Bible Society of South Africa

To The Word – Day 171

Ecclesiastes 1–6

Itekisi yeBhayibhile

AMAVA ENGQONDI 1

Akukho nto intsha ehlabathini

1Nanga amazwi eNgqondi, unyana kaDavide, ukumkani waseJerusalem:

2“Ngamampunge awo amampunge;” itsho iNgqondi,

“ewe, ngokupheleleyo ngamampunge;

yonk' into ngamampunge!”

3Kumnceda ntoni umntu ukuzabalaza esebenza?

Ude azuze ntoni ngokubulaleka kwakhe apha phantsi kwelanga?

4Izizukulwana ziyafika, izizukulwana ziyemka,

kodwa ke lona ihlabathi limi ngonaphakade.

5Ilanga liyaphuma, kanti ke ilanga libuya litshone,

lize ke likhawuleze liye apho liya kuphuma khona.

6Umoya ubhudla ubhekisa ngasezantsi, ubuye ubhekise ngasentla;

wenza loo njike-njike uthatha umjikelo wawo.

7Yonk' imilambo ingena elwandle, kodwa ke lona ulwandle aluzali;

amanzi abuyela apho ebevela khona, aphinde asinge apho ebesiya khona.

8Yonke into yindebelefele yendinisa engathethekiyo:

iliso liyabona, kodwa alaneli;

kanti nendlebe iyeva, kodwa ayihluthi.

9Into eyakha yakho yophinda ibe khona.

Le nto yenzekileyo iya kuphinda yenzeke kwakhona.

Akukho nto intsha phantsi kwelanga.

10Ungabeva besithi: “Uyabona ke, intsha le nto!”

Ukanti ke ibikho kakade, ntlandlolo kwangaphambili.

11Izinto zakudala azisakhunjulwa;

ukanti ke nezi zanamhlanje izinto aziyi kwaziwa sisizukulwana esizayo.

Ukuzama ukubalasela ngamampunge

12Ke mna Ngqondi ndandingukumkani wakwaSirayeli eJerusalem. 13Ndasuka ndazimisela ukuphicotha ndenze uphando ngobulumko ngazo zonke izinto ezenzekayo ehlabathini. Ewe, uThixo ubanike uxanduva lomzabalazo otyhafisayo abantu. 14Ndizibonile ke zonke izinto ezenziwayo phantsi kwelanga; zonke zingamampunge, nqwa nokusukelana nomoya.

15Kaloku into egoso-goso ayinakolulwa;

ukanti nento engekhoyo ayinakubalwa.

16Ndaziva sendisithi kum ngaphakathi: “Ngoku mna ndide ndabalasela ngobulumko kunaye nabani na owakhe walawula eJerusalem ngaphambi kwam. Ndinamava aphangaleleyo ngobulumko nolwazi. 17Ndazimisela ukuzuza ulwazi nobulumko, ndibuqonde ubutyhakala nobudenge, kodwa ndafikelela kwelithi naleyo into ifana nokusukelana nomoya.”

18Ukukhula kobulumko kwandisa ukukhathazeka;

kanti ke nokukhula kolwazi kongeza iinzingo.

AMAVA ENGQONDI 1XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

AMAVA ENGQONDI 2

Iziyolo ngamampunge

1Ke kaloku ndagqiba kwelithi: “Makhe ndilinge iziyolo, ndizonwabise, ndive ukuba kunjani na!” Kodwa ke ndafumanisa ukuba naloo nto ngamampunge. 2Ukuhleka ndathi: “Bubuyatha;” iziyolo zona: “Ngaba zindizisela ntoni?” 3Ndacamanga entliziyweni yam ukuba mandithi lo gama ndifuna ubulumko khe ndizilahlele kwiwayini, ndiziphathe okwesityhakala, ndide ndibone ukuba yeyiphi into ebalungeleyo oonyana babantu ukuba bayenze apha emhlabeni ngemihla embalwa yobomi babo.

4Ndenza imisebenzi emikhulu: ndazakhela izindlu, ndatyala izidiliya, 5ndalima izitiya, ndenza nemiyezo, kuyo ndatyala zonke iintlobo-ntlobo zeziqhamo. 6Ndemba ndenza amadama ukuze ndinkcenkceshele loo mithi isahlumayo. 7Ndandizithengela amakhoboka angamadoda nabhinqileyo, kwada kwakho namakhoboka azalelwa emzini wam. Ndandinemihlambi emininzi yeenkomo nempahla emfutshane ngaphezu kweyabo bonke abakhe bahlala ngaphambi kwam eJerusalem. 8Ndaqokelela imfumba yesiliva negolide, ndiyithatha kwindyebo yookumkani abaphantsi kwam, namazwe endiwalawulayo. Ndandineekwayala zokundonwabisa – amadoda nabantu ababhinqileyo. Kananjalo ndandinabafazi abaninzi ngokomnqweno wentliziyo yam. 9Ewe, ndandisisikhulu, ndimkhulu kunabo bonke abakhe bema eJerusalem ngaphambi kwam. Ngalo lonke eli xesha bendincedwa bubulumko bam.

10Yonke into endandiyinqwenela ndandiyifumana,

kungekho nasiyolo sakha sandiphosa.

Ndandineqhayiya, ndizidla ngayo yonke imizabalazo yam;

lowo yaba ngumvuzo wam ngoko kubulaleka.

11Ndathi ke ndakuwuphonononga wonke umsebenzi wezandla zam nokubulaleka endibulaleke ngako,

ndafumanisa ukuba yonke loo nto ngamampunge nje,

yimfeketho enjengokusukelana nomoya.

Ewe, akukho nzuzo apha phantsi kwelanga.

Ubulumko nobutyhakala ngamampunge

12Ndaza ke ndaphicotha umahluko phakathi kobulumko kunye nobutyhakala nobudenge. Kakade yintoni anokuyenza ongena ezihlangwini zokumkani ebeyingasele yenziwa ngaphambili?

13Ndabona ukuba ubulumko buyakhetheka kunobutyhakala,

kwanjengokuba ukukhanya kungcono kunobumnyama.

14Umntu osisilumko uyabona apho aya khona,

kanti ke sona isityhakala sifathula emnyameni.

Kambe ke ndafumanisa ukuba bebonke isiphelo sinye.

15Ndagqiba kwelithi: “Nam ngokwam ndiya kufa kwanjengesityhakala, ibe yintoni ke endiyizuzileyo ngobulumko?” Ndaza ndagqiba kwelithi: “Nale ke into ikwangamampunge. 16Isilumko siyalityalwa, kanti nesityhakala asikhunjulwa. Ngemihla ezayo bobabini bayalityalwa, bangabi sakhunjulwa. Kukugqwesa ngantoni ke ukufa kwesilumko ukufa kwesityhakala?”

Ukubulaleka ngamampunge

17Ngoko ke ndatsho ndabucaphukela ubomi, kuba yonke into eyenziwa apha phantsi kwelanga yasuka yandiphathela inkxwaleko. Ewe, zonke izinto ngamampunge, nqwa nokusukelana nomoya. 18Ke kaloku ndasuka ndakucaphukela konke ukubulaleka kwam apha phantsi kwelanga, kuba ndisazi ukuba ndihlalelwe kukuzishiya kulowo undilandelayo zonke izinto endizenzileyo. 19Kwazi bani ke ukuba woba sisilumko okanye isityhakala? Ukanti ke noba kunjalo konke ukubulaleka nobuchule bam apha phantsi kwelanga buya kuba semandleni akhe. Hayi suka, ngamampunge lawo! 20Ngoko ke ndatsho ndazisola ngokubulaleka kwam konke apha phantsi kwelanga. 21Kaloku umntu ebesenokuwenza umsebenzi wakhe ngobulumko, ingqiqo, nobuchule, kanti yonke loo nto abulaleke ngayo uza kuyishiya emntwini ongayisebenzelanga mpela-mpela! Ngenene nale into ngamampunge; imbi kunene! 22Kodwa-kodwa uzuza ntoni umntu ngemizabalazo nokubulaleka kwakhe apha phantsi kwelanga? 23Yonke imihla yakhe yinkxwaleko, nokuzabalaza kwakhe ziinzingo. Nasebusuku uyaphuthelwa angaphumli. Ewe, yonke loo nto nayo ingamampunge.

24Ayikho enye into angayenzayo umntu ngaphandle kokuba atye asele, ahlale anelisekile kukubulaleka kwakhe. Phofu ke naleyo ndafumanisa ukuba iphuma kwasesandleni sikaThixo, 25kuba kaloku ngaphandle kwakhe akukho mntu ungatyayo okanye onwabe. 26Kaloku uThixo umnika ubulumko, ingqiqo, nokonwaba, loo mntu umkholisayo; kambe ke bona abagwenxa abanike uxanduva lokusebenza nzima, beqweba beqokelela ubutyebi, ukuze ke babunikezele kwabo bakholisa uThixo. Ngenene nale into ngamampunge, ifana nokusukelana nomoya.

AMAVA ENGQONDI 2XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

AMAVA ENGQONDI 3

Yonke into inexesha layo

1Yonke into inexesha layo;

umbandela ngamnye unethuba lawo apha emhlabeni.

2Ukuzalwa kunexesha lako,

nokufa kunexesha lako.

Likho ixesha lokutyala,

likwakho nexesha lokuncothula.

3Likho ixesha lokubulala,

kanti likho nexesha lokunyanga.

Ukuchitha kunexesha lako,

nokwakha kunexesha lako.

4Ukulila kunexesha lako,

nokuhleka kunexesha lako.

Likho ixesha lokuzila,

likwakho nexesha lemihlali.

5Ukusarhaza amatye kunexesha lako,

nokuqokelela amatye kunexesha lako.

Likho ixesha lokuwolana,

likwakho nexesha lokuyeka ukuwolana.

6Ukufuna kunexesha lako,

nokuncama kunexesha lako.

Ukugcina kunexesha lako,

nokulahla kunexesha lako.

7Likho ixesha lokukrazula,

likwakho nexesha lokuthunga.

Ukuthi cwaka kunexesha lako,

kanti nokuthetha kunexesha lako.

8Uthando lunexesha lalo,

nokucaphukela kunexesha lako.

Likho ixesha lemfazwe,

kanti likwakho nexesha loxolo.

9Umntu uzuza ntoni ke ngemizabalazo yakhe? 10Ndilubonile uxanduva alunike uluntu uThixo. 11Into yonke uyimisele ixesha layo. Umntu yena umnike ulangazelelo lokuqonda nangamaxesha angamiselwanga. Kodwa ke umntu akafikeleli ekuyazini into eyenziwa nguThixo ukususela ekuqaleni kuye esiphelweni. 12Ndifumanise ukuba akukho nto iyenye angayenzayo umntu ngaphandle kokuba ahlale onwabile, enze okulungileyo lo gama esaphila, 13kwanokuba wonke umntu atye asele aneliseke yimigudu yakhe. Kaloku sisipho esivela kuThixo eso. 14Ndiyazi ukuba yonke into eyenziwa nguThixo iya kuhlala ihleli; akukho nto inokongezwa kuyo, kungekho nto inokususwa kuyo. UThixo uyakwenza oku ukuze ahlonelwe ngabantu.

15Into ekhoyo ibiselikho kakade,

nento eya kubakho ibikho ngaphambili.

UThixo uyakubuyisela obekusele kudlule.

Inkohlakalo ehlabathini

16Ngaphezu koko ke ndifumanise ukuba apha phantsi kwelanga usuka ufumane inkohlakalo endaweni yokugweba ngokufanelekileyo, nditsho inkohlakalo endaweni yobulungisa. 17Ndagqiba kwelithi: “UThixo uza kugweba bonke, abalungileyo nabakhohlakeleyo, kuba umise ixesha layo yonke imicimbi nazo zonke izenzo.”

18Ndagqiba ngelithi: “UThixo uyaluvavanya uluntu, efuna ukuba luqonde ukuba alwahluke kuya phi ezilwanyaneni. 19Kaloku isiphelo somntu siyafana nesesilwanyana. Ukufa kubabopha ngentambo enye ngokufanayo. Ewe, umoya mnye emntwini nasesilwanyaneni. Ke umntu akasidluli nganto isilwanyana. Yonke into ingamampunge. 20Umntu ndawonye nesilwanyana baya ndaweni-nye; njengoko bephuma emhlabeni, babuyela kwasemhlabeni. 21Ngubani owaziyo ukuba umoya womntu uyenyuka ubheke phezulu, ingubani owaziyo ukuba umoya wesilwanyana uyehla ubheke emhlabeni?”

22Ke kaloku ndabona ukuba into emfaneleyo umntu kukwanela, axhamle imigudu yakhe, kuba kambe eso sisabelo sakhe. Kakade ngubani onokumbonisa oko kuza kwenzeka za sele engekho?

AMAVA ENGQONDI 3XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

AMAVA ENGQONDI 4

Ngubani endibulalekela yena?

1Kwakhona ke ndathi ndakukhangela ndayibona ingcinezelo ekhoyo apha phantsi kwelanga.

Awu, iinyembezi zabo bacinezelweyo;

ibe ke kungekho namthuthuzeli!

Ewe, akukho mntu ubathuthuzelayo,

ibe ke bona abacinezeli baxhaswa ligunya.

2Ndafumanisa ukuba abo bangasekhoyo, abasele befile kakade,

bakwimeko engcono kunabo baphilayo, abasahleliyo nangoku.

3Kambe ke oyena ukwimeko engcono ngulowo ungekabikho,

engekayiboni le nkohlakalo yenziwayo apha phantsi kwelanga.

4Ndafumanisa ukuba into eyenza abantu babulaleke bazabalaze kangaka kukuxhalela abamelwane. Kambe ke naleyo ngamampunge, nqwa nokusukelana nomoya.

5Isiyatha sisonga izandla,

sizitshabalalise ngokwaso.

6Phofu ke akunani kwaintwana engephi, oyifumana wonwabile,

kunentabalala ezuzwa ngembulaleko kusukelwana nomoya.

7Kwakhona ndawabona amampunge alapha phantsi kwelanga:

8Nanko umntu ohlala yedwa, kungekho owesibini:

akananyana namntakwabo,

kodwa uxhabashile, uyasebenza engaphezi;

noxa kunjalo amehlo akhe akaneliswa bubutyebi bakhe.

Ude athi: “Ngubani endibulalekela yena,

ndide ndizivimbe ulonwabo kangaka?”

Ewe, nale into ngamampunge;

ngumzamo ophuthileyo!

Intsontelo ephindwe kathathu iqhawuka nzima

9Kungcono abasebenzi babe babini kunokuba abe mnye, kuba baba nengeniso eyiyo ngomsebenzi wabo.

10Kaloku xa omnye ethe wawa omnye unokuphakamisa ugxa wakhe. Mawoo ke lowo uyedwa xa athe wawa! Akukho bani unokumphakamisa. 11Ewe, xa ababini belala ngangubo-nye abagodoli. Kodwa ke kunzima ukufudumala xa ulele wedwa. 12Oyedwa uyagaganyelwa, kodwa ababini banako ukumelana nohlaselo. Intsontelo ephindwe kathathu iqhawuka nzima.

Izikhundla ngamampunge

13Endaweni yokumkani owalupheleyo osisityhakala esingeva nacebiso lilunge kanye igatyana lomfana olihlwempu xa enobulumko, 14nangona angade abe wazalelwa ebuhlwempini phantsi kwaloo kumkani. Ewe, usenokuphuma nasentolongweni abe ngukumkani alawule. 15Ndibone ukuba bonke abadla ubomi besihla benyuka apha phantsi kwelanga basuke bamlandela umfana lowo ungene esikhundleni sokumkani lowo walupheleyo. 16Ewe, baba baninzi kakhulu abantu abamlandelayo kangangokuba bangabi nakubalwa. Kambe ke sona isizukulwana esilandelayo asibi saba namdla kuye. Ngenene nale ke into ikwangamampunge nokusukelana nomoya.

AMAVA ENGQONDI 4XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

AMAVA ENGQONDI 5

Isilumkiso ngezithembiso

1Lumka, ugqale ukunyathela kwakho xa usiya endlwini kaThixo. Xa usiya khona hamba ngeenjongo zokuphulaphula endaweni yokwenza amadini njengezityhakala ezingaziyo ukuba zenza ubugwenxa.

2Qiqa phambi kokuba uthethe;

musa ukungxama ukwenza izithembiso kuThixo.

Kaloku yena usezulwini, ube ke wena ulapha emhlabeni;

ngoko ke amazwi akho makabe mbalwa.

3Ubuninzi bemicimbi bubanga amaphupha;

ubuninzi bamazwi kuhamba nentetho yobutyhakala.

4Xa wenze isifungo kuThixo, khawuleza usifezekise. Kaloku yena akavani nezityhakala; ngoko ke siphumelelise isifungo sakho. 5Akunani kwaukungenzi sifungo kunokubhambathisa uze ungafezekisi. 6Umlomo wakho mawungakukhokeleli esonweni, uze ke ube ubongoza isigidimi, usithi: “Ndiphazamile.” Ngani ukuba umkhathaze uThixo ngento oyithethileyo, ade atshabalalise umsebenzi wezandla zakho? 7Intlaninge yamaphupha namazwi amaninzi ngamampunge. Kuphela hlonela uThixo!

Ubutyebi ngamampunge

8Sukumangaliswa xa ubona abantu abahlelelekileyo becinezelwa, bengazelelelwa kummandla othile, bengenzelwa ubulungisa nokufanelekileyo. Kaloku igosa ngalinye livelelwa lelinye, aze ke xa ewomabini avelelwe ngamanye angentla kuwo. 9Kambe ke ilizwe lilungelwa yinto yonke xa ukumkani enyamekela ukulinywa kwamasimi akhe.

10Umntu oyinyolukeleyo imali soze imanelise;

kanti ke noxhinele ubutyebi akaze aneliswe yingeniso yakhe.

Nale ke into ngamampunge.

11Yakukhula ingeniso bayanda nabaxhomekeke kuyo,

ibe yintoni ke ezuzwa ngumniniyo?

Kuphela uyitya ngamehlo!

12Umntu ophangelayo ulala athi yoyi,

noba utya kancinci, okanye ke uyahlutha.

Ke bona ubunewu-newu besityebi busitsho siphuthelwe.

13Apha phantsi kwelanga ndibone ububi obungcungcuthekisayo:

umntu angaziqwebela ubutyebi, busuke benzakalise kwayena mnikazi wabo!

14Omnye ke ufumba ubutyebi, alahlekelwe bubo ngenxa yentlekele,

ze ke unyana ozelwe nguye angabi nanto ezandleni.

15Mhla wavela umntu uzalwa ngunina ezé;

mhla andulukayo uhamba kwangolo hlobo eze ngalo.

Kuko konke ukubulaleka kwakhe umntu apha emhlabeni

umka engaphathanga nto ngesandla sakhe.

16Ewe ngenene, ibuhlungu le meko!

Umntu umka eyiloo nto ebefike eyiyo.

Kumncede ntoni ke ukusebenzela ilize?

17Kananjalo imihla yobomi bakhe yonke uyidlela ebumnyameni,

egutyungelwa ziinkathazo neenzingo nomsindo.

18Ke kaloku ndifumanise ukuba eyona nto ilungileyo nefanelekileyo ukuba umntu ayenze kukutya asele, akuxhamle enelisekile ukubulaleka kwakhe ngezi ntsukwana zimbalwa aziphiwe nguThixo apha phantsi kwelanga. Kaloku eso sisabelo sakhe. 19Ewe, umntu xa ephiwe ubutyebi nezinye izinto eziphathekayo, aze futhi uThixo amnike inyhweba yokuzixhamla ezo zinto, kufuneka akuxhamle enombulelo ukubulaleka kwakhe – kaloku eso sisipho esivela kuThixo. 20Ngenxa yolo lonwabo aluphiwe nguThixo, umntu utsho angabi sazikhathaza ngobungakanani bobomi bakhe.

AMAVA ENGQONDI 5XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

AMAVA ENGQONDI 6

1Nabu obunye ububi endibubonileyo apha phantsi kwelanga, yaye buthe zinzi phezu kwabantu: 2nditsho into yokuba umntu anikwe ubutyebi nguThixo, aze abe ngumfo omi kakuhle nohlonelwayo, ade angasweli nto ayinqwenelayo, kambe ke uThixo angamniki ithuba lokuzixhamla, ndaweni yaloo nto kuvele owasemzini azixhamle ezo zinto. Ewe, ngamampunge le nto; iyimeko ebuhlungu.

3Umntu noba anganekhulu labantwana, aphile imihla emininzi, phofu angabuxhamli ubumnandi bobomi, angènzelwa umngcwabo onguwo, mna ndithi akunani kwaumntwana ovele engasekho kunaye. 4Kaloku ukuzalwa akumphathelanga nto loo mntwana, usuke aduke ebumnyameni, negama lakhe ligutyungelwe bubumnyama. 5Nakuba lo mntwana engazange walibona ilanga, futhi engazange wazi nto, kodwa ke yena ukufumene ukuphumla kunaloo mntu. 6Ewe, umdlula kude lee umntu ongaxhamlanga luyolo ebomini, noba angade aphile iwaka eliphindwe kabini leminyaka. Andithi na kaloku bonke baya ndaweni-nye?

7Kuyo yonke imizabalazo yakhe umntu usebenzela emlonyeni,

kodwa akaze anele.

8Umntu osisilumko usigqitha ngani isityhakala?

Kulinceda ntoni ihlwempu ukuyazi indlela yokuziphatha phakathi kwabantu?

9Masanele zezo zinto sinazo

endaweni yokuzikhathaza ngokunqwenela le naleya.

Hayi bo, ngamampunge lawo, nqwa nokusukelana nomoya!

10Yonke into ekhoyo sekukudala ithiywe igama layo,

nento ayiyo umntu selisaziwa kakade;

umntu akanako ukumelana nalowo womeleleyo kunaye.

11Okukhona intetho iba nde kokukhona iye ilambatha intsingiselo yayo,

ize ke incede bani loo nto?

12Umntu angayazi njani eyona nto imfaneleyo umntu kobu bomi bufutshane buphuthe kangaka? Ewe, obu bomi buthi phinzi njengesithunzi. Ngubani onokumxelela into eya kwenzeka apha phantsi kwelanga akuba engasekho yena?

AMAVA ENGQONDI 6XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-