Bible Society of South Africa

To The Word – Day 198

Ezekiel 41–45, Psalm 66

Itekisi yeBhayibhile

UHEZEKILE 41

1Le ndoda yandisa kwigumbi lesibingelelo esingaphandle, yaza yenza umlinganiso wamacala aso. Ububanzi bawo babuziimitha ezintathu icala ngalinye. 2Ububanzi ekungeneni babuziimitha ezintlanu, zona iindonga ezimi macala ziziimitha ezimbini ezinesiqingatha semitha ububanzi. Yenza nomlinganiselo wegumbi lesibingelelo elingaphandle, wafumana sibubude obuziimitha ezingamashumi amabini nobubanzi obuziimitha ezilishumi.

3Yandula ukuya kwigumbi lesibingelelo eliphakathi, yenza umlinganiselo wamacala esango. Icala ngalinye laliyimitha ububanzi. Isango laliziimitha ezintathu ububanzi, bona ububanzi beendonga zamacala esango buziimitha ezintathu ezinesiqingatha. 4Yenza umlinganiso wobude beli gumbi eliphakathi, yafumana bulishumi leemitha, ububanzi bukwalishumi leemitha ukusuka kwigumbi eliphandle. Yathi ke kum: “Le yiNgcwele kaNgcwele.”

5Yaza yenza umlinganiselo wodonga lwendlu kaThixo, yafumana ububanzi buziimitha ezintathu, kanti wona amagumbi ayame endlwini kaThixo eyijikelezile ayeziimitha ezimbini ububanzi. 6La magumbi ayeyimigangatho emithathu, oko kukuthi elinye lakhiwe phezu kwelinye, engamashumi amathathu kumgangatho ngamnye. Udonga lwendlu kaThixo lwalujikelezwe lungqameko lokuxhasa amagumbi ayame kulo, ngoko ke kwakungekho zixhaso zingena eludongeni. 7Amagumbi ayame endlwini kaThixo ayebanzi elingentla kunelingaphantsi kwalo. Ungqameko olujikeleze indlu kaThixo lwalwakhiwe ngokuya lunyuka, into ke leyo eyatsho namagumbi aye evuleka ngokunyuka kwawo. Kwakukho amanqwanqwa okunyuka ukusuka kumgangatho wokuqala ezantsi, agqobhoze kophakathi, aye kutsho kophezulu.

8Indlu kaThixo yayirhangqwe ludonga emazantsi, olwalusisiseko samagumbi ayamileyo. Umlinganiso walo wawulinganiswa noluthi lokulinganisa, oko kukuthi luziimitha ezintathu. 9Ububanzi bodonga olungaphandle lunamagumbi babuziimitha ezimbini ezinesiqingatha. Ububanzi bebala eliphakathi kwamagumbi ayamileyo 10namagumbi ababingeleli lijikeleze yonke indlu kaThixo babulishumi leemitha. 11Ibala eli lalinamasango amabini okuya kumagumbi ayamileyo, elinye lijonge emazantsi, elinye lijonge emantla. Ibala laliziimitha ezimbini ezinesiqingatha ububanzi lonke njengokuba lijikelezile.

12Ububanzi bendlu eyayimi entshonalanga yentendelezo yendlu kaThixo babuziimitha ezingamashumi amathathu anantlanu, ububanzi bodonga lwayo buziimitha ezimbini ezinesiqingatha, ubude buziimitha ezingamashumi amane anantlanu.

13Yenza umlinganiso wendlu kaThixo. Ubude bayo babungamashumi amahlanu eemitha. Intendelezo nesakhiwo esikufuphi, nazo zazibubude obungamashumi amahlanu eemitha. 14Ububanzi bentendelezo engasempumalanga, bubandakanya nebala lendlu kaThixo, babuziimitha ezingamashumi amahlanu.

15Yenza umlinganiso wesakhiwo esimalunga nentendelezo engemva kwendlu kaThixo, yafumana ubude baso budibene nobeevaranda zaso buziimitha ezingamashumi amahlanu.

Igumbi langaphandle nelangaphakathi lesibingelelo, nevaranda ejonge entendelezweni, 16kwanemigubasi neefestilana neevaranda zayo yomithathu, nayo yonke into ngaphaya kwayo, zazigqunywe ngamaplanga. Ngokunjalo umgangatho, udonga ukuya kuthi gaa ngeefestile, nkqu iifestile ngokwazo, zazigqunywe ngamaplanga. 17Kule ndawo iphezu kwesango ngaphandle kwentendelezo ephakathi, nasezindongeni zeentendelezo ephakathi neyokuqala, 18kwakuhonjiswe ngemifanekiso *yezithunywa ezimaphiko neyamasundu. Amasundu ayebolekisana nezithunywa ezimaphiko. Isithunywa esimaphiko ngasinye sasinobuso obubini. 19Ubuso bomntu babujonge kwisundu, obengonyama bujonge kwelinye isundu. Le mifanekiso yayikrolwe kuyo yonke indlu kaThixo. 20Ukusuka emgangathweni kuye phezu kwesango kwakukrolwe izithunywa ezimaphiko namasundu kudonga lwegumbi elingaphandle lesibingelelo.

21Umgubasi wegumbi elingaphandle lesibingelelo wawumilise buxande, ngokunjalo nalowo wawumi phambi kweNgcwele kaNgcwele. 22Kwakukho iqonga lomthi elimpakamo uyimitha enesiqingatha nelimacala alinganayo ayimitha enye ngalinye. Iimbombo zalo, nesiseko, kwakunye namacala, konke kwakungumthi. Yathi kum le ndoda: “Le yitafile emi phambi *kukaNdikhoyo.” 23Umnyango wegumbi elingaphandle lesibingelelo nolweNgcwele kaNgcwele wawuneengcango ezimbini. 24Umnyango ngamnye wawahlulwe kubini, ucango ngalunye luqhotyoshelwe kwicala lalo. 25Kwakukrolwe izithunywa ezimaphiko namasundu ezingcangweni zegumbi elingaphandle lesibingelelo, njengoko kwakunjalo ezindongeni; kwakukho isixwexwe seplanga phezu kwevaranda ngaphambili. 26Kwakukho iifestile kwiindonga ezingamacala evaranda, kwaza kwahonjiswa ngemifanekiso yesundu macala kuzo. Amagumbi ayamane nendlu kaThixo nawo ayenezixwexwe zamaplanga.

UHEZEKILE 41XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UHEZEKILE 42

Amagumbi ababingeleli

1Le ndoda yaya nam kwicala elingentla, sangena kwintendelezo yokuqala, yandisa kumagumbi ajongene nentendelezo yendlu kaThixo angqalene nodonga lwangaphandle emantla. 2Indlu emnyango ujonge emantla yayinobude obungamashumi amahlanu eemitha nobubanzi obungamashumi amabini anantlanu eemitha. 3Kumacala omabini, icala elaliziimitha ezilishumi ukusuka kwintendelezo ephakathi nakwicala elalingqalene nendlela yentendelezo engaphandle yayiyimigangatho emithathu yeevaranda ezijongeneyo. 4Ngaphambi kwamagumbi kwakukho inyoba ebubanzi busisihlanu seemitha nobude obungamashumi amahlanu eemitha. Iminyango engena enyobeni yayijonge emantla. 5Awona magumbi aphezulu ayemxinwa, kuba ayedlelelelwe ziivaranda kunalawo akumgangatho osezantsi nophakathi. 6Amagumbi omgangatho wesithathu ayengenazo iintsika njengoko kwakunjalo kwintendelezo; ngako oko ayemancinane kunalawo omgangatho osezantsi nophakathi. 7Kwakukho udonga olungaphandle olungqalene namagumbi kwanentendelezo engaphandle; ukusuka egumbini lwaluziimitha ezingamashumi amabini anantlanu. 8Njengokuba uluhlu lwamagumbi ayame intendelezo engaphandle lwaluziimitha ezingamashumi amabini anantlanu ubude, olo lwalukwicala elisondele esibingelelweni lwalungamashumi amahlanu eemitha ubude. 9Amagumbi asezantsi ayenesango elingasempumalanga xa uwavelela kwintendelezo engaphandle.

10Kwicala langezantsi mayela nobude bodonga lwentendelezo yangaphandle olwayame intendelezo yendlu kaThixo kwakukho amagumbi 11anenyoba ngaphambi kwawo. Ayefana namagumbi angasentla: ayefana ngobude, ububanzi, iminyango ilingana nokulingana. Iminyango yamagumbi angasentla 12yayifana naleyo yamagumbi angasezantsi. Kwakukho umnyango ekungeneni kwenyoba eyayingqalene nodonga elibude bubhekise empuma, ekwakungenwa ngawo xa kuyiwa emagumbini.

13Le ndoda yathi kum: “Amagumbi angasentla nangasezantsi ajonge intendelezo yendlu kaThixo ngawababingeleli, apho, xa besondela *kuNdikhoyo, batyela khona eyona minikelo ingcwele. Kulapho baya kugcina khona awona madini yeyona minikelo ingcwele – eyokutya, eyesono, neyetyala – kuba yindawo engcwele. 14Bakuba ababingeleli bengene kulo mhlaba uwodwa abanako ukuphumela kwintendelezo engaphandle de babe bazishiye ngaphakathi izambatho ababesebenza ngazo, kuba zingcwele. Kufuneka bafake zambatho zimbi xa beza kusondela kumhlaba osikelwe abantu.”

15Yakuba iwenzile umlinganiso wezinto ezaziphakathi kwenkundla yendlu kaThixo yaphuma nam ngesango lasempuma, yaza yenza umlinganiso weendonga zangaphandle jikelele. 16Yenza umlinganiso wodonga lecala lasempuma ngoluthi lwayo lomlinganiso, yafumana iimitha ezingamakhulu amabini anamashumi amahlanu. 17Yalinganisa iindonga zecala lasemantla, yafumana amakhulu amabini anamashumi amahlanu eemitha ngokoluthi lwayo lokulinganisa. 18Yalinganisa iindonga zecala lasemazantsi, yafumana amakhulu amabini anamashumi amahlanu eemitha ngokoluthi lomlinganiso. 19Yaza yaya kulinganisa iindonga zecala lasentshona, yafumana amakhulu amabini anamashumi amahlanu eemitha ngokoluthi lokulinganisa. 20Ke ngoko yenza umlinganiso wamacala omane ale ndawo. Yayirhangqwe ludonga olubude buziimitha ezingamakhulu amabini anamashumi amahlanu, nobubanzi obuziimitha ezingamakhulu amabini anamashumi amahlanu. Olu donga lwalusahlula indawo engcwele kumndilili.

UHEZEKILE 42XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UHEZEKILE 43

UNdikhoyo ubuyela kwindlu yakhe

1Le ndoda yandisa kwisango elijonge empumalanga, 2ndaza ndabubona ubuqaqawuli bukaThixo kaSirayeli buvela ngasempumalanga. Ilizwi lakhe langa ngumgqumo womsinga wamanzi, waza umhlaba wakhanya bubuqaqawuli bakhe. 3Umbono endawubonayo nqwa nalowo ndawubonayo mhlenikwezeni wayeze kutshabalalisa isixeko, kwanaloo mibono ndayibonayo phezu komlambo iKebhare, ndaza ke mna ndalala tywaa ndifihla ubuso. 4Ubuqaqawuli *bukaNdikhoyo bangena endlwini kaThixo ngesango elijonge empumalanga. 5UMoya wandifunqula wandibeka kwintendelezo ephakathi, yaza indlu kaThixo yazala bubuqaqawuli bukaNdikhoyo.

6Isemi ngakum indoda leyo, ndeva kukho umntu esendlwini kaThixo ebhekisa kum, 7wathi: “Mntundini, le yindawo yesihlalo sam nendawo endibeka kuyo iinyawo zam. Kulapha apho ndiza kuhlala khona phakathi kwamaSirayeli ngonaphakade. Indlu kaSirayeli ayisokuze iphinde ilixabhele igama lam elilodwa – nditsho wona neekumkani zawo – ngobuhenyukazi bawo nangokwenza iindawo eziphakamileyo zokungcwaba izidumbu zookumkani. 8Athi akuyibeka imigubasi yawo ngakweyam, nemigubasi yeengcango zawo ngakweyeengcango zam, saza sahlulwa nje ludonga, alinyelisa igama lam ngezenzo zawo ezimanyumnyezi. Ke mna ndawatshabalalisa ndisemsindweni. 9Ke ngoku amaSirayeli makabushenxise phambi kwam ubuhenyukazi bawo kwanezidumbu zookumkani bawo, ndize ke mna ndihlale phakathi kwawo ngonaphakade.

10“Mntundini, bachazele ngendlu kaThixo abantu bakwaSirayeli, khon' ukuze bazidanele izono zabo. Mabayiqwalasele iplani yendlu yam, 11ukuze kuthi ukuba bazidanele izono zabo ubazise ngeplani yendlu kaThixo – ukuma kwayo amasango okungena nawokuphuma, nabo bonke ubucukubhede beplani, kwanayo yonke imimiselo nemithetho yayo. Uze ezi zinto uzibhale phambi kwabo, ukuze banyaniseke eplanini, baqhube ngokwemimiselo yayo.

12“Nangu ke umthetho wendlu kaThixo: yonke inkundla nommandla wayo phaya phezu kwentaba yoba yindawo yam ekhethekileyo. Unjalo umthetho wendlu kaThixo.”

Iqonga lamadini

13“Nangu umlinganiselo weqonga lamadini ngokomlinganiselo ekulinganiselwa ngawo endlwini kaThixo: umjelo walo sisiqingatha semitha ubunzulu kwanobubanzi, unomqukumbelo oziisentimitha ezisibhozo. Naku ukuphakama kweqonga: 14ukusuka phantsi kumjelo kuye kumphetho ongezantsi umphakamo yimitha, ububanzi bona sisiqingatha semitha, ukusuka kumphetho omncinane kuye komkhulu umphakamo ziimitha ezimbini, ububanzi bona bube kwasisiqingatha semitha. 15Umphakamo weziko leqonga ziimitha ezimbini, kuze apho eziko kubekho iimpondo ezine ezijonge phezulu. 16Iziko leqonga linamacala alinganayo; icala ngalinye lisisithandathu seemitha. 17Umphetho ongentla nawo unamacala alinganayo, uziimitha ezisisixhenxe ubude nobubanzi, unomqukumbelo oziisentimitha ezingamashumi amabini anantlanu, waza wajikelezwa ngumjelo osisiqingatha semitha. Izinyuko zeqonga zijonge empumalanga.”

18Waza wathi kum: “Mntundini, itsho iNkosi *uNdikhoyo ukuthi: Nantsi imigaqo yedini elitshiswayo nokutshizwa kwegazi eqongeni xa selakhiwe. 19Uya kunikezela kubabingeleli abangabaLevi bendlu kaZadoki (bona banako ukuma phambi kwam bandikhonze) ngenkunzi eselula yenkomo ibe lidini lokungxengxezela isono, utsho uNdikhoyo iNkosi. 20Uya kuthatha inxalenye yegazi layo uliqabe kwiimpondo zone zeqonga nakwiimbombo zone zomphetho ongentla nakulo lonke ungqameko, ube ke ngokwenjenjalo uhlambulula iqonga ulingxengxezela. 21Uya kuthatha inkunzi yedini lokungxengxezela isono uyitshisele kwindawo emiselwe loo nto endlwini kaThixo, kodwa ibe ngaphandle kwesibingelelo.

22“Ngosuku lwesibini uya kunikela ngenkunzi yebhokhwe engenasiphako ibe lidini lokungxengxezela isono. Iqonga lohlanjululwa njengoko bekwenziwe ngenkunzi yenkomo. 23Lakuba lihlanjululwe iqonga uya kunikela ngenkunzi yenkomo eselula nenkunzi yegusha ephuma emhlambini. Zombini ke zingabi nasiphako. 24Uya kuzinikela phambi kukaNdikhoyo, baze ababingeleli basasaze ityuwa kuzo, zibe lidini likaNdikhoyo elitshiswayo.

25“Uya kugqiba iintsuku ezisixhenxe unikela ngenkunzi yebhokhwe ngelanga, ibe lidini lesono; uya kukhupha nenkunzi yenkomo eselula kwanenkunzi yebhokhwe emhlambini, zombini zingabi nasiphako. 26Uya kuthatha iintsuku ezisixhenxe ucamagushela iqonga ulihlambulula; ngokwenjenje ke liya kuba liyanikezelwa. 27Emva kwezi ntsuku, oko kukuthi ukusuka kusuku lwesibhozo, amadini atshiswayo neminikelo yobudlelane yenu iya kunikelwa ngababingeleli kweli qonga. Ngale ndlela ke niya kwamkeleka kum, itsho iNgangalala uNdikhoyo.”

UHEZEKILE 43XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UHEZEKILE 44

Inkosi nabaLevi nababingeleli

1Yaza ke le ndoda yandibuyisela kwisango elingaphandle lesibingelelo, eli lijonge empumalanga; lalivaliwe. 2Wathi *uNdikhoyo kum: “Eli sango malihlale livaliwe. Lize lingavulwa; kungangeni mntu ngalo. Liza kuhlala livaliwe kuba uNdikhoyo, uThixo kaSirayeli, ungene ngalo. 3Yinkosi kuphela komntu onokuhlala ngaphakathi kwesango atye phambi kukaNdikhoyo. Iya kungena ngevaranda yesango, ize ibuye iphume kwangayo.”

4Indoda yandisa phambi kwendlu kaThixo ngesango elingentla. Ndakhangela ndaza ndabubona ubuqaqawuli bukaNdikhoyo buyizalisa indlu kaThixo, ndacambalala ndifihla ubuso.

5Wathi uNdikhoyo kum: “Mntundini, jongisisa ngamehlo akho, uphulaphule kakuhle ngeendlebe, uze ukuthathele ingqalelo konke endiza kukuxelela kona ngemigaqo yonke ebhekiselele kwindlu kaNdikhoyo. Bathathele ingqalelo bonke abangenayo nabaphumayo emasangweni esibingelelo. 6Xelela indlu kaSirayeli, abavukeli, uthi: Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Kambe, ndlu kaSirayeli, nikruqule ngamanyundululu enu 7xeshikweni ninikela kum ngokutya, nangamanqatha, negazi, nide nangenisa esibingelelweni sam iintlanga ezingandikhonziyo ezingalukanga. Ngokwenjenjalo nasinyelisa isibingelelo, nawutyeshela umnqophiso wam ngamanyundululu enu. 8Endaweni yokuqhuba ngokwemigaqo ebhekiselele kwizinto zam ezingcwele, niyalele bantu bambi ukuba balawule isibingelelo sam. 9Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Akukho ntlanga ingalukanga engandikhonziyo iya kungena esibingelelweni sam, nditsho nkqu nomngeneleli ohlala phakathi kwamaSirayeli.

10“Kuphela ngabaLevi abamelwe kukulawula isibingelelo sam, kanti abaLevi basuke bandityeshela ngexesha lokukreqa kwamaSirayeli, baza bahambela kude nam ngenxa *yezithixo zabo. Ke ngoko ndiyabohlwaya ngenxa yesono sabo. 11Bangade beme phambi kwesibingelelo sam, balawule amasango endlu kaThixo, basebenze nakuyo; bangawaxhela amadini etshiswayo, babenzele namadini abantu; bangema phambi kwabantu bebalungiselela. 12Kodwa ngenxa yokuba abantu babenzele amadini noxa bekhonza izithixo, baza ngokwenjenjalo bayeyelisela esonweni indlu kaSirayeli, ndamisa isibhozo ndisithi baza kohlwaywa ngeziphoso zabo, utsho uMhlekazi uNdikhoyo.

13“Abayi kusondela kum bandilungiselele okwababingeleli, bengayi kusondela nakwiminikelo yam engcwele okanye bangene kweyona ndawo yam ingcwele. Mabalithwale ihlazo lezenzo zabo ezimanyumnyezi. 14Ke ndiza kubenza abaququzeleli bendlu kaThixo, benze yonke imisebenzi abayalelwe yona.

15“Kodwa ababingeleli abangabaLevi omnombo kaZadoki, bona bathi banyaniseka emsebenzini wesibingelelo xeshikweni amaSirayeli ayekreqile, bona bangasondela babingelele phambi kwam, benze iminikelo yamanqatha negazi, itsho iNkosi uNdikhoyo. 16Ngabo kuphela abaya kungena kweyona ndawo ingcwele; ngabo kuphela abaya kundilungiselela etafileni yam, babingelele phambi kwam, bawenze umsebenzi wam.

17“Xa bengena emasangweni entendelezo ephakathi mabanxibe impahla yelinen; mabanganxibi impahla eyenziwe ngoboya ngexesha balungiselelayo kwinkundla engaphakathi okanye ngaphakathi endlwini kaThixo. 18Baya kuthwala iiqhiya zelinen entloko, babhinqe ngaphantsi impahla yelinen, bangayinxibi impahla eya kubenza babile. 19Xa bephumela kwinkundla engaphandle, apho kuhleli abantu, kufuneka bayikhulule impahla ebebelungiselela ngayo, bayishiye kumagumbi awodwa, baze banxibe enye, ukuze bangababeki esichengeni abantu ngempahla abayinxibileyo.

20“Mabangaziguguli iintloko, okanye baziyeke iinwele zabo zikhule zibe nde, kodwa ze baziphungule nje. 21Makungabikho mbingeleli usela iwayini xa eza kungena kwinkundla engaphakathi. 22Abanakutshata umhlolokazi okanye umfazi owaliwe yindoda; bangatshata intombi yomnombo kaSirayeli kuphela, kungenjalo umhlolokazi wombingeleli. 23Kufuneka bafundise abantu bam umahluko phakathi kwezinto ezahlulelwe mna nezizezinye, nokuba babe nako ukuyahlula leyo *inomlaza kwenyulu.

24“Xa kukho iimbambano kuya kwahlula ababingeleli. Ze bakwenze oko ngokwemimiselo yam. Baya kuyithobela imigaqo, bayilulamele imimiselo ejongene nayo yonke imisitho emiselweyo, bajonge ukuba *neMihla yokuPhumla ibe yimihla eyodwa.

25“Umbingeleli maze angazifaki umlaza ngokusondela esidumbini somntu; kodwa xa isidumbu isesoyise kungenjalo unina, unyana kungenjalo intombi, umntakwabo kungenjalo udade wabo ongatshatanga, angasondela kuso. 26Uya kulinda isixhenxe seentsuku emva kokuba ehlanjululwe. 27Mhla wangena kwinkundla engaphakathi yesibingelelo kufuneka azenzele idini lesono, itsho iNkosi uNdikhoyo.

28“Makube kuphela kwam ilifa lababingeleli. Mabanganikwa mhlaba ungowabo kwaSirayeli; ndim owabo. 29Baya kutya iminikelo yokutya, neyamadini esono, nawetyala; nayo yonke into kwaSirayeli eyinxaxheba kaNdikhoyo iya kuba yeyabo. 30Ulibo oluphambili lolwabo, kwanazo zonke izipho zenu ezizodwa. Niya kubanika isabelo sokuqala somgubo wenu ukuze usikeleleke umzi wenu. 31Ababingeleli mabangayityi inyama yento efileyo okanye eqwengwe ngamarhamncwa, nokuba yintaka, nokuba sisilo.”

UHEZEKILE 44XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UHEZEKILE 45

Ukwahlulwa-hlulwa komhlaba

1“Xa nisaba umhlaba olilifa niya kunikela *kuNdikhoyo isabelo somhlaba oyindawo yakhe eyodwa ube ziikhilomitha ezilishumi elinambini elinesiqingatha ubude neekhilomitha ezilishumi ububanzi; wonke ke lo mhlaba uya kuba ngumhlaba ongcwele. 2Kuwo ke kuya kusikwa umhlaba omacala alinganayo. Icala ngalinye loba ngamakhulu amabini anamashumi amahlanu eemitha, ubekelwe isibingelelo sikaThixo. Uya kujikelezwa ngumhlaba ophangaleleyo ongamashumi amabini anantlanu eemitha. 3Kulo mhlaba uwodwa maze kusikwe isiqwenga esibude bulishumi elinambini elinesiqingatha seekhilomitha, nobubanzi obuziikhilomitha ezintlanu. Phakathi kuwo kuya kubakho isibingelelo sikaThixo esiyeyona ndawo ingcwele. 4Siya kuba ngumhlaba owodwa osikelwe ababingeleli abakhonzayo endlwini kaThixo nabasondelayo ukuza kubingelela phambi kukaNdikhoyo. Ziya kwakhiwa apho izindlu zabo, ibe lapho nendawo eyodwa yokumisa isibingelelo. 5Umhlaba obude bulishumi elinambini elinesiqingatha seekhilomitha, nobubanzi obuziikhilomitha ezintlanu, uya kuba sisahlulo sabaLevi abangabaququzeleli bendlu kaThixo, ube yindawo yabo yokwakha imizi yabo.

6“Kobakho isixeko esiya kwahlulelwa umhlaba obubanzi bulishumi elinambini elinesiqingatha seekhilomitha ubude neekhilomitha ezimbini ezinesiqingatha ububanzi oyamene nalowo mhlaba uwodwa. Uya kuba sisahlulo sendlu kaSirayeli iphela.

7“Inkosi yesizwe iya kwahlulelwa umhlaba omda wayame kumhlaba owodwa nakumhlaba wesixeko. Uya kunabela entshonalanga kwicala lasentshona, uze unabele empumalanga kwicala lasempuma, ubude bawo busuke kumda wasempuma buye kuthi xhaxhe kumda wasentshona, ulingane nomhlaba osikelwe izizwe ngazinye zakwaSirayeli. 8Lo mhlaba ke uya kuba sisabelo sayo kwaSirayeli. Iinkosi eziphantsi kwam azisokube ziphinde zibacinezele abantu bam, koko ziya kuyivumela indlu kaSirayeli ibe nomhlaba wayo ngokwezizwe zayo.

9“Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: ‘Kwanele, zinkosi zakwaSirayeli! Yahlukanani nogonyamelo kwanengcinezelo, nenze ubulungisa nokulungileyo. Yekani ukuhlutha abantu umhlaba wabo,’ utsho uNdikhoyo iNgangalala. 10‘Ze nisebenzise imilinganiso eyiyo: iefa ngqo, nebhati ngqo. 11Mazilingane iefa nebhati, ibhati ibe sisishumi sehomere, ne-efa ibe sisishumi sehomere; ihomere mayibe ngumlinganiso omiselweyo wazo zombini. 12Ishekele mayibe ngangamashumi amabini eegera. Amashumi amathandathu eeshekele edibene enza imina enye.’ ”

Iminikelo neentsuku ezizodwa

13“ ‘Nangu umnikelo owodwa emaniwenze: isinye esithandathwini se-efa kwihomere nganye yengqolowa, nesinye esithathwini se-efa kwihomere nganye yehabile. 14Umlinganiselo omiselweyo wamafutha, ngokomlinganiso webhati sisishumi seebhati kwikore nganye (emlinganiso wayo lishumi leebhati okanye ihomere enye, kuba ishumi leebhati lilingana nehomere). 15Kwakhona makuthatyathwe igusha ibe nye kumhlambi wamakhulu amabini odla kumadlelo aluhlaza akwaSirayeli. Zona ke zosetyenziswa neminikelo yokutya, amadini atshiswayo, neminikelo yobudlelwane yokungxengxezela abantu,’ itsho iNgangalala uNdikhoyo. 16‘Bonke abantu baya kuthatha inxaxheba kwesi sipho sisodwa esiya kusetyenziswa yinkosi kwaSirayeli. 17Iya kuba luxanduva lwenkosi ukukhupha amadini atshiswayo, iminikelo yokutya, kwaneminikelo ethululwayo ngexesha lemisitho, nelokuthwasa kwenyanga, *neloMhla wokuPhumla, kuyo yonke imisitho yakwaSirayeli engummiselo. Iya kukhupha amadini esono natshiswayo, neminikelo yokutya, neyobudlelwane, ukungxengxezela indlu kaSirayeli.’

18“Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: ‘Ngosuku lokuqala kwinyanga yokuqala nothatha inkunzi yenkomo eselula engenasiphako nihlambulule indlu kaThixo. 19Umbingeleli wothatha inxalenye yegazi ledini lesono, alityikile emgubasini osemacaleni omnyango, kwiimbombo zone zomphetho ongentla weqonga lamadini, nasemigubasini ephahle isango lenkundla ephakathi. 20Kuya kuphinda kwenziwe njalo ngosuku lwesixhenxe enyangeni, kusenzelwa lowo ungaba wone engaqondanga okanye ebangwa kukungazi; nendlu kaThixo yocanyagushelwa kwangolu hlobo.

21“ ‘Ngosuku lweshumi elinesine kwinyanga yokuqala niza kuba nesikhumbuzo *sePasika, umsitho oya kuqhutywa isixhenxe seentsuku, ngalo lonke elo xesha nisitya isonka esinganyuswanga. 22Ngaloo mini inkosi yesizwe iya kukhupha inkunzi yenkomo ibe lidini layo lesono kwanabo bonke abantu belizwe. 23Yonke imihla ngezi ntsuku zomsitho iya kukhupha iinkunzi zeenkomo ezisixhenxe neenkunzi zeebhokhwe ezisixhenxe ezingenasiphako zibe lidini likaNdikhoyo elitshiswayo, neduna lebhokhwe libe lidini lesono. 24Iya kukhupha umnikelo wokutya okhapha inkunzi yenkomo nganye omalunga neekhilogram ezingamashumi amabini, nenye ekwangako ekhapha inkunzi yebhokhwe nganye, kwaneelitha ezintathu zamafutha ezikhapha amashumi amabini eekhilogram zengqolowa.

25“ ‘Ngazo zonke iintsuku ezisixhenxe zomsitho oqalisa ngosuku lweshumi elinesihlanu kwinyanga yesixhenxe, kufuneka awalungiselele kwangolo hlobo amadini esono, natshiswayo, neminikelo yokutya, neyamafutha.’

UHEZEKILE 45XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 66

Elokudumisa nelokubulela

Kumbhexeshi-kwayara; umhobe oculwayo.

1Khanitsho ngentsholo nidumisa,

nibong' uThixo, nonke bemi behlabathi!

2Culani nidumise isidima sakhe;

khanimtyibele nimemelele!

3Dandulukani, nithi kuThixo:

“Iyamangalisa imisebenzi yakho;

ubungangamsha bakho bunabile;

buzitsho neentshaba zakho zinkwantye.

4Ihlabathi liphela likhahlela kuwe,

livum' amaculo, lidumisa wena;

liyamemelela, libong' igama lakho.”

5Yizani niyibone imisebenzi kaThixo;

izenzo zakhe ziyalumangalisa uluntu.

6Ulwandle walujika lwayinkangala.

Umlambokazi bawuwela betabhata.

Ngenene sachulumacha ngenxa yakhe.

7Igunya lamandla akhe alinamida.

Iliso lakhe lizalusile izizwe;

nezibhoja mazingajambalazi.

8Mncomeni uThixo wethu, nonke zizwe!

Izibongo zenu maziviwe nangabakude.

9Yena wasithundeza wasixhasa;

akasiyekelanga ekutyibilikeni.

10Kaloku, wena Thixo, usivavanyile;

usicikide njengesiliva.

11Wasiyeka sagaxeleka elubobeni;

wasiyekela sathandelwa ziinkxwaleko.

12Wasivula, iintshaba zasityakatya,

sadada emililweni nasemanzini;

wabuya wasithi jize ngendyebo.

13Ndoya endlwini yakho,

ndikuphathele amadini atshiswayo;

ndiza kuzifezekisa izithembiso zam,

14ndizenze izinto endazithethayo

mhla kwakugos' okwaphukayo.

15Ndiza kukwenzela amadini ngezityebileyo,

ndiqhumise ngombingelelo weenkunzi zeegusha,

ndibingelele ngeenkunzi zeenkomo nezeebhokhwe.

16Nonke nina nimhlonelayo uThixo,

yizani ndinibonise izinto andenzele zona.

17Ndadanduluka kuye ndizibika;

ndandipheth' iindumiso nemibongo.

18Ukuba ndandizigushile izono zam

uMhlekazi ebengayi kundiphulaphula.

19Kambe ke uThixo undivile;

uwuphendule umthandazo wam.

20Ngenene ngowokubongwa uThixo.

Yena akakhalalanga ndakuzibika kuye;

akazibandezanga izibele zothando lwakhe.

IINDUMISO 66XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-