Bible Society of South Africa

To The Word – Day 28

Leviticus 9–12, Hebrews 5–6

Itekisi yeBhayibhile

EYONQULO 9

UAron wenza amadini

1Ngomhla wesibhozo emva komsitho womiselo lwababingeleli uMosis wabiza uAron kunye noonyana bakhe, kwakunye namadoda amakhulu akwaSirayeli, 2wathi kuAron: “Thatha inkunzana yenkomo kunye nenkunzi yegusha ezingenasiphako, wenzele ngazo *uNdikhoyo idini, inkunzi yenkomo ibe lidini lokucamagushela isono, ize eyegusha yona ibe lidini elitshiswayo. 3Yitsho amaSirayeli eze nenkunzi yebhokhwe ibe lidini lokucamagusha, nethole elinonyaka, netakane elinonyaka, zingabi nasiphako, zona zibe ngamadini atshiswayo, 4kwakunye nenkomo nenkunzi yegusha, zona zibe ngamadini obudlelane. Kufuneka kwenziwe amadini ngazo, kwakunye nokutya okuxutywe namafutha. Kufuneka niyenze le nto, kuba kaloku uNdikhoyo uza kunivelela namhlanje.”

5Zeziswa zonke ezo zinto wayethe maziziswe uMosis ngaphambili *kwesibingelelo, laza lonke ibandla lakwaSirayeli lee thande apho phambi koNdikhoyo. 6Wabhekisa ebantwini uMosis, wathi: “NguNdikhoyo lo uthe makwenziwe le nquleqhu yonke, khon' ukuze kutyhileke kuni ukubengezela kwesihomo sakhe.” 7Wandula ke uMosis ukuthi kuAron: “Yiz' aph' eqongeni lamadini, wenze idini lokucamagushela isono, kunye nedini elitshiswayo, ngenxa yezono zakho kunye nezabantu. Le nto yenze ngokomyalelo kaNdikhoyo.”

8UAron waya eqongeni, wafika walixhela ithole lenkomo elalilidini lokucamagushela izono zakhe. 9Oonyana bakhe bazisa igazi kuye, waza uAron wathi nkxu kulo umnwe, waza watyikila ngalo iimpondo ezikwiikona zone zeqonga. Eliseleyo waliphalaza emazantsi eqonga. 10Amanqatha nezintso nomhlehlo wedini lesono wazitshisa apho eqongeni ngokomyalelo kaNdikhoyo kuMosis. 11Kodwa yona inyama nofele wazitshisela ngaphandle kwelali.

12UAron ubuye waxhela into yokuzenzela idini elitshiswayo. Beze negazi layo kuye oonyana bakhe, waza wafefa ngalo kumacala onke eqonga. 13Bamnika intloko kunye nezinye iinyama, waza wazitshisa apho eqongeni. 14Emva koko uthathe izibilini nemilenze, wazihlamba, waza wazitshisa apho eqongeni ngaphezu kwelaa dini litshiswayo.

15Akugqiba unikele idini labantu. Uxhele laa bhokhwe yokucamagushela izono zesizwe, wayinikela njengoko enzile ngokuya ebenikela idini lezakhe izono. 16Ubuye walisondeza ngokusesikweni kwanalo idini elitshiswayo. 17Usondeze nomnikelo wokutya, wathatha kangangesandla kuwo, wawutshisa apho eqongeni. Yonke le nquleqhu yongeza kumadini atshiswa kusasa. 18Waxhela inkomo nenkunzi yegusha, wenzela ngazo abantu amadini obudlelane. Oonyana bakhe bamzisela igazi, watshiza ngalo kumacala onke eqonga. 19Uthathe amanqatha aloo nkomo naloo gusha uAron, – umsila, namanqatha, namanqatha ezintso, nomhlehlo – 20wawabeka phezu kweencum zazo, waza yonke loo nto wayisa eqongeni. Amanqatha uwatshisele apho eqongeni, 21waza iincum zona kunye nemilenze yasekunene waziwanga-wangisa phambi koNdikhoyo ngokomnikelo, kanye njengoko ebetshilo uMosis.

22Uthe uAron akugqiba ukwenza onke loo madini, waphakamisela izandla zakhe ngasebantwini ebasikelela, waza wasuka eqongeni.

23Ubuye waya kungena esibingelelweni kunye noMosis, baza bathi bakuba bebuye baphuma, basikelela abantu. Suka kwatyhileka kubantu bonke ukubengezela kwesihomo sikaNdikhoyo. 24Suka kwaphuma umlilo kuNdikhoyo, watshisa elo dini naloo manqatha ebephezu kweqonga. Bathi bakuyibona loo nto abantu, baduma bonke, bee qubudu bawa ngobuso.

EYONQULO 10

Isono sikaNadabhi noAbhihu

1UNadabhi noAbhihu, oonyana baka-Aron, elowo wathatha umcephe wakhe wamalahle, wagalela amalahle, wafaka nentlaka yesiqhumiso, bazisa phambi *koNdikhoyo. Kambe ke loo mlilo wabo wawunxamnye nomyalelo kaNdikhoyo. 2Kusuke kwaphuma umlilo kuNdikhoyo owabatshisela khona apho, bafela apho phambi koNdikhoyo. 3UMosis ke uthe kuAron: “Nantso ke into eyayixelwa nguNdikhoyo ngokuya wayesithi: ‘Kufuneka bandihlonele bonke abasondelayo kum; abantu bam ndobabonisa isihomo nesithozela sam.’ ” Yena uAron wasuka wathula tu.

4UMosis ubize uMishayeli kunye noElizafan, oonyana bakaUziyeli, uyisekazi ka-Aron, wathi kubo mabaye kuthatha imizimba yabantakwabo, bayisuse phambi *kwesibingelelo, bayikhuphele ngaphandle kwelali. 5Baya kuzithatha ezo zidumbu, bazithwala bezibambe ngezambatho, bazisa ngaphandle kwelali njengoko wayetshilo kubo uMosis.

6UMosis ubhekise kuAron nakoonyana bakhe uElazare noItamare, wathi: “Musani ukubazilela aba bangasekhoyo. Musani ukuziyeka iinwele zenu zingachazwanga, ningazikrazuli nezambatho zenu hleze nife, abe ke uNdikhoyo angaliqumbela ibandla liphela. Kambe ke onke amanye amaSirayeli wona angayizilela le ntlekele yokufa kwaba bantu ngomlilo othunyelwe nguNdikhoyo. 7Maze nina ningasuki esangweni lesibingelelo, hleze nife, kuba nâhlulelwa uNdikhoyo ngokuthanjiswa.” Benjenjalo ke.

Imimiselo elawula ababingeleli

8*UNdikhoyo wabhekisa kuAron, wathi: 9“Wena noonyana bakho nize ningangeni *esibingelelweni xa benisele. Niya kufa ukuba niyenzile loo nto. Lo mthetho uze uthotyelwe nazizizukulwana. 10Nize nicalule phakathi kwento eyahlulelwe uThixo nento engahlulelwanga yena, naphakathi kwento *enomlaza nento engenamlaza. 11AmaSirayeli ze niwafundise yonke imimiselo endaninika yona ngoMosis.”

12UMosis wabhekisa kuAron nakoonyana bakhe abaseleyo, uElazare noItamare, wathi: “Ukutya okuseleyo kumnikelo obusenzelwa uNdikhoyo ze nikuthathe nenze izonka ezinganyuswanga, nizityele phaya ngaseqongeni. Kaloku lo ngumnikelo ongcwele. 13Nize nizityele endaweni ekhethekileyo; sisabelo senu eso esithathwa kwiminikelo eyenzelwa uNdikhoyo ngomlilo. Loo nto yathethwa kum nguNdikhoyo. 14Nina noonyana neentombi zenu ningayitya incum ewanga-wangisiweyo kwanomlenze onikelwe kuThixo. Ningazityela naphi na apho kungekho *mlaza. Esi sabelo siyinxaxheba yenu kunye nabantwana benu evela kumadini obudlelane anikelwa ngamaSirayeli kuNdikhoyo. 15Kufuneka le ncum nalo mlenze beze nazo kanye ngexesha kusondezwa iminikelo yamanqatha eyenzelwa uNdikhoyo ngomlilo. Ezi nyama ziya kusoloko zisisabelo senu, kunye nabantwana benu, njengoko etshilo uNdikhoyo.

16UMosis watsho ebuza ukuba iye ngaphi na ibhokhwe yedini lokucamagushela isono. Waxelelwa ukuba nayo selitshisiwe. Loo nto yamcaphukisa, 17watsho wathi kuElazare noItamare: “Kutheni ningayityelanga kule ndawo ikhethekileyo nje inyama yedini lokucamagusha? Kaloku yinyama engaphumiyo; niyinikwa nguNdikhoyo ukuze nicamagushele ibandla. 18Kaloku igazi layo lingangeniswanga nje esibingelelweni phakathi, bekufuneka niyityele endaweni ekhethekileyo, njengoko bendiniyalele.”

19UAron waphendula wathi: “Kaloku namhlanje sizise idini lokucamagushela izono kunye nelethu elitshiswayo. Kambe ke uyayiqonda le ntlekele ihlileyo namhlanje! Xa besiyityile ke namhlanje inyama yeli dini ibingamkholisa njani uNdikhoyo loo nto?”

20UMosis akuyiva loo nto waxola.

EYONQULO 11

Inyama enokutyiwa nemayingatyiwa

(Hlaz 14:3-21)

1*UNdikhoyo wanika uMosis noAron le miyalelo, 2-3ukuba bayigqithisele kumaSirayeli: “Kuzo zonke izilwanyana ezihamba emhlabeni zingátyiwa ezineempuphu ezicandekileyo kananjalo zisetyisa. 4-6Kodwa zona iinkamela, neembila, nemivundla, mazingatyiwa. Ewe kambe ziyetyisa, kodwa iimpuphu zazo azicandekanga. 7Inyama yehagu mayingatyiwa. Kaloku ihagu ineempuphu ezicandekileyo, kodwa ayetyisi. 8Inyama yezinto ezinjalo maningayityi, ningazichukumisi naxa zifileyo, kuba *zinomlaza.”

9Kwezasemanzini ningazitya zonke iintlanzi ezinamaphiko okugwedla namaxolo. 10Kodwa ke nantoni na engenamaphiko namaxolo ehlala emanzini ze ningayityi. 11Ezinjalo azityiwa; musani ukuzichukumisa naxa zifile. 12Nayiphi na into esemanzini engenamaphiko namaxolo inezothe.

13-19Mazingatyiwa ezi ntlobo zeentaka: oomakhozi, oozikhova, oontloyiya, oozilwangangubo, oozintsikizi, oomaxhalanga, oonomyayi, oozinciniba, ookhwalimanzi, oozingwamza, oozintambanane, oozingcwangube, oomangaba-ngaba, oobhobhoyi, oomalulwane.

20Zonke izinambuzane ezizitho zine eziphaphayo azityiwa, 21ngaphandle kwezo zitaka-takayo. 22Ezinjengeenkumbi, nootseki-tselu, nomqhathu, ziyatyiwa zona. 23Kodwa zonke ezinye izinambuzane eziphaphayo, ezirhoqozayo, azityiwa.

24-28Umntu ochukumise ezi zinto xa zifile woba nomlaza kude kutshone ilanga: iinyamakazi ezineempuphu, ngaphandle kwezo zineempuphu ezicandekileyo, zetyisayo nokwetyisa, kunye nezo zizitho zine zinamathupha. Umntu othe waphatha ezi zinto xa zifile, makahlambe impahla, kodwa woba nomlaza kude kube kutshone ilanga.

29-30Kwezirhubuluzayo nazi ezingatyiwayo: iintuku, amabuzi, iimpuku, oomacikilishe, ooxam, noomalovane. 31Umntu othe waziphatha nokuba zifile, woba nomlaza kude kutshone ilanga. 32Xa kukho into ethe yawelwa zezo zinto xa zifile, yoba nomlaza nayo. Ndithetha nkqu nezinto ezenziwe ngamaplanga, ngamalaphu, ngethwathwa, okanye ngerhonya, nokuba isetyenziselwa ntoni na loo nto; kufuneka ifakwe emanzini, kodwa liya kude litshone ilanga ingekahlambuluki. 33Ukuba into efileyo kwezi iwela engqayini, yonke into engaphakathi kuloo ngqayi ayinakutyiwa. Yona ingqayi kufuneka iqhekezwe. 34Ukutya okugalelwe amanzi akule ngqayi makungatyiwa – kumdaka. Naloo nto iselwayo ibikuloo ngqayi nayo isuka isuleleke. 35Nantoni na ekuwele kuyo into efileyo kwezi zibaliweyo iba nomlaza; isitovu sodaka, nokuba yimbiza, maziqhekezwe. 36Kambe wona umthombo nequla azisuleleki xa ziwelwe zezi zinto. Ke yena umntu ozichukumisayo uba nomlaza. 37Imbewu eza kulinywa ayisuleleki, nokuba idibene nento efileyo kwezi zixeliweyo. 38Kodwa xa loo mbewu ifakwe emanzini iyasuleleka kukudibana nento efileyo.

39Xa kufe isilwanyana esityiwayo, umntu osichukumisileyo uba nomlaza kude kutshone ilanga. 40Nomntu otye inyama yaso, nokuba uyihlambile impahla yakhe, uba nomlaza kude kutshone ilanga. Umntu othe wasithwala sifile isilwanyana kufuneka ayihlambe impahla yakhe, kodwa uba nomlaza kude kutshone ilanga

41-42Zonke izinambuzane ezirhubuluzayo, nezirhoqozayo, nezinemilenze emine nangaphezulu, zinezothe; mazingatyiwa. 43Ze ningazifaki umlaza ngokutya ezo zinto. 44Mna ndinguNdikhoyo uThixo wenu. Yibani ngcwele, kuba mna ndingcwele. Musani ukuzifaka umlaza nangasiphi na isidalwa esirhubuluzayo emhlabeni. 45NdinguNdikhoyo owanikhupha eJiputa ukuze ndibe nguThixo wenu. Yibani ngcwele, kuba mna ndingcwele.

46Nango ke umyalelo ophathelele kwizilwanyana, neentaka, nento yonke ehlala emanzini, nezinambuzane. 47Kufuneka nicalule phakathi kwento ehlambulukileyo nenomlaza, nezinto ezityiwayo nezingàtyiwayo.

EYONQULO 12

Ukuhlanjululwa kwamakhosikazi emva kokubeleka

1*UNdikhoyo wanika uMosis le miyalelo 2ukuba ayigqithisele kumaSirayeli: Umdlezana emva kokubeleka inkwenkwe woba *nomlaza iintsuku ezisixhenxe, kanye njengoko aba njalo xa esexesheni. 3Ngosuku lwesibhozo usana olo kufuneka lwaluswe. 4Kodlula amashumi amathathu anantathu eentsuku ngaphambi kokuba loo mdlezane ahlambuluke ekopheni. Kufuneka angaphathi nanye into eyahlulelwe uThixo, angasondeli nokusondela *esibingelelweni kude kuphele ixesha lokuhlanjululwa kwakhe.

5Umdlezana emva kokubeleka intombazana woba nomlaza iintsuku ezilishumi elinane, kanye njengoko aba njalo xa esexesheni. Kodlula amashumi amathandathu anantandathu eentsuku ngaphambi kokuba ahlambuluke ekopheni.

6Lakufika ixesha lokuhlanjululwa kwakhe, nokuba ebebeleke inkwenkwe okanye intombazana, kufuneka ase itakane elinonyaka kumbingeleli ekungeneni kwesibingelelo, eliza kuba lidini elitshiswayo, kunye nevukuthu okanye ihobe lokwenza idini lokucamagushela isono. 7Umbingeleli wolinikela idini elo kuNdikhoyo, aze loo mdlezane ahlambuluke ekopheni. Nantso ke into emayenziwe ngumdlezana, nokuba ubeleke inkwenkwe okanye intombi.

8Ukuba loo mdlezana akanako ukuzisa itakane, makeze namahobe amabini okanye amavukuthu amabini. Elinye loba leledini elitshiswayo, elinye libe lelokucamagushela isono. Ngokwenjenjalo umbingeleli uya kumcamagushela, aze loo mdlezana ahlambuluke.

KUMAHEBHERE 5

1Kaloku wonke umbingeleli omkhulu ukhethwa ebantwini, amiselwe ukuzakuza phakathi kwabantu noThixo. Unikela izipho namadini okungxengxezela izono. 2Uyakwazi ukubanyamezela abo bazizityhifili nabo baphazamayo, kuba kaloku naye ngokwakhe unobuthathaka. 3Ngenxa yaloo nto ke umelwe kukunikela amadini okungxengxezela izono zakhe kwakunye nezabantu. 4Akukho mntu uzithathelayo eli wonga; elowo ubizwa nguThixo njengoAron.

5Kunjalo ke nakuKrestu: naye akazange azithathele iwonga lokuba ngumbingeleli omkhulu. Walinikwa nguThixo, lo wathi kuye:

“Wena unguNyana wam;

namhlanje ndikuzele.”

6Kwenye indawo uthi:

“Wena ungumbingeleli wodidi lukaMelkizedeki,

oya kuhlala ehleli.”

7Esadla ubomi apha emhlabeni, wayedla ngokwenza imithandazo nezicelo, ekhala iinyembezi, ebhekisa kuThixo onamandla okumhlangula ekufeni. Wawuva uThixo umthandazo wakhe, ngenxa yokuzimisela kwakhe ukuthobela. 8Ngoku kanye anguNyana kaThixo, intlupheko yamnika amava okuthobela. 9Uthe ke akusulungeka wenziwa umthombo wosindiso olungapheliyo lwabo bamthobelayo, 10emiselwe nguThixo waba ngumbingeleli omkhulu wodidi lukaMelkizedeki.

Isilumkiso ngokreqo

11Zininzi iindawo ebesinokunichazela ngazo ngoMelkizedeki. Kodwa ke kusuke kwanzima nokunithela gqabagqaba oku, kuba kaloku nisuke naneentloko ezilukhuni. 12Benifanelwe kukuba nifundisa ngokwenu ngoku. Kodwa kusuke kwafuneka ibe nini abafundiswayo, niqaliswe emva kwizifundo zokuqala ezingeendaba zikaThixo. Kusuke kwafuneka nisezwe ubisi endaweni yokuba ninikwe ukutya okuqinileyo. 13Wonke umntu osezwa ubisi lusana; akakwazi okuhle nokubi. 14Ngabantu abadala abatya ukutya okuqinileyo; bona sebenamava, bayawazi umahluko phakathi kokuhle nokubi.

KUMAHEBHERE 5XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KUMAHEBHERE 6

1Ngoko ke masizishiye iimfundiso zabaqalayo, siqhubele phambili kwezo zamakholwa akhulileyo. Masingabi saphindela emva, sibeka iziseko zokukholwa kuThixo, nenguquko kwimisebenzi ephuthileyo esasiyenza, 2sifundisa ngobhaptizo, nokubekwa kwezandla, ngokuvuka kwabafileyo, nomgwebo ongunaphakade. 3Emandleni eNkosi siya kuyenza ke loo nto.

4-6Abantu ababekhe balungcamla ukhanyiselo, basiva isipho sasezulwini, baba nenxaxheba kuMoya oyiNgcwele, bakuva nokulunga kwelizwi likaThixo namandla ephakade elizayo, baza ke bakreqa, kungangenkankulu ukuba babuye baguqulwe. Kaloku kwabona baphinde bamxhoma uNyana kaThixo, bamenza isigculelo nentlekisa.

7Intsimi ezifunxayo iimvula ezinayo, ize ivelise isivuno esimkholisayo umniniyo, iyathamsanqelwa nguThixo. 8Kanti ke esuka ivelise ukhula nameva ayinto yanto, iphuthile, ifanelwe ngumlilo.

9Zihlobo zam ezithandekayo, nakuba ndithetha ngolu hlobo nje, ndeyisekile kukuba nikwimeko efanelekileyo elusindisweni. 10Kaloku yena uThixo akalotshijolo: akazange awulibale umsebenzi eniwenzileyo ngenxa yakhe, nothando enilubonakalise ngokulungiselela abantu bakhe – msebenzi lowo nisawuqhubayo unangoku. 11Umnqweno wam kukuba nonke ngabanye ninga ningaqhubela phambili, nilubonakalisa olo langazelelo, lide lizaliseke ithemba lenu. 12Andinqweneli ukuba nibe ngamanqenerha, koko ndifuna ukuba nilinganise abo bathe ngokholo nomonde balidla ilifa lezithembiso.

Isithembiso sikaThixo

13UThixo xa wayesenza isithembiso kuAbraham wazifunga kwayena; kaloku kwakungekho bani mkhulu kunaye wayengamfungayo. 14Wenjenje ukuthetha: “Ndiya kukunisela amathamsanqa, sande sibe yinyambalala isizukulwana sakho.” 15Ngenxa yomonde uAbraham wasizuza eso sithembiso. 16Abantu xa befunga, bafunga lowo mkhulu kunabo; futhi ke isifungo siyayinqanda impikiswano. 17NoThixo ke, xa wayefuna ukucacisela iindlalifa zesithembiso sakhe ukungaguquki kwenjongo yakhe, wasebenzisa isifungo. 18Nâzo ke izinto ezimbini ezingenakujikwa – isifungo nesithembiso – ibe ke noThixo akanakuxoka. Ngoko ke thina basindileyo siyakhuthazwa ukuba sibambelele nkqi kweli themba liphambi kwethu. 19Eli themba ke liyintsika yobomi bethu. Liyasikhusela, futhi lisisiqinisekiso. Lingena liye kutsho ngaphaya komkhusane, 20apho uYesu aye kungena khona njengovulindlela omele thina. Kaloku yena ungumbingeleli wodidi lukaMelkizedeki oya kuhlala ehleli.

KUMAHEBHERE 6XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-