Bible Society of South Africa

To The Word – Day 21

Exodus 26–32

Itekisi yeBhayibhile

EYEMFUDUKO 26

Isibingelelo

(Mfud 36:8-38)

1“Thatha imiqulu yelaphu elisontwe ngobona buchule ibe lishumi, wenze ngayo umkhusane *wesibingelelo. La malaphu makabe yile mibala: ozuba, omsobo, nobomvu. Makahonjiswe ngemifanekiso *yezithunywa ezimaphiko yenziwe ngobugcisa nobunono. 2Yonke imikhusane mayilingane, ibe ziimitha ezilishumi elinambini ubude, zibe mbini ububanzi. 3La malaphu wadibanise abe mahlanu ngamahlanu. 4Thatha ilaphu elizuba, wenze amarhintyelo phaya emphethweni ngapha nangapha. 5Loo marhintyelo ke makabe ngamashumi amahlanu kweli cala; kanti ke nakweliya icala makabe kwangako, alungelelane. 6Kwangokunjalo ke thatha igolide, wenze amahaki angamashumi amahlanu, khon' ukuze la macala mabini adityaniswe, intente yesibingelelo ibe yinto enye.

7“Isibingelelo eso ke masambathiswe ngentente eyenziwe ngoboya bebhokhwe. Yona ke mayibe yimiqulu elishumi elinanye. 8Nayo ke mayilingane ibe ziimitha ezilishumi elinantathu, zibe mbini ke ububanzi. 9Dibanisa imiqulu ibe mihlanu kwelinye icala, uze uphinde uyidibanise nale mithandathu iseleyo; kambe ke lo wesithandathu wona uze uwuphinde ngaphambili. 10Yenza amarhintyelo angamashumi amahlanu emphethweni weli cala, kanti ke abe kwangako emphethweni weliya icala. 11Thatha ubhedu, wenze amahaki angamashumi amahlanu, ukuze la macala mabini adityaniswe abe yinto enye. 12Ke sona esi siqingatha siseleyo masijinge ngasemva phaya. 13La mashumi mahlanu eesentimitha alabalabayo kobu bude makagqume intente macala.

14“Kwakhona yaleke ngofele lwenkunzi yegusha olubomvu nangesikhumba esisukiweyo ngaphandle.

15“Yenza izakhelo zokuxhasa intente leyo ngezibonda zomngampunzi. 16Isakhelo ngasinye masibe ziimitha ezine ubude neesentimitha ezingamashumi amathandathu anesithandathu ububanzi. 17Uze uzenze ziphume ngapha nangapha, khon' ukuze zibe nokuhlanganiswa. Ewe, zonke izakhelo mazenziwe ngolu hlobo. 18Yenza izakhelo zangezantsi zibe ngamashumi amabini. 19Isakhelo ngasinye masibanjwe ziziseko ezibini zesiliva, zibe ngamashumi amane zizonke. 20Mayibe zizakhelo ezingamashumi amabini ngasentla, 21zixhaswe ngamashumi amane eziseko zesiliva, zibe zibini esakhelweni esinye. 22Ngasentshona izakhelo mazibe zithandathu, 23zibe zibini ezikoneni. 24Ezi zakhelo zeekona maziqhagamshelwe emazantsi, ziye kuqhina phezulu. Kunjalo ke okwezi zakhelo zibini zeekona. 25Ngoko ke zoba sibhozo zixhaswe lishumi elinesithandathu leziseko zesiliva, zingambini kwenye.

26“Yenza imiqadi ngomngampunzi; mayibe mihlanu ngapha nangapha, 27ngokunjalo nakwicala lasentshona ngasemva. 28Lo mqadi uphakathi mawube sesizikithini sesakhelo, unqamleze usuke ngapha uye kuthi ngqu ngaphaya. 29Izakhelo zityabeke ngegolide, uzenzele amakhonkco ngegolide apho iya kungena khona imiqadi; kambe ke nayo uya kuyityabeka ngegolide. 30Esi sibingelelo senze ngokomzekelo endakubonisa wona entabeni.

31“Thatha imiqulu yelaphu elisontwe kakuhle, wenze umkhusane. Malibe yile mibala: ozuba, omsobo, nobomvu. Lo mkhusane mawuhonjiswe ngemifanekiso *yezithunywa ezimaphiko, yenziwe ngobugcisa nobunono. 32Lo mkhusane ke mawuxhonywe kwiintsika zomngampunzi ezityatyekwe ngegolide ezinamahaki, zixhaswe ngeziseko ezine zesiliva. 33Lo mkhusane wuxhome kulaa mahaki aphezulu, uze emva kwawo ubeke laa tyesi inobungqina bomnqophiso. Umkhusane lo ke uya kwahlula igumbi elingcwele kwingcwele kangcwele. 34Ityesi yomnqophiso yivale ngesivalo sayo. 35Apha nganeno komkhusane beka itafile kwicala elingasentla, ize isibane sona sibe ngasezantsi.

36“Esangweni xhoma umkhusane welaphu elisontwe kakuhle elizuba, elimsobo, nelibomvu. Maliqhoqhonywe lihonjiswe ngobugcisa nobunono. 37Lenzele iintsika ezintlanu ngomngampunzi. Mazityatyekwe ngegolide, zifakwe amahaki egolide. Ke zona mazisekelwe ngeziseko zobhedu ezihlanu.”

EYEMFUDUKO 26XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

EYEMFUDUKO 27

Iqonga lamadini

(Mfud 38:1-7)

1“Ke lona iqonga lamadini uze ulenze ngomngampunzi lilingane macala, libe ziimitha ezimbini neesentimitha ezimashumi mabini ubude ngokunjalo nobubanzi, ukuphakama kube yimitha enye neesentimitha ezimashumi mathathu. 2Izibonda zeekona zalo zone mazilabalabe phezulu phaya, zenze iimpondo, futhi ke zityatyekwe ngobhedu. 3Lenzele iimbiza zokukhongozela olo thuthu lunamafutha, wenze neefotsholo, izitya, iifolokhwe, neepleyiti zomlilo. Zonke ke ezi zixhobo mazenziwe ngobhedu. 4Thatha ubhedu, wenze isisefu, uze usenzele amakhonkco ezikoneni zone. 5Esi sisefu sifake phantsi kongqameko olujikeleze iqonga, ngohlobo lokuba sithathe isiqingatha sokuphakama kwalo. 6Yenza imiqobo yokubamba ngomngampunzi, uyityabeke ngobhedu. 7Yifake macala kuloo makhonkco, ibe ziindawo zokuphatha. 8Lenze libe ngumhaba-haba nje wamaplanga, ngokwalaa ndlela ndandikubonise ngayo entabeni.”

Inkundla yesibingelelo

(Mfud 38:9-20)

9“Esi *sibingelelo ke senzele inkundla ngomkhusane owenziwe ngelaphu elisontwe ngobuchule. Ngezantsi malibe ziimitha ezingamashumi amane anesine ubude. 10Umkhusane lo mawume ngeentsika zobhedu ezimashumi mabini, ezixhaswe ziziseko zobhedu ezimashumi mabini, zibe namahaki nemiqadi eyenziwe ngesiliva. 11Uya kwenza kwangolu hlobo ke nakwicala langasentla. 12Kwicala lasentshona umkhusane mawube lilaphu eliziimitha ezimashumi mabini nambini ubude, ube neentsika ezilishumi ezixhaswe ziziseko ezikwalishumi. 13Ngasempuma kwicala lesango umkhusane mawube kwaziimitha ezimashumi mabini nambini ububanzi. 14-15Ngapha nangapha esangweni ilaphu malibe ziimitha ezintandathu neesentimitha ezimashumi mathandathu, ime ngeentsika ezintathu ezixhaswe ziziseko ezithathu. 16Inkqu yesango ke yona yovalwa ngelaphu eliziimitha ezilithoba ubude, elisontwe ngobuchule. Malibe yile mibala: ozuba, omsobo, nobomvu; liqhoqhonywe ngobugcisa nobunono. Loxhaswa ziintsika ezine ezimi ngeziseko ezine. 17Xa zizonke iintsika zenkundla le zodityaniswa ngemiqadi yesiliva, aze namahaki enziwe ngesiliva; ke zona iziseko zibe zezobhedu. 18Ubude bale nkundla mabube ziimitha ezingamashumi amane anesine, ububanzi zibe ngamashumi amabini anambini, ukuphakama ke kona ibe ziimitha ezimbini neesentimitha ezimashumi mabini. Umkhusane mawenziwe ngelaphu elisontwe ngobuchule, ke zona iziseko zenziwe ngobhedu. 19Xa zizonke izixhobo zesibingelelo ngokunjalo nezenkundla, nditsho nesikhonkwane sembala, mazenziwe ngobhedu.”

Ukunyamekela isibane

(Nqulo 24:1-4)

20“Yitsho amaSirayeli eze neyona icwengileyo ioyile yomnquma, khon' ukuze isibane sihlale sivutha njalo-njalo. 21Kweli cala linganeno phambi komkhusane wetyesi yomnqophiso, uAron noonyana bakhe mabasoloko bejonge ukuba izibane ziyavutha phambi *koNdikhoyo, ukususela ngorhatya kude kube kusasa. Lo mmiselo ke mawuhlale uthotyelwe nanini na ngamaSirayeli nezizukulwana zawo.”

EYEMFUDUKO 27XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

EYEMFUDUKO 28

Isivatho sombingeleli

(Mfud 39:1-7)

1“Ke wena biza umkhuluwa wakho uAron noonyana bakhe: uNadabhi, uAbhihu, uElazare, noItamare. Bakhuphe kumaSirayeli, ubamisele babe ngababingeleli bam. 2Umntakwenu uAron menzele izivatho zobubingeleli eziya kumtsho abe nesidima nomfaneleko. 3Yalela abantu abanesiphiwo sobugcisa nobuchule, utsho benzele uAron izinxibo, khon' ukuze amiselwe umsebenzi wobubingeleli. 4Mabenze isikhuselo-sifuba, *isidanga, umnweba, ihempe ehonjisiweyo, iqhiya, kunye nomxwayo. Ezo mpahla ke mabazenzele uAron nooyana bakhe, ukuze bangene kulo msebenzi uwodwa wobubingeleli. 5Kulo msebenzi ke mabasebenzise igolide, nelaphu elizuba, elimsobo, nelibomvu; ibe ngamalaphu asontwe ngobuchule.

6“Isidanga mabasenze ngolu hlobo: umbala ozuba, omsobo, nobomvu, basebenzise igolide nelaphu eliqhoqhonywe lahonjiswa ngobugcisa. 7Masibe nemixwayo eqabela emagxeni, idibanise amacala aso omabini. 8Masibe nebhanti eyenziwe kwangelo laphu layo, sibe yinto enye nje, ithungwe ngobugcisa nobuchule obukhulu. 9Thatha amatye ekarneli abe mabini, ukrole kuwo amagama oonyana bakaSirayeli, 10ngokokuzana kwabo, abe ngamathandathu ngamathandathu. 11-12La magama oonyana bakaSirayeli ke makabhalwe ligcisa lomkroli. La macwecwe anala magama makaqhotyoshelwe ngesipeliti segolide kule mixwayo isemagxeni esidanga, ukuze ahlale esisikhumbuzo ngoonyana bakaSirayeli. Ngale ndlela ke uAro uya kuhlala ewathwele emagxeni la magama, ukuze abe sisikhumbuzo *kuNdikhoyo. 13Thatha igolide, wenze izipeliti zokubamba la matye zibe zibini. 14Mazibe namatsheyini amabini aphothwe ngemingqa yegolide.”

Isikhuselo-sifuba

(Mfud 39:8-21)

15“Yenza isikhuselo-sifuba esiya kunceda umbingeleli omkhulu xa efuna ukuqonda intando kaThixo. Masenziwe kwangezaa zinto senziwe ngazo *isidanga, nangobugcisa obukwanjalo. 16Masibe ngumphindo olinganayo, ubude bube ziisentimitha ezingamashumi amabini nambini, nobubanzi bube kangako. 17Masihonjiswe ngemiqolo emine yamatye exabiso. Kuludwe lokuqala ibe yirubhi, itopazi, negarneti; 18kolwesibini ibe yiemeraldi, isafire, nedayimani; 19kumqolo wesithathu ibe yitekoyisi, iagati, neamatiste; 20kowesine ibe yibherile, ikarneli, nejaspa. Onke ke makabanjwe ngesipeliti segolide. 21Kuya kubakho amatye alishumi elinambini. Kwilitye ngalinye ke kokrolwa igama lomnye woonyana bakaYakobi abamele izindlu zakwaSirayeli. 22Isikhuselo-sifuba masibe namatsheyini amabini aphothwe ngemingqa yegolide. 23Kwiikona zaso zangasentla nxibelela amakhonkco amabini egolide, 24uze ke uqhinele la matsheyini mabini kuwo. 25Kambe ke la macala mabini amatsheyini aseleyo orhintyela kwezaa zipeliti zibini, ukuze ngolo hlobo abhijele ngaphambili aye kuqhagamshela kwimixwayo yesidanga. 26Kwakhona ke yenza amakhonkco amabini ngegolide, uwanxibelele phaya kwezaa kona zaso zingezantsi ngaphakathi phezu kwesidanga. 27Ngokukwanjalo yenza amanye amakhonkco abe mabini ngegolide, uwanxibelele kumazantsi emixwayo yesidanga ngaphambili, kude kufuphi kodwa ngaphezu kwalaa bhanti ithungwe ngobugcisa nobuchule. 28Amakhonkco esikhuselo-sifuba wadibanise namakhonkco esidanga ngomtya ozuba, ukuze isikhuselo-sifuba sihlale phezu kwesidanga singabhakuzeli.

29“Ngoko ke xa uAron engena egumbini elingcwele makanxibe esi sikhuselo-sifuba sinamagama ezindlu zikaSirayeli, ukuze mna *Ndikhoyo ndingaze ndibalibale abantu bam. 30Kwalapho kwisidanga faka *iiurim neethumim, ukuze uAron ahambe nazo xa esiza kum. Ewe, ngala maxesha makanxibe isikhuselo-sifuba, ukuze asoloko enako ukuyiqonda intando yam mayela namaSirayeli.”

Ezinye izivatho

(Mfud 39:22-31)

31“Ke wona umnweba ophezu *kwesidanga mawulukwe ube lilaphu elizuba. 32Mawugqojozwe indawo yokungena intloko, ize iqukunjelwe iqine, ukuze ingakrazuki. 33-34Kumazantsi awo uze wenze imifanekiso yeerharnati ibe zuba, emsobo, nebomvu. Ezi zihombiso ke mazibolekisane neentsinjana ezenziwe ngegolide. 35Lo mnweba ke uAron uya kuwufaka xa ekumsebenzi wakhe wobubingeleli. Iintsimbi ezo ke ziya kukhenkceza xa angenayo egumbini elingcwele, ngokunjalo naxa aphumayo. Ngokwenjenjalo uya kusinda ekufeni.

36“Thatha igolide ecocekileyo, wenze icwecwe elihle. Uze ukrole amagama kulo athi: ‘*OkaNdikhoyo pheleleyo.’ 37Liqhagamshele ngomsonto ozuba eqhiyeni yakhe ebunzi. 38Eli cwecwe ke liya kuthi nca ebunzi kuAron, khon' ukuze mna *Ndikhoyo ndiwamkele amadini amaSirayeli, nangona angade abe nempazamo xa anikelayo. Ewe, eli cwecwe malibe sebunzi kuye lonke ixesha. Ngokwenjenjalo abantu bam amaSirayeli baya kuhlala bamkelekile kum.

39“UAron uze umthungele ihempe ngelaphu elisontwe ngobugcisa. Uze umenzele iqhiya kwangelo laphu, ngokunjalo nomxwayo ohonjiswe waqhoqhonywa ngobona bugcisa.

40“Oonyana baka-Aron benzele iminweba nemixwayo neminqwazi, ukuze babe nesidima nomfaneleko. 41Ezi zivatho ke zinxibe uAron ngokunjalo noonyana bakhe. Wakukhov' ukwenjenjalo ke bathambise ubamisele ukuze bangene emsebenzini wobubingeleli. 42Kwakhona thatha ilaphu, ubenzele iibhulukhwe zangaphantsi ezisuka esinqeni zime emathangeni, ukuze bangahambi ze. 43UAron ndawonye noonyana bakhe mabasoloko bezinxibile xa bengena *esibingelelweni, noba bakwezamadini okwababingeleli, hleze bafe ngenxa yokuba behamba ze. Lo ke ngummiselo ongasoze washukunyiswa kuAron ndawonye nezizukulwana zakhe.”

EYEMFUDUKO 28XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

EYEMFUDUKO 29

Iinkcukacha ngokumiselwa kuka-Aron noonyana bakhe

(Nqulo 8:1-36)

1“Nantsi ke imigqalisela omawuhambe ngayo xa umisela uAron noonyana bakhe kumsebenzi wabo wobubingeleli. Thatha inkunzana yenkomo kunye neenkunzi ezimbini zeegusha, zonke ke zibe zezingenasiphako. 2Thatha umgubo wengqolowa wodidi oluphambili, wenze isonka sentlama engenagwele, namaqebengwana anamafutha, nemiqathane yentlama engenagwele ethanjiswe ngamafutha. 3Ezo zonka zifake ebhaskitini, wenze ngazo umnikelo xa ubingelela ngezaa nkunzi, eyenkomo nezeegusha ezimbini.

4“UAron noonyana bakhe mabeze esangweni lesibingelelo, ubahlambe ngamanzi. 5UAron ke makanxibe ezobubingeleli: ihempe, *isidanga, umnweba, isikhuselo-sifuba, nebhanti; 6umthwalise iqhiya, ulebele ngelaa cwecwe libhalwe ukuthi: ‘*OkaNdikhoyo pheleleyo.’ 7Wakukhov' ukwenjenjalo ke, mthi jize ngamafutha entloko, umthambise.

8“Thatha oonyana bakhe, ubafake iminweba; 9bafake imixwayo, bathwale iminqwazi yabo. Le ke yindlela oya kummisela ngayo uAron noonyana bakhe; ububingeleli iya kuba ngummiselo wabo nanini nanini.

10“Uze uthathe inkunzi yenkomo, uze nayo ngasesangweni lesibingelelo. UAron noonyana bakhe mababeke izandla zabo phezu kwentloko yayo. 11Yixhelele phambi koNdikhoyo apho ngasesangweni lesibingelelo. 12Yithi nkxu igazi ngomnwe, uqabe iimpondo zeqonga lamadini ngalo. Inxalenye yegazi ke yigalele emazantsi eqonga elo. 13Ngoku thatha umhlehlo, nenxalenye yesibindi, izintso zombini, ndawonye namanqatha azo, uzitshise phezu kweqonga lamadini. 14Ke yona inyama yenkunzi leyo, ufele, ndawonye nezibilini, uya kuzitshisela ngaphandle komzi. Eli ke lidini lokususa izono.

15“Kwakhona thatha enye yeenkunzi zegusha, aze uAron noonyana bakhe babeke izandla zabo phezu kwentloko yayo. 16Yixhele, uze uthathe igazi layo uliphose macal' omane kwiqonga lamadini. 17-18Inyama leyo yihlahle, ke zona izibilini uzihlambe ndawonye namanqina. Ezi ndawo ndizibalileyo ke, nenyama xa iyonke, ngokunjalo nentloko, zidibanise uzitshisele phezu kweqonga lamadini. Eli ke lidini elitshiswayo. Litsho ngevumba elimyoli kuNdikhoyo.

19“Kananjalo thatha enye inkunzi yegusha leyaa, utsho uAron noonyana bakhe babeke izandla zabo phezu kwentloko yayo. 20Yixhele, uthathe kwigazi layo, uqabe isithinzi sendlebe yasekunene kuAron nakoonyana bakhe. Kwakhona qaba oobhontsi babo basekunene ezandleni, ngokunjalo noobhontsi basekunene beenyawo zabo. Igazi eliseleyo ke lisarhaze macal' onke apho kwiqonga lamadini. 21Thatha kwigazi elilapho phezu kweqonga lamadini, ndawonye neoyile yokuthambisa, ufefe uAron noonyana bakhe ndawonye neempahla zabo. Xa bebonke ke, ngokunjalo neempahla zabo, baya kumiselwa banikezelwe emsebenzini wam.

22“Thatha amanqatha enkunzi yegusha leyo ke, iketelele lomsila, umhlehlo, inxalenye yesibindi, izintso zombini, ndawonye namanqatha azo, nomlenze wasekunene. 23Phaya ebhaskitini caphula kwiintlobo zonke: isonka, iqebengwana, nomqathane. 24Zibeke ezandleni zika-Aron noonyana bakhe, baziwangawangise, bandenzele ngazo umnikelo owodwa. 25Kamva ke uya kuzithatha kubo, uzitshise ndawonye nedini elitshiswayo. Elo ke lidini elivumba liyolileyo kuNdikhoyo – kaloku lidini elitshiswayo.

26“Ke kaloku uya kuthatha incum yale nkunzi yegusha, uyiwangawangise, uyenze umnikelo kum. Kambe ke esi iya kuba sisabelo sakho.

27“Xa kumiselwa umbingeleli incum nomlenze waloo nkunzi yegusha isetyenzisiweyo zingumnikelo kum, omawubekelwe bucala, ube sisabelo sababingeleli. 28Lo ke ngummiselo wam ongasoze uthini. Nanini na abantu bam besenza idini lobudlelwane, incum nomlenze sisabelo sababingeleli; ngoko sisipho esinikelwa kuNdikhoyo.

29“Xa engasekho uAron, izivatho zakhe zobubingeleli ziya kunikwa oonyana bakhe, banxitywe zona mhla bethanjiswa bemiselwa. 30Lo nyana ka-Aron ungena esikhundleni sakhe asebenze *esibingelelweni endaweni engcwele, wonxitywa ezi zivatho iintsuku zibe sixhenxe.

31“Inyama leyo yenkunzi yegusha amiselwa ngayo uAron noonyana bakhe wòyiphekela endaweni enyulu. 32Baya kuyithatha ke bayitye kunye nesaa sonka besisele ebhaskitini, bayityele apho esangweni lesibingelelo. 33Ke zona eziya ndawo ziseleyo xa bekusenziwa idini lokungxengxeza ekumiselweni kwabo, baya kuzitya. Kambe ke ngababingeleli bodwa abanelungelo lokukutya oku kutya, kuba kunyulu. 34Inyama okanye isonka esiseleyo kwada kwakusasa, mazitshiswe, zingàtyiwa; kaloku zinyulu.

35“Uyabona ke lo msitho wokumisela uAron noonyana bakhe mawube ziintsuku ezisixhenxe njengoko ndakuyalelayo. 36Mini nganye ke uya kwenza idini lokungxengxezela izono ngenkunzi yenkomo ibe nye. Ngokwenjenjalo uya kuhlambulula iqonga lamadini, uze ke ngokunjalo ulithambise ngeoyile libe nyulu. 37Uya kwenjenjalo ke iintsuku zibe sixhenxe. Xa kunjalo ke iqonga lamadini liya kuba nyulu ngokugqibeleleyo, aze athi nabani na okanye nantoni na elichukumisayo ibe nyulu nayo.

Iminikelo yemihla ngemihla

(Ntlango 28:1-8)

38“Ukusukela ngoku, yonke imihla yenza idini ngamaxhwane amabini phaya kwiqonga lamadini. 39Thatha elinye kusasa, lize eli liseleyo libe lelasemalanga. 40Kweli lakusasa nikela nomgubo wengqolowa wodidi oluphambili, ube yikhilogram enye ubunzima, uwudibanise nelitha enye yamafutha omnquma acwengileyo. Yenza idini ngelitha yewayini. 41Nakweli lasemalanga idini sebenzisa umgubo, amafutha, kunye newayini, kwangalaa ndlela wenze ngayo kusasa. Eli ke lidini elitshiswayo – litsho ngevumba eliyolileyo *kuNdikhoyo. 42Ukusukela ngoku eli dini litshiswayo mandilenzelwe phaya esangweni *lesibingelelo. Kaloku apho kulapho ndiya kuhlangana khona nabantu bam, ndithethe nawe khona. 43Ewe, ndiya kuhlangana khona namaSirayeli; baye ubuqaqawuli bam buya kuyitsho loo ndawo ibe yekhethekileyo. 44Ndiya kusenza nyulu isibingelelo ndawonye neqonga lamadini. Ke yena uAron noonyana bakhe ndiya kubachonga ukuze babe ngababingeleli bam. 45Ndiya kuhlala phakathi kwamaSirayeli, ndibe nguThixo wawo. 46Kananjalo ke aya kundiqonda ukuba ndinguNdikhoyo uThixo wawo owawakhulula eJiputa, ukuze ndihlale phakathi kwawo. Ngenene ndinguNdikhoyo uThixo wawo.”

EYEMFUDUKO 29XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

EYEMFUDUKO 30

Iqonga lesiqhumiso

(Mfud 37:25-28)

1“Thatha umngampunzi, wenze iqonga lesiqhumiso. 2Amacala alo makalingane, abe ziisentimitha ezingamashumi amane nantlanu ubude, ngokunjalo nobubanzi; umphakamo ke wona zibe ngamashumi asithoba. Izibonda zeekona mazilabalabe zenze iimpondo. 3Eli qonga ke lityabeke lonke ngegolide: umphezulu, amacala, neempondo; futhi ke uliphethe ngegolide jikelele. 4Lenzele amakhonkco amabini ngegolide, uwanxibelele apha phantsi komphetho macala, khon' ukuze apho kuwo kungene imiqobo yokuliphatha. 5Nayo le miqobo yenze ngomngampunzi, uyityabeke ngegolide. 6Eli qonga malibe nganeno komkhusane ophambi kwetyesi enobungqina bomnqophiso evalwe ngesivalo sokungxengxezela, apho ndiya kuhlangana nawe khona. 7Miso le xa uAron eze kulungisa izibane, uya kufaka isiqhumiso esivumba limnandi kweli qonga. 8Nasemalanga ke, xa eze kulumeka izibane, makenze kwangolo hlobo. Lo mnikelo ke wesiqhumiso mawungatyeshelwa kude kube zizizukulwana ngezizukulwana. 9Kweli qonga ke ungaze uqhumise ngasiqhumiso simbi, okanye idini elitshiswayo, kungenjalo idini lokutya; phezu kwalo ungenzi mnikelo uthululwayo. 10Kanye ngonyaka uAron makalihlambulule eli qonga ngokwenza idini lokucamagusha. Uya kuthatha igazi lelo dini lesono, aqabe iimpondo zalo. Lo mmiselo ke mawenziwe minyaka le, ungaze uyekwe. Ngokwenjenjalo ke eli qonga liya kuba nyulu ngokugqibeleleyo kuNdikhoyo.”

Umrhumo wesibingelelo

11*UNdikhoyo ke wathi kuMosis: 12“Ngexesha lobalo lwamaSirayeli umntu ngamnye aze akhuphe umrhumo wokucamagushela ubomi bakhe, khon' ukuze kungabikho shwangusha elubalweni apho. 13Wonke umntu obalwayo makakhuphe iqhekeza lesiliva liqulunqwe ngokomlinganiselo ovunyiweyo. Ewe wonke ubani makahlawule le mali, ibe ngumnikelo wakhe kum. 14Lilonke ke, mntu wonke ubalwayo ukuqalela kominyaka ingamashumi amabini ukunyuka, makawukhuphe loo mrhumo. 15Uyabona ke, kuloo mrhumo wobomi babo akukho sityebi nahlwempu, koko bonke baya kukhupha ngokulinganayo umlinganiselo lowo umisiweyo. 16Le mali ke yiqokelele kuwo onke amaSirayeli, ize isetyenziswe ekuxhaseni *isibingelelo. Lo mrhumo ke sisicamgushelo sobomi babo, khon' ukuze ndihlale ndibakhumbula ndibakhusele.”

Isitya sobhedu

17*UNdikhoyo wathetha noMosis wathi: 18“Yenza isitya sokuhlambela ngobhedu, usihlalise phezu kwesiseko sobhedu. Masime phakathi kwegumbi elingcwele neqonga lamadini, usigalele amanzi. 19UAron noonyana bakhe baya kuhlamba izandla neenyawo kuloo manzi 20xa bangenayo egumbini elingcwele okanye besiya kwenza idini elitshiswayo kwiqonga lamadini, ukuze bangafi. 21Ewe, mabahlambe izandla neenyawo ukuze bangafi. Lo ke ngummiselo amabawuthobele bona nezizukulwana zabo.”

Amafutha okuthambisa

22*UNdikhoyo wayalela uMosis wathi: 23“Thatha obona bulawu bodidi: iikhilogram ezintandathu zemore engamanzi, iikhilogram ezintathu zesinamon evumba limnandi, iikhilogram ezintathu zezele elivumba limnandi, neekhilogram ezintandathu 24zekasiya; zonke mazilinganiswe ngokomlinganiselo ovunyiweyo. Xa zizonke ke zidibanise neelitha ezine zamafutha omnquma, 25wenze isiqholo esingamafutha anyulu avumba limnandi, axutywe lichule. 26Ngawo ke thambisa intente *yesibingelelo, ityesi enobungqina bomnqophiso, 27itafile namasolotya ayo, isibane nobuxhaka-xhaka baso, iqonga lesiqhumiso, 28iqonga lamadini nokwalo, kunye nesitya sokuhlambela nesiseko saso. 29Wakuba uzihlambulule ngolu hlobo ke ezi zinto ziya kuba nyulu ngokupheleleyo, ngokunjalo ke nantoni na ezichukumisayo iya kuba nyulu. 30Thambisa uAron noonyana bakhe, ubamisele babe ngababingeleli bam. 31Waxelele amaSirayeli ukuba la mafutha ngawam kuphela kude kube zizizukulwana ngezizukulwana. 32Umntu nje ongomnye angàze athanjiswe ngawo. Kwaye futhi ungàze uthathe le migqalisela axutywe ngayo wenze amafutha nje. Kaloku anyulu; ngoko ke wahloniphe. 33Nabani na owenza amafutha afana nawo, okanye osebenzisa la mafutha mntwini wumbi ungengombingeleli, uya kusikwa phakathi kwabantu bam.”

Isiqhumiso

34*UNdikhoyo wayalela uMosis wathi: “Thatha umlinganiselo ofanayo wezi ntlobo zobulawu: isitakate, ionirha, igalbhano, nentlaka yokuqhumisa yoqobo. 35Yenza ngazo umxube wesiqhumiso esivumba liyolileyo. Sithi saa ityiwa, sihlambuluke sibe nyulu. 36Thatha inxalenye yaso, uyicole ibe ngumgubo, ungene nayo *esibingelelweni, uyibeke phambi kwetyesi yomnqophiso apho ndiya kuhlangana khona nawe. Esi siqhumiso masihlonipheke; sinyulu. 37Ningaze nithathe imigqaliselo yalo mxube waso nizenzele esenu. Siphatheni ngentlonipho, sibe sesam ndedwa. 38Nabani na ozenzele isiqhumiso esifana naso, okanye osebenzisa esi njengesiqholo, uya kusikwa phakathi kwabantu bam.”

EYEMFUDUKO 30XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

EYEMFUDUKO 31

Amagcisa okwakha isibingelelo

(Mfud 35:30 – 36:1)

1*UNdikhoyo waxelela uMosis wathi: 2“Uyabona ke, uBhezaleli unyana kaUri umzukulwana kaYuri wendlu kaJuda, ndimnyule. 3Ndimzalise ngoMoya wam, ndamthi jize ngokuqonda, ubuchule, nabo bonke ubugcisa; 4ukucwangcisa nokuyila esebenza ngegolide, isiliva, nobhedu; 5ukukrola nokuqingqa amatye, nokuchwela, nawo wonke umsebenzi wobugcisa. 6Kanti ke noHoliyabhi, unyana ka-Ahisamaki wendlu kaDan, ndimtyumbile ukuba ancedisane noBhezaleli. Naye ke ngokunjalo bonke ubuchule nobugcisa ndimphile, khon' ukuze babe nako ukuyenza yonke into endiyalela ukuba yenziwe: 7*isibingelelo, ityesi yomnqophiso nesivalo sayo, nezixhobo nako konke okuhamba nesibingelelo; 8itafile namasolotya ayo, isibane esenziwe ngegolide yoqobo nokwaso, iqonga lesiqhumiso, 9iqonga lamadini atshiswayo nezixhobo zalo, isitya sokuhlambela nesiseko saso; 10ezo zivatho zingayiwayo zobubingeleli zika-Aron noonyana bakhe, abaya kuzisebenzisa xa befezekisa umsebenzi endibanike wona; 11amafutha okuthambisa, neso siqhumiso sivumba limnandi segumbi elingcwele. Zonke ke ezi zinto mabazenze matwa nendlela endikuyalele ngayo.”

UMhla wokuPhumla

12*UNdikhoyo wathi uMosis 13makayalele amaSirayeli athi: “Wuhloneleni *uMhla wokuPhumla, uyimini yam; ewe, ungumqondiso phakathi kwam nani kwizizukulwana ngezizukulwana, uxela ukuba mna Ndikhoyo ndanenza naba ngabam ncakasana. 14Ngoko ke wuhloneleni uMhla wokuPhumla, kuba kuni ungumhla owodwa. Umntu ongawuhloneliyo, koko osebenzayo ngawo, makabulawe. 15Kaloku zikho iintsuku ezintandathu ukuba nenze wonke umsebenzi wenu, kodwa ke wona umhla wesixhenxe ngumhla onendili wokuphumla olibango lam. Nabani na ke owenza umsebenzi wakhe ngawo makabulawe. 16AmaSirayeli makaluhlonele olu suku, lube ngumqondiso ngokomnqophiso kwizizukulwana ngezizukulwana. 17Lona lungumqondiso ongasoze ujike phakathi kwam namaSirayeli. Kaloku mna Ndikhoyo ndênza izulu nehlabathi liphela ngeentsuku ezintandathu, ndaza ke ndaphumla ngomhla wesixhenxe.”

18Akukhov' ukuthetha uThixo noMosis entabeni yeSinayi, wamnikezela amacwecwe amatye amabini, apho uThixo ngenkqu wayeyibhale khona imimiselo.

EYEMFUDUKO 31XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

EYEMFUDUKO 32

Isithixo esenziwe ngegolide

(Hlaz 9:6-29)

1AmaSirayeli akubona ukuba uMosis akabuyi entabeni, asuka amgungela uAron, athi: “Senzele *uthixo oza kusikhokela. Okokwakhe yena laa Mosis wasikhupha eJiputa, asiyazi into emhleleyo.”

2UAron wayalela ukuba bathathe amacici ebafazini, koonyana, nasezintombini zabo, beze nawo kuye. 3Bawakhulula ke amacici lawo, beza nawo kuAron. 4Wawathatha ke, wawanyibilikisa, waza igolide leyo enziwe ngayo wayibumba ngezixhobo zokubumba, wenza inkunzana yenkomo ngayo. AmaSirayeli ke athi: “Sirayeli, nanku uThixo wakho owakukhupha eJiputa!”

5Akuyibona le nto uAron wakha iqonga lamadini apho phambi kwaloo nkunzana yenkomo, waza wenza isaziso esithi: “Ngomso kobhiyozelwa uNdikhoyo.” 6Kwangentseni ngomhla olandelayo benza amadini atshiswayo kwanatyiwayo. Ke kaloku abo bantu batya, basela, bahakaza, bada barheletya.

7*UNdikhoyo wayalela uMosis wathi: “Khawuleza uhle! Aba bantu bakho wabakhupha eJiputa babhatyazile; 8sebekhawuleze bawushiya umyalelo endabanika wona. Ngoku bazibumbele inkunzana yenkomo, bayinqula; futhi banikela amadini kuyo. Bathi: ‘MaSirayeli, lo nguThixo wethu owasikhupha eJiputa.’ ” 9UNdikhoyo waqhuba wathi: “Ngoku ndiyabaqonda aba bantu inkani yabo – nqwa neyesele! 10Ngoko ke wena ndiyeke, kuba ndiza kubacim' igama, wena ndikwenze ube sisizwe esikhulu.”

11Kambe ke uMosis watarhuzisa kuNdikhoyo uThixo wakhe, wathi: “Awu, *Mhlekazi, ungathini kaloku ukusuka ulwe kanjalo nabantu bakho owabahlangula wabakhulula ngobungaka bona ubungangamsha kwelaseJiputa? 12Xa kunjalo amaJiputa angatsho ngakhona athi: ‘UThixo wamaSirayeli wawakhupha eJiputa eneenjongo zokuwatshabalalisela ezintabeni, awatshayele angabikho ehlabathini.’ Awu, ndiyakubongoza, Mhlekazi, lala ngenxeba, uxole, ungabi sabahlisela le ntlekele abantu bakho. 13Khawukhumbule izicaka zakho, uAbraham, uIsake, noSirayeli. Kaloku wazifunga kwawena siqu, usithi: ‘Inzala yenu ndiya kuyandisa, ibe ninzi njengeenkwenkwezi ezisesibhaka-bhakeni. Eli lizwe ndinithembise ngalo liya kuba lilifa lezizukulwana zenu ngonaphakade.’ ” 14Ngenene ke *uNdikhoyo wabuya nganeno kuloo ntlekele wayethe uza kubahlisela yona abantu bakhe.

15UMosis ke wehla apho entabeni, ewaphethe loo macwecwe mabini amatye abhalwe ubungqina bomnqophiso macal' omabini. 16La macwecwe ke ayengumsebenzi kaThixo ncakasana, nombhalo lowo wawukrolwe nguye ngenkqu.

17Akuyiva ingxolo yabantu bekhwaza, uYoshuwa wabhekisa kuMosis wathi: “Ndiva intsholo esikhululweni ngathi lifile.”

18UMosis waphendula wathi: “Kum le ntsholo ingathi asiyiyo eyoloyiso, okanye ukoyiswa; ivakala ngathi yeyeziyolo nje.”

19Uthe ke uMosis akuba kufuphi, ebone loo nkunzi yenkomo, ngokunjalo nabantu beduda bexhentsa, suka wasisifu ngumsindo. Apho kanye phantsi kwentaba wasuka wawalahla phantsi loo macwecwe wayewaphethe, aphuka. 20Wayithatha loo nkunzi babeyibumbile, wayiphosa emlilweni, waza wayicola yangumgubo, wawugalela emanzini aselwa ngamaSirayeli. 21UMosis wabuza kuAron wathi: “Aba bantu bakwenze ntoni na ukuze ubafake kwesinje sona isono?”

22UAron waphendula wathi: “Ungakhathazeki, mntakwethu; kaloku nawe uyabazi aba bantu ukuba baqinel' enyaleni ngesono. 23Basuka bathi kum: ‘Senzele uThixo oza kusikhokela, kuba asiyazi into emhleleyo laa Mosis osikhuphe eJiputa.’ 24Ndithe ke kubo: ‘Ndinikeni izinto zegolide eninazo,’ baza ke benjenjalo. Ndasuka ke ndaziphosa emlilweni, kwee gqi le nkunzi.”

25UMosis ke waqonda ukuba uAron uvule zabhuqa, baza abantu benza unothanda, bazenza intlekisa nasezintshabeni. 26Ngoko ke wasuka wema esangweni, wathi: “Bonke *abangakuNdikhoyo mabaphume ngapha!” Ke kaloku kwaphuma yonke indlu kaLevi, 27waza wathi kubo: “Utsho uNdikhoyo uThixo kaSirayeli ukuthi: ‘Umntu ngamnye kuni makathathe ikrele, aqale kweli sango, aye kuphuma kweliya lingaphaya, ebinza elalis' ugodo, kumtakwabo, isihlobo, ngokunjalo nommelwane wakhe.’ ” 28AbaLevi abo ke benza ngokwaloo myalelo, baza ke babulala amawaka amathathu amadoda ngaloo mini.

29UMosis ke wathi kubaLevi: “Niyabona ke, namhlanje, ngokubulala abantakwenu noonyana benu, niye naba ngababingeleli bokubusa uNdikhoyo. Ngoko ke uNdikhoyo unithamsanqele.”

30Ngengomso ke uMosis wathi ebantwini: “Nenze isono esilumezayo. Naxa kunjalo ndiza kuphinda ndiye entabeni kuNdikhoyo, ukuze ndenze isingxengxezo ngenxa yesono senu.”

31UMosis waya kuNdikhoyo, wafika wathi: “Aba bantu benze isono esilumezayo. Basuke bazibumbela isithixo ngegolide, basinqula. 32Ngoku ke ndiyakubongoza, baxolele; ukuba akunakuba njalo wosewulicima igama lam encwadini yakho oyibhalileyo.

33UNdikhoyo wathi kuMosis: “Abantu abamagama ndiwacimayo encwadini yam, ngabo bandonileyo bodwa. 34Ngoko ke hamba, ukhokele aba bantu, ubase kulaa ndawo ndandithethe ngayo kuwe. Ke sona isithunywa sam siya kukukhokela. Kambe ke lakufika ixesha ndiya kubohlwaya aba bantu ngenxa yesi sono.”

35Ke kaloku uNdikhoyo wawabetha ngobhubhani wesifo amaSirayeli ngenxa yokuba amnyanzelayo uAron ukuba awenzele inkunzi yenkomo yegolide.

EYEMFUDUKO 32XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-