Bible Society of South Africa

To The Word – Day 46

Deuteronomy 5, Mark 3–7

Itekisi yeBhayibhile

UHLAZIYO-MNQOPHISO 5

Umnqophiso

(Mfud 20:1-17)

1Ke kaloku uMosis wawabiza onke amaSirayeli, waza wadanduluka wenjenje: “Hoyina, maSirayeli! Phulaphulani, nantsi imimiselo nemigaqo endiyibhengeza ezindlebeni zenu namhlanje. Yifundeni ngenyameko, nize niyithobele. 2Kwintaba iHorebhe *uNdikhoyo uThixo wethu wenza umnqophiso nathi. 3Lo mnqophiso akawenzanga noobawo nje qha, koko wawenza nathi sonke ngabanye, thina baphilayo namhlanje. 4Apho kuloo ntaba uNdikhoyo wathetha nani ubuso ngobuso eselangatyeni lomlilo. 5Ngelo thuba ke mna ndema phakathi kwenu noNdikhoyo ndinivakalisela awayekuthetha, kuba kaloku nina nasuka noyika nakubona umlilo, anavuma ukusondela entabeni.

“UNdikhoyo wathetha nani, wathi: 6‘Mna ndinguNdikhoyo uThixo wakho owakukhupha eJiputa apho wawulikhoboka khona.

7“ ‘Ungaze unqule thixo wumbi ngaphandle kwam.

8“ ‘Ungaze uziqingqele umfanekiso wothixo, nditsho nokuba ngowantoni na esesibhakabhakeni phezulu, okanye esemhlabeni phantsi, okanye nokuba yeyasemanzini aphantsi komhlaba. 9Ungaze ukhahlele unqule umfanekiso oqingqiweyo; kuba mna Ndikhoyo Thixo wakho ndinguThixo onekhwele. Ndiyabohlwaya abandithiyileyo; ewe, ndohlwaya ooyise ndide ndiye kuqhina kwesesithathu nakwesesine isizukulwana sabo. 10Kodwa ke ndiphuphuma izibele kumawaka-waka abo bandithandayo beyithobela imiyalelo yam.

11“ ‘Ungaze ulikhankanye ngelize igama lam; mna Ndikhoyo Thixo wakho andiyi kumxolela ofumana alibize igama lam.

12“ ‘*UMhla wokuPhumla wugcine ulusuku olulodwa lwam njengoko mna Ndikhoyo Thixo wakho ndikuyalelayo. 13Sebenza imihla emithandathu, uwenze wonke umsebenzi wakho. 14Ke wona umhla wesixhenxe lusuku lwam olulodwa lokuphumla. Ngoko ke makungabikho mntu usebenzayo ngalo mhla; nditsho nawe, umntwana wakho, nesicaka sakho, nemfuyo yakho, ngokunjalo nomngeneleli ohlala phakathi kwenu. Nesicaka sakho masiphumle kwanjengawe. 15Kaloku khumbula ukuba nawe ubulikhoboka kwelaseJiputa, ndaza ke mna Ndikhoyo Thixo wakho ndakukhulula ngamandla obungangamsha bam. Yiyo ke le nto ndikuyalela ukuba uwubeke uMhla wokuPhumla.

16“ ‘Mhlonele uyihlo ndawonye nonyoko njengoko mna Ndikhoyo onguThixo wakho ndikuyalelayo, khon' ukuze ube nokuzinza uxhamle intlala-kahle kwelo lizwe ndikunika lona mna Ndikhoyo Thixo wakho.

17“ ‘Musa ukuba sisibulala-mntu.

18“ ‘Musa ukukrexeza.

19“ ‘Musa ukûba.

20“ ‘Musa ukungqina ubuxoki ngomnye umntu.

21“ ‘Musa ukunqwenela umfazi wenye indoda; ngokunjalo nomzi wayo, nentsimi yayo, nesicaka sayo, nenkomo yayo, nedonki yayo, nayo nantoni na eyeyomnye umntu.’

22“Nantso ke imithetho awayibhengezayo kuni uNdikhoyo xa ninonke ngokuya nanihlangene entabeni. Ewe, akukho yimbi imithetho awayivakalisayo ngokuya wayethetha ngelizwi elikhulu eselangatyeni lomlilo kwintshinyela yomsi. Ke yona wayibhala kumacwecwe amabini amatye, wayinika mna.”

Ukoyika kwamaSirayeli

(Mfud 20:18-21)

23“Kaloku xa intaba yayingumlilo nje yonke, nathi nakuliva ilizwi esithokothokweni sobumnyama, amadoda amakhulu kunye neentloko zezindlu zenu eza kum, 24nathi: ‘*UNdikhoyo uThixo wethu usibonisile isihomo nobungangamsha bakhe; kaloku simve ethetha eselangatyeni lomlilo! Namhlanje siyaqonda ukuba kuyenzeka ukuba umntu aphile nangona uThixo athethe naye. 25Kodwa ke, ngani ukuba sizibeke emngciphekweni wokufa? Hayi bo! Laa ntleke-ntleke yomlilo iya kusitshabalalisa. Singafa ukuba uthe waqhubela phambili uNdikhoyo uThixo wethu ukuthetha nathi. 26Ngaba kukho mntu ukhe waphila akuba eve uThixo ophilayo ethetha njengoko thina simvileyo elangatyeni lomlilo? 27Hayi, Mosis, makuye wena, ukuphulaphule konke akuthethayo uNdikhoyo uThixo wethu; uze ke ubuye uze kusixelela. Ke thina siya kuphulaphula simthobele.’

28“Ke kaloku uNdikhoyo wathi akukuva ukuthetha kwenu, wathi kum: ‘Ndiyivile into ethethwa ngaba bantu; ndiyayamkela. 29Akwaba bebeya kusoloko benezimvo ezinje! Akwaba bebeya kuhlala bendihlonipha bayithobele imiyalelo yam, khon' ukuze balungelwe bona nezizukulwana zabo naphakade. 30Yiya utsho kubo babuyele emizini yabo. 31Kambe ke, wena Mosis, sala apha kunye nam, ukuze ndikunike imiyalelo, nemimiselo, nemigaqo, uze uwafundise ke amaSirayeli, khon' ukuze ayithobele kwelo lizwe ndiwapha lona.’

32“MaSirayeli, noba sekutheni yenzani yonke into aniyaleleyo uNdikhoyo uThixo wenu. Yithobeleni yonke imithetho yakhe ningayityesheli nakancinane. 33Ewe, hambani ngokwemimiselo yonke kaNdikhoyo uThixo wenu, khon' ukuze nizinze kwelo lizwe ningena kulo, nixhamle intlala-kahle nide nikhokhobe.”

UHLAZIYO-MNQOPHISO 5XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UMARKO 3

Ukuphiliswa kowome isandla

(Mat 12:9-14; Luka 6:6-11)

1Waphinda uYesu wangena *endlwini yesikhungo. Apho kwakukho umntu owayome isandla. 2Babemlalele ke befuna ukubona ukuba womphilisa na *ngoMhla woPhumlo, ukuze bammangalele. 3UYesu wathi kuloo mntu wayome isandla: “Phakama, uze ngaphambili.” 4Waza wathi kubo: “Okuvumelekileyo ngoMhla woPhumlo kukwenza okulungileyo, kukwenza okubi; kukuphilisa, kukubulala; kusini na?”

Kwathi cwaka. 5Akuba ebasingasingile, ebuhlungu ngenxa yokuqaqadeka kweentliziyo zabo, wathi kumntu lowo: “Solule isandla sakho.” Wasolula, saza saphila isandla sakhe. 6Kwangoko ke baphuma *abaFarasi, baya kubhunga *namaHerode, becebisana ngokubulala uYesu.

Inkitha yabantu ngaselwandle

7Wemka uYesu, enabafundi bakhe, waya elwandle. Yamlandela inkitha yabantu, ivela kwelaseGalili, nakwelakwaJuda, 8naseJerusalem, nase-Edom, naphesheya kweJordan, nakwimimandla yeTire neSidon. Loo nkitha ininzi yeza kuYesu, kuba yayivile ngemimangaliso yakhe. 9Wathi kubafundi bakhe mabamlungiselele isikhitshana, hleze axinwe sisihlwele, 10kuba wayephilise abantu abaninzi, baza bonke abanezifo bathi ngunga phezu kwakhe, ukuze bamchukumise. 11Naxa sukuba abantu abaneendimoni bembona, babesiwa phambi kwakhe, bakhale, besithi: “Unguye wena uNyana kaThixo!”

12Wayebakhalimela kakhulu ke ukuba bangamazisi ebantwini.

Ukumiselwa kwabafundi abalishumi elinambini

(Mat 10:1-4; Luka 6:12-16)

13UYesu ke wenyuka intaba, wabiza abo wayefuna bamlandele. Baya kuye ke, 14waza wamisela abalishumi elinambini awababiza ngokuba *ngabathunywa, ebamisela ukuba babe kunye naye nokuba abathume baye kushumayela, 15ebanike igunya lokukhupha iindimoni.

16Wamisela aba ke: uSimon, awamthiya igama elinguPetros; 17uYakobi, unyana kaZebhedi, noYohane umninawe wakhe, awathi bona wabathiya amagama okuba ngooBhowanerges, oko kukuthi ngooSatsha; 18uAndreya noFilipu, noBhartolomeyu, noMatewu, noTomas, noYakobi unyana ka-Alifeyu, noTadeyu, noSimon owayengoweqela lamaTsha-ntliziyo, 19noJudas Sikariyoti, owayeza kumngcatsha.

Ukunyelisa kwabachazi-mthetho

(Mat 12:22-32; Luka 11:14-23; 12:10)

20UYesu ke wangena endlwini, kwaza kwakhona kwabuthelana isihlwele. Kwakuxinene kangangokuba yena nabafundi bakhe bangabi nako nokutya oku. 21Bevile ngale nto, abakowabo baphuma besiya kumphuthuma, kuba kwakusithiwa: “Ushiywe ziingqondo.”

22Ke abachazi-mthetho ababevela eJerusalem babesithi unoSathana, besithi iindimoni ezi uzikhupha ngomphathi wazo. 23Ebabizele kuye abantu, uthethe nabo ezekelisa, esithi: “Angáthini na uSathana ukukhupha uSathana? 24Kaloku isizwe esivukelana sodwa siyachithakala; 25nomzi ovukelana wodwa uyachithakala. 26NoSathana ke, ukuba uvukelana noSathana, uya kuphanza angabikho.

27“Akukho bani unako ukungena endlwini yegorha, aze aphange impahla yalo, engathanga kuqala alibophe elo gorha, aze ke andule ukuyiphanga indlu yalo.

28“Inene, baya kuzixolelwa zonke izono oonyana babantu, kwanezinyeliso abasukuba benyelisa ngazo; 29kodwa yena othe wanyelisa uMoya oyiNgcwele akanako ukuxolelwa naphakade; unetyala lesono esingatshitshiyo.” 30UYesu watsho kuba babesithi unendimoni.

Ezona zizalwana zikaYesu

(Mat 12:46-50; Luka 8:19-21)

31Kwafika abantakwabo-Yesu kunye nonina, baza bathi, bemi ngaphandle, bayaleza ukuba makabizwe. 32Wayengqongwe sisihlwele sabantu, kwaza kwakho othi kuye: “Uxolo, nanku unyoko nabantakwenu ngaphandle, bekufuna.”

33Wabaphendula esithi: “Ngubani umama? Ngoobani bona abantakwethu?” 34Ebasingasingile ke abo babemngqongile, wathi: “Nguye lo umama nabantakwethu. 35Kaloku lowo uthe wakwenza ukuthanda kukaThixo nguye ongumntakwethu, nodade wethu, nomama.”

UMARKO 4

Umzekeliso ngomhlwayeli

(Mat 13:1-9; Luka 8:4-8)

1Kwakhona uYesu wafundisa ngaselwandle. Saza isihlwele esasihlanganisene ngakuye saba sikhulu kangangokude yena aye kukhwela esikhitshaneni, ahlale kuso elwandle. Isihlwele sona sasiselunxwemeni apho. 2Ke wayebafundisa iindawo ezininzi ngemizekeliso, esithi: 3“Kwakukho umhlwayeli owaphuma waya kuhlwayela. 4Ekuhlwayeleni kwakhe inxenye yembewu yawa endleleni, zafika iintaka zayichola zayigqiba. 5Enye imbewu yawa endaweni elulwalwa, apho kwakungekho mhlaba waneleyo; yantshula ke kwangoko, ngenxa yokungabi nabunzulu bamhlaba. 6Kuthe ke, lakuba shushu ilanga, yatsha, yathi ngenxa yokuba ingenazingcambu zendeleyo, yoma kwaphela. 7Enye yawa endaweni enokhula, olwathi lwakukhula, lwayiminxa, ayaba nasiqhamo. 8Enye yawa kumhlaba olungileyo, yakhula, yachuma, yavelisa isiqhamo: enye amashumi amathathu, enye amashumi amathandathu, nenye ikhulu.”

9Wathi ke kubo uYesu: “Oneendlebe zokuva makeve.”

Injongo yemizekeliso

(Mat 13:10-17; Luka 8:9-10)

10Ke kaloku kwathi xa uYesu wayenâbo babengakuye, bekunye nabafundi abalishumi elinambini, bambuza ngale mizekeliso. 11Wathi kubo: “Nikuphiwe nina okokuba niyazi indlela yokulawula kukaThixo, kodwa abo bangakuphiwanga baziva ngemizekeliso nje zonke ezi zinto; 12ukuze, njengoko zitshoyo *iziBhalo,

“ ‘Bebona nje, babone bangaqiqi;

besiva nje, beve bangaqondi;

hleze baguquke, baxolelwe.’

Ingcaciso yomzekeliso ngomhlwayeli

(Mat 13:18-23; Luka 8:11-15)

13Wathi ke kubo uYesu: “Aniwulandeli na lo mzekeliso? Niya kuyazi kanjani kakade imizekeliso? 14Umhlwayeli lo uhlwayela ilizwi. 15Abo ke basendleleni, apho ilizwi likaThixo lihlwayelwa khona, ngâbo bathi, bakuba bevile, bafikelwe kwangoko nguSathana, emke nalo ilizwi elihlwayelweyo kubo. 16Ke abo banjengendawo elulwalwa ekuhlwayelwe kuyo ngabathi, bakuba belivile ilizwi, balamkele kwangoko bevuya; 17kodwa babe bengenazingcambu zendeleyo, beme umzuzwana kuphela; bathi emva koko, kwakufika imbandezelo okanye intshutshiso ngenxa yelizwi, boyisakale kwangoko. 18Abo banjengendawo enokhula ekuhlwayelwe kuyo ngabathi balive ilizwi, 19aze ke amaxhala eli phakade, nokulukuhla kobutyebi, nokunqwenela ezinye izinto, kungene kuliminxe ilizwi, lize lingabi nasiqhamo. 20Abo banjengomhlaba olungileyo ekuhlwayelwe kuwo ngabathi, bakuliva ilizwi, balamkele, baxakathe isiqhamo: omnye amashumi amathathu, omnye amashumi amathandathu, nomnye ikhulu.”

Umzekeliso ngesibane

(Luka 8:16-18)

21Kwakhona uYesu wathi kubo: “Ngaba isibane sikhe siqutyudelwe ngethunga okanye sifakwe phantsi kwebhedi na? Asixhonywa endaweni yaso yini na? 22Kaloku akukho nto ifihlakeleyo ingayi kude ityhilwe; kananjalo akukho nto ifihliweyo ingayi kude ivele. 23Ke oneendlebe zokuva makeve.”

24Kwakhona wathi kubo: “Yilumkeleni into eniyivayo. Umlinganiselo enibalinganisela ngawo abanye, niya kulinganiselwa kwangawo nguThixo nani, kuze kongezwe kuni, nina nivayo. 25Lowo sukuba enolutho uya kunikwa, athi lowo ungenanto ahluthwe kwanaloo nto anayo.”

Umzekeliso ngembewu

26Kwakhona uYesu wathi: “Ukulawula kukaThixo kunokufaniswa nokuthi umntu ahlwayele imbewu entsimini, 27aze alale avuke imihla ngemihla, ibe yona imbewu intshula ikhula ngohlobo angalwaziyo. 28Kaloku umhlaba uvelisa iziqhamo ngokwawo: kuqala iba likhaba, ize ibe yindubulo, ize ibe sisikhwebu esivuthiweyo. 29Xa ke ithe yavuthwa ingqolowa, ingenwa ngerhenqe kwangoko, kuba ixesha lokuvuna lifikile.”

Umzekeliso ngokhozo lwembewu yemostade

(Mat 13:31-32,34; Luka 13:18-19)

30Kwakhona uYesu wathi: “Singakufanekisa nantoni na ukulawula kukaThixo? Singakuzekelisa ngamzekeliso mni? 31Kunjengokhozo lwembewu yemostade. Ukhozo lwemostade lulolona luncinane kuzo zonke iintlobo zembewu emhlabeni, 32kodwa xa luthe lwatyalwa, lukhula lube lukhulu kunazo zonke izityalo, lube namasebe amakhulu kangangokuba iintaka zibe nokwakhela iindlwane zazo kuwo zisemthunzini.”

33UYesu wayelithetha kubo ilizwi ngemizekeliso emininzi elolu hlobo, ebafundisa kangangoko babenako ukuqonda. 34Ebethetha nabo ngemizekeliso kuphela, kodwa akuba yedwa nabafundi bakhe wayebacacisela yonke into.

UYesu uzolisa isaqhwithi

(Mat 8:23-27; Luka 8:22-25)

35Kwangaloo mini ngokuhlwa uYesu wathi kubafundi bakhe: “Masiwele siye ngaphesheya koLwandle lwaseGalili.” 36Basishiya ke isihlwele, bemka noYesu esesikhitshaneni apho, kukho nezinye izikhitshana. 37Ke kwabakho isaqhwithi esikhulu, amaza aphoseka esikhitshaneni, saza isikhitshana saphantse sazala ngamanzi. 38UYesu wayephakathi esikhitshaneni, ethathe umqamelo walala ubuthongo. Bamvusa ke, bathi kuye: “Mfundisi, akukhathali na, sitshabalala nje?”

39Wavuka ke, wawukhalimela umoya, wathi kulo ulwandle: “Yithi cwaka, uzole.” Wadamba umoya, kwabakho ukuzola okukhulu. 40UYesu ke wathi kubo: “Yini na ukuba noyike kangaka? Kutheni ukuba ningakholwa?”

41Babesoyika kakhulu, omnye esithi komnye: “He bethu, ngumntu onjani na lo ude alulanyelwe ngumoya nalulwandle!”

UMARKO 5

Ukuphiliswa komntu waseGerasa oneendimoni

(Mat 8:28-34; Luka 8:26-39)

1Bafika phesheya koLwandle lwaseGalili, kummandla welaseGerasa. 2Akuba uYesu ephumile esikhitshaneni, wahlangatyezwa ngumntu onendimoni, esuka emangcwabeni, 3apho wayehlala khona. Ke kwakungekho bani unako ukumbopha nangamatyathanga. 4Wayemana ebotshwa ngamakhamandela nangamatyathanga, kodwa awaqhawule amatyathanga, awakroboze namakhamandela. Kwakungekho bani unako ukumthoboza. 5Wayesithi ubusuku nemini ahlale ezintabeni nasemangcwabeni, ekhala, ezixuzula ngamatye.

6Uthe ke, akubona uYesu esekude, wabaleka, waya kuguqa phambi kwakhe, 7wakhala kakhulu, wathi: “Ufuna ntoni na kum, Yesu, Nyana kaThixo uPhezukonke? Funga uThixo ukuba akuyi kundithuthumbisa.” 8Wayesitsho kuba uYesu wayethe kuye: “Phuma kuloo mntu, ndimonindini.”

9UYesu ke wambuza esithi: “Ungubani wena igama lakho?”

Waphendula esithi: “NdinguMkhosi, kuba sibaninzi.” 10Watsho ebongoza uYesu ukuba iindimoni ezo angazigxothi zimke kwelo zwe.

11Kwakukho umhlambi omkhulu weehagu usidla apho ngasentabeni; 12zaza iindimoni ezo zambongoza uYesu, zisithi: “Sithumele ezihagwini, singene kuzo.” 13Wazivumela ke; zaza zaphuma iindimoni, zaya kungena ezihagwini. Ke umhlambi lowo, owawumalunga namawaka amabini eehagu, waphaphatheka, wehla ethambekeni, waya kweyela elwandle, warhaxwa.

14Bathe ke abo babezalusa ezi hagu babaleka, bakuxela edolophini nasemaphandleni okwenzekileyo. Baphuma ke abantu baya kubona oko kwenzekileyo. 15Bafika kuYesu, bambona lowo ubephethwe ngumkhosi weendimoni ehleli phantsi, enxibile, esezingqondweni; baza boyika. 16Abo babeyibonile loo nto babaxelela okwenzekileyo kobephethwe ziindimoni, nokwenzekileyo ezihagwini. 17Baza ke bambongoza uYesu ukuba emke kuloo mmandla wabo.

18Xa wayengene esikhitshaneni uYesu, lowo ubephethwe ziindimoni wambongoza ukuba ahambe naye. 19Kodwa akamvumelanga; koko wathi kuye: “Goduka, ubaxelele abakowenu oko ikwenzeleyo iNkosi: inceba engaka!”

20Wemka ke, wakuxela kummandla weeDolophu eziliShumi oko uYesu wayemenzele kona. Bamangaliswa bonke abantu.

Intombi kaJayiro nomfazi owaphiliswa kukuchukumisa uYesu

(Mat 9:18-26; Luka 8:40-56)

21Akuba uYesu ebuye wawela uLwandle lwaseGalili ngesikhitshana, kwahlanganisana ngaselwandle apho isihlwele esikhulu. 22Kwathi ke kwafika igosa lendlu yesikhungo, eligama linguJayiro, elathi lakumbona, lakhahlela, 23laza lambongoza, lisithi: “Intombi yam isindekile. Khawuze ubeke izandla zakho phezu kwayo, ukuze ichache, iphile.”

24UYesu ke wahamba nalo, ephahlwe yindimbane enkulu eyayimxinile.

25Kwakukho nomfazi owayehlamba engaphezi iminyaka elishumi elinambini esifa, 26ephatheke kabuhlungu kumagqirha amaninzi. Wayedleke konke awayenako, engancedakali, kodwa eya egula ngakumbi. 27Evile ke ngoYesu, wasondela kuye ngasemva esesihlweleni apho, wayichukumisa ingubo yakhe; 28kuba wayesithi: “Ukuba ndithe ndachukumisa nokuba yingubo yakhe le, ndophila.”

29Lanqamka kwangoko igazi, waziva emzimbeni wakhe ukuba uphilile kweso sifo. 30Ngoko nangoko uYesu waqonda ukuba kukho amandla aphumileyo kuye, wabheka ngasemva esendimbaneni apho, wathi: “Ngubani lo uchukumise ingubo yam?”

31Abafundi bakhe bathi kuye: “Ubona nje ukuba isihlwele sikuxinile, ungáthini ke ukuthi: ‘Ngubani lo undichukumisileyo?’ ”

32Noko yena wasinga-singa ukuba ambone lowo uyenzileyo le nto. 33Uthe ke umfazi lowo, ekuqondile okwenzeke kuye, weza esoyika, engcangcazela, wazikhahlela phambi kwakhe, wamxelela inyaniso yonke. 34UYesu wathi kuye: “Ntombi yam, ukholo lwakho lukuphilisile. Hamba ngoxolo, uphile kweso sifo sakho.”

35Kwathi uYesu esathetha, kwafika abakulogosa lendlu yesikhungo, besithi: “Intombi yakho ibhubhile; usamkhathazelani na uMfundisi?”

36UYesu yena, eyivile loo nto, wathi kwigosa lendlu yesikhungo: “Musa ukoyika; kuphela kholwa wena.” 37Ke akavumela mntu ukuba ahambe naye, ngaphandle koPetros noYakobi noYohane, umninawe kaYakobi. 38Bafika ke emzini wegosa lendlu yesikhungo, waza uYesu wasibona isiphithi-phithi sabalilayo nabenza isijwili esikhulu. 39Akungena, wathi kubo: “Yini na ukuba nenjenje ukuphithizela nokulila? Akafanga umntwana; ulele.”

40Basuka bamwa ngentsini. Wabakhuphela phandle ke bonke, wathatha uyise womntwana nonina, nâbo bafundi babenaye, wangena apho wayekhona umntwana. 41UYesu ke wambamba ngesandla umntwana, wathi kuye: “Talita, kum;” oko kukuthi: “Ntombazana, vuka!”

42Yavuka kwangoko intombazana leyo, yahamba-hamba. (Yayineminyaka elishumi elinambini izelwe.) Bamangaliswa abantu, bakhwankqiswa. 43UYesu wabayala kakhulu ukuba bangaxeleli mntu, waza wathi mayinikwe into etyiwayo intombazana leyo.

UMARKO 6

Ukudelwa kukaYesu eNazarete

(Mat 13:53-58; Luka 4:16-30)

1Wemka apho uYesu, wabuyela kowabo, elandelwa ngabafundi bakhe. 2Uthe ke, kwakuba *nguMhla woPhumlo, wafundisa *endlwini yesikhungo. Kwakukho abantu abaninzi apho, abathe, bakuva, bamangaliswa, besithi: “Lo uyithathe phi na yonke le nto? Bulumko buni na obu abunikiweyo ukuze enze imimangaliso elolu hlobo? 3Lo akanguye na umchweli, unyana kaMariya, umntakwabo-Yakobi noYose noJuda noSimon? Noodade wabo abakho na apha phakathi kwethu?” Ngenxa yale nto ke bambukula.

4Ke uYesu wathi kubo: “Kakade *umshumayeli uyayinikwa imbeko; kukowabo kuphela, kwizizalwana zakhe, ekhayeni lakhe, apho angayifumaniyo khona.”

5Wayengenako ke ukwenza namnye ummangaliso apho, ngaphandle kokuba abeke izandla kwimilwelwe embalwa, ayiphilise. 6Wayemangaliswa kukungakholwa kwabo.

Ukuthunywa kwabafundi abalishumi elinambini

(Mat 10:5-15; Luka 9:1-6)

Wayejikeleza uYesu ezityhutyha iidolophana efundisa. 7Wababizela kuye abafundi abalishumi elinambini, waza wabathuma ngababini, ebanike igunya lokoyisa iindimoni. 8Wabayalela ukuba bangaphathi nto ngaphandle komsimelelo. Wayesithi mabangaphathi nangxowa, nasonka, namali embhinqweni; 9bathi noko banxibe izihlangu, kodwa bangaphathi zambatho zingazibini.

10Ngaphezu koko wathi kubo: “Kuloo ndlu nithe naya kungena kuyo, hlalani kuyo nide nimke kuloo dolophu. 11Ukuba nithe nafika endaweni apho sukuba ningàmkelwa khona, okanye ningàphulaphulwa nokuphulaphulwa oku, mkani apho, nivuthulule uthuli olusezinyaweni zenu, ukuze oko kube bubungqina bokuba abanamkelanga.”

12Baphuma ke, bashumayela besithi abantu mabaguquke. 13Bakhupha iindimoni ezininzi, bayithambisa ngeoyile imilwelwe emininzi, bayiphilisa.

Ukubulawa kukaYohane umbhaptizi

(Mat 14:1-12; Luka 9:7-9)

14Wakuva ke oko ukumkani uHerode, kuba igama likaYesu lalithe laduma, kusithiwa: “UnguYohane umbhaptizi ovusiweyo kwabafileyo; kungoko ayenzayo le mimangaliso.” 15Abanye babesithi: “ÚnguEliya;” abanye besithi: “*Úngumshumayeli ofana nabashumayeli bamandulo.”

16Ekuvile ke oko uHerode, wathi: “Lo nguYohane, lowa ndamnqumla intloko. Naku evukile ngoku!” 17Kuba uHerode ngokwakhe wayethumele ukuba abanjwe uYohane, afakwe entolongweni. UHerode wakwenza oku ngenxa kaHerodiya awayethe wamzeka nangona angumka-Filipu, umninawe wakhe. 18Kaloku uYohane wayethe kuHerode: “Akuvumelekanga ukuba umthathe umfazi womntakwenu.”

19UHerodiya ke wamxhiba, wazungula ukumbulala. Kodwa wayengenako, 20kuba uHerode wayemoyika uYohane, emazi ukuba uyindoda elungileyo, engcwele, waza wambeka elugcinweni. UHerode wayethanda ukumphulaphula uYohane, nangona wayedideka kakhulu akumva.

21Lada ke lafika ithuba elihle kuHerodiya. Yayisisikhumbuzo sokuzalwa kukaHerode, waza wazenzela itheko izikhulu zakhe, neenjengele zakhe, namanene elaseGalili. 22Yangena ke intombi kaHerodiya, yangqungqa yamkholisa uHerode nabo babesethekweni kunye naye. Waza ukumkani wathi kwintombi leyo: “Cela nantoni na oyifunayo; ndokupha.” 23Wafunga esithi: “Into othe wayicela kum ndokupha, nokuba sisiqingatha sobukumkani bam.”

24Yaphuma ke intombi, yaya kunina, yathi: “Ndicelè ntoni, mama?”

Wathi yena: “Cela intloko kaYohane umbhaptizi.”

25Kwangoko intombi leyo yaya kungena ngokungxama kukumkani, yacela isithi: “Ndifuna undinike intloko kaYohane umbhaptizi ngesitya ngoku.” 26Waba buhlungu kakhulu ukumkani, kodwa akabanga nakulandula, kuba wayefunge phambi kwabo bonke ababesethekweni. 27Kwangoko ke ukumkani wathuma umxhomi, emyalela ukuba azise intloko kaYohane. Waya ke, wamnqumla intloko entolongweni apho, 28waza wayizisa ngesitya intloko yakhe, wayinika intombi leyo; yaza yona yayinika unina. 29Bekuvile oko abafundi bakaYohane, beza basithatha isidumbu sakhe, baya kusingcwaba.

UYesu wandisa ukutya

(Mat 14:13-21; Luka 9:10-17; Yoh 6:1-14)

30*Abathunywa ke babuyele kuYesu, bamxelela zonke izinto ababezenzile kwanababezifundisile. 31UYesu wathi kubo: “Yizani ngasese kwindawo engenabantu, niphumle kancinane;” kuba babebaninzi abaphuma bengena, baza ababa nalo nethutyana eli lokuba batye. 32Bemka ngesikhitshana ke bebodwa, besiya kwindawo engenabantu.

33Babonwa besimka, baza baziwa ngabaninzi. Bathi ke abantu, bevela kuzo zonke iidolophu, bakhawuleza baya khona ngeenyawo, bafika ngaphambi kwabo. 34Uthe ke uYesu, akuphuma esikhitshaneni, wasibona eso sihlwele, wavelana naso, kuba sasinjengeegusha ezingenamalusi, waza ke wasifundisa izinto ezininzi. 35Lakuba limkile ixesha, abafundi bakhe beza kuye, bathi: “Le ndawo ayinamizi, nexesha selimkile; 36bandulule abantu bemke, baye emizini ejikelezileyo nasezidolophaneni, bazithengele ukutya.”

37Kodwa waphendula wathi kubo: “Bapheni nina ukutya.”

Bathi kuye ke: “Masithini ke? Uthi masiye kuthenga izonka zeerandi ezingamakhulu amabini, sibaphe batye?”

38Wathi yena kubo: “Izonka eninazo zingaphi? Hambani niye kukhangela.”

Besazi ke, bathi: “Sinezonka ezihlanu neentlanzi ezimbini.”

39UYesu wabayalela abafundi bakhe ukuba babahlalise phantsi bonke engceni eluhlaza, babe ngamaqela ngamaqela. 40Bahlala phantsi ke bengamaqela ngamaqela, bengamakhulu namashumi ngamahlanu. 41Wazithatha uYesu ezo zonka zihlanu nezo ntlanzi zimbini, wathi, ekhangele ezulwini, wabulela, waziqhekeza izonka, wazinika abafundi bakhe, ukuba bazabele abantu. Kwanezo ntlanzi zimbini wazabela bona bonke. 42Batya ke bonke bahlutha. 43Kwaqokelelwa okuseleyo esonkeni nasentlanzini, kwazalisa iingobozi ezilishumi elinambini. 44Abo bâthi bazitya izonka ezo babekumawaka amahlanu amadoda.

UYesu uhamba phezu kwamanzi

(Mat 14:22-33; Yoh 6:15-21)

45Kwangoko ke uYesu wabanyanzela abafundi bakhe ukuba bangene esikhitshaneni, bamandulele baye ngaphesheya eBhetesayida, ngeli xa yena asindululayo isihlwele. 46Akuba ke ebulisile, wemka waya kuthandaza entabeni. 47Kuhlwe isikhitshana siphakathi elwandle, yena uYesu esele yedwa emhlabeni. 48Wababona ke abafundi bebulaleka kukubheqa isikhitshana, kuba umoya wawuvela ngaphambili. Ke, emva kwentsimbi yesithathu ekuseni, waya kubo ehamba phezu kwamanzi olwandle. Xa wayeza kugqitha kubo, 49bambona ehamba phezu kwamanzi olwandle, baza bathi: “Ngumhlola lo!” Batsho bakhala, 50kuba bambona bonke, babethwa luvalo.

Kwangoko ke wathetha nabo, wathi kubo: “Zolani; ndim; musani ukoyika.” 51Waya kukhwela apho esikhitshaneni, waza umoya wadamba. Bamangaliswa kunene, 52kuba nommangaliso wezonka babengawuqondanga, kuba iintliziyo zabo zaziqaqadekile.

UYesu uphilisa abagulayo ezweni laseGenesarete

(Mat 14:34-36)

53Bakuwelela ngaphesheya uYesu nabafundi bakhe bafika kwelaseGenesarete, basirhuqela elunxwemeni isikhitshana. 54Bakuphuma esikhitshaneni, abantu bamqonda kwangoko uYesu, 55bathi saa kuwo wonke loo mmandla, baza babathwala ngeenkukho abagulayo, bebasa apho babesiva ukuba ukho khona. 56Naphi na apho wayehamba khona, nokuba kusezidolophaneni, nokuba kusezidolophini, nokuba kusemaphandleni, babesithi bababeke abagulayo kwiindawo zembutho, bambongoze ukuba khe bachukumise nokuba ngumqukumbelo nje wesambatho sakhe. Baphila ke abo bâmchukumisáyo.

UMARKO 7

Isithethe samanyange

(Mat 15:1-9)

1*AbaFarasi nabachazi-mthetho abathile bahlanganisana ngakuYesu, bevela eJerusalem, 2baza babona abathile kubafundi bakhe besitya isonka ngezandla ezinomlaza, ezingahlanjwanga. 3Kaloku abaFarasi namaJuda onke abatyi bengazihlambanga izandla ngokwesiko, begcine isithethe samanyange. 4Naxa bevela emarikeni abatyi bengahlambanga. Zikho ke nezinye izinto ezininzi abazamkele ukuba bazigcine, ezinjengokutshizwa kweendebe, neebhekile, nezitya.

5AbaFarasi nabachazi-mthetho bambuza ke uYesu, besithi: “Kutheni na ukuba abafundi bakho bangenzi ngokwesithethe samanyange, le nto batya isonka ngezandla ezingahlanjwanga?”

6Wabaphendula esithi: “UIsaya wayenyanisile ukushumayela ngani, bahanahanisindini, njengokuba kubhaliwe kwathiwa:

“ ‘Aba bantu bandibeka ngomlomo,

kanti yona intliziyo ikude lee kum,’ itsho iNkosi.

7‘Bafumana bendihlonela,

kuba bafundisa iimfundiso eziyimithetho nje yabantu.’

8“Kaloku niwuyekile umyalelo kaThixo, nasuka nagcina isithethe sabantu.”

9Kwakhona wathi kubo: “Ningamachule ekuwutshitshiseni umyalelo kaThixo, nokuze niphakamise esenu isithethe. 10Andithi uMosis wathi: ‘Beka uyihlo nonyoko;’ watsho nokuthi: ‘Othuka uyise, nokuba ngunina, makabulawe’? 11Kanti ukuba ubani unento angámnceda ngayo uyise nokuba ngunina, aze asuke athi uzimisele ukuyenza umnikelo kuThixo loo nto, nina ngokwesithethe senu nithi 12akasavumelekanga ukumenzela nto ngaloo nto uyise nokuba ngunina. 13Ngokwenjenjalo nilenza into engento ilizwi likaThixo, nilandele isithethe senu enisifundisayo. Zikho ke nezinye izinto ezininzi ezilolu hlobo enizenzayo.”

Ezona zinto zimngcolisayo umntu

(Mat 15:10-20)

14UYesu wayibizela kuye kwakhona indimbane, wathi: “Phulaphulani nonke, nivisise. 15Umntu akangcoliswa yiloo nto ingena kuye ngomlomo; zizinto eziphuma kuye entliziyweni ngaphakathi ezimngcolisayo. [ 16Ke oneendlebe zokuva makeve.]”

17Akungena endlwini, evela kwindimbane leyo, abafundi bakhe bambuza intsingiselo yala mazwi. 18Wathi kubo: “Nikwanje nani na ukungaqondi? Aniqondi na ukuba konke akutyayo umntu, akunako ukumngcolisa? 19Kaloku akungeni entliziyweni yakhe, kungena esiswini, kuze kuphume xa aye ngasese.” Ngala mazwi uYesu wayesithi zonke izidlo zihlambulukile.

20Wahambisa wathi: “Zizenzo eziphuma entliziyweni yomntu ezimngcolisayo. 21Kaloku zivela ngaphakathi entliziyweni yomntu iingcamango ezimbi. Kulapho kuvela khona ubuhenyu, ubusela, ukubulala, 22ukukrexeza, ukunyoluka, inkohlakalo, inkohliso, ukurheletya, umona, ukunyelisa uThixo, ikratshi, ububhanxa. 23Zonke ezi zinto zikhohlakeleyo ziphuma entliziyweni yomntu, zize zimngcolise.”

Ukukholwa komSirofenikazi

(Mat 15:21-28)

24Emkile apho uYesu, waya emideni yaseTire; wangena endlwini, engafuni ukuba kwaziwe ukuba ukho, kodwa akaba nako ukufihlakala. 25Umfazi othile, ontombazana yayinendimoni, uthe kwangoko akuva ngaye, waya kuye, wazikhahlela ngasezinyaweni zakhe. 26Lo mfazi, ontetho yayisisiGrike, wayengumSirofenikazi ngokuzalwa. Wabongoza uYesu ukuba ayikhuphe kwintombazana yakhe indimoni leyo.

27Wathi ke uYesu kuye: “Khawuyeke kuhluthe abantwana kuqala. Kaloku akufanelekanga ukuba ukutya kwabantwana kunikwe iinjana.”

28Waphendula yena wathi kuye: “Kunjalo, Nkosi, kodwa noko iinjana eziphantsi kwetafile zitya imvuthuluka yokutya kwabantwana.”

29Waza wathi kuye uYesu: “Ngenxa yokuthethileyo, hamba uhambe: indimoni iphumile kwintombazana yakho.” 30Egodukile ke, wayifumana intombazana yakhe ingqengqe ebhedini, iphumile indimoni.

UYesu uphilisa isithulu

31UYesu ke waphuma emideni yaseTire, wadlula eSidon, waya kuLwandle lwaseGalili, ecanda kweleeDolophu eziliShumi. 32Kweziswa kuye isithulu esithintithayo, wabongozwa ukuba abeke isandla phezu kwaso. 33UYesu ke wasishenxisa esihlweleni sasodwa, wafaka iminwe ezindlebeni zaso, wathi etshicile, wachukumisa ulwimi lwaso, 34wakhangela ezulwini, wancwina wathi kuso: “Efata;” (oko kukuthi: “Vuleka”).

35Zavuleka ke kwangoko iindlebe zaso, yacombuluka ingqambu yolwimi lwaso, sathetha kakuhle. 36UYesu wabayala ukuba bangaxeleli bani, kodwa okukhona wabayalayo, kwaba kokukhona bakuvakalisayo ngakumbi. 37Abantu bamangaliswa bathi nqa, besithi: “Konke akwenzayo ukwenza kakuhle; uzenza nezithulu zive, nezimumu zithethe.”

Bible Society of South Africav.4.25.3
SIFUMANE KU-