Bible Society of South Africa

To The Word – Day 191

Ezekiel 6–10, Proverbs 27

Itekisi yeBhayibhile

UHEZEKILE 6

Ukuchaswa konqulo-zithixo

1Ndeva ilizwi *likaNdikhoyo lisithi: 2“Mntundini, zikhangele iintaba zakwaSirayeli, ushumayele uzikhalimele, 3uthi: Zintabandini zakwaSirayeli, liveni izwi leNkosi uNdikhoyo. Ithi iNgangalala uNdikhoyo kwiintaba neenduli, iingxingwa neentlambo: Ndiza kunibetha ngemfazwe, ndizitshabalalise iindawo zenu zonqulo eziphakamileyo. 4Ndiza kuwadiliza amaqonga enu amadini, ndiwatyumze amaqonga enu eziqhumiso; ndiza kubatyakatya ngekrele abantu benu bawe phambi *kwezithixo zenu. 5Izidumbu zamaSirayeli ndiza kuzifumba phambi kwezithixo zawo, ndize amathambo awo ndiwasarhaze ajikeleze amaqonga enu. 6Nakuyiphi na indawo enimi kuyo izixeko ziya kutshatyalaliswa, zize iindawo zonqulo eziphakamileyo zidilizwe, khon' ukuze amaqonga enu amadini aqhekezwe, nezithixo zenu zityunyuzwe, namaqonga eziqhumiso achitha-chithwe, zide ziphele tu izinto ebenizenze ngezandla zenu. 7Abantu baya kugeqwa likrele phakathi kwenu, ukuze niqonde ukuba mna ndinguNdikhoyo.

8“Kodwa abanye ndiya kubasindisa, kuba bakho abaya kusaba lingabazuzi ikrele ngeli xesha nisarhazwe kwezinye izizwe namazwe. 9Ke abo bathe bengabathinjwa basinda, baya kukukhumbula ukukhathazeka kwam ngenxa yokungathembeki kwabo, ngokundinikela umva, benqwenela izithixo zabo. Baya kuzizonda ngenxa yobugwenxa babo nangawo onke amanyundululu abo. 10Baya kundazi ukuba mna ndinguNdikhoyo, andifananga ndabatyityimbisela umnwe ukuba ndiya kubahlisela esi sithwakumbe.

11“Ithi iNgangalala iNkosi uNdikhoyo: Betha ngesandla sakho, ungqishe ngonyawo, uthi: ‘Yeha!’ ngenxa yamanyundululu endlu kaSirayeli, kuba baya kufa ngekrele, ngendlala, nangobhubhani. 12Okude uya kufa ngobhubhani; okufutshane uya kufa ngekrele; othe wasinda uya kufa yindlala. Ndiya kwenjenjalo ke xa ndiwukhuphela kubo umsindo wam. 13Baya kundazi ukuba ndinguNdikhoyo xa bebona izidumbu zâbo bafe ngekrele zidunduluze phakathi kwezithixo namaqonga abo, nakuzo zonke iinduli eziphakamileyo, nasezincotsheni zeentaba, naphantsi kwemithi nemioki – apho babesenzela izithixo zabo iziqhumiso ezivumba limnandi. 14Ndiya kusolula isandla, umhlaba ndiwubharhise ukusuka ezantsi entlango kuye eDibla kumantla – nditsho kuzo zonke iindawo ezimiwe ngabo. Ewe, baya kundazi ukuba ndinguNdikhoyo.”

UHEZEKILE 7

Sifikile isiphelo

1Ndeva ilizwi *likaNdikhoyo 2lisithi: “Mntundini, ithi iNkosi uNdikhoyo kwilizwe lakwaSirayeli:

“Isiphelo!

Isiphelo sifikile kwiimbombo zone zomhlaba!

3Mhlabandini, sifikile ngoku isiphelo sakho,

kwaye ndiza kukubasela ngomsindo wam;

ndiza kukugweba ngokwezenzo zakho,

ndiziphindezele ngenxa yamasikizi owenzileyo.

4Andiyi kuba naluvelwano,

ndingayi kuba nayo nenceba,

koko ndiya kukubuyekeza ngenxa yezenzo zakho,

uchanwe ngamanyundululu akho.

Uya kutsho uqonde ukuba ndinguNdikhoyo.

5“INkosi uNdikhoyo ithi:

“Intlekele!

Nants' intlekele!

Nants' ifikile!

6Isiphelo sifikile!

Isiphelo sigalelekile!

Siyakugragramela!

Ewe, sifikile!

7Intshabalalo igalelekile, mmindini weli lizwe.

Ixesha lixheshile!

Imini seyisondele;

endaweni yovuyo yidyudyu ezintabeni.

8Ndowukhuphela kuwe umsindo wam,

ndiyiphelisele kuwe ingqumbo yam;

ndiya kukohlwaya ngezenzo zakho,

ndikubuyekeze ngamanyundululu akho.

9Andiyi kuba naluvelwano,

ndingayi kuba nayo nenceba,

koko ndiya kukubuyekeza ngenxa yezenzo zakho,

uchanwe ngamanyundululu akho.

Uya kutsho uqonde ukuba ndim mna Ndikhoyo ogqebhayo.

10“Lufikile usuku!

Ewe, lufikile!

Intshabalalo ithe momfu;

intonga iqhakazile,

ikratshi lidubule!

11Ugonyamelo luyintonga yokohlwaya inkohlakalo;

akukho namnye oya kusinda –

nditsho nkqu ubutyebi,

nantoni na yexabiso.

12“Ixesha lixheshile;

imini ifikile!

Phantsi imincili kumthengi,

umthengisi angabi lusizi,

kuba ingqumbo isifikele isihlwele.

13Umthengisi akayi kuwubuyiselwa umhlaba wakhe

nokuba usaphila nomthengi,

kuba awuzukujikwa umbono oxela intshabalalo yesihlwele.

Akukho namnye oya kuba nako ukusindisa ubomi bakhe,

kuba kaloku akukho namnye ungonanga.

14Bangade balivuthele ixilongo,

baxhobe bafe amacala,

kodwa akukho namnye oya kulilwa idabi,

kuba ingqumbo yam iphezu kwesihlwele siphela.

15“Likrele kongaphandle;

kongaphakathi ngubhubhani nendlala.

Abasemaphandleni baya kubulawa ngekrele;

abasesixekweni baya kubhuqwa yindlala nangubhubhani.

16Bonke abasindileyo basaba

baya kubalekela ezintabeni,

bekhala njengamahobe asezintlanjeni,

bekhala ngenxa yezono zabo.

17Ziya kuwa zonke izandla,

amadolo abe nengevane.

18Baya kunxiba amarhonya,

bagubhe kukoyika.

Baya kuba manyonywana,

bazixhwithe iinwele zabo.

19Baya kuyilahla ezitalatweni isiliva yabo,

igolide ifane nento emdaka.

Abayi kusindiswa yigolide nesiliva yabo

ngomhla wengqumbo kaNdikhoyo.

Abayi kuyidla xa belambile;

kaloku yiyo ebakhubekisileyo.

20Bebeqhayisa ngezihombo zabo ezimbeje-mbeje,

bezisebenzisa ekwenzeni *izithixo zabo ezinezothe *nemifanekiso engamasikizi.

Ngako oko ndiya kuziguqula

zibe njengento emdaka kubo.

21Ndiya kuzinika abasemzini,

zibe lixhoba labo;

ewe, zibe lixhoba lezikhohlakali zomhlaba,

zona ziya kuzixabhela.

22Ndoval' amehlo,

bayigqwalisele indawo yam endiyixabise kunene;

abaphangi bongena bayixabhele.

23“Lungisani amatyathanga,

kuba ilizwe lithe mome ligazi,

isixeko songanyelwe lugonyamelo.

24Ndiya kuza nezona zizwe zikhohlakeleyo,

zithimbe izindlu zabo;

ndiya kuliphelisa ikratshi labanamagunya,

neendawo zabo zonqulo ziya kuxabheleka.

25Lwakufika unxunguphalo,

baya kufuna uxolo,

lube lungafumaneki.

26Yoba yintlekele emva kwenye,

ibe ngamavuso ngamavuso.

Baya kufuna isikhokelo *kumshumayeli;

ibe ingasavakali ndawo imfundiso-mthetho yombingeleli,

amacebiso amadoda amakhulu anyamalale.

27“Iya kuzila ikumkani,

itshawe lincame mpela,

ziwe phantsi izandla zabemi belizwe.

Ndiya kubangcamlisa iindlela zabo;

ewe, ndibohlwaye ngomgangatho wabo.

Baya kuqonda ukuba ndinguNdikhoyo.”

UHEZEKILE 8

Unqulo-zithixo endlwini kaThixo

1Ngonyaka wesithandathu, ngosuku lwesihlanu kwinyanga yesithandathu, ndandihleli endlwini yam, amadoda amakhulu akwaJuda ethe qwelele phambi kwam, ndaza ndonganyelwa ngamandla eNkosi *uNdikhoyo. 2Ndajonga, ndaza ndabona into efana nomntu. Yayingathi ngumlilo ukusuka esinqeni kuhle; ukunyuka yayiqaqambe okwesinyithi esitshe sada sabomvu. 3Yolula loo nto yayingathi sisandla, yandithi hlasi ngesihlwitha. UMoya wanditsho ndaphakathi komhlaba nezulu, ndaza ngokombono kaThixo ndasiwa eJerusalem kwisango elingentla yeyona nkundla iphakathi apho kwakumi *isithixo esasixhokonxa ikhwele likaNdikhoyo.

4Apho phambi kwam ndabona ubuqaqawuli boThixo kaSirayeli obufana nqwa nobuya ndabuboniswa ethafeni. 5INkosi yathi kum: “Mntundini, khangela ngasentla.” Ndaza ndajonga, ndabona isithixo esixhokonxa ikhwele likaNdikhoyo simi kufuphi neqonga lamadini ngakwisango langentla.

6INkosi yathi kum: “Mntundini, uyayibona into abayenzayo – intlondi eyenziwa yindlu kaSirayeli apha, izinto eziza kundigxotha kwisibingelelo sam esisodwa? Kanti ke useza kubona nawona manyundululu.”

7Yaza yandibeka esangweni lenkundla. Ndajonga ndabona umngxuma eludongeni. 8Yathi ke kum: “Mntundini, ngoku ke gqobhoza eludongeni.” Nam ke ndagqobhoza, ndaza ndabona umnyango apho.

9Yathi kum: “Ngena ubone amanyundululu abawenzayo apha.” 10Ndaza ke ndangena, ndajonga, ndabona eludongeni kukrolwe imifanekiso yezilo ezirhubuluzayo nezilwanyana ezinezothe nazo zonke izithixo ezisuke zanqulwa yindlu kaSirayeli. 11Phambi kwazo kwakumi amashumi asixhenxe amadoda amakhulu endlu kaSirayeli, phakathi kwawo kukho uYazaniya unyana kaShafan. Nganye kuwo yayiphethe isitya esinesiqholo, kuso kunyuka umsi.

12Yathi kum iNkosi: “Mntundini, ukubonile okwenziwa ngamadoda amakhulu endlu kaSirayeli emnyameni? Yileyo naleyo isegumbini lesithixo sayo. Athi: ‘UNdikhoyo akasiboni; uNdikhoyo ulilahlile eli lizwe.’ ” 13INkosi iqhube yathi: “Uza kubabona besenza izinto ezinezothe ngaphezu kwezi.” 14Indise kwisango elingentla lendlu kaNdikhoyo, ndaza ndabona abafazi behleli bezilele isithixo uTamuzi. 15Ithe kum: “Uyayibona le nto, mntundini? Useza kubona amanyundululu angaphezu kwala.”

16Ngoku indingenise phakathi kweyona nkundla yendlu kaNdikhoyo. Ngakwisango phakathi kweqonga nendawo yokuhamba kwakukho malunga namashumi amabini anesihlanu amadoda. Ayeyifulathele indlu kaNdikhoyo, ejonge empumalanga, equbuda kwilanga lasempuma.

17Ithe kum: “Ukubonile oku, mntundini? Ngathi indlu kaJuda ayanelanga ngala manyundululu iwenzayo, ngoku izalise ilizwe lonke ngogonyamelo, indixhokonxa ngakumbi ukuze ndibe nomsindo. Babone ke aba bantu: nâbo bewangawangisa ngamasebe omdiliya ngasezimpumlweni zabo! 18Ngokwenene andiyi kuba nalusizi, ndingayi kubasindisa; baza kuthi shu yingqumbo yam. Nokuba sebede batsho ngenzwinini yesikhalo andiyi kuphulaphula.”

UHEZEKILE 9

Ukubulawa kwabanquli-zithixo

1Ndaza ndayiva iNkosi isithi: “Biza amagosa ocwangco esixeko, ngalinye kuwo liphathe isixhobo salo.” 2Ndabona kusithi gqi isithandathu samadoda sivela kwisango eliphezulu elijonge entla, iyileyo iphethe isixhobo esoyikekayo. Ayehamba nomfo onxibe ilinen, egaxele izinto zokubhala. Bangena bema ngakwiqonga lamadini lobhedu.

3Ubuqaqawuli bukaThixo bafunquka phezu *kwesithunywa esimaphiko apho babukhona, baza beza kuthi zinzi emgubasini wendlu kaThixo. Waza ke uNdikhoyo wamyalela umfo onxibe ilinen enezixhobo zakhe zokubhala, 4wathi: “Tyhutyha isixeko saseJerusalem, ubaphawule ebunzi abo bawanyanyayo amanyundululu enziwa khona.”

5Ndithe ndisamamele njalo wathi kwabanye abo: “Mlandeleni, nityhutyhe isixeko, nibulale, ningabi nanceba namfesane, 6nityakatye nitshabalalise amaxhego, amadodana neentombi, abafazi nabantwana, kodwa maze ningamchukumisi onophawu. Qalani kanye esibingelelweni.” Ngoko nangoko baqala ngamadoda amakhulu ayelapho phambi kwendlu kaThixo.

7Kwakhona uthe kubo: “Yigqwaliseni indlu kaThixo, iinkundla zizale zizidumbu. Hambani!” Baza ke bahamba betyakatya bebulala esixekweni apho. 8Ngeli xesha babulalayo ndishiywe ndedwa, ndasuka ndacambalala ndabhomboloza ndathi: “Awu, Nkosi Ndikhoyo, ukhuphela ingqumbo yakho eJerusalem ngokutshabalalisa namasalela la ukuze kungasali nempunde kwaSirayeli?”

9Wandiphendula wathi: “Lukhulu kakhulu ukreqo lwendlu kaSirayeli nekaJuda; kuligazi nje elizweni, ubulungisa abukho konke kwesi sixeko. Bathi: ‘UNdikhoyo ulishiyile ilizwe; uNdikhoyo akasiboni.’ 10Ke ngoko andizi kuba nanceba ndibasindise, kodwa baya kuvuna loo nto bayilimileyo.”

11Ke kaloku umfo onxibe izambatho zelinen ephethe izixhobo zakhe zokubhala wabuya wathi: “Ndisebenze ngokomyalelo wakho.”

UHEZEKILE 10

Ubuqaqawuli buyafuduka endlwini kaThixo

1Ndajonga ndaza ndabona into engathi sisihlalo sekumkani esenziwe ngelitye lesafire, sithe zinzi esibhakabhakeni ngasentla kweentloko *zezithunywa ezimaphiko. 2Waza *uNdikhoyo wathi kwindoda enxibe izambatho zelinen: “Ngena phakathi kwamavili lawa aphantsi kwezithunywa ezimaphiko, uzalise izandla zakho ngamalahle avuthayo, uwasasaze phezu kwesi sixeko.” Wangena ndikhangele njalo.

3Izithunywa ezimaphiko zazimi kwicala lasezantsi endlwini kaThixo ngeli xesha indoda ingenayo. Inkundla ephakathi yayigqunywe lilifu. 4Baza ubuqaqawuli bukaNdikhoyo bafunquka phezu kwesithunywa esimaphiko, baya kuthi zinzi emnyangweni wendlu kaThixo. Yazala mome indlu kaThixo lilifu, yona inkundla yazala bubukhazikhazi bobuqaqawuli bukaNdikhoyo. 5Isandi samaphiko ezithunywa ezimaphiko savakala nakwinkundla engaphandle, ngathi lizwi likaThixo uSomandla xa ethetha.

6UNdikhoyo wayalela umfo onezambatho zelinen wathi: “Thatha umlilo apho phakathi kwamavili emi ngakwizithunywa ezimaphiko.” Waza umfo lowo ke wema ngasevilini. 7Esinye sezithunywa ezimaphiko sasolulela emlilweni isandla saso. Sakha umlilo lowo, sawugalela ezandleni zomfo onezinxibo zelinen, waza ke waphuma nawo. ( 8Kwakukho izinto ezingathi zizandla zomntu phantsi kwamaphiko ezithunywa ezo.)

9Ndajonga ndabona amavili amane, lilinye ngakwisithunywa esimaphiko ngasinye; amavili ayebengezela okwekrizolite. 10Ngembonakalo ayefana omane. Ivili ngalinye lalingathi linqumleze elinye ivili. 11Xa zihamba zisiya nakuliphi na icala kumacala omane ezijonge kuwo izithunywa ezimaphiko amavili ayengajikelezi, izithunywa ezimaphiko zisiya nakweliphi na icala ejonge kulo intloko zingajika-jiki. 12Wonke umzimba wazo, umhlana, izandla, namaphiko, wawungamehlo nje, ngokunjalo namavili lawo. 13Ndeva amavili la kusithiwa ngabajikelezi. 14Isithunywa ngasinye sasinobuso obune: obokuqala yayibobesithunywa esimaphiko, obesibini ibobomntu, obesithathu ibobengonyama, obesine ibobokhozi.

15Zenyuka ke izithunywa ezimaphiko. Yayizeziya zidalwa ziphilayo ndandizibone ngasemlanjeni iKebhare. 16Bezisithi zakusuka izithunywa, namavili ahambe; zithi zakuwatwabulula amaphiko azo izithunywa, zilungiselela ukuphakama emhlabeni, amavili ebengasuki ecaleni lazo. 17Bezithi zakuma izithunywa ezimaphiko, nawo amavili eme; zithi zakuphakama izithunywa ezimaphiko, nawo amavili aphakame, kuba uMoya olawula izidalwa eziphilayo wawuwalawula namavili.

18Ubuqaqawuli bukaNdikhoyo bashenxa emgubasini wendlu kaThixo, bathi gubungu phezu kwezithunywa ezimaphiko. 19Ndisakhangele njalo izithunywa ezo zawatwabulula amaphiko, zenyuka emhlabeni, kwaza ekusukeni kwazo namavili esuka. Zaza zema esangweni elisempuma yendlu kaNdikhoyo, ubuqaqawuli bukaThixo kaSirayeli buhleli phezu kwazo.

20Ezi zidalwa ziphilayo zezi ndazibona zixhase uThixo kaSirayeli ngasemlanjeni iKebhare. Ndaza ke ndaqonda ukuba zizithunywa ezimaphiko. 21Sisinye sasibuso bune, namaphiko emane, nezinto ezingathi zizandla zomntu apha phantsi kwamaphiko. 22Ubuso bazo babufana kanye nobuya ndandibubone ngasemlanjeni iKebhare. Ngasinye ngasinye sasisiya kwelo cala sikhangele ngakulo.

UHEZEKILE 10XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IZAFOBE 27

1Musa ukuqhayisa ngengomso,

kuba akuyazi loo mini ukuba iya kukuphathela ntoni na.

2Yeka ibe ngomnye okuncomayo, ingabi ngowakho umlomo;

ewe, mayibe ngowasemzini, kungaphumi emilebeni yakho.

3Amatye nesanti ngumthwalo onzima;

kodwa kona ukucatshukiswa sisityhakala luxanduva olungaphezulu.

4Umsindo unenkohlakalo, ingqumbo sisiphango;

kodwa ke akakho onokumelana nobukhwele.

5Akunani kwaisiluleko esisekuhleni

kunothando olufihlwayo.

6Isihlobo sinyanisekile noba singade sikwenzakalise;

siyakugqitha ukwangiwa kaninzi lutshaba.

7Umntu ohluthayo akabukhathalele nobusi,

kanti ke olambayo ukufumana kunencasa nokutya okukrakrayo.

8Umntu okude nekhaya

unjengentaka elahlekene nendlu yayo.

9Amafutha neziqholo zonwabisa intliziyo;

ke lona ulonwabo oluzuzwa kumhlobo ziingcebiso ezinyanisekileyo.

10Ungaze wahlukane nezihlobo zakho, ungazilibali nezakowenu.

Xa usengxakini sukubalekela kumntakwenu –

isenokuba ngummelwane osondeleyo onokukunceda ngaphezulu komntakwenu okude.

11Yoba luvuyo kum, mfo wam, ukuba uthe waba sisilumko;

ndotsho ndibe nako ukubaphendula abo bandigxekayo.

12Umntu ondwebileyo uthi akuyibona ayicezele ingozi,

kanti ke yena ongaqiqiyo uphoseka kuyo enzakale.

13Zithathe izambatho zomntu omele ityala londwendwe;

ewe, bambisa ngazo kuba umele umntu wasemzini.

14Umntu okhahlela ummelwana wakhe ngemibuliso kwasekuseni

kusenokuba ngathi

uyamshwabulela.

15Umfazi osoloko eqhwaya ingxabano

ufana namathontsi emvula engumvimbi.

16Unjengomoya wona ungenakunqandwa,

nqwa namafutha wona angenako ukufunjathwa.

17Iintsimbi ziyalolana;

ngokunjalo ke nezihlobo ziyakhuthazana.

18Umntu owukhathaleleyo umthi womkhiwane uyawafumana amakhiwane,

nomntu oyibusayo inkosi yakhe uya kuwongwa.

19Umfanekiso womntu emanzini ubonakalisa inkangeleko yakhe;

ngokunjalo nentliziyo yomntu ibonakalisa into ayiyo.

20Ingcwaba nelabafileyo alize lihlúthe;

akwanjalo namehlo omntu.

21Isiliva ivavanywa ngokuyinyibilikisa embizeni;

igolide ivavanywa ngokuyinyibilikisa kwiziko lomlilo;

ke yena umntu uvavanywa ludumo alufumana ebantwini.

22Nokuba ungade usingqushe kunye nombona isityhakala,

soze ubukhuphe ubutyhakala baso.

23Qinisekisa ukuba uyayazi imo yemfuyo yakho,

uyaluse ngononophelo imihlambi yakho.

24Kaloku ubutyebi obu yinto edlulayo,

nesithsaba sobukhosi asihlali sihleli kwizizukulwana ngezizukulwana.

25Xa uyisikile ingca, wayenza ifulu,

lo gama enye isaqala ukuntshula,

nditsho xa utyani lwasezintabeni luhlanganisiwe,

26impahla yokunxiba ungayenza ngoboya beegusha,

futhi uthengise iibhokhwe, ufumane ixabiso lentsimi.

27Kwezi ziseleyo unganako ukusenga uyondle intsapho yakho,

ude uzibonelele nezicakazana zakho.

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-