Bible Society of South Africa

To The Word – Day 207

Zechariah 1–5, Psalm 81

Itekisi yeBhayibhile

UZAKARIYA 1

Ukubizelwa enguqukweni

1Ke kaloku kwathi kwinyanga yesibhozo yonyaka wesibini wolawulo lukaDariyo, ilizwi *likaNdikhoyo lafikela *umshumayeli uZakariya unyana kaBherekiya unyana kaIdo.

2Lalisithi: “UNdikhoyo wayebaqumbele gqitha ooyihlo-mkhulu. 3Yithi ke kubo: Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: ‘Buyelani kum,’ nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo onamadla onke, ‘nam ke ndobuyela kuni,’ utsho uNdikhoyo onamandla onke. 4Sanukuhamba ekhondweni looyihlo-mkhulu, bona babexelelwa ngabashumayeli bamandulo besithi: Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: ‘Guqukani kwiindlela zenu zobubi, nahlukane nemisebenzi yobugwenxa. Kambe ke abazange bandiphulaphule, bengazange bandithobele,’ utsho uNdikhoyo. 5Ngoku ke baphi ooyihlo abo? Bona abashumayeli baphila ngonaphakade na? 6Kodwa ke, andithi amazwi am ngokunjalo nemimiselo yam endandiyithume izicaka zam abashumayeli yabafumana ooyihlo-mkhulu abo?

“Kaloku ke bazisola bathi: ‘Ngenene uNdikhoyo onamandla onke usiphethe ngokweendlela zethu; usivuze ngokwemisebenzi yethu, njengoko wayezimisele ukwenjenjalo.’ ”

Umbono wamahashe

7Ngomhla wamashumi amabini anesine kwinyanga yeshumi elinanye, nyanga leyo ekuthiwa nguShebhati, kwakuloo nyaka wesibini wolawulo lukaDariyo, ilizwi *likaNdikhoyo lamfikela *umshumayeli uZakariya unyana kaBherekiya unyana kaIdo.

8Ndasuka ndaba nombono ebusuku: Phambi kwam ndabona umfo ekhwele ihashe elibomvu. Wayemi engxingweni phakathi kwemithi yemetile. Emva kwakhe kwakukho amanye amahashe, abomvu, amfusa, namhlophe.

9Ndaza ke ndathi: “Ithetha ntoni le nto, nkosi yam?”

Isithunywa eso ebesithetha nam sathi: “Ndiza kukubonisa intsingiselo yezi zinto.”

10Ke loo mfo umi phakathi kwemithi yemetile waphendula wathi: “Aba ngabathunywe nguNdikhoyo ukulityhutyha ihlabathi liphela.”

11Banika ingxelo kweso sithunywa sikaNdikhoyo siphakathi kwemithi yemetile, bathi: “Silityhutyhile ihlabathi lonke, saza salifumana lizole nzwanga.”

12Ke isithunywa sikaNdikhoyo sathi: “Ndikhoyo onamandla onke, koda kube nini ungenaluvelwano neJerusalem needolophu zakwaJuda owaziqumbelayo le minyaka ingamashumi asixhenxe?” 13UNdikhoyo ke wasiphendula ngamazwi obulali nentuthuzelo eso sithunywa sasithetha nam.

14Isithunywa eso ke esasithetha nam sathi: “Lubhengeze olu daba uthi: Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: ‘Ndinekhwele elikhulu ngeJerusalem neZiyon. 15Kambe ke ndiziqumbele kakhulu izizwe ezixhamla ulonwabo. Bendingaqumbanga kakhulu, kodwa zona zisuke zayongezelela inkxwaleko.’

16“Ngoko ke utsho uNdikhoyo ukuthi: ‘IJerusalem ndiza kuyivelela ngenceba, ibuye yakhiwe indlu yam khona,’ utsho uNdikhoyo onamandla onke. ‘Ewe, intambo yokulinganisa iza kolulwa phezu kweJerusalem.’ 17Phinda ubhengeze uthi: Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: ‘Iidolophu zam ziya kuphinda ziphuphume yinkqubela, iZiyon ndibuye ndiyithuthuzele mna Ndikhoyo, ndiyichonge iJerusalem.’ ”

Umbono weempondo

18Ndathi ndakukhangela ndabona nazo iimpondo ezine phambi kwam. 19Ndabuza kweso sithunywa sasithetha nam ndathi: “Yintoni intsingiselo yazo?”

Saphendula sathi: “Ezi zezi mpondo zachitha-chitha uJuda noSirayeli neJerusalem.”

20Ke kaloku *uNdikhoyo wandibonisa iingcibi ezine, 21ndaza ke ndathi: “Ezi ngcibi zize kwenza ntoni na?”

Waphendula wathi: “Ezi mpondo ngabo bachitha-chitha uJuda kangangokuba kungabikho bani unokuphakamisa intloko yakhe. Kambe ke iingcibi ezi zize kubarhwaqelisa; ziza kuzaphula iimpondo izizwe ezalifaka uphondo ilizwe lakwaJuda, labachitha-chitha abemi balo.”

UZAKARIYA 2

Umbono wentambo yokulinganisa

1Ndaphinda ndathi ndakukhangela ndabona nanko umfo phambi kwam ephethe esandleni sakhe intambo yokulinganisa. 2Ndaza ndathi: “Uya phi?”

Ke yena wathi kum: “Ndiza kulinganisa iJerusalem, ndifumanise ububanzi nobude bayo.”

3Semka ke eso sithunywa sasithetha nam, saza sahlangatyezwa sesinye, 4sathi kuso: “Sukelisa, uthethe nalaa mfana, uthi: ‘IJerusalem iza kuba sisixeko esingabiyelwanga, kuba yoba nabantu abaninzi gqitha ndawonye nempahla yabo. 5Ndim ngokwam oya kuba ludonga lwayo lomlilo ndiyijikeleze, ubungangamsha bam bube ngaphakathi kwayo.’ Nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo.”

6“Hoyinaa! Sabani ezweni langasentla,” utsho uNdikhoyo. “Kaloku ndinichitha-chithele kumacala omane ehlabathi,” utsho uNdikhoyo.

7“Ewe, yiza, Ziyon! Balekani, nina enihlala eBhabheli.” 8Kaloku uNdikhoyo onamandla onke ondigunyazise wandithuma kwizizwe ezanixhaphazayo, uthethe wathi: “Nabani na onichukumisayo uchukumisa ukhozo lweliso lwam. 9Ndosuka ndiziheshe ezo zizwe ngesandla sam, ibe zizo ezixhatshazwa ngamakhoboka azo. Ke kaloku notsho niqonde ukuba nguNdikhoyo onamandla onke ondithumileyo.”

10“Memeza ugcobe, ntombi eyiZiyon, kuba ndiyeza, ndaye ndiza kuhlala apho kuwe,” utsho uNdikhoyo. 11“Ngaloo mini izizwe ezininzi ziya kubandakanywa noNdikhoyo, zibe ngabantu bam. Ndiya kuhlala phakathi kwenu, nani nitsho niqonde ukuba nguNdikhoyo onamandla onke ondithumileyo. 12UJuda uya kuba lilifa nesabelo sikaNdikhoyo apha kulo mhlaba ungcwele, aze abuye ayichonge iJerusalem. 13Yithini cwaka phambi koNdikhoyo, nonke bantu behlabathi; kaloku yena ngoku uvukile ekhayeni lakhe elingcwele.”

UZAKARIYA 3

Umbono wombingeleli omkhulu

1Ke kaloku wandibonisa umbingeleli omkhulu uYoshuwa emi phambi kwesithunywa *sikaNdikhoyo; yena uSathana emi ngasekunene kwakhe eza kummangalela. 2UNdikhoyo ke uthe kuSathana: “NdinguNdikhoyo nje ndiyakukhalimela, Sathana! Ewe, ndinguNdikhoyo onyule iJerusalem nje ndiyakukhalimela! Kaloku lo mfo ufana nesikhuni esixhwilwe emlilweni.”

3Ngoko ami phambi kwesithunywa uYoshuwa wayenxibe iimpahla ezingcolileyo. 4Isithunywa ke sathetha nâbo babemi phambi kwaso sathi: “Mkhululeni ezo mphala zingcolileyo.”

Sabhekisa kuYoshuwa ke sathi: “Uyabona ke, ndibususile ubugwenxa bakho; ndaye ke ndiza kukunxiba iimpahla zexabiso.”

5Mna ke ndathi: “Mabamthwalise entloko iqhiya ecocekileyo.” Baza ke bamthwalisa iqhiya ecocekileyo, baza bamnxibisa iimpahla, isithunywa sikaNdikhoyo sisemi njalo.

6Ke kaloku isithunywa sikaNdikhoyo samthembisa sathi: 7“UNdikhoyo onamandla onke uthi: ‘Ukuba uthe wahamba ngeendlela zam, wayithobela imimiselo yam, indlu yam iya kulawulwa nguwe, ngokunjalo neenkundla zam zibe phantsi kwakho; kananjalo ke nawe uya kuba nendawo phakathi kwaba bemi apha.

8“ ‘Yoshuwa, mbingeleli omkhulu, phulaphula, beve nabo oogxa bakho abakungqongileyo; abo bangumqondiso wezinto ezizayo. Kaloku ndiya kuvelisa ihlumelo elisisicaka sam. 9Uyabona ke ndibeke ilitye phambi koYoshuwa, litye elo elinamehlo asixhenxe kulo. Kulo ke ndiya kukrola umbhalo, isono seli lizwe ndisisuse ngamini-nye,’ utsho uNdikhoyo onamandla onke.”

10“UNdikhoyo onamandla onke uthi: ‘Ngaloo mini nonke ngabanye elowo uya kumema ummelwane wakhe, ahlale naye phantsi komdiliya noba ngumkhiwane.’ ”

UZAKARIYA 4

Umbono wesiphatho sezibane nemithi yomnquma

1Esaa sithunywa sasithetha nam sabuya seza sandivusa njengomntu ovuswa ebuthongweni bakhe, 2sathi kum: “Ubona ntoni?”

Ndaza ndathi: “Ndibona isiphatho sezibane esenziwe ngegolide. Entloko sinesitya nezibane ezisixhenxe ezinxityelelwe yimibhobho esixhenxe. 3Kanjalo esi sibane sixhakwe ngasekunene nangasekhohlo yimithi emibini yomnquma.”

4Ndabuza kweso sithunywa sasithetha nam, ndathi: “Ziyintoni na ezi zinto, nkosi yam?”

5Ke isithunywa esasithetha nam saphendula sathi: “Awuzazi na ukuba ziyintoni ezi zinto?”

Ndaza ndathi: “Hayi, nkosi yam.”

6Ke sona sathi kum: “Eli lilizwi *likaNdikhoyo kuZerubhabheli: ‘Akungabukroti, kungengawo namandla, kodwa kungoMoya wam kuphela,’ utsho uNdikhoyo onamandla onke.

7“Kuxa uyintoni, wena ntaba iphakamileyo? Phambi koZerubhabheli wosuka ube njengethafa. Uya kubeka ilitye lokugqibela ekwakhiweni kwendlu kaThixo, abantu bekhwaza besithi: ‘Thamsanqela! Thamsanqela, Thixo!’ ”

8Ke kaloku ndafikelwa lilizwi likaNdikhoyo lisithi: 9“Izandla zikaZerubhabheli zisibekile isiseko sendlu kaThixo; ikwazizandla zakhe eziya kuyiphetha. Nawe uya kutsho uqonde ukuba uNdikhoyo onamandla onke nguye ondithumileyo kuwe. 10Ngubani owudelelayo umhla ongenaziganeko zingako? Kambe baya kuvuya bakubona uZerubhabheli ephethe isixhobo sokulungelelanisa. Ezi zibane zisixhenxe ngamehlo kaNdikhoyo ajonga ihlabathi lonke jikelele.

11Ndasibuza ke isithunywa eso ndathi: “Yeyani le minquma mibini ixhake isiphatho sezibane ngasekhohlo nangasekunene?” 12Kwakhona ndabuza ndathi: “Ngawani la masebe mabini omnquma asecaleni kwale mibhobho mibini yegolide iphokoka ioyile ebugolide?”

13Siphendule sisithi: “Awuzazi na ezi zinto?”

Ndathi: “Hayi, nkosi yam.”

14Saza ke sona sathi: “Aba ngabo babini bathanjiselwe ukukhonza iNkosi yehlabathi jikelele.”

UZAKARIYA 5

Umbono womqulu ophaphazelayo

1Ndithe ndakukhangela ndabona nanko umqulu uphaphazela. 2Isithunywa sandibuza sathi: “Ubona ntoni?”

Ke mna ndithe: “Ndibona umqulu ophaphazelayo. Umalunga neemitha ezilithoba ubude, neemitha ezine ezinesiqingatha ububanzi.”

3Saza sathi kum: “Esi sisiqalekiso esijinga phezu kwawo wonke umhlaba. Kwelinye icala kubhalwe kwathiwa wonke umntu olisela uza kugxothwa angabikho. Kanti ke kwelinye kuthiwa wonke umntu ofunga exoka uza kugxothwa angabikho. 4UNdikhoyo onamandla onke uthi: ‘Ndiza kusikhupha esi siqalekiso size singene emzini walowo ulisela, nakuwo umzi walowo ufunga igama lam exoka. Siya kuhlala apho emzini wakhe, siwutshabalalise kunye nezinti zawo namatye awo.’ ”

Umbono womfazi osebhaskitini

5Siphinde sathi gqi isithunywa ebesithetha nam, sathi kum: “Khangela, kukho nenye into evelayo.”

6Ndaza ndathi: “Yintoni na?”

Siphendule sathi: “Yibhaskiti leya ivelayo.” Saza sathi: “Iqulethe isono sabantu ehlabathini lonke.”

7Eso sivalo sayo selothe saphakama, kwathi kanti apho ngaphakathi kuhleli umfazi. 8Isithunywa sathi: “Lo mfazi umele inkohlakalo.” Saza ke samtyhiliza sambuyisela ebhaskitini, savala.

9Ndakukhangela ke ndabona apho phambi kwam abafazi ababini bephaphazela ngamaphiko abo emoyeni; ewe, babetsho ngamaphiko ngathi yingwamza. Bayichola loo bhaskiti, baphaphazela nayo esibhakabhakeni.

10Ndabuza ke apho kweso sithunywa sasithetha nam, ndathi: “Ngaba bayisa phi ibhaskiti leyo?”

11Saphendula sathi: “Bayisa ezweni laseShinare apho iza kwakhelwa indlu khona. Xa seyigqityiwe ukwakhiwa loo ndlu, le bhaskiti iya kubekwa apho kwisiza sayo.”

IINDUMISO 81

Ingoma yetheko

Kumbhexeshi-kwayara; umhobe ka-Asafu; uvunywa njengalowa wamaGati.

1Dandulukani ngovuyo, nibonge uThixo osikhuselayo;

memelelani nidumise uThixo kaYakobi.

2Hlabelani nitsho ngohadi;

dlobani ngoncuthu lweehapu neekatala.

3Vuthelani ixilongo ukuthwasa kwenyanga,

nasekuhlanganeni kwenyanga mhla ngetheko.

4Kaloku lowo ngummiselo wakwaSirayeli,

lisiko loThixo kaYakobi.

5Walenza langummiselo kwaSirayeli,

mhla wahlasela elamaJiputa.

Ndiva ilizwi endingaliqondiyo, lisithi:

6“Ndawothula umthwalo owawusemagxeni enu,

zaxibilika iingobozi ezandleni.

7Nakhala ngomhla wengxingongo, ndanihlangula;

ndaniphendula ndingabonakali ndisezindudumeni;

ndanivavanya emthonjeni waseMeribha.

8“Ndathi sigqaleni isilumkiso sam, bantu bam;

Sirayeli, akwaba ubuya kundiva!

9Ze ningamnquli *uthixo wesinye isizwe;

ongomnye eningamaziyo ze ningamnquli.

10Ndim mna *Ndikhoyo uThixo wenu

owanikhuphayo kwelamaJiputa;

khamisani, mna ndiza kunifunza.

11“Phi ke! Abantu bam zange baphulaphule;

abafunanga nokuva oku ngam.

12Ndaza ke ndabayekela kwezo nkani zabo,

ukuze benze ngokuthanda kwabo.

13Ngamana nandiphulaphula, bantu bam;

akwaba ubungandithobela, Sirayeli.

14Bendingazigeqayo iintshaba zakho;

ewe, bendiya kuzinyhasha iintshaba zakho.

15Abamthiyileyo uNdikhoyo bebeya kushwabana,

isigwebo sabo sibe ngumlibe.

16Bendiya kunondla ngeyona-yona ngqolowa,

ndinanelise ngobusi obupholileyo.”

IINDUMISO 81XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-