Bible Society of South Africa

To The Word – Day 184

Jeremiah 33–37, Proverbs 24

Itekisi yeBhayibhile

UJEREMIYA 33

Ukukhululwa ekuthinjweni

1UJeremiya esavalelwe eyadini yabalindi labuya lavakala okwesibini kuye ilizwi *likaNdikhoyo, lisithi: 2“UNdikhoyo owenza ihlabathi walibumba walizinzisa, ogama linguNdikhoyo, utsho ukuthi: 3‘Khala kum, ndikuphendule, ndikwazise izinto ezinkulu ezingenakugocagocwa, obukade ungaziqondi, 4-5nditsho izinto ezimalunga nezindlu zesi sixeko nebhotwe lookumkani bakwaJuda ezadilizwayo, nezimalunga neengqumba zokulwa, namakrele amaKaledi anihlasele ngawo, aza azalisa ezi zindlu ngezidumbu zabantu endandizimisele ukubatshabalalisa ngenxa yomsindo wam ovuthayo xa ndandisifulathele esi sixeko ngenxa yobugwenxa baso obungaka. Ngokubhekiselele kwezi zinto utsho uNdikhoyo uThixo kaSirayeli ukuthi: 6Ndosinyanga ndisiphilise esi sixeko, ndibathi jize ngoxolo nokhuseleko abemi baso. 7Abantu bakwaJuda nabakwaSirayeli ndobakhulula ekuthinjweni, ndibamilisele njengangaphambili. 8Ndobahlambulula ebugwenxeni babo bonke abandone ngabo, ndibaxolele amatyala abo nokundivukela kwabo. 9Esi sixeko siya kuba ngumthombo wovuyo kum, ibhongo neqhayiya lam emehlweni eentlanga zonke zehlabathi xa zisiva ngezinto ezintle endizenzela sona, zitsho zothuke zinkwantye zakubona uxolo nentlala-kahle exhanyulwayo.’

10“Utsho uNdikhoyo ukuthi: ‘Aba bantu bathi le ndawo yinkangala engamiwa mntu nasilwanyana. Ewe, kunjalo: iidolophu zakwaJuda nezitalato zaseJerusalem azinabantu, akukho nazilwanyana. Kanti iza kubuya ivakale 11intswahla yemigcobo nemincili, kuvakale izwi lomyeni nelomtshakazi, kuvakale ingoma yâbo bazisa umnikelo wombulelo endlwini kaNdikhoyo, besithi:

“ ‘ “Makabongwe uSomandla-onke uNdikhoyo

ngokuba elungile,

obubele bakhe buhlala buhleli!”

“ ‘Eli lizwe ndiza kulibuyisela kundalashe, lichume njengangaphambili.’ Utsho uNdikhoyo.

12“Utsho uNdikhoyo uSomandla-onke ukuthi: ‘Kanye kule ndawo iyinkangala, ingamiwa mntu nasilwanyana, kuza kuvela amadlelo apho abelusi baya kwalusela khona impahla, kuvuswe needolophu zayo. 13Ezidolophini kweleentaba, nezakumazantsi eentaba, nakumzantsi-Juda, kummandla wakwaBhenjamin, nakwiilali ezingqonge iJerusalem, nakwiidolophu zakwaJuda, kobuya kubalwe imfuyo ngabelusi,’ utsho uNdikhoyo.

14“Nguwo lo umlomo kaNdikhoyo: ‘Iyeza imihla yokuba ndisifezekise isithembiso sam kwisizwe sakwaSirayeli nesakwaJuda.

15“ ‘Ngaloo mihla, kanye ngelo thuba,

ndovelisela uDavide ihlumelo elinobulungisa.

Uya kuliphatha ngokuthe tye nangobulungisa ilizwe lonke.

16Ngaloo mihla abantu bakwaJuda bohlala bengabasindileyo,

nabemi baseJerusalem bohlala bekhuselekile.

Igama eya kubizwa ngalo lelithi: “UNdikhoyo ubulungisa bethu.”

17“Ewe, uNdikhoyo uthi: ‘KwaDavide soze inqamke indoda yokulawula kwaSirayeli. 18NakubaLevi bohlala bekho ababingeleli bokwenza amadini atshiswayo naweenkozo nemibingelelo.’ ”

19Lavakala kuJeremiya ilizwi likaNdikhoyo, lisithi: 20“Utsho uNdikhoyo ukuthi: ‘Xa ungatshitshayo umnqophiso wam wemini nobusuku, kungabikho mini nabusuku ngexesha elimisiweyo, 21ungaphela nomnqophiso wam nesicaka sam uDavide, angabi naye umzukulwana oya kulawula esikhundleni sakhe, kwangokunjalo nomnqophiso wam nabaLevi wokuba bahlale bendikhonza. 22Njengokuba zingenakubalwa iinkwenkwezi esibhakabhakeni, ingenakulinganiswa nentlabathi elunxwemeni lolwandle, ndiya kwenjenjalo ukusandisa isizukulwana sesicaka sam uDavide nesabaLevi abandikhonzayo.’ ”

23Lavakala kuJeremiya ilizwi likaNdikhoyo lisithi: 24“Ukuvile na okuthethwa ngaba bantu besithi: ‘Izizwe ezibini awazinyulayo uNdikhoyo uzibukule’? Ngokwenjenjalo banyelisa abantu bam ngokungathi abaselulo uhlanga emehlweni am. 25Utsho uNdikhoyo ukuthi: ‘Xa ungatshitshayo umnqophiso wam wemini nobusuku, khon' ukuze kuphele nemimiselo yam yolungelelwano esibhakabhakeni nasehlabathini, 26xa kunjalo ndingasibukula isizukulwana sikaYakobi nesikaDavide, isicaka sam, kungabi sanyulwa mlawuli koonyana bakhe alawule inzala ka-Abraham noIsake noYakobi. Unakanye! Ndiza kubakhulula ekuthinjweni, ndibabuyisele kundalashe, ndibathi jize ngemfesane.’ ”

UJEREMIYA 33XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UJEREMIYA 34

Udaba oluya kuZedekiya

1Ngexesha ukumkani uNebhukadenezare waseBhabheli wayehlasela iJerusalem kunye needolophu eziyingqongileyo ngomkhosi wakhe wonke, encediswa zizikumkani zonke ezazingaphantsi kwakhe zezizwe ngezizwe awayezilawula, wafikelwa ludaba luvela *kuNdikhoyo uJeremiya. Lwafika lusithi: 2“Utsho uNdikhoyo onguThixo kaSirayeli ukuthi: Yiya kuZedekiya ukumkani wakwaJuda, uthi kuye: ‘Utsho uNdikhoyo ukuthi: Esi sixeko ndiza kusinikela esandleni sokumkani waseBhabheli, yaye uza kusitshisa sibe luthuthu. 3Nawe akuyi kuphuncula: uza kubanjwa unikezelwe kuye. Uza kumbona ngamehlo ukumkani waseBhabheli, nithethe ubuso ngobuso, uhambe uye eBhabheli.’

4“Kambe ke, mhlekazi Zedekiya, kumkani wakwaJuda, live neli lizwi likaNdikhoyo. Utsho kuwe uNdikhoyo ukuthi: ‘Wena Zedekiya akuyi kufa ngekrele; 5uza kufa ngoxolo. Nanjengoko abantu babesenza isiqhumiso xa babengcwaba ooyihlo, nditsho ookumkani bamandulo, ngokunjalo naxa bangcwaba wena baza kwenza isiqhumiso. Nawe baza kukuzilela, bathi: “Mawoo, nkosi!” Uthethile uNdikhoyo. Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.’ ”

6Umshumayeli uJeremiya wawathetha ke onke la mazwi kukumkani uZedekiya wakwaJuda eJerusalem, 7xa kanye umkhosi wokumkani waseBhabheli wawuhlasela eso sixeko kunye nezinye iidolophu ezazisaxhathisile, iLakishe neAzeka, kuphela kwezixeko zakwaJuda ezazinqatyisiwe ezasalayo.

Ukukhohliswa kwamakhoboka

8Lavakala kuJeremiya ilizwi *likaNdikhoyo emva kokuba ukumkani uZedekiya wayenze umnqophiso nabantu baseJerusalem wokuba baza kwenza isibhengezo sokuwakhulula 9amakhoboka angamaHebhere angamadoda nabafazi, khon' ukuze kungabikho mntu ungumJuda unekhoboka lomJuda. 10Bavuma bonke abantu kunye neziphathamandla ukuwakhulula onke amakhoboka, bangabi sawakhoboza abo bantu. Bawakhulula ke, 11kodwa kamva babuye barhoxa kwizigqibo zabo, babanyanzela abo bantu ukuba babuyele kwasebukhobokeni.

12Lavakala ke kuJeremiya ilizwi likaNdikhoyo lisithi: 13“Utsho uNdikhoyo onguThixo kaSirayeli ukuthi: ‘Ndênza umnqophiso kunye nookhokho benu mhla ndabakhupha eJiputa, ndabakhulula ebukhobokeni. Ndathi kubo: 14“Qho ekupheleni kweminyaka esixhenxe kufuneka nikhulule wonke umwenu ongumHebhere ozithengise kuwe ithuba leminyaka emithandathu ekusebenzela.” Kodwa ookhokho benu abazanga bayihoye nokuyihoya loo nto ndayithethayo. 15Kambe nina nizohlwayile, nandikholisa ngokuthi nonke nivume ukuwakhulula ebukhobokeni amawenu, nenza umnqophiso phambi kwam endlwini ebizwa ngegama lam. 16Kodwa ngoku nibuye nasityeshela eso sigqibo, nalinyelisa igama lam ngokubuya nibanyanzele nibenze amakhoboka abantu ebenisele nabakhulula baye apho bathanda ukuya khona.’

17“Ngoko ke utsho uNdikhoyo ukuthi: ‘Anindithobelanga ngokungawakhululi amawenu. Niyabona ke, ndinivakalisela isibhengezo senkululeko: inkululeko yokufa ngekrele nendlala nobhubhani. Ndiza kunenza nibe ngumbono orhwaqelisayo kuzo zonke izizwe zehlabathi. Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. 18Amadoda awaphuleyo umnqophiso wam, akayifezekisa imiqathango yomnqophiso awawenza phambi kwam, ndowafanisa nethole awalahlula kubini, aza acanda phakathi kwaloo macala alo. 19Iziphathamandla zakwaJuda naseJerusalem kunye namaphakathi, ababingeleli kunye nabo bonke abantu beli lizwe abacande phakathi kwamacala ethole elahlulwe kubini, 20ndiza kubanikezela esandleni seentshaba zabo ezizungula ubomi babo, izidumbu zabo zibe kukutya kweentaka namarhamncwa.

21“ ‘Naye ukumkani uZedekiya wakwaJuda, kunye neziphathamandla zakhe, ndiza kubanikela esandleni seentshaba zabo ezizungula ubomi babo, nditsho umkhosi wokumkani waseBhabheli orhoxileyo ekumhlaseleni. 22Ndiza kunika umyalelo ndiwubuyisele kwesi sixeko, usihlasele, usithimbe, usitshise. Ezi dolophu zakwaJuda ndiza kuzitsho zibe yinkangala apho kungekho bani unokuhlala.’ Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.”

UJEREMIYA 34XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UJEREMIYA 35

UJeremiya namaRekabhi

1Ngexesha ukumkani uJoyakim unyana kaYosiya wayengukumkani kwaJuda lavakala ilizwi *likaNdikhoyo kuJeremiya, 2lisithi: “Yiya kumaRekabhi, uthethe nawo, uwamemele kwigumbi elibucala endlwini kaNdikhoyo, uwanike iwayini asele.”

3Ndaya kubiza uYazaniya unyana kaJeremiya unyana kaHabhaziniya, nabantakwabo noonyana bakhe bonke. Ndawumema wonke umzi wamaRekabhi. 4Ndabangenisa endlwini kaNdikhoyo, kwigumbi leento zikaHanam owayezalwa ngumfo wakwaThixo uIgedaliya. Elo gumbi lalimelene negumbi leziphathamandla, lona eli lingasentla kwelikaMaseya unyana kaShalum owayengumgcini-masango. 5Ndabeka iibhekile neendebe ezinewayini ngaphambi kwabo, ndathi: “Khanibambe, madoda!”

6Athi loo madoda: “Hayi, asiyiseli iwayini! Kaloku ubawo omkhulu uYonadabhi, unyana kaRekabhi, wathi: ‘Ze ningaze niyisele iwayini, nina nezizukulwana, nditsho nanini na. 7Ngaphezu koko ze ningaze nakhe izindlu, nihlwayele imbewu, nityale izidiliya. Ze ningabi nazo konke-konke ezi zinto, koko nihlale ezintenteni bonke ubomi benu. Ukuba nithe nenjenjalo niya kuma ithuba elide kulo mhlaba eniphambukele kuwo.’ 8Siwuthobele ke wonke umyalelo kabawo omkhulu uYonadabhi unyana kaRekabhi. Thina, nabafazi bethu, noonyana neentombi zethu, asizanga sayisela iwayini ebomini, 9singazanga sakha zindlu zakuhlala, salima masimi nazidiliya. 10Sasoloko sihlala ezintenteni ngokuthobela umyalelo esawunikwa ngubawo-mkhulu uYonadabhi. 11Kuthe ke xa ukumkani uNabhukadenezare ehlasela eli lizwe, thina sathi: ‘Masiye kungena eJerusalem, sisabe imikhosi yamaKaledi nama-Aram.’ Yiyo loo nto sisahleli apha eJerusalem.”

12Libuye lavakala kuJeremiya ilizwi likaNdikhoyo lisithi: 13“Utsho uSomandla-onke onguThixo kaSirayeli ukuthi: Yiya kubantu bakwaJuda nabemi baseJerusalem uthi: ‘UNdikhoyo uthi: Yini na ukuba ningavumi ukuqeqeshwa niwathobele amazwi am? Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. 14UYonadabhi unyana kaRekabhi wayalela oonyana bakhe ukuba bangaseli iwayini, myalelo lowo bawugcinileyo. Unanamhla ke abayiseli iwayini, kuba bethobela umyalelo wookhokho babo. Kodwa mna ndiphindelele ukuthetha nani, kodwa anandithobela. 15Ndithe rhoqo ukunithumela zonke izicaka zam *abashumayeli. Babesithi: “Guqukani ezindleleni zenu ezigwenxa, nilungise ihambo yenu. Musani ukulandela abanye oothixo nibanqule. Xa nisenjenjalo niya kuma kulo mhlaba ndawunika ookhokho benu.” Kodwa nina nisuke anahoya, anandithobela. 16Isizukulwana sikaYonadabhi unyana kaRekabhi sona sawuthobela umyalelo wokhokho waso, kodwa nina, luhlangandini, anivumi ukundithobela!

17“ ‘Ngoko ke mna Ndikhoyo, uThixo onamandla onke, uThixo kaSirayeli, nditsho ukuthi: “Niyabona, uJuda nabo bonke abemi baseJerusalem ndibazisela yonke intlekele endabasongela ngayo. Ndabathethisa, kodwa àbandiphulaphula; ndabakhalimela, kodwa abasabela.” ’ ”

18UJeremiya ke wabhekisa kumaRekabhi, wathi: “Utsho uNdikhoyo uSomandla-onke, onguThixo kaSirayeli, ukuthi: Nina namthobela uyihlo-mkhulu uYonadabhi, nawugcina umthetho wakhe, nayenza yonke imiyalelo yakhe. 19Ngoko ke mna Ndikhoyo onguSomandla-onke uThixo kaSirayeli ndithi: ‘UYonadabhi unyana kaRekabhi akayi kuze aswele ndoda yakundikhonza.’ ”

UJEREMIYA 35XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UJEREMIYA 36

UBharuki ufundela abantu incwadi kaJeremiya

1Ngonyaka wesine uJoyakim unyana kaYosiya engukumkani wakwaJuda lavakala ilizwi *likaNdikhoyo kuJeremiya 2lisithi: “Thatha incwadi esongwayo, ubhale onke amazwi endawathethayo kuwe ngokubhekiselele kuSirayeli noJuda kunye nezinye iintlanga, ukususela mhla ndaqala ukuthetha nawe kusalawula uYosiya, kude kuze kuthi gaa ngoku. 3Mhlawumbi bangaguquka kule mikhwa mibi yabo abantu bakwaJuda xa besiva ngentlekele endizimisele ukubazisela yona, nam ke ndibaxolele izikreqo nezono zabo.”

4UJeremiya wabiza uBharuki unyana kaNeriya, wambizela onke amazwi kaNdikhoyo awathethe kuye, yena uBharuki wawabhala encwadini apho. 5UJeremiya waxelela uBharuki wathi: “Ndithintelwe; andinakuya endlwini kaNdikhoyo. 6Ke mayibe nguwe oyayo endlwini kaNdikhoyo ngomhla wenzila, ufike ufundele abantu amazwi kaNdikhoyo lawo uwabhale ubizelwa ndim. Fundela bonke abantu bakwaJuda abafika bevela kwiidolophu ngeedolophu. 7Mhlawumbi ukubongoza kwaba bantu kungavakala kuNdikhoyo, baguquke nakwimikhwa yabo emibi, kuba ubasongele enengqumbo nomsindo omkhulu aba bantu uNdikhoyo.”

8UBharuki unyana kaNeriya wenze njengoko wayalelwa ngumshumayeli uJeremiya, wabafundela abantu apho endlwini kaNdikhoyo loo mazwi ayebhalwe kuloo ncwadi.

9Ngenyanga yethoba, kunyaka wesihlanu uJoyakim engukumkani wakwaJuda, kwabhengezwa umhla wenzila kubo bonke abantu baseJerusalem kwanâbo babevela kwiidolophu zakwaJuda. Injongo yayiyeyokuba bazisole phambi koNdikhoyo. 10UBharuki esendlwini kaNdikhoyo, emi egumbini likaGemariya unyana kanobhala uShafan elalikwiyadi engentla kwiSango eLitsha lendlu kaNdikhoyo, wabafundela encwadini abantu amazwi kaJeremiya.

Iziphathamandla ziyayifundelwa incwadi

11Wasuka uMikaya, ozalwa nguGemariya unyana kaShafan, akuba ewavile amazwi *kaNdikhoyo asencwadini, 12waya kwigumbi likanobhala ebhotwe apho kwakuhleli khona ezi ziphathamandla: unobhala uElishama, uDelaya unyana kaShemaya, noElinatan unyana ka-Akebhore, kunye noGemariya unyana kaShafan, noZedekiya unyana kaHananiya, nezinye iindwalutho zonke.

13Akuba uMikaya ebaxelele konke akuve kufundelwa abantu nguBharuki encwadini, 14ezo ziphathamandla zathuma uYehudi, unyana kaNetaniya ozalwa nguShelemiya unyana kaKushi, ukuba axelele uBharuki athi: “Yiza apha naloo ncwadi uyifundela abantu!” Waya kubo ke uBharuki unyana kaNeriya, eyiphethe loo ncwadi. 15Bathi kuye: “Khawuhlale phantsi usifundele.”

Wahlala phantsi ke, wabafundela. 16Akuba loo madoda ewavile onke loo mazwi, othuka, aza abhekisa kuBharuki athi: “Ngenene, la mazwi makaxelwe kukumkani.” 17Babuza ke kuBharuki bathi: “Khawutsho, uyithatha phi yonke le ntu uyibhalileyo? Ngaba uyibhale uyibizelwa nguJeremiya?”

18Wathi kubo uBharuki: “Ewe, aphuma emlonyeni kaJeremiya onke la mazwi, ndaza ke mna ndawabhala encwadini ngeinki.”

19Ezo ziphathamandla zathi kuBharuki: “Wena noJeremiya sabani niye kuzifihla, kungabikho bani waziyo apho nikhona.”

Ukumkani uyayitshisa incwadi

20Ezo ziphathamandla zayithatha loo ncwadi, zayibeka egumbini likaElishama unobhala, zaya kukumkani enkundleni, zamxelela konke. 21Wathi ukumkani uYehudi makaye kuyilanda loo ncwadi. Waya kuyilanda ke egumbini likaElishama unobhala, wafika wayifundela ukumkani kunye neziphathamandla ezo ezazimngqongile. 22Kwakusebusika ngenyanga yethoba, ukumkani esegumbini lasebusika lebhothwe, esotha imbhawula. 23Wayethi akuba efunde imihlathi emithathu okanye emine uYehudi, ayikrazule ngemela yombhali ukumkani loo mihlathi, ayiphose emlilweni. Wenza loo nto yada yaphela yonke loo ncwadi. 24Ukumkani namaphakathi akhe ababonakalisanga kothuka nakuzohlwaya bakuba bewavile la mazwi. 25Nakuba wayebongozwa ngooElinatan noDelaya noGemariya ukuba angayitshisi loo ncwadi ukumkani, akabaphulaphulanga. 26Wasuka wathi ukumkani kuJerameli unyana wakhe, noSeriya unyana ka-Azeriyeli, kunye noShelemiya unyana ka-Abhedeli, mabababambe ooJeremiya umshumayeli noBharuki unobhala wakhe. Suka yena uNdikhoyo wabafihla.

UJeremiya ubhala enye incwadi

27Akuba ukumkani eyitshisile incwadi eyabhalwa nguBharuki ebizelwa nguJeremiya, libuye lavakala ilizwi *likaNdikhoyo kuJeremiya, lisithi: 28“Thatha enye incwadi, ubhale kuyo onke loo mazwi awayekulaa ncwadi yokuqala itshiswe nguJoyakim ukumkani wakwaJuda. 29Uze uthi kuJoyakim ukumkani wakwaJuda: ‘Utsho uNdikhoyo ukuthi: Wena uyitshisile laa ncwadi, usithi: “Kutheni ukuba ubhale usithi ngenene ukumkani waseBhabheli uza kulitshabalalisa eli lizwe, atshitshise konke abantu nempahla?” 30Ke ngoko utsho uNdikhoyo malunga noJoyakim ukumkani wakwaJuda ukuthi: “Yena akayi kuba namzukulwana uya kulawula esikhundleni sikaDavide. Isidumbu sakhe siya kulahlwa, sitshe lilanga emini, silale iqabaka ebusuku. 31Ndiza kumohlwaya, yena nenzala yakhe, namaphakathi akhe, ngenxa yobugwenxa ababenzileyo. Bona kunye nabemi baseJerusalem nabakwaJuda abandiphulaphulanga; ngoko ke ndiza kubahlisela intlekele ekukade ndibasongela ngayo.” ’ ”

32Wathatha enye incwadi uJeremiya, wayinika unobhala uBharaki unyana kaNeriya. UBharuki wabhala onke loo mazwi wawabizelwa nguJeremiya ayekulaa ncwadi yatshiswa ngukumkani. Kongezwa namanye amazwi amaninzi anjengawo.

UJEREMIYA 36XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UJEREMIYA 37

Ukubanjwa kukaJeremiya

1UZedekiya unyana kaYosiya wabekwa waba ngukumkani wakwaJuda, emiselwa ngukumkani uNebhukadenezare waseBhabheli. Wangena ezihlangwini zikaKoniya unyana kaJoyakim 2owayengazange awahoye, yena namaphakathi akhe, nabantu belizwe, amazwi *kaNdikhoyo awayeshunyayelwa ngumshumayeli uJeremiya.

3Ke yena uZedekiya wathumela uYukali unyana kaShelemiya, ekunye nombingeleli uZefaniya unyana kaMaseya, ukuba baye kumshumayeli uJeremiya, bafike bathi: “Khawusithandazele kuNdikhoyo uThixo wethu.”

4Ngelo xesha wayesakhululekile uJeremiya, esenokuhamba-hamba phakathi kwabantu, kuba wayengekavalelwa entolongweni. 5Umkhosi wokumkani waseJiputa wawuselundulukile, aza amaKaledi awayengqinge iJerusalem, akuziva ezo ndaba, arhoxa.

6Lavakala ilizwi likaNdikhoyo kumshumayeli uJeremiya, lisithi: 7“Utsho uNdikhoyo uThixo kaSirayeli ukuthi: ‘Mxeleleni ukumkani wakwaJuda obenithume kum nithi ndithi: Nanko umkhosi wokumkani waseJiputa obuze kuncedisana nani ubuyela kwakwelakowawo eJiputa. 8Wona ke amaKaledi aza kubuya aze kuhlasela esi sixeko, asithimbe, asitshabalalise ngomlilo.’

9“Utsho ke uNdikhoyo ukuthi: ‘Nize ningazikhohlisi nibe amaKaledi aza kuniyeka. Unakanye ukuba aniyeke! 10Ndithi nokuba beningade niwubhuqe wonke umkhosi wamaKaledi onihlaselayo, kusale nje iingxwelerha ezintenteni, zona kanye beziya kuvuka zisitshabalalise ngomlilo esi sixeko.’ ”

11Wakuba urhoxile eJerusalem umkhosi wamaKaledi emva kokuva iindaba ngomkhosi waseJiputa, 12uJeremiya wanduluka kweso sixeko, esinga kummandla wakwaBhenjamin, esiya kuthatha isabelo sakhe kubantu balapho. 13Uthe akufika kwisango leJerusalem ekuthiwa lelakwaBhenjamin, umshumayeli uJeremiya wabanjwa nguIriya, unyana kaShelemiya owayezalwa nguHananiya, owayeyintloko yabalindi, wathi: “Ubhacela kumaKaledi!”

14UJeremiya uthe: “Hayi, uyaxoka! Andibhaceli kumaKaledi.” UIriya akazange afune nokuva oku, usuke wambamba, wamsa kwiziphathamandla. 15Zona zacaphuka, zathi makakatswe, avalelwe entolongweni endlwini kaJonatan unobhala, eyayenziwe intolongo.

16Wavalelwa uJeremiya esiseleni esinamagunjana, apho wahlala khona ithuba elide. 17Emva koko ukumkani uZedekiya wathi makasiwe kuye ebhotwe, apho wambuza khona ngasese esithi: “Ngaba unalizwi livela kuNdikhoyo?”

Waphendula wathi uJeremiya: “Ewe, ndinalo. Wena uza kunikezelwa esandleni sokumkani waseBhabheli.”

18Uqokele wathi uJeremiya, ebhekisa kukumkani uZedekiya: “Ndone ngantoni na kuwe, okanye kumaphakathi nakubantu bakho, sendibona ndifakwe entolongweni nje? 19Baphi ngoku abo bashumayeli benu babesithi: ‘Ukumkani waseBhabheli akayi kunihlasela nina neli lizwe’? 20Ndinesicelo, mhlekazi omhle! Ndicela ukuba ndingabuye ndisiwe kulaa ndlu kanobhala uJonatan, hleze ndifele khona!”

21Wayalela ke ukumkani uZedekiya ukuba uJeremiya makagcinwe enkundleni yabalindi, anikwe iqhekeza lesonka kude kuphele ukutya esixekweni. Kwaba njalo ke ukuhlala kukaJeremiya kwinkundla yabalindi.

UJEREMIYA 37XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IZAFOBE 24

1Musa ukumonela abantu abakhohlakeleyo ngezinto zabo,

ungakunqweneli ukuzibandakanya nabo.

2Kaloku intliziyo yabo iyila ubundlobongela,

nomlomo wabo uthetha ngokuvusa uqhushululu.

3Indlu yona yakhiwa ngobulumko,

izinziswe ngengqondo.

4Lulwazi oluzalisa amagumbi endlu,

itsho ivathiswe ngezinto ezintle nezixabisekileyo.

5Umfo osisilumko unamandla;

ewe, indoda enolwazi iya isomelela ngokomelela.

6Phambi kokuba uye emfazweni hlala phantsi ucwangcise kuqala;

uloyiso lungabakho xa unabacebisi abaninzi.

7Ubulumko yintsokotha kumntu osisiyatha;

yena uyalabalaba xa kuxoxwa kwindibano ngasesangweni.

8Umntu osoloko eyila ukwenza ububi

uya kwaziwa ngokuba nguSomayelenqe.

9Amayelenqe esidenge ayafadalala;

ke yena umntu osoloko egxeka abanye uthiyiwe ngabantu.

10Ukuba unamathidala ngamaxesha eenkathazo,

awunawo amandla okujongana nawo.

11Bahlangule abantu abaqweqwediselwa ekufeni;

basindise abo bagxadazelela ekubulaweni.

12Mhlawumbi ungathi wena: “Besingazi nto ngale nto,”

kodwa ke yena uThixo onganqatyelwa nto uyayibona inyaniso –

ukujongile, yaye uyakwazi.

Ke yena uvuza umntu ngokwezenzo zakhe.

13Mfo wam, butye ubusi, kuba bumnandi;

ewe, incindi inencasa emlonyeni wakho.

14Bukwanjalo ukuyola kobulumko:

ukuba uthe wabufumana lotsho liqiniseke ikamva lakho,

nethemba lakho linganqanyulwa.

15Sukufana nesikhohlakali ngokulalela indlu yomntu olilungisa,

nomzi wakhe sukuwonakalisa.

16Noba angawa kangaphi na umntu olilungisa ubuya avuke;

ke zona izikhohlakali zikhubeka zitshabalale.

17Sukuluvuyelela lwakuwa utshaba lwakho,

ungavuyi xa ulubona lukhubeka,

18hleze olo vuyo lwakho lube bububi emehlweni kaNdikhoyo,

awurhoxise umsindo wakhe kulo.

19Sukuvutha ngumsindo ngenxa yabantu abenza ubugwenxa,

ungabamoneli abantu abakhohlakeleyo ngezinto abanazo.

20Kaloku umenzi wobubi akanakamva;

isibane sabantu abakhohlakeleyo siya kucinywa.

21Mntwan' am, mhlonele uNdikhoyo, ngokunjalo nokumkani,

ungadlelani nabavukeli.

22Kaloku bona babhanga ngephanyazo,

ibe ke akukho bani waziyo ukuba botshatyalaliswa nini na nguNdikhoyo okanye ngukumkani.

Ingqokelela yobulumko

23Nanga amanye amazwi ezilumko:

Yinto embi ukuba umgwebi ajonge ubuso bomntu.

24Xa esuka athi konetyala: “Umsulwa wena,”

abantu bayamthuka, zimgxeke izizwe.

25Kambe ke yena umgwebi omohlwayayo umntu owonileyo

uba nentsikelelo kunye nenkqubela.

26Impendulo ethe gca

nqwa nokuncamisa umhlobo emlonyeni.

27Qala ulungise ishishini lakho, ulime amasimi akho,

emva koko wakhe indlu

yakho.

28Sukuthi kungekho sizathu unike ubungqina obumtshonisayo ummelwane,

okanye ukhohlise ngomlomo wakho.

29Musa ukuthi: “Ndiya kwenza kuye njengoko enzile kum;

ndiya kumenzakalisa ngokwezenzo zakhe.”

30Ndathi ndihamba ndagqitha entsimini yevila;

ewe, ndadlula kwisidiliya somntu ongenangqondo.

31Sasitshone lé elukhuleni, sifuthwe nayinkunzane;

ke lona udonga olwalubiyele lwaludilikile.

32Ndakha ndee nqumama ndawubukela loo mhlola,

ndacinga nzulu ndaza ndafumanisa ukuba

33xa uthe: “Hayi noko, makhe ndithi qwaka, ndithi ntlithi kancinane,

khe ndisonge izandla,

ndiphumle,”

34ubuhlwempu bosuka bukuchwechwele njengomkhuthuzi.

Ewe, ihambo-nzima iza kukuhlasela oku kwendoda exhobileyo.

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-