe intombi kaMeshulam unyana kaBherekiya. 19Ngaphezu koko kaloku babengoosiputsu abandinika ingxelo yemisebenzi yakhe emihle, bandule ke ukuya kumxelela loo nto ndiyithethileyo mna. Ke yena uTobhiya wayendithumelela iileta zokundigrogrisa.

UNEHEMIYA 7

1Emva kokugqitywa kodonga ndafakela iingcango ezindaweni zazo, kwaza kwamiselwa abalindi-masango, iimvumi, nabaLevi. 2Ndamisela umntakwethu uHanani ukuba avelele iJerusalem, ekunye noHananiya ingqwayi-ngqwayi yenqaba, kuba wayengumfo onentembeko, uThixo emhlonela ngaphezu koninzi lwabantu. 3Kubo ke ndathi: “Makangavulwa amasango aseJerusalem ide ibe seyiqinile imini. Ngethuba besekhona abalindi-masango mabawavale mba amasango ngemivalo. Kananjalo miselani abemi baseJerusalem babe ngabalindi; abanye kwiindawo ezithile, abanye ke kufuphi nezindlu zabo.”

Uludwe lwabathinjwa ababuyileyo

4Ke kaloku isixeko esi sasisikhulu sithe gabalala, kodwa bembalwa abantu ngaphakathi, nezindlu ke zingekakhiwa. 5Ngoku ke uThixo wam wathetha nam, ndaza ke ndaziqokelela izikhulu, amaphakathi noluntu luphela, ndamisela ukuba bonke babhalwe ngokwemizi yabo. Ndalufumana uludwe lwemilibo yokuzalwa kwâbo babebuye kuqala. Ke lona lwalumi ngolu hlobo: 6Naba ke abantu beli phondo ababuyileyo ekuthinjweni ababethinjwe ngukumkani uNabhukadenezare waseBhabheli. Babuyela eJerusalem nakwaJuda, yangulowo nalowo waphindela kwidolophu yakowabo, 7ndawonye noZerubhabheli, uYeshuwa, uNehemiya, uAzariya, uRamiya, uNamani, uModekayi, uBhileshan, uMisperete, uBhigwayi, uNehum noBhana.

Nalu ke uludwe lwamanani amadoda akwaSirayeli awabuyayo ekuthinjweni:

8 inzala kaParoshe 2 172
9 inzala kaShefatiya 372
10 inzala ka-Ara 652
11 inzala kaPahati-mowabhi ngomlibo kaYeshuwa noJowabhi 2 818
12 inzala kaElam 1 254
13 inzala kaZatu 845
14 inzala kaZakayi 760
15 inzala kaBhinuwi 648
16 inzala kaBhebhayi 628
17 inzala ka-Azegadi 2 322
18 inzala ka-Adonikam 667
19 inzala kaBhigwayi 2 067
20 inzala ka-Adin 655
21 inzala ka-Atere ngomlibo kaHezekiya 98
22 inzala kaHashum 328
23 inzala kaBhezayi 324
24 inzala kaHarifi 112
25 inzala kaGibheyon 95
26 amadoda aseBhetelehem naseNetofa 188
27 amadoda aseAnatoti 128
28 amadoda aseBhete-azemavete 42
29 amadoda aseKiriyati-yarim naseKefira naseBheroti 743
30 amadoda aseRama naseGabha 621
31 amadoda aseMikmas 122
32 amadoda aseBhetele naseAyi 123
33 amadoda enye iNebho 52
34 amadoda enye iElam 1 254
35 amadoda aseHarim 320
36 amadoda aseJeriko 345
37 amadoda aseLodi naseHadide naseOno 721
38 amadoda aseSena 3 930

39Nalu uludwe lwababingeleli ababuyileyo ekuthinjweni:

inzala kaYedaya wendlu kaYeshuwa 973
40 inzala kaImere 1 052
41 inzala kaPashure 1 247
42 inzala kaHarim 1 017

43Nalu uludwe lwabaLevi ababuyileyo ekuthinjweni:

inzala kaYeshuwa noKademiyeli bendlu kaHodeva 74
44 iimvumi zenzala ka-Asafu 148
45 abagcini-masango benzala kaShalum, noAtere, noTalmon, noAkubhi, noHatita, kwanoShobhayi 38

46Inzala yezicaka zendlu kaThixo ezibuyileyo ekuthinjweni:

    inzala kaZiya noHasufa noTabhayoti,
    47inzala kaKerosi noSiya noPadon,
    48inzala kaLebhana noHagabha noShalmayi,
    49inzala kaHanan noGidele noGahare,
    50inzala kaRaya noRezin noNekoda,
    51inzala kaGazam noUza noPaseya,
    52inzala kaBhesayi noMewunim noNefusim,
    53inzala kaBhakebhuki noHakufa noHarure,
    54inzala kaBhezeliti noMehida noHasha,
    55inzala kaBhakose noSisera noTema,
    56inzala kaNeziya noHatifa

57Kwinzala yezicaka zikaSolomon ezibuyileyo ekuthinjweni:

    inzala kaSotayi noSoferete noPerida,
    58inzala kaJala noDakon noGidele,
    59inzala kaShefatiya noHatili noPokerete-zebhayim noAmon
60 Iyonke ke inzala yezicaka zendlu kaThixo nezicaka zikaSolomon engamadoda abuyileyo ekuthinjweni 392

61Nanga amadoda abuyileyo ekuthinjweni evela eTele-mela, eTele-hasha, eKerubhi, eAdoni, naseImere, angabanga nako ukuzilanda izindlu zooyise nomlibo wokuzalwa kwawo, khon' ukuze kuqondakale ukuba azelwe ngamaSirayeli na:

62 inzala kaDelaya noTobhiya noNekoda 642

63Kubabingeleli: inzala kaHabhaya noHakozi noBhazilayi (ondlu yakhe ibisekwe yindoda eyathatha intombi kaBhazilayi umGiliyadi, yaza yabizwa ngegama likaBhazilayi)

64Aba bafunisisa ezincwadini zemilibo yokuzalwa, koko awulandekanga umlibo wokuzalwa kwabo. Ngenxa yoko abathatyathwanga njengabahlambulukileyo, baza abavunyelwa ukwenza umsebenzi wobubingeleli. 65Ke ngoko umlawuli wamaJuda wathi kubo mabangatyi kwinyama eyodwa eyinxaxheba yababingeleli eminikelweni de kuvele umbingeleli owayenokuqonda intando kaThixo ngalo mba ngokusebenzisa *iiurim neethumim.

66Ekubuyeni ekuthinjweni amanani ayemi ngolu hlobo:

amaSirayeli ewonke 42 360
67 izicaka nezicakazana 7 337
iimvumi neemvumikazi 245
68 amahashe 736
iimeyile 245
69 iinkamela 435
iidonki 6 720

70Inxenye yeentloko zezindlu yanikela ixhasa umsebenzi wokuhlaziywa kwendlu kaThixo. Le minikelo yayimi ngolu hlobo:

Umlawuli:

iikhilogram zegolide 8
izitya zokutshiza 50
izambatho zababingeleli 530

71Iintloko zezindlu:

iikhilogram zegolide 168
iikhilogram zesiliva 1 250

72Abanye abantu:

iikhilogram zegolide 168
iikhilogram zesiliva 140
izambatho zababingeleli 67

73Ke amaSirayeli ewonke – ababingeleli, abaLevi, abagcini-masango, iimvumi, abanye abantu, nezicaka zendlu kaThixo – bahlala ezidolophini zakowabo.

UEzra ufunda umthetho

Ke kaloku yathi yakufika inyanga yesixhenxe, amaSirayeli selezinzile ezidolophini zawo,

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-