Bible Society of South Africa

To The Word – Day 216

2 Corinthians 8–13

Itekisi yeBhayibhile

2 KWABASEKORINTE 8

Ukunikela kwamakholwa

1Ndithanda ukunazisa, mawethu, ngendlela esisebenze ngayo isisa sikaThixo kumabandla aseMakedoni. 2Balingeke ngokugqithisileyo, iinkathazo zibavela ngapha nangapha; kodwa naxa kunjalo, babenochulumacho olukwangako, baza banikela ngezandla ezingenamkhinkqi, nangona bona ngokwabo beswele. 3Ndiyaniqinisekisa ukuba banikele kangangoko babenako. Enyanisweni banikele nangaphezu kokuba benako, ngokuqhutywa ziintliziyo zabo. 4Bandincekelele bendicenga, befuna ukuba nenxaxheba kwilungelo lokupha abantu bakaThixo bakwaJuda. 5Banikele nangaphezu kokuba bendilindele mna! Baqale ngokunikela iziqu zabo eNkosini; baza ngokuvuma kukaThixo bazinikela bona ngokwabo nakum. 6Ngoko ke ndimcelile uTito, yena wawuqalayo lo msebenzi, ukuba awuqhube anincedise nide nilifeze eli phulo lomsebenzi wothando. 7Niphuphuma izinto zonke: ukholo, ukuthetha, nolwazi, ngolangazelelo eninalo lokunceda, kwanothando enisithanda ngalo. Ngoko ke ndingavuya xa ninokubonakalisa izinwe zenu kweli phulo lothando.

8Andinibekeli mthetho; nto nje ngokunikhuthaza ngomzekelo wabanye abantu, ndizama ukulola olwenu uthando. 9Kaloku niyasazi isisa seNkosi yethu uYesu Krestu; nangona wayesisityebi, kodwa wazenza ihlwempu ngenxa yenu, ukuze nina nibe zizityebi ngobuhlwempu bakhe.

10Nalu uluvo lwam kulo mcimbi: kubhetele ukuba niyigqibe ngoku loo nto nayiqala kunyaka ophelileyo. Anibanga ngabokuqala nje ekwenzeni kuphela, kodwa naba ngabokuqala nasekuboniseni ulangazelelo lokwenza. 11Ngoko ke ndithi: Phambili, nide niwufeze umsebenzi! Njengokuba nazimisela kwasekusungulweni kwawo, zimiseleni nide niwugqibe, ninikele kangangoko ninako. 12Ukuba ninolangazelelo, uThixo uyawamkela umnikelo wenu. Kaloku uThixo ufuna umntu aphe ngokobungakanani bezinto anazo, ingebubo obezinto angenazo.

13-14Andizami kuphungulela kuni umthwalo weengxaki zabanye, ngokunithwalisa umthwalo wabo. Kodwa njengoko nina nimi kakuhle ngoku, kulungile ukuba nibancede abo basweleyo, khon' ukuze xa nani nisweleyo banincede nabo. Ngale ndlela ke noba niphathana ngokufanayo, 15njengoko *neziBhalo zisitsho ukuthi:

“Lowo ubuthe kakhulu akagqithisanga,

nalowo ubuthe kancinci wanele.”

UTito nabalingane bakhe

16Ndiyambulela uThixo ngokwenza uTito abe nomdla kuni njengam. 17Akanelanga kusamkela nje isicelo sam, koko usuke wabonakalisa umdla ngangokude agqibe ngokwakhe ukuba uyeza kuni. 18Uza kukhatshwa ngomnye umwethu oxatyiswe kakhulu ngamabandla ngenxa yokuzishumayela kwakhe iindaba ezimnandi. 19Ngaphezu koko wanyulwa, wamiselwa ngamabandla ukuba ajikeleze kunye nam kweli phulo lothando sidumisa ngalo iNkosi nesiwubonakalisa ngalo umdla wethu wokunceda.

20Ndizamela ukuba kungabikho gxeke ngendlela endiwuphethe ngayo lo mcimbi weli phulo lingaka. 21Injongo yam kukuba ndingathembeki kuThixo kuphela, koko ndithenjwe nangabantu. 22Yiyo ke le nto ndimthuma kuni kunye nabanye. Yena ubesekuvavanyweni amaxesha ngamaxesha, ndamfumana enomdla ekuncediseni. Nanjengoko ekholisekile nini, usuke wanomdla ngakumbi ngoku. 23UTito yena ngumlingane endisebenza naye ekuncediseni nina. Amanye ke amakholwa ahamba naye, amele amabandla, eludumo kuKrestu. 24Bamkeleni ke ngezandla ezishushu, nibabelezele, ukuze onke amabandla aqonde ukuba bendingathethi nje xa bendiqhayisa ngani.

2 KWABASEKORINTE 8XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

2 KWABASEKORINTE 9

Iphulo lokunceda amaKrestu

1Akukho mfuneko yokuba ndinibhalele mayela nombandela wephulo lokunceda abantu bakaThixo abakwaJuda. 2Ngangokuwazi kwam umdla eninawo sendide ndaqhayisa nokuqhayisa ngani kubantu baseMakedoni, ndisithi nina ma-Akaya naniseniwulungele kwakunyaka ophelileyo lo mbandela. Umdla wenu ke uvuselele abantu abaninzi. 3Ndithumela loo makholwa kuni ngoku, khon' ukuze kungabi ngathi ndandithetha nje xa ndandiqhayisa ngani mayela nalo mcimbi. Njengokuba sendiqhayisile nje ke, bekungakuhle ukuba bafike senilungile. 4Nanjengokuba ndinithemba kangaka nje, ndingadana kakhulu, nani nihlazeke kakubi, ukuba kunokufika abantu baseMakedoni apho, behamba nam, ningekalungi. 5Kungoko ke ndithe la makholwa makabe ehamba kuqala, ukuza kukhangela ukuba senisilungisile na isipho enathembisa ngaso, khon' ukuze ke mna ndifike sesilungile, singumnikelo wenu wesisa, ingekuko kuba ninyanzelwa.

6Nize nikhumbule ukuba ohlwayela kancinane uvuna kancinane, ohlwayela kakhulu avune isivuno esikhulu. 7Elowo ke makanikele kangangoko agqibe ngako, engenasikrokro, engaziva enyanzelekile, kuba uThixo uthanda umntu opha ngobubele. 8Kaloku unako uThixo ukunipha nangaphezu kweemfuneko zenu, ukuze nisoloko nanele kwiimeko zonke, nibe nako ukuhlangabezana nayo yonke imisebenzi emihle, 9njengoko zitshoyo *neziBhalo ukuthi:

“Uwapha ngesisa amahlwempu;

ububele belungisa buhlala buhleli.”

10Ke uThixo obonelela umhlwayeli ngembewu nangesonka, uya kunibonelela nani ngembewu eniyisweleyo, ayikhulise inivelisele isivuno esihle ngokobubele benu. 11Nohlala nanele ukuze nikwazi ukusoloko ninezinwe, khon' ukuze uThixo abulelwe ngabantu abaninzi ngenxa yezipho zenu abazifumana kuthi. 12Le nkonzo niyenzayo kaloku ayanele nje kukuhlangabezana neentswelo zabantu bakaThixo, koko ibanga ukuphuphuma kwemibulelo ebhekiswa kuThixo. 13Abaninzi ke baya kumdumisa uThixo ngenxa yokucaca kwentembeko yenu, xa bebona ukumthobela kwenu nokunyaniseka kwenu kwiindaba ezimnandi zikaKrestu, nangobubele benu, kuba nisabelana nabo bonke abanye. 14Bonithandazela ke benga banganibona ngenxa yesisa esikhulu anenzele sona uThixo. 15Makabulelwe uThixo ngesipho sakhe esingaka.

2 KWABASEKORINTE 9XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

2 KWABASEKORINTE 10

UPawulos ukhusela umsebenzi wakhe

1Ndim, mna Pawulos ngenkqu, onibongozayo, nakuba kusithiwa ndinobulali ndithantamisa xa ndilapho phakathi kwenu, kodwa ndithi ndakuba ndisithele ndibe nesibindi nobuganga ngakuni. Ndiyanicenga ke, ngenxa yokuthantamisa nobubele bukaKrestu: 2musani ukundinyanzela ukuba ndibe nesibindi nobuganga ndakuba ndifikile apho kuni; kuba ke ndiyaqonda ukuba ndinganabo ubuganga kwabo bandityhola ngokuthi ndiqhutywa lifuthe labantu beli hlabathi. 3Kuyinene kona ukuba sihleli apha ehlabathini; kodwa ke asilwi ngokwehlabathi. 4Kaloku izixhobo esilwa ngazo ayizizo ezehlabathi, koko zizikrweqe ezomeleleyo zikaThixo. Ngazo ke sidiliza iinqaba. Ewe, sichitha iingxoxo ezilahlekisayo; 5sidiliza ngazo yonke imiqobo yamabhongo achasa ukuba abantu bamazi uThixo; sithimba zonke iingcamango, sizenze zithobele uKrestu. 6Xa nani ke seniyibonakalisile ngokupheleleyo neyenu intobeko, soba nako ke ukulungela ukohlwaya yonke inkcaso.

7Izinto zijongeni njengokuba zinjalo. Ngaba ukho na apho phakathi kwenu ozimisele ukuba ungokaKrestu yena? Lowo ke makazikise ukucinga, kuba nathi singabakaKrestu kwanjengaye. 8Kuba andinazintloni, nokuba lingade libe lithe kratya iqhayiya lam ngegunya esalinikwa yiNkosi. Ligunya lokunakha, asililo elokunidiliza. 9Iileta zam sanukuzithatha ngokungathi ndizama ukunigrogrisa ngazo. 10Kaloku abanye bathi: “Unesibindi nobuganga xa ebhala, kodwa asakufika yena buqu, ulitatasholo, nokuthetha kwakhe kuphuthile.” 11Abo batshoyo mabaqonde le ndawo: ukufika kwam apho ndiya kwenza kwangale ndlela ndithetha ngayo xa ningekhoyo.

12Ngenene, thina asingeze sazilinganisa nabo baziphakamisayo. Bazizityhakala! Bazilinganisa nabo ngokwabo, besebenzisa imigangatho abayimise kwangokwabo! 13Okwethu ke ukuqhayisa kuphantsi kwemida ethile. Akudluli kwimida yokusebenza esiyimiselwe nguThixo, ebandakanya nokusebenza kwethu phakathi kwenu. 14Njengoko ke nani nikwakuloo mida, andiyitsibanga ke ngokuza kuni ndiniphathele iindaba ezimnandi ezingoKrestu. 15Ngoko ke andiqhayisi ngomsebenzi owenziwe ngabanye ngaphaya kwemida endiyimiselwe nguThixo. Ndaweni yaloo nto, ndinethemba lokuba lwakukhula ukholo lwenu, ndiya kuba nako ukwenza umsebenzi ongaphezulu phakathi kwenu, ndisoloko ndikwimida endiyimiselwe nguThixo. 16Kamva ke ndoba nako ukuzishumayela iindaba ezimnandi kumazwe angaphaya kwenu, ukuze ndingaqhayisi ngomsebenzi osewenziwe kwimida yomnye umntu.

17Kodwa ke, njengoko zitshoyo *iziBhalo: “Nabani na othanda ukuqhayisa, makaqhayise ngento eyenziwe yiNkosi.” 18Kaloku umntu owamkelekileyo ngulowo unconywa yiNkosi, ingenguye ozincoma ngokwakhe.

2 KWABASEKORINTE 10XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

2 KWABASEKORINTE 11

UPawulos nabathunywa bobuxoki

1Bendinga ningakhe nindinyamezele kancinane kobu budenge bam; ngenene ndinyamezeleni! 2Ndinekhwele ngani kanye ngale ndlela uThixo anekhwele ngayo ngani; ninjengentombi enyulu endiyendisela esokeni elinye qha, elinguKrestu. 3Kambe ndinoloyiko hleze iingqondo zenu ziwexuleke, nikutyeshele ukuzondelela uKrestu, kanye ngalaa ndlela uEfa walukuhlwa ngayo bubuqhetseba benyoka. 4Kaloku nithakazelela nabani na oza kuni anishumayeze uKrestu ongomnye, ongenguye lo ndamshumayelayo; nize ninyamazele nabani na oza nomoya ongenguye lo namnikwayo. Namkela neendaba ezinxamnye neendaba ezimnandi enazifumana kuthi.

5Akukho nto ndisilela ngayo kwabo bathunywa benu baxabisekileyo! 6Kungenzeka ukuba andilociko ekuthetheni, kodwa ke ndinalo lona ulwazi. Iye yacaca le nto kuni amaxesha ngamaxesha naphantsi kweemeko ngeemeko.

7Ngokuya ndandinishumayeza iindaba ezimnandi zikaThixo zange ndinihlawulise nento le; ndazithoba mna ukuze nizimaseke nina. Ngaba ndona ngokwenjenjalo? 8Ngokuya ndandisebenza phakathi kwenu ndandibonelelwa ngamanye amabandla. Ngenye indlela ndandiwaqhatha ukuze ndincede nina. 9Ngelo xesha ndandinani andizange ndinikhathaze ngakufuna nto kuni xa ndandiswele imali. Amakholwa awayevela eMakedoni andiphathela yonke into endandiyiswele. Njengakwixesha elidlulileyo, koba njalo nakwelizayo: andisoze ndibe ngumthwalo kuni! 10Ndithetha ndingokaKrestu nje, eli qhayiya ndinalo lokuba ndingengomthwalo kuni aliyi kunqandwa bani kulo lonke elaseAkaya. 11Ndiyithethiswa yintoni ke le nto? Ngaba kungenxa yokuba ndinganithandi? UThixo uyazi ukuba ndiyanithanda!

12Ndiya kuqhubela phambili ndisenza le nto ndiyenzayo, ukuze ndibavalele abo bathunywa babo bangabi nandlela yakuqhayisa, besithi benza kwalo msebenzi ndiwenzayo. 13Loo madoda ayingobathunywa – angoosinga-bathunywa; azithethelela ngobuqhetseba, azenze akhangeleke ngathi angabathunywa bakaKrestu ngenene. 14Ayimangalisi loo nto, kuba noSathana ngokwakhe uzenza akhangeleke ngathi sisithunywa sokukhanya. 15Ngoko ke yinto elula ukuba izicaka zakhe zizenze zikhangeleke njengezicaka zikaThixo. Kodwa ke baya kuvuna loo nto bayihlwayeleyo.

Ubunzima obathwalwa nguPawulos

16Kwakhona ndithi makungabikho bani uba ndisisidenge. Kodwa ukuba nithi ndisisidenge, ze nindinyamezele ke njengesidenge, oku kokuba ndifumane ithutyana lokuqhayisa. 17Ngenene le nto ndiyithethayo ngoku andiyithunywanga yiNkosi. Kulo mbandela wokuqhayisa ndithetha njengesidenge mpela. 18Kodwa ke ngenxa yokuba bebaninzi kangaka nje abaqhayisa ngamabakala eli hlabathi, nam ndiya kwenjenjalo. 19Nakuba nina nilumke kangaka nje niyakuthakazelela kodwa ukunyamezela izidenge! 20Ninyamezela nabani na onivuyelelayo, okanye onixhaphazayo, okanye ozanyiselelayo, okanye onijongele phantsi, okanye oniqhwabayo. 21Ndineentloni ukuyivuma loo nto; kambe mna ndaba ligwala!

Kodwa ke ukuba kukho bani onobuganga bokuqhayisa – ndivakala njengesidenge – nam ndiya kuba nobuganga obukwanjalo. 22Ngaba bangamaHebhere na? Nam ndinguye. BangamaSirayeli? Nam ndinguye. Ngaba bayinzala ka-Abraham na? Nam ndiyiyo. 23Bazizicaka zikaKrestu na? – Ndivakala njengegeza – Nam ndisiso, nangaphezulu! Ndisebenze nzima ngokungaphezulu, ndivalelwe kaninzi entolongweni, ndikatswe kaninzi, ndilikrobe kaninzi ingcwaba. 24Kukahlanu ndikatswa imivumbo engamashumi amathathu anethoba ngamaJuda. 25Ndikatswe izihlandlo ezithathu ngamaRoma, futhi ndakha ndaxulutywa ngamatye. Kukathathu ndiqhekekelwa yinqanawa elwandle; ndakha ndachitha ubusuku nemini enzonzobileni yamanzi. 26Ndaba soloko ndiseluhambeni; ndibe sezingozini emilanjeni, iingozi kwizihange, iingozi kumawethu, iingozi kwabasemzini, iingozi ezidolophini, iingozi emaphandleni, iingozi elwandle, iingozi nakwabanga bazizihlobo. 27Ndaba soloko ndisebenza nzima, ndibulaleka; ndaba soloko ndingalali; ndilamba, ndinxanwa; ndaba soloko ndiswele ukutya okwaneleyo, indawo yokuhlala, nempahla yokunxiba. 28Ndingasazibaluli ke ezinye izinto, ndinoxanduva endisoloko ndinalo mihla le: ixhala lokuzondelela inkqubela kuwo onke amabandla. 29Xa kukho obuthathaka, nam ndiba buthathaka; ukuba kukho owe esonweni, ndiyakhathazeka.

30Xa kuyimfuneko ukuba ndiqhayise, ndiya kuqhayisa ngezo zinto zibonakalisa ubuthathaka bam. 31UThixo uYise weNkosi uYesu – malidunyiswe igama lakhe njalo-njalo – uyazi ukuba andixoki. 32Xa ndandiseDamasko irhuluneli ephantsi kokumkani uAreta yabeka abalindi emasangweni edolophu ukuze bandibambe. 33Kodwa ndathotywa ngebhaskiti kwikroba elaliseludongeni, ndasinda ke.

2 KWABASEKORINTE 11XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

2 KWABASEKORINTE 12

Imibono nezityhilelo zikaPawulos

1Ndiya kuqhayisa ke khona, nakuba loo nto ingancedi nje. Ndiza kubalisa ngemibono nangezityhilelo zeNkosi. 2Kukho mfo uthile womKrestu owathi kwiminyaka elishumi elinane eyadlulayo, wathwetyulelwa phezulu ezulwini. (Andazi phofu nokokuba yehla ngenene le nto, nokuba yayingumbono nje; kwazi uThixo kuphela.) 3-4Ndiyaphinda ndithi loo mfo wathwetyulelwa ezulwini. (Ndiphinde ndithi kwakhona nokokuba yehla ngenene le nto, nokuba yayingumbono nje, andazi; kwazi uThixo kuphela.) Wathwetyulelwa apho akhoyo uThixo. Apho ke weva amazwi angathethekiyo, ekungavumelekanga nokuba athethwe mntu. 5Nguloo mfo ke lo ndiza kuqhayisa ngaye. Mna andizi kuzingca nganto ngaphandle nje kwezo zibonakalisa ubuthathaka bam. 6Phofu ukuba bendingafunayo ukuqhayisa bendingayi kuba ndisisidenge, kuba bendiya kuba ndithetha inyaniso. Kodwa ke andizi kuqhayisa, kuba andifuni kubekho mntu undicingela ngaphezu kwaloo nto ndiyiyo ekwenzeni nasekuthetheni.

7Ngoko ke, ukuze ndingakhukhumali likratshi ngenxa yezi zityhilelo zimangalisayo, ndabethwa ngesifo esaba sisithunywa sikaSathana ukuze sindintlithe ndingazingci ngokugqithisileyo. 8Ndayithandaza kathathu iNkosi, ndiyicela ukuba isisuse kum. 9Kodwa yandiphendula yathi: “Ubabalo lwam lukwanele, kuba amandla am acaca xa ubuthathaka.” Ngoko ke ndikhetha ukuqhayisa ngezinto ezibonakalisa ubuthathaka bam, ukuze ndikuve ukongama kwamandla kaKrestu phezu kwam. 10Ndanelisekile ke ngoko nokuba ndibuthathaka, nokuba ndiyagxekwa, nokuba nditsala nzima, nditshutshiswa, ndithwala iimbandezelo ngenxa kaKrestu. Kuba xa ndibuthathaka, kuxa kanye ndinamandla.

UPawulos uxhalela amaKorinte

11Ndenze ubudenge ngokuqhayisa, kodwa nini abandibangele obo budenge. Bendifanele ukuba ndinconywe nini; kuba, nokuba andinto na, andikho nganeno kodwa kwabo singa-bathunywa benu! 12Nizibone ngawenu amehlo iimpawu *zomthunywa ngemiqondiso yamandla nemimangaliso endathi rhoqo ukuyenza phakathi kwenu. 13Ngaba kukho nto iyenye na ndanenzela yona kakubi nina kunamanye amabandla, ngaphandle nje kokuba ndingabanga ngumthwalo kuni? Ndiyaxolisa ke ngelo xanasi! 14Ngoku sesesithathu isihlandlo ndikulungele ukuza kunibona; ndaye ndingazi kuba ngumthwalo konke kuni. Ndixabise nina kunemali yenu. Andibi kanene ngabazali abondla abantwana, ayingobantwana abondla abazali! 15Kungamnandi kakhulu kum ukuba mna ndinokudleka, ewe, ndichithe konke endinako ngenxa yenu. Ndinithanda kangaka nje mna, ngaba nina nindithanda kancinane?

16Ewe, nokuba bendingengomthwalo kuni, nisenokutsho ukuthi ndaninyusha ngobuqhetseba bam. 17Njani? Yiyiphi kumadoda endawathuma kuni, endathi maze inixhaphaze? 18UTito ndamthundeza ukuze anihambele, ekhatshwa ngulaa mwethu ndandimthume kuni. Ningatsho ukuthi uTito waninyusha? Ningathini kaloku nisazi kakuhle nje ukuba yena nam sineenjongo ezinye, siqhuba ngenkqubo enye?

19Kungenzeka kambe ukuba ngalo lonke eli xesha niba ndiyazithethelela kuni. Hayi, ndithetha phambi koThixo, ndingokaKrestu, yaye nenjongo yam ikukuba nakheke, zihlobo zam ezithandekayo. 20Ndinoloyiko lokuba ndifike apho ningeyiyo into endinqwenela ukufika niyiyo, nam ndingeyiyo leyo nindinqwenelela ukuba ndibe yiyo. Ndinoloyiko hleze ndifike kukho iingxabano nomona, imisindo nolunya, izinyeliso neentlebendwane, amayelenqe neziphithi-phithi. 21Ndinexhala lokuba ndakuthi ndakufika apho andiphoxe uThixo wam, ndilile phambi kwenu ngenxa yabo bonileyo baza àbaguquka ekungcoleni abakwenza ngombulo nokurheletya.

2 KWABASEKORINTE 12XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

2 KWABASEKORINTE 13

Izilumkiso nemibuliso

1Eli liza kuba lixesha lesithathu ndinityelela. “Nasiphi na isityholo kufuneka simiswe ngamangqina amabini okanye amathathu,” njengoko zisitsho *iziBhalo. 2Ndibhekisa kwabo babonile ngaphambili, kunye nawuphi na ongomnye. Ndandikhe ndatsho kambe kutyelelo lwam lwesibini, kodwa ndiyaphinda nangoku ndingekhoyo ukuthi: xa ndiphinda ukuza apho, akukho bani uya kusinda ekohlwayweni. 3Nithi nifuna ukuqinisekiswa ukuba uKrestu uyathetha ngam. Nimazi engelobhetye-bhetye, kodwa enamandla phakathi kwenu. 4Kuba nakuba wabulawa emnqamlezweni enenxaxheba kubuthathaka bethu, udla ubomi ngamandla kaThixo. Ngoko ke ndibuthathaka kuba ndimanywe naye, kodwa ndiyakudla ubomi naye ngamandla kaThixo. Iya kucaca ke loo nto kuni.

5Zivavanyeni niziqonde ukuba ningamakholwa ngenene na. Khanizicikide. Ngokuqinisekileyo niyaqonda ukuba uYesu Krestu ukho kuni – ngaphandle kokuba ngaba noyisakele. 6Ndiyathemba ukuba niya kuqonda ukuba ndiphumelele mna. 7Ndithandaza kuThixo ukuba ningoni tu – kungekuko ukubonakalisa impumelelo yam, kodwa kukuze nenze oko kulungileyo, nangona mna ndinga ngathi ndoyisiwe. 8Kaloku mna andiyenzi into ephikisana nenyaniso, kuba ndingakuyo inyaniso. 9Ndiyavuya mna xa ndibuthathaka nibe ke nina nomelele. Ngoko ke ndithandazela ukuba ningabi nampazamo. 10Yiyo le nto ndibhala ngoku ndingekezi apho kuni. Ndenzela ukuba ze ndithi ndakufika apho ndinganiphathi gadalala, ndisebenzisa igunya endalinikwa yiNkosi – igunya lokunakha, ingelilo elokuniwisa.

11Ekugqibeleni ke, mawethu, ndithi salani kakuhle. Zamelani ukuba ningabi nampazamo; zigqaleni iziyalo; visisanani, nihlale ngoxolo. Ngoko ke uThixo wothando noxolo uya kuba nani.

12Bulisanani ngokwamakholwa. Bonke abantu bakaThixo bayanibulisa.

13Ubabalo lweNkosi uYesu Krestu, nothando lukaThixo, nobudlelane boMoya oyiNgcwele, maluhlale nani nonke.

2 KWABASEKORINTE 13XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-