Bible Society of South Africa

To The Word – Day 17

Exodus 7–13

Itekisi yeBhayibhile

EYEMFUDUKO 7

UNdikhoyo uyaleza uMosis noAron

1*UNdikhoyo wathetha noMosis, wathi: “Uyabona ke, wena ndiza kukwenza ube ngathi unguThixo kukumkani waseJiputa, yena umkhuluwa wakho abe *ngumshumayeli wakho. 2UAron uze umxelele konke endikuyalela kona, ke yena uya kubhekisa kukumkani, atsho akhulule amaSirayeli aphume emhlabeni wakhe. 3Kambe ke ndiya kumqaqadekisa ukumkani, angavumi ukuwakhulula amaSirayeli noba sendiyiphinda-phinda kangakanani na imiqondiso nemimangaliso yam kwelaseJiputa. 4Ngoko ke ndiya kuba ngqongqo kwelaseJiputa, ndilohlwaye. Ke bona abantu bam amaSirayeli ndiya kubakhupha ngendlu yabo. 5Igunya endiya kuwakhupha ngalo amaSirayeli eJiputa liya kubetha aqonde amaJiputa ukuba ndinguNdikhoyo.”

6Ke uMosis noAron bênza kanye ngendlela ababeyalelwe ngayo nguNdikhoyo. 7Ukuthetha kwabo nokumkani waseJiputa uMosis wayenamashumi asibhozo eminyaka, ke yena uAron emashumi asibhozo nantathu.

Induku ka-Aron

8*UNdikhoyo wabayala ooMosis noAron, wathi: 9“Xa ukumkani esithi: ‘Ndibonise ummangaliso,’ uze uthi kuAron: ‘Phosa induku yakho phambi kokumkani.’ Yojika ke ibe yinyoka.”

10Bahamba ke uMosis noAron, baya kukumkani, benza njengoko babeyalelwe nguNdikhoyo. UAron wayiphosa phambi kokumkani namaphakathi akhe induku yakhe, yaza yajika yayinyoka. 11Kuthe ke kwakuba nje, ukumkani wabiza oosiyazi namaqili elaseJiputa, nabo bazijika ezabo iinduku ngemilingo yabo. 12Ewe, baziphosa phantsi, yayileyo yajika yaba yinyoka; koko ke yona eka-Aron yasuka yaziginya zonke. 13Kodwa ke ukumkani wenza njengoko wayetshilo uNdikhoyo, intliziyo yakhe yaqaqadeka, akabaphulaphula.

Izibetho kwelaseJiputa: Igazi

14Ke kaloku *uNdikhoyo wathi kuMosis: “Ukumkani uneenkani; akavumi ukubakhulula abantu bam. 15Ngoko ke, phumani kusasa xa aya emlanjeni, niyokumlindela elunxwemeni lomlambo, niphethe laa nduku yayijike yaba yinyoka. 16Thethani naye nenjenje: ‘UNdikhoyo uThixo wamaHebhere wandithuma esithi: “Khulula abantu bam, baye kundinqula entlango!” Kambe ke awukayenzi loo nto unangoku. 17Ngoku ke uNdikhoyo uthi: “Nantsi ke into eza kukwenza ukuba uqonde ukuba mna ndinguNdikhoyo” – la manzi omlambo iNayile ndiza kuwabetha ngale nduku isesandleni sam, atsho ajike abe ligazi. 18Iintlanzi ziya kufa, umlambo utsho unuke, amaJiputa atsho awacekise amanzi eNayile.’ ”

19UNdikhoyo wayalela uMosis ukuba athi kuAron: “Thatha induku yakho, uwalekuze ngayo amanzi aseJiputa, emilanjeni, ezintlanjeni, emachibini, nasemaquleni, atsho ajike abe ligazi. Koba ligazi ke kulo lonke elaseJiputa; nditsho nasezityeni zomthi nakwezamatye.”

20UMosis noAron benza njengoko babeyalelwe nguNdikhoyo. UAron wayiphakamisa induku yakhe ekho ukumkani namaphakathi akhe, wawabetha amanzi omlambo iNayile, aza ke onke amanzi omlambo lowo ajika aba ligazi. 21Zafa ke iintlanzi apho emlanjeni, aza amanzi awo anuka kangangokuba amaJiputa angabi nako ukuwasela; yaba ligazi nje konke kwelaseJiputa.

22Ngemilingo yawo amaqili aseJiputa nawo ayenza loo nto yayisenziwa ngooMosis. Ngenxa yoko ukumkani waqaqadeka, akavuma ukubaphulaphula ooMosis noAron njengoko wayetshilo uNdikhoyo. 23Ndaweni yaloo nto wasuka wee khwitshi wangena ebhotwe, akayikhathalela le nto ihlileyo. 24AmaJiputa wona azigrumbela amanzi apho kufuphi nomlambo, kuba la omlambo ayengaseleki.

Amasele

25Kwadlula iintsuku ezisixhenxe emveni kwesibetho saseNayile.

EYEMFUDUKO 7XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

EYEMFUDUKO 8

1*UNdikhoyo wathetha noMosis, wathi: “Yiya kukumkani, uthi ndithi kuye: ‘Khulula abantu bam baye kundinqula. 2Ukuba uyala ukubakhulula, ilizwe lakho ndiya kulihlasela ngesibetho samasele. 3Umlambo iNayile uya kuphuphuma ngamasele; oda aye kufika nakwakho. Aya kutaka-taka endlwini yakho yokulala, emandlalweni, ezindlwini zamaphakathi, nasezindlwini zabo bonke abantu bakho. Amasele aya kugxalathelana kumaziko okubhaka, nakwizitya zokuxovela; 4aya kuxhumela kuwe, kubantu bakho, nakumaphakathi akho.’ ”

5UNdikhoyo wayalela uMosis wathi makathi kuAron: “Yolula isandla sakho, uwalekuze ngenduku leyo amanzi emilambo, aweentlambo, nawamaqula, khon' ukuze kunyakazele amasele kulo lonke elaseJiputa.” 6Ngenene ke uAron wawalekuza amanzi aseJiputa ngenduku yakhe, kwaza kwavela amasele, anyakazela kulo lonke. 7Ngemilingo yawo amaqili aseJiputa âkwazi nawo ukuyenza loo nto yayisenziwa nguAron, aza anyakazela amasele kwelaseJiputa.

8Ke ukumkani wabiza uMosis noAron, wathi kubo: “Khanimbongoze uNdikhoyo awasuse la masele kum nakubantu bam, ukuze mna ndibakhulule abantu bakowenu, baye kubingelela kuNdikhoyo.”

9UMosis waphendula wathi: “Loo nto ndingayenza ngovuyo, nto nje wena misa ixesha ofuna ndikuthandazele ngalo wena namaphakathi akho nabo bonke abantu bakho, ukuze nahlukane namasele, asale emlanjeni iNayile kuphela.”

10Ukumkani ke waphendula wathi: “Makaphele ngomso.”

Wathi ke uMosis: “Kuya kuba njengokuba uthetha, khon' ukuze uqonde ukuba akakho onjengoNdikhoyo uThixo wethu. 11Amasele aya kumka kuwe nasezindlwini zakho, kumaphakathi nakubantu bakho, asale emlanjeni iNayile kuphela.” 12UMosis noAron bamshiya ke ukumkani. UMosis wambongoza uNdikhoyo ngokubhekisele kumasele awayenyakazela kwakumkani. 13Naye uNdikhoyo wenza ngokwesicelo sikaMosis; aza ke amasele afa ezindlwini, ezinkundleni, nasemasimini. 14Aqokelelwa ke, aba ziinqumba; yeka ke iphunga! 15Njengoko wayetshilo uNdikhoyo, ukumkani uthe akubona ukuba kukho isiqabu, waqal' emva ukuqaqadeka, akavuma ukubaphulaphula ooMosis noAron.

Iimbuzane

16*UNdikhoyo wathi kuMosis: “Yitsho kuAron avuse uthuli ngenduku yakhe, ukuze kuvele iimbuzane kulo lonke elaseJiputa.” 17UAron ke waphakamisa induku yakhe, wabetha ngayo emhlabeni, kwaza kwavela iimbuzane, zabahlasela abantu kunye nezilwanyana. Kulo lonke elaseJiputa kwaphithizela iimbuzane. 18Athe ke amaqili aseJiputa, akuzama ukwenza kwaloo nto, suka azavela iimbuzane. Kambe ke zaphithizela iimbuzane kulo lonke, zahlasela umntu kwakunye nesilwanyana. 19Ke wona amaqili angqina athi kukumkani: “Ngumnwe kaThixo lo.” Kambe ke, njengoko uNdikhoyo wayetshilo, yena ukumkani wankaniza, akaphulaphula.

Iimpukane

20Waphinda *uNdikhoyo wathi kuMosis: “Vuka kusasa ngomso, uhlangabeze ukumkani xa aya emlanjeni, uthethe naye uthi: ‘UNdikhoyo uthi: “Khulula abantu bam, baye kundikhonza; 21okanye xa ungayenzi loo nto, ndiya kukuthumela ngamabubu eempukane, zikuhlasele wena namaphakathi akho, nabantu bakho. Ziya kuzalisa ezindlwini zakho, nakwezabantu bakho, nakuwo wonke umhlaba waseJiputa. 22Kodwa ke eGoshen, apho kukho abantu bam, aziyi kubakho, khon' ukuze uqonde ukuba mna Ndikhoyo ndikho apha kweli lizwe. 23Ndiya kubakhetha abantu bam kubantu bakho ngokubakhusela. Loo mqondiso ke úya kuzibonela ngokwakho kusasa kusile.” ’ ” 24Ngenene ke uNdikhoyo wathumela amabubu eempukane komkhulu nakwimizi yamaphakathi. Lonke elaseJiputa laba semngciphekweni wentshabalalo ngenxa yeempukane.

25Ukumkani wababiza ooMosis noAron, wathi kubo: “Hambani niye kubingelela kuThixo wenu, kodwa ningaphumi kweli lizwe.”

26UMosis waphendula wathi: “Ayinakulunga loo nto. Kaloku isilwanyana esiza kwenza ngaso idini likaNdikhoyo uThixo wethu, silisikizi kumaJiputa. Ngoko ke singathi, siyenzile loo nto phambi kwamaJiputa, asixulube ngamatye, sife. 27Kufuneka sithathe uhambo lweentsuku ezintathu, siye entlango, simenzele khona idini uNdikhoyo uThixo wethu ngokomlomo wakhe.”

28Ukumkani waqhuba wathi: “Ndiyanikhulula nihambe niye kubingelela kuNdikhoyo uThixo wenu entlango, kodwa ke ze ningayi kude kakhulu. Ndithandazele ke!”

29UMosis wathi: “Ndakuba ndimkile ke ndiya kumbongoza uNdikhoyo. Wona ke amabubu eempukane aya kumka aphele ngomso, angabi sakuhlupha wena namaphakathi akho, ngokunjalo nabantu bakho. Kambe ke, wena kumkani, ungaphindi usiqhathe ubalele abantu ukuya kubingelela kuNdikhoyo.”

30Ephumile ke uMosis kwakumkani, watarhuzisa kuNdikhoyo, 31waza wazisusa iimpukane ezo kukumkani, kumaphakathi, nasebantwini bakhe, akwasala nale inye. 32Nakwesi isihlandlo ukumkani waphinda waqaqadeka, wankaniza, akawakhulula amaSirayeli.

EYEMFUDUKO 8XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

EYEMFUDUKO 9

Ukufa kwemfuyo

1*UNdikhoyo wabhekisa kuMosis wathi: “Yiya kukumkani waseJiputa, uthi kuye: ‘UNdikhoyo uThixo wamaHebhere uthethe wenjenje: “Khulula abantu bam, baye kundikhonza.” 2Ukuba uyala ukubakhulula, 3uNdikhoyo uya kukohlwaya ngokuthumela isibetho esoyikekayo kwimfuyo yakho: amahashe, iidonki, iinkamela, iinkomo, iigusha, neebhokhwe. 4Uya kuyikhetha imfuyo yamaSirayeli kweyamaJiputa. EyamaSirayeli imfuyo soze ife. 5Le nto ke iya kwenzeka ngomso.’ ”

6Ngengomso ke uNdikhoyo wenza njengoko wayethethile. Yonke imfuyo yamaJiputa yafa, kodwa kweyamaSirayeli zange kufe nob' ibe nye. 7Ukumkani wathuma amadoda aye kukhangela ukuba kube njani na kwimfuyo yamaSirayeli, waza waxelelwa ukuba akufanga nale inye. Naxa kunjalo wankaniza, akavuma ukuwakhulula amaSirayeli.

Amathumba

8*UNdikhoyo wabiza uMosis noAron, wathi kubo: “Yikhani uthuthu ngezandla, nize niye kwakumkani, uMosis aluphose phezulu ukumkani ebukele. 9Luya kuphephetheka njengothuli kulo lonke elaseJiputa. Luya kudala amathumba aya kubhidla abe zizilonda ebantwini nasezilwanyaneni kulo lonke elaseJiputa.” 10Baluthatha ke uthuthu eziko, baya kwakumkani, waza uMosis waluphosa phezulu ekho nokumkani. Lwaphephetheka ke, lwaza lwadala amathumba asuka abhidla aba zizilonda ebantwini nasezilwanyaneni. 11Ngenxa yamathumba abo abemilingo bona abazange babe nako ukumelana noMosis. Kaloku onke amaJiputa ayenamathumba. 12Kambe ke uNdikhoyo, njengoko wayetshilo kwangaphambili, wamenza waneenkani ukumkani, akavuma ukuphulaphula ooMosis noAron.

Isichotho

13*UNdikhoyo waphinda wathetha noMosis wathi: “Vuka kusasa ngomso, uye kukumkani, umxelele ukuba uNdikhoyo uThixo wamaHebhere uthi: ‘Khulula abantu bam, baye kundikhonza. 14Kwesi sihlandlo ndiya kukuhlabanisela ngezibetho, wena namaphakathi nabantu bakho, nitsho niqonde ukuba ehlabathini liphela akakho onjengam. 15Ukuba bendithanda ngesendisolule isandla sam, ndanitshayela ngesibetho, nanyamalala emhlabeni. 16Kodwa ke ndisaniyekile, kuba ndifuna ukunibonisa ubungangamsha bam, luze luthi nodumo lwam lunwenwe ehlabathini liphela. 17Njengokuba usazingca nje, ungavumi ukubakhulula abantu bam, 18uyabona ke, ngomso ngeli xesha ndiya kuthumela isitshu sesichoto esingazanga sabonwa nanini na ezimbalini zeJiputa. 19Ngoko ke thumela iye kuqokelelwa yonke imfuyo yakho, ivalelwe, khon' ukuze isinde. Kaloku ukufika kwaso yonke into ephandle, umntu kwanesilwanyana, iya kutshabalala.’ ” 20Ke kaloku loo maphakathi kakumkani ayenevuso ngenxa yomlomo kaNdikhoyo, athumela amakhoboka, yaqokelelwa imfuyo yawo, yavalelwa. 21Kambe ke lawo angazange alikhathalele ilizwi likaNdikhoyo awayeka emadlelweni amakhoboka kunye nemfuyo yawo.

22UNdikhoyo wathi kuMosis: “Phakamisela isandla sakho esibhakabhakeni, ukuze kuwe isichotho kulo lonke elaseJiputa, sibethe abantu, izilwanyana, nako konke okuntshula emhlabeni.” 23UMosis ke wayiphakamisa induku yakhe, waza uNdikhoyo wayivulela imibane, iindudumo, nesichotho, zatsho kwakubi kwelaseJiputa. 24Wasithulula isichotho, yalenyeza imibane, zatsho ngenzwinini eyayingazange yabonwa ezimbalini zeJiputa. 25Eso sichotho sageqa konke okwakuphandle, abantu, izilwanyana, izityalo, kunye nemithi, kulo lonke elaseJiputa. 26Kanti ke eGoshen, umhlaba wamaSirayeli, zange sifike isichotho.

27Ukumkani ke wathumela buphuthu-phuthu, wathi makubizwe uMosis noAron, waza wathi kubo: “Ngoku ndiyavuma, ndonile mna nabantu bam; uNdikhoyo yena akaphazamanga. 28Khawuncede umbongoze uNdikhoyo. Kwanele ngoku – ezi ndudumo nemibane zisongamele! Ndiza kunikhulula ndingaphozisanga maseko!”

29Waphendula uMosis wathi: “Nje ukuba ndiphume apha esixekweni, ndiya kuzolulela kuNdikhoyo izandla zam, sitsho sithothe isiphango, sinqamke isichotho, khon' ukuze uqonde ukuba lelikaNdikhoyo ihlabathi liphela. 30Kambe ke wena namaphakathi akho ndiyanibona ukuba anikamqondi uNdikhoyo uThixo.”

31Umqhaphu nerhasi zavuthuluka zatshabalala. Kaloku irhasi yona kwakuxa ihlanzayo; umqhaphu ke wona kuxa udubulayo. 32Kanti ke ingqolowa nehabile zange zonakale, kuba zazisephantsi.

33Akumka ke uMosis kwakumkani, ephumile nasesixekweni, waphakamela kuNdikhoyo ngomthandazo. Ngoko nangoko sathotha isiphango, yapheza nemvula. 34Uthe ke ukumkani akubona ukuba sithothile isiphango nemvula inqamkile, waphindela ukona oku; kuba waphinda waqaqadeka, wankaniza, yena ngokunjalo namaphakathi akhe. 35Ewe, wankaniza wala ukuwakhulula amaSirayeli ngokomlomo kaNdikhoyo kuMosis.

EYEMFUDUKO 9XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

EYEMFUDUKO 10

Iinkumbi

1*UNdikhoyo wathetha noMosis wathi: “Yiya kwakumkani. Kaloku yena namaphakathi akhe ndibaqaqadekisile, ukuze ndifumane ithuba lokwenza le miqondiso phakathi kwabo, 2nokuze nibe nako ukubalisela abantwana nabazukulwana benu. Niya kubanika ingcombolo yendlela endabonisa ngayo ubungangamsha bam kumaJiputa, nangemiqondiso endiyenzileyo phakathi kwawo, khon' ukuze nani niqonde ukuba ndinguNdikhoyo.”

3UMosis noAron ke baya kwakumkani, bathi kuye: “UNdikhoyo uThixo wamaHebhere uthi: ‘Koda kube nini ungavumi ukuzithoba kum? Khawubakhulule abantu bam, baye kundikhonza. 4Ukuba uyala, ngomso ndiza kuthumela iinkumbi emhlabeni wakho. 5Ziya kuba yinyambalala eya kuwugquma tu umhlaba wakho xa uwonke. Yonke into esinde kwesiya sichotho ziya kuyinqunqutha iphele tu! Nditsho nomthi lo wembala. 6Ziya kunyakazela ezindlwini zakho, kwezamaphakathi, nakuzo zonke izindlu zamaJiputa. Lowo iya kuba ngumbono ongazange walanywa ngooyihlo ngokunjalo nooyihlo-mkhulu ezimbalini zeli lizwe.’ ” Akuba etshilo waphuma, wemka kwakumkani.

7Amaphakathi kakumkani abhekisa kuye athi: “Yaz'ba kode kube nini na lo mfo elukhwembe-khwembe kuthi? Nceda, khulula aba bantu baye kukhonza uNdikhoyo uThixo wabo. Ngaba awukaqondi ukuba iJiputa itshabalele?”

8Babizwa ke ooMosis noAron, babuyela kukumkani, waza wathi kubo: “Hambani niye kukhonza uNdikhoyo uThixo wenu. Kodwa ke ngoobani kanye abaza kuhamba?”

9UMosis wathi: “Kuza kuhamba abadala nabanci, oonyana neentombi, iigusha neenkomo. Kaloku kufuneka senzele uNdikhoyo itheko.”

10Kambe ke ukumkani waphendula wathi: “Ndifung' uNdikhoyo, soze ndinikhulule nihambe neentsapho zenu. Kakade, nithi andiniboni ukuba nindenzela iyelenqe? 11Hayi, makuhambe amadoda odwa aye kukhonza uNdikhoyo, njengoko nanitshilo kakade.” Baza ke bakhutshwa buphuthu-phuthu apho kwakumkani.

12Kwesi sithuba ke uNdikhoyo wayalela uMosis wathi: “Phakamisa ingalo yakho, uwangawangise kulo lonke elaseJiputa, ukuze kuvele iinkumbi eziya kunqunqutha zonke izityalo nayo yonke into eyasinda esichothweni.” 13UMosis ke wayiphakamisa induku yakhe, wawangawangisa ngayo, waza ke uNdikhoyo wathumela umoya wasempuma, wabhudla loo mini yonke nobusuku bayo. Kwathi kusisa kwaye sekunyakazela ziinkumbi kulo lonke elaseJiputa. 14Zafika zilibubu, zanyakazela kulo lonke elaseJiputa neziphaluka zalo. Ezingako zona zazingazange zabonwa ngaphambili, zaye zingasoze zibonwe nanini na! 15Zaba lukhoko olwawambathisa wonke umhlaba; kwatsho kwamnyama nje! Zanqunqutha zonke izityalo nemithi yeziqhamo, nako konke okwasinda mhla ngesiphango, zatsho akwasala nempunde le yegqabi eliluhlaza kulo lonke elaseJiputa.

16Ukumkani ke wababiza ngobungxamo ooMosis noAron, wathi kubo: “Ndimonile uNdikhoyo uThixo wenu, ngokunjalo nani. 17Ndicela uxolo ngesono sam; ndiyanibongoza, okwesi isihlandlo khaninditarhuzisele kuNdikhoyo uThixo wenu, ayisuse le ntshabalalo!” 18Waphuma ke uMosis, waya kuthandaza uNdikhoyo. 19UNdikhoyo ke wathumela umoya wasentshona, wazitshayela zonke iinkumbi, waya kuzeyelisela kuLwandle oluBomvu, akwasala nob' ibe nye inkumbi kwelaseJiputa. 20Kambe ke uNdikhoyo wamqaqadekisa ukumkani waseJiputa, akavuma ukuwakhulula amaSirayeli.

Isithokothoko sobumnyama

21Waphinda *uNdikhoyo wayalela uMosis ukuba aphakamisele isandla sakhe esibhakabhakeni, ukuze kubekho isithokothoko sobumnyama kulo lonke elaseJiputa, esatsho baziimpumputela abantu. 22Wasiphakamisa ke uMosis isandla sakhe, kwaza kwakho isithokothoko sobumnyama esabetha kwathi thsu iintsuku ezintathu kulo lonke elaseJiputa. 23Obo bumnyama ke batsho amaJiputa akabi nako nokubonana oku, engenako nokuphuma endlwini ezo ntsuku zontathu. Kanti ke kwisiphaluka samaSirayeli kwakukhanya.

24Waza ke ukumkani wabiza uMosis, wathi kuye: “Ngoku ningahamba niye kukhonza uNdikhoyo kunye nabafazi nabantwana benu, nishiye imfuyo yenu kuphela.”

25UMosis waphendula wathi: “Kofuneka ke usinike izinto esobingelela ngazo, ngokunjalo nezokwenzela uNdikhoyo uThixo wethu amadini atshiswayo. 26Hayi bo! Asinakuyishiya imfuyo yethu; asinakushiya nob' ibe nye! Kaloku kufuneka sizikhethele ngokwethu leyo siza kuyisebenzisa xa sinqula uNdikhoyo uThixo wethu, ibe ke asinakuyazi esiza kubingelela ngayo side sifike apho siya khona.”

27Kambe ke uNdikhoyo wamqaqadekisa ukumkani, akavuma ukubakhulula. 28Ukumkani wamgxotha uMosis, wathi: “Phuma! Zichithe! Mandingaze ndiphinde ndikubone! Mhla ndakubona ndokucim' igama!”

29UMosis waphendula wathi: “Uthethe kakuhle! Soze uphinde undibone!”

EYEMFUDUKO 10XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

EYEMFUDUKO 11

Isibetho sokugqibela

1*UNdikhoyo wabhekisa kuMosis wathi: “Uyabona ke, ukumkani lo ndawonye nabantu bakhe ndiya kumzisela isibetho sokugqibela. Emva kweso ke uya kunikhulula nihambe. Enyanisweni uya kunigxotha niphume niphele. 2Ngoku ke yitsho ibe ngulowo nalowo kumaSirayeli acele isiliva negolide kummelwane wakhe.” 3UNdikhoyo ke wawenza axatyiswa amaSirayeli ngamaJiputa. Ngenene uMosis wayehlonitshwe gqitha ngamaphakathi kakumkani ndawonye nawo onke amaJiputa.

4UMosis waxelela ukumkani wathi: “UNdikhoyo uthi: ‘Ndiya kuphuma ezinzulwini zobusuku, ndilijikeleze lonke elaseJiputa. 5Ndiya kuwathi qwaka afe onke amazibulo, kuqalela kwelokumkani ongqendeve ebhotwe, kuye kwelekhoboka elisebenzayo, kuye kuthi xhaxhe kwizibulo lemfuyo. 6ElaseJiputa liya kuhlahlamba ngesijwilikazi esingazange seviwa ngaphambili, esingayi kuze siviwe nanini na. 7Kanti ke wona amaSirayeli nemfuyo yawo sobe abe nawo nowempumlo umkrwelo.’ Ngaloo ndlela ke niya kutsho niqonde ukuba uNdikhoyo uyahlula phakathi kwamaJiputa namaSirayeli.”

8UMosis waqukumbela ngelithi: “Ke wona la maphakathi akho aya kuza kum akhahlele endibongoza esithi: ‘Thatha abantu bakho, niphume niphele kweli.’ Kwakuba njalo ke ndiya kunduluka.” Akukhov' ukutsho ke, uMosis waphuma efuthekile.

9Ke kaloku uNdikhoyo wayethethe noMosis wenjenje: “Ukumkani waseJiputa akayi kukuphulaphula, khon' ukuze ndiyandise imimangaliso yam phakathi kwamaJiputa.” 10Le mimangaliso ke uMosis noAron bayenza phambi kokumkani. Kambe ke uNdikhoyo wamqaqadekisa ukumkani waseJiputa, akavuma ukuwakhulula amaSirayeli emke eJiputa.

EYEMFUDUKO 11XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

EYEMFUDUKO 12

IPasika

1*UNdikhoyo wabayalela ooMosis noAron kwelaseJiputa, wathi: 2“Le iya kuba yinyanga yenu yokuqala enyakeni. 3Thetha namaSirayeli, uthi ngomhla weshumi kule nyanga umzi ngamnye mawuzifunele ixhwane. 4Kambe ke ukuba umzi lowo unabantu abambalwa, awunako ukulitya uligqibe ixhwane, mawudibane nommelwane, yomibini ihlanganyele ixhwane elinye ngokobubanzi beentsapho zayo. Ngoko ke umzi ngamnye uya kulinganiselwa ixhwane kwangaphambili. 5Ixhwane elo lichongwayo malingabi nasiphako, libe nonyaka ubudala. Ingalelegusha okanye elebhokhwe. 6Maligcinwe kude kube ngumhla weshumi elinesine wenyanga, apho liya kuthi lonke ibandla lamaSirayeli liwaxhele amaxhwane alo ngorhatya. 7Ngaloo mini ke baya kuthatha igazi lexhwane elo, bayidyobhe ngalo imigubasi yaloo ndlu batyela kuyo, ngapha nangapha naphezulu. 8Ngobo busuku inyama leyo ze bayose, bayifake umthi womkrakriso, bayitye, bayidibanise nesonka esenziwe ngentlama engenagwele. 9Ningakhe nilinge niyitye iluhlaza, okanye iphekiwe. Mayosiwe xa iyonke; nditsho nentloko namanqina nezibilini. 10Le nyama ke ize ingabekelwa ingomso. Xa kwenzekile yasala, ize itshiswe ngomlilo kusasa. 11Uyabona ke ze nenjenje: Yityeni seningxamele ukuhamba; nifinyezile, iimbadada zisezinyaweni, induku isesandleni. Kaloku esi sisidlo sePasika kaNdikhoyo.

12“Kanye ngobo busuku ndiya kulityhutyha elaseJiputa, ndihambe ndiwabulala onke amazibulo, ndiqalele kwawabantu, ndiyokutsho nakwawemfuyo. Mna Ndikhoyo ndiya kuba ngumgwebi phezu *koothixo bamaJiputa. 13Izindlu enikuzo ndiya kuzibona ngegazi; lona loba ngumqondiso endininika wona. Ndiya kuthi ndakubona igazi ndigqithe, angafiki kuni ubhubhani xa nditshabalalisa amaJiputa. 14Le mini ke ize ibe sisikhumbuzo kuni. Ze ningayilibali, ngayo nibhiyozele uNdikhoyo, niyenze ibe ngummiselo olisiko nakwizizukulwana.”

Umsitho wesonka esingenagwele

15Waqhuba *uNdikhoyo wathi: “Uyabona ke, niya kuthatha iintsuku ezisixhenxe nisitya isonka esenziwe ngentlama engenagwele. Ngosuku lokuqala ze niligqogqe nilikhuphe lingabikho igwele ezindlwini zenu. Kwezi ntsuku ke umntu okhe watya into enegwele uya kuhlanjwa kwibandla lamaSirayeli. 16Umhla wokuqala nomhla wesixhenxe uya kuba ngumhla owodwa wenkonzo; akukho msebenzi uya kwenziwa ngayo ngaphandle kokupheka. 17Lo msitho ke ze niwugcine, kuba ngawo nokhumbula umhla endanikhupha ngawo eJiputa ningamabutho ngamabutho. Ngoko ke wenzeni ube ngummiselo kammiselo. 18Ukususela kurhatya lomhla weshumi elinesine, kuye kutsho kurhatya lomhla wamashumi amabini ananye, ze ningasityi isonka esinyusiweyo. 19-20Ngezo ntsuku zisixhenxe malingabikho igwele ezindlwini zenu, kuba okhe watya into enegwele uya kuhlanjwa ebandleni likaSirayeli, noba uyinzalelwane, okanye ngumngeneleli. Naphi na apho nikhoyo ze nitye isonka esinganyuswanga; esinegwele ze ningasifaki emlonyeni.”

IPasika yokuqala

21UMosis ke wawabiza amadoda amakhulu amaSirayeli, wathi kuwo: “Hambani ngoku nizifunele amaxhwane ngokwemizi yenu, nixhelele *iPasika. 22Umntu makathathe amahlamvu ehisopu, awathi nkxu kwigazi lexhwane elisesityeni, afefe imigubasi yomibini naphezu kwayo. Akuyi kuphuma mntu ke apho kuloo ndlu kude kube kusasa ngengomso. 23Kaloku xa *uNdikhoyo ejikeleza, ehamba ebulala amaJiputa, uya kuthi akubona igazi emigubasini, awugqithe loo mnyango, angamvumeli umtshabalalisi angene anibulale. 24Ze niyilulamele le miyalelo ibe ngummiselo kuni nakwizizukulwana. 25Naxa senide nafika nakwelo lizwe nathenjiswa ngalo nguNdikhoyo ze ningayilibali. 26Niya kuthi ke xa nibuzwa ngabantwana benu ngalo msitho, besithi ngaba uthetha ntoni na, 27nibaxelele nithi: ‘Ngalo msitho sitya idini lePasika lokudumisa uNdikhoyo, sikhumbula mhla wazigqitha izindlu zamaSirayeli eJiputa, mhlenikwezeni watshabalalisa amaJiputa, wasisindisa ke thina.’ ” AmaSirayeli ke asuka athi guqaqa, anqula uNdikhoyo. 28Ahamba ke amaSirayeli aya kwenza ngokomlomo kaNdikhoyo kuMosis noAron.

Ukubulawa kwamazibulo

29Kwathi ke ezinzulwini zobusuku *uNdikhoyo walihlasela elaseJiputa, wawabulala onke amazibulo, kuqalela kwelikakumkani lowo wayengqendeve ebhotwe, kuye kuqhina kwelombanjwa owayengaphaya kwezitshixo, ngokunjalo nawemfuyo. 30Ke kaloku ngobo busuku ukumkani, amaphakathi, nawo onke amaJiputa, baphaphama, bevuswa sisimbonono sesijwili. Kaloku kwakungekho mzi ungafelwanga. 31Kwangobo busuku ukumkani waseJiputa wathumela buphuthu-phuthu ukuba kubizwe uMosis noAron. Befikile ke, wathi kubo: “Vukani nihambe, niphume phakathi kwabantu bam; nditsho nina namaSirayeli jikelele. Hambani niye kukhonza uNdikhoyo njengoko nanicelile. 32Thathani konke okwenu, ningayishiyi imihlambi yenu yeenkomo, neegusha, neebhokhwe, niphel' emehlweni – nam nindithamsanqelise!”

33AmaJiputa athundeza amaSirayeli ukuba emke, esithi: “Singabafileyo xa enokungahambi amaSirayeli.” 34Ngoko ke amaSirayeli azalisa izitya zawo zokuxovela ngentlama engenagwele, aza azisongela ngeempahla, azixway' emagxeni. 35Bayenza nento ababeyiyalelwe nguMosis, kuba bacela izinto zesiliva nezegolide, kunye nempahla yokunxiba, kumaJiputa. 36UNdikhoyo wawenza axatyiswa amaSirayeli ngamaJiputa, aza awaxhobisa ngako konke awayekufuna. Ngaloo ndlela ke amaSirayeli awaphanga amaJiputa.

Ukunduluka kwamaSirayeli eJiputa

37Ke kaloku anduluka amaSirayeli eRamesi, aya kutsho eSukoti. Inani lamadoda ngaphandle kwelabafazi nabantwana lalingamakhulu amathandathu amawaka. 38Kanti ke kwabakho nengxubevange yabantu ehamba namaSirayeli, ngokunjalo nemihlambi yeenkomo, neebhokhwe, neegusha. 39Babhaka izonka ngaloo ntlama inganyuswanga babemke nayo eJiputa. Kaloku lalingekho igwele, ibe ke ukuphuma kwabo eJiputa bagxagxanyiswa kangangokuba bangabi nako nokuzenzela nomphako lo.

40KwelaseJiputa amaSirayeli ahlala iminyaka engamakhulu amane anamashumi amathathu. 41Kwathi kanye ke ngosuku lokugqibela lokuphela kwaloo minyaka uhlanga lukaNdikhoyo lwaphuma eJiputa lungamabutho ngamabutho. 42Ngenxa yokuba uNdikhoyo walinda ngobo busuku, elindele ukuwakhupha eJiputa, nangoku amaSirayeli anesiko lokulinda ngobu busuku, esenza isikhumbuzo sikaNdikhoyo.

Imiqathango ngokuqhutywa kwePasika

43*UNdikhoyo wabayalela uMosis noAron, wathi: “Nantsi imimiselo emaniyigqale xa kubhiyozelwa *iPasika: Umntu wolunye uhlanga akavumelekanga ukuba abe nenxaxheba. 44Ke lona ikhoboka elithengiweyo livumelekile lakuba lalukile. 45Umhambi okanye umqeshwa makangabi nanxaxheba. 46Inyama leyo yotyelwa kuloo ndlu iphekelwe kuyo, kungàphunywa nayo phandle. Amathambo ayo makangakrotyozwa. 47Lo msitho uya kubhiyozelwa ngamaSirayeli ephela. 48Umngeneleli omi phakathi kwenu, xa enqwenela ukuthatha inxaxheba kulo msitho, makuqale koluswe onke amadoda kuloo ndlu yakhe. Xa kunjalo ke woba nelungelo njengabo bonke abomthonyama. 49Umntu ongalukanga akanalungelo kuloo msitho, nokuba uyinzalewane okanye ngumngeneleli.” 50AmaSirayeli ke ayithobela yonke loo miyalelo kaNdikhoyo kuMosis noAron. 51Ngaloo mini kanye uNdikhoyo wawakhupha amaSirayeli eJiputa engamabutho ngamabutho.

EYEMFUDUKO 12XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

EYEMFUDUKO 13

Ukuphawulwa kwamazibulo

1*UNdikhoyo wabhekisa kuMosis wathi: 2“Ndiphawulele onke amazibulo azalwayo kwaSirayeli abe ngawam, nditsho awabantu nawemfuyo.”

Umbhiyozo wezonka ezinganyuswanga

3UMosis wathetha nabantu wathi: “Ze ningaze niwulibale lo mhla wokukhululeka kwenu ebukhobokeni kwelaseJiputa. Kaloku nikhululwe bubungangamsha *bukaNdikhoyo. Ngawo makungatyiwa sonka sinyusiweyo. 4Lo mhla wale nyanga inguAbhibhi yimini yokunduluka kwenu. 5UNdikhoyo wabathembisa ookhokho benu ukuba uya kubanika ilizwe lamaKanana, amaHiti, ama-Amori, amaHivi, namaJebhusi. Nakufika kwelo lizwe lihle liyinzwakazi, livuza ubisi nobusi, ze nenze isikhumbuzo ngawo wona lo mhla wale nyanga minyaka le. 6Niya kutya isonka esinganyuswanga iintsuku zibe sixhenxe. Ngolu lwesixhenxe ke niya kwenza itheko lokuwonga uNdikhoyo. 7Niya kutya isonka esinganyuswanga iintsuku zibe sixhenxe; into evutyelweyo okanye igwele lingakhe lifumaneke kummandla wenu. 8Xa nisenza eli theko ke, ze nibaxelele abantwana benu, nithi: ‘Ngalo mhla siwonga uNdikhoyo ngokusikhupha kwakhe eJiputa.’ 9Lo mbhiyozo ke uya kufana nomqondiso osesandleni okanye ebunzi, ukuze ningalibali ukubalisa ngommiselo kaNdikhoyo. Kaloku kwaba ngesandla sakhe ukuphuma kwenu eJiputa. 10Ngoko ke eli siko lenzeni ngexesha lalo minyaka le.”

Amazibulo

11“Ke kaloku xa *uNdikhoyo ede wakufikisa kwelaseKanana njengoko wakuthembisayo wena nooyihlo, 12uze umphawulele onke amazibulo azalwayo. Onke amazibulo emfuyo yakho angamaduna ngakaNdikhoyo. 13Ke lona izibulo ledonki uya kulikhulula ngokulihlawulela ngexhwane; ungayenzanga loo nto uze ulophule ilungu lentamo. Nonyana wakho wamazibulo uze umkhulule ngentlawulo. 14Kuya kuthi ke xa oonyana bebuza ukuba lithetha ntoni na elo siko, uthi: ‘Sisikhumbuzo sokuba saphuma ebukhobokeni baseJiputa ngokusebenza kwamandla kaNdikhoyo. 15Kaloku wathi ukumkani waseJiputa akungavumi ukusikhulula, uNdikhoyo wawabulala amazibulo abantu nawemfuyo kwelaseJiputa. Ngesi sizathu ke amazibulo angamaduna kwimfuyo ndenzela ngawo uNdikhoyo idini. Ke wona amazibulo oonyana ndiwakhulula ngokuwahlawulela. 16Eli siko ke liya kufana nomqondiso osesandleni okanye ebunzi, lihlale lisikhumbuza ukuba kukusebenza kwamandla kaNdikhoyo okwasikhupha eJiputa.’ ”

Umqulu welifu nesithatha somlilo

17Wathi ukumkani waseJiputa akuwakhulula amaSirayeli, uThixo akawakhokela ngendlela ecanda kwelamaFilistiya, nakuba yayiyeyona imfutshane. Kaloku uThixo wathi: “AmaSirayeli akuzibona egaxeleka emfazweni, angafuna ukubuyela eJiputa.” 18Ngoko ke uThixo wawakhokela ngendlela yasentlango esinga kuLwandle oluBomvu. AmaSirayeli ke aphuma eJiputa exhobele imfazwe.

19Ke kaloku uMosis wawathatha wahamba nawo amathambo kaJosefu, kuba uJosefu wayethe kumaSirayeli: “Ngenye imini uThixo uya kuze anivelele, anikhuphe nimke apha; ngoko ke fungani ukuba niya kuhamba nawo amathambo am.”

20AmaSirayeli ke anduluka eSukoti, aya kuphumla e-Etam enyeleni yentlango. 21Apho ke eluhambeni *uNdikhoyo wayewakhokela ngomqulu welifu emini, aze ebusuku awakhokele ngesithatha somlilo. 22Lo mqulu welifu ke wawuhlala uhamba phambi kwawo emini, nesithatha somlilo sisenjenjalo ebusuku.

EYEMFUDUKO 13XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-