Bible Society of South Africa

To The Word – Day 50

Deuteronomy 21–25, Mark 11

Itekisi yeBhayibhile

UHLAZIYO-MNQOPHISO 21

Ubugebenga

1“Xa sewukwelo lizwe uza kuliphiwa *nguNdikhoyo uThixo wakho, waza wafumana umntu enzakaliswe wafa engaphandle komzi, ube wena ungazi ukuba ubulewe ngubani na, 2kufuneka amadoda amakhulu nabagwebi baye kuloo ndawo afele kuyo, bafike balinganise umgama ukusuka kuloo ndawo ukuya kwiidolophu ezikufutshane. 3Ke wona amadoda amakhulu aloo dolophu iyeyona ikufuphi kuloo mntu kofuneka akhethe ithokazi lenkomo elingazange lisebenze. 4Aya kulithatha ke, aye nalo ngasentlanjeni engatshiyo, apho kungazange kwalinywa, afike alaphule ilungu lentamo. 5Ababingeleli bakwaLevi kofuneka babekho nabo apho, kuba ngabo abanyulwe nguNdikhoyo uThixo wenu ukuba baqwalasele imicimbi yonqulo, baze bathamsanqele egameni likaNdikhoyo, bade baphicothe bagwebe kwimibandela yeembambano nobugwinta. 6Onke ke amadoda amakhulu aloo dolophu ikufuphi kufuneka ahlambe izandla phezu kwelo thokazi laphulwe ilungu lentamo, 7athi: ‘Akagetyengwanga sithi lo mntu, futhi asimazi nomntu oyenzileyo le ntlekele. 8Awu, Ndikhoyo, nceda, waxolele amaSirayeli owawahlangula eJiputa. Lala ngenxeba usixolele, ungalibeki phezu kwethu eli tyala legazi elimsulwa.’ 9Xa wenze ngokwalo mmiselo kaNdikhoyo ke, uya kuba uzihlambile kwityala lobugebenga.”

Abathinjwa ababhinqileyo

10“Xa uNdikhoyo ekunike uloyiso emfazweni, waza wanabantu obathimbayo, 11kungenzeka apho kwâbo bantu wena ubone inzwakazi, uze unqwenele ukuyithatha. Yithathe, 12uyise emzini wakho, ifike igugule intloko, inqumle iinzipho, 13ikhulule izambatho efike nazo. Emva koko ke mayihlale apho, izilele ikhaya layo ngokunjalo nabazali bayo isithuba esingangenyanga, wandule ke ukuyithatha ibe ngumkakho. 14Kamva ke, xa ungasayifuni, yikhulule ihambe iye apho ithande khona. Kaloku uyenze umkakho; ngoko ke akunalungelo lakuyithengisa ibe likhoboka.”

Ilifa lenkulu

15“Ukuba indoda inabafazi ababini, omnye imthanda kunomnye, baza ke bobabini bazala oonyana, kwaza kwathi kanti lo ulizibulo akanguye owomfazi oyintandane, 16ngoku ke xa le ndoda ifuna ukubabela ilifa layo, mayingabi nagobe ngokubhekiselele kulo nyana womfazi oyintandane, imnike inxaxheba yonyana wamazibulo. 17Unyana wamazibulo makanikwe ilifa eliphindwe kabini, nokuba akazalwa ngumfazi oyintandane. Kaloku nguye oluphawu lwamandla kayise. Ilungelo lenkulu lelakhe.”

Unyana oyinjubaqa

18“Xa indoda inonyana onenkani, oyinjubaqa, ongevayo naxa selelulekwa ngabazali bakhe, 19kufuneka abazali abo bamthathe bamse enkundleni kumadoda amakhulu edolophu leyo. 20Baya kuthetha benjenje: ‘Lo nyana wethu unenkani, uyinjubaqa; akasiphulaphuli. Ulidla-kudla, futhi ulinxila.’ 21Amadoda edolophu leyo makamxulube ngamatye ade afe, khon' ukuze buncothulwe ububi phakathi kwenu. Aya kuthi ke amaSirayeli akuyiva le nto ihlileyo atsho oyike.”

Eminye imithetho

22“Xa indoda ithe inetyala yagwetyelwa ukufa, yaza ke yabulawa yaxhonywa emthini, 23makungade kuse isaxhonyiwe. Mayithulwe ingcwatywe kwangaloo mini; kaloku umntu oxhonywe emthini uqalekisiwe nguThixo. Ngoko ke mawungcwatywe umzimba, khon' ukuze *ungagqwaliseki umhlaba owuphiwe *nguNdikhoyo uThixo wakho.

UHLAZIYO-MNQOPHISO 21XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UHLAZIYO-MNQOPHISO 22

1“Ukuba ubhaqa inkomo okanye igusha yomwenu ilahleka, sukuyijonga nje, koko yinqande uyigoduse. 2Kodwa ke ukuba umniniyo uhlala kude okanye akuyazi ukuba yekabani na, yithathe uyigcine kwakho. Akufika ke umniniyo eyifuna mnike. 3Yenza kwaloo nto nokuba yidonki okanye yimpahla yokunxiba oyicholeyo, nayo nantoni na yomwenu elahlekileyo.

4“Ukuba idonki okanye inkomo yomwenu ibuthisile, sukugqitha nje; mncedise niyiphakamise.

5“Abafazi mabanganxibi iimpahla zamadoda, ngokunjalo namadoda makangazinxibi iimpahla zabafazi, kuba abantu abenza imikhuba elolo hlobo banezothe kuNdikhoyo uThixo wakho.

6“Ukuba ubonisele intaka emthini okanye phantsi, waza wafumanisa ukuba imazi leyo iyafukama okanye inamathole, sukuyibamba uyithathe imazi leyo. 7Amathole wona ungawathatha, kodwa ke yena unina myeke, khon' ukuze uxhamle ubomi obude obunenkqubela.

8“Xa usakha indlu yenzele ungqameko apha emaphethelweni ephahla, khon' ukuze ungabi natyala lakubulala xa umntu ewe khona waza wafa.

9“Entsimini olime kuyo idiliya sukulima nesinye isityalo, hleze ungafumani sivuno kuzo zombini. 10Ungaze ubophe inkomo kunye nedonki xa ulimayo. 11Ungaze unxibe impahla engumxube, uboya kunye nomchako.

12“Impahla yakho yenzele amanquma kumasondo omane.”

Ubungqina bobuntombi

13“Kungenzeka ukuba indoda izeke, ize kamva idikwe ngumfazi lowo, 14imnyelise ngokuthi: ‘Ndamzeka, ndaza ndathi ndakusondela kuye ndabhaqa into yokuba akayontombi.’

15“Kumbandela onje ke abazali bomfazi baya kuthatha ubungqina bobuntombi, baye nabo enkundleni kumadoda amakhulu edolophu leyo. 16Wothetha enjenje ke uyise: ‘Lo mfo wathatha le ntombi yam ukuba ibe ngumkakhe; kodwa ngoku udikiwe yiyo. 17Uyayityhola ngokuthi: “Kuthe kanti ibingeyontombi.” Kambe ke, nabu ubungqina obudiza ubuntombi bomntwan' am; khangelani, niyayibona le ngubo; injani?’ 18Kwesi sithuba ke amadoda amakhulu edolophu leyo aya kuyithatha indoda leyo ayikatse. 19Kwangokunjalo indoda leyo iya kuhlawuliswa ikhulu leesiliva, lize linikwe uyise wentombi leyo, kuba le ndoda ihlaze intombi yamaSirayeli. Ngaphezu koko ke, lo mfazi uya kuhlala engumkayo; soze abe nelungelo lokumala nanini na.

20“Ukuba kuthe kanti akukho bungqina babuntombi kuye, 21amadoda amakhulu edolophu leyo aya kumkhupha kowabo, amxulube ngamatye ade afe. Kaloku wenze ihlazo phakathi kwamawabo, wavula ubuhlanti bukayise engendanga. Ngale ndlela ke noba nibuncothule ububi kwaSirayeli.”

Iziyalo

22“Xa umfo othile ebhaqwe ekrexeza nomka-mntu, mababulawe bobabini. Ngaloo ndlela ke noba nibuncothule ububi kwaSirayeli.

23“Xa intombi eyendayo ibhaqwe emzini ihlangene nandoda yimbi, 24bobabini mabathathwe bakhutshelwe ngaphandle kwedolophu, baxulutywe ngamatye bade bafe. Intombi le mayibulawe kuba ingenzanga mizamo ikhale, nangona ibingéviwayo. Ke yona indoda le mayibulawe kuba ithathe isondo kwintombi eyendayo. Ngale ndlela ke noba nibuncothule ububi phakathi kwenu.

25“Ukuba indoda idlwengule intombi eyendayo besendle, indoda leyo mayibulawe. 26Ke yona intombi leyo mayingenziwa nto, kuba ayenzanga sono sifanele ukuba ife. Kaloku eli tyala lifana nelendoda ehlasele enye yayenzakalisa, 27kuba le ndoda idlwengule intombi endle, yaza yathi nangona ikhala akwabikho bani ungayincedayo.

28“Ukuba indoda ibhaqwe idlwengula intombi engendiyo, 29loo ndoda mayikhuphe ikhazi eliziisiliva ezimashumi mahlanu, iyithathe loo ntombi ibe ngumkayo. Kaloku izithathele isondo ngenkani; ngoko ke mayingaze yahlukane nayo nanini na.

30“Makungaze kubekho nyana uzeka umka-yise; ngokwenjenjalo uya kuba uhlazisa uyise.

UHLAZIYO-MNQOPHISO 22XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UHLAZIYO-MNQOPHISO 23

Ukuhlela ibandla

1“Indoda elithenwa ngokutyunyuzwa, okanye enqunyulwe ubudoda, ize ingabandakanywa nebandla labantu *bakaNdikhoyo.

2“Umntwana wombulo ngokunjalo nenzala yakhe kude kuye kwisizukulwana seshumi maze angabandakanywa nebandla labantu bakaNdikhoyo.

3“UmAmon okanye umMowabhi, ngokunjalo nenzala yakhe kude kuye kwisizukulwana seshumi, aze angabandakanywa nebandla labantu bakaNdikhoyo. 4Kaloku wona ala ukukupha ukutya namanzi ngokuya wawuvela eJiputa; ndaweni yaloo nto aqesha uBhalam unyana kaBhehore, owayephuma kwisixeko iPetore kwelaseMesopotami, ukuba akuqalekise. 5Kodwa ke uNdikhoyo uThixo wakho zange amhoye uBhalam lowo; ndaweni yaloo nto wasijika isiqalekiso eso saba yintsikelelo ngenxa yokuba ekuthanda. 6Ngalo lonke ixesha uzungaze ube nobudlelwane nezi zizwe okanye ukhuthaze inkqubela yazo.

7“Ungaze uwajongele phantsi amaEdom; kaloku uyazalana nawo. NamaJiputa uzungaze uwajongele phantsi; kaloku wawukhe waba ngumphambukeli elizweni lawo. 8Wona ukusukela kwisizukulwana sawo sesithathu angabandakanywa nebandla labantu bakaNdikhoyo.”

Ukuziphatha komkhosi

9“Xa umkhosi wakho uphuma usiya kuhlasela utshaba mawuzigcine ungenzi nanye into engavumelekanga. 10Ukuba ijoni lithe *lanomlaza ngenxa yokuba lichithe ubudoda lilele, maliphumele ngaphandle, lihlale apho. 11Kuya kuthi ke emalanga lihlambe umzimba, lize lithi lakutshona ilanga libuyele kwibutho lalo.

12“Kufuneka ube nendawo yangasese ngaphandle qelele kwisikhululo sakho. 13Phakathi kwezikrweqe zakho malubekho ulugxa, khon' ukuze uthi xa uye ese uzimbele umngxuma owohlala kuwo. 14Kaloku *uNdikhoyo uThixo wakho uhlala kunye nawe, khon' ukuze akukhusele, ube nokuzoyisa iintshaba zakho. Ungaze wenze nto ilihlazo, khon' ukuze angakufulatheli uNdikhoyo.”

Eminye imithetho

15“Xa lithe ikhoboka lamshiya umninilo, labalekela kuwe, sukuligodusa. 16Lingahlala nakuyiphi na idolophu eliyithandayo. Malingaphathwa gadalala.

17“UmSirayeli, eyindoda okanye engumfazi, makangaze abe lihenyu lokunqula *izithixo. 18Nemali efunyenwe ngale ndlela mayingaze iziswe endlwini *kaNdikhoyo uThixo ngenxa yaso nasiphi na isibhambathiso. Kaloku lo mkhwa ulisikizi kuNdikhoyo uThixo wakho.

19“Xa umSirayeli eboleke imali, noba kukutya, okanye noba yintoni na kuwe, sukumbiza nzala. 20Ungayibiza inzala ngento oyiboleke intlanga, ungayibizi kumwenu. Xa uwuthobele lo myalelo uNdikhoyo uThixo wakho uya kuyithamsanqelisa yonke into oyenzayo kwelo lizwe uya kuma kulo.

21“Xa wenze isibhambathiso kuNdikhoyo uThixo wakho uzungalibazisi ukusifezekisa. Kaloku uNdikhoyo uyasibanga, ibe ke sisono ukungasiphumezi. 22Akulotyala ukungenzi sibhambathiso; 23kambe ke, xa usenzile, qiniseka ngokusifezekisa. Kaloku usenze ungàqhutywa mntu.

24“Xa uhamba ngomlimandlela wesidiliya somntu, ungáyikha idiliya, uyitye kangangoko ufuna; kodwa uze ungayigaleli ntweni, uhambe nayo. 25Ukuba uhamba ngomlimandlela wentsimi yomntu enengqolowa, ungáyikha utye kangangoko ufuna, kodwa ungayisiki ngerhengqe.”

UHLAZIYO-MNQOPHISO 23XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UHLAZIYO-MNQOPHISO 24

Ukuqhawulwa komtshato

1“Ukuba indoda ithathe umfazi, yaza kamva yakruquka nguye ngenxa yesizathu esithile, kufuneka imbhalele incwadi yokwahlukana, ize imnike, ibe ke iyamgxotha ngolo hlobo. 2Xa athe kamva waphinda wathathwa yenye indoda, 3yaza nayo yamala yambhalela incwadi yokwahlukana yamgxotha, okanye ke mhlawumbi le ndoda yakhe yesibini isuke yatshaba, 4laa ndoda yakhe yokuqala ayinalungelo lokuphinda imthathe. Kaloku ngoku *unomlaza. Xa ingasuka imthathe kwakhona yoba lisikizi elo *kuNdikhoyo. Ngoko ke elo lizwe uliphiwa nguNdikhoyo uThixo wakho ungaze *uligqwalise ngamasikizi anjalo.”

Ukubabonela abanye

5“Indoda esandula ukuthath' umfazi mayingaphumi nomkhosi. Nakuwo nawuphi na umsebenzi onjalo mayikhululeke ixesha elingangonyaka, khon' ukuze ihlale ekhaya yonwabe nomkayo.

6“Xa kukho into oyiboleke omnye umntu, sukumenza abambise ngelitye lakhe lokusila, nditsho nkqu imbokotho; kaloku ngolo hlobo loo mzi ungaba wohluthwe indlela yawo yokwenza ukutya.

7“Nawuphi na umntu oqweqwedise umSirayeli, waza wamenza ikhoboka lakhe, okanye wamthengisa ukuze abe likhoboka, makabulawe. Ngaloo ndlela ke noba nibuncothule ububi phakathi kwenu.

8“Xa kukho umntu ogula sisifo solúsu, yenza ngenyameko kanye ngokwemigqaliselo oyinikwa ngababingeleli; yenza ngokwemiyalelo endabanika yona. 9Yikhumbule into awayenzayo *uNdikhoyo uThixo wakho kuMiriyam ngokuya naniphuma kwelaseJiputa.

10“Xa kukho into oyiboleke umntu othile, sukungena endlwini yakhe xa uye kulanda impahla abambisa ngayo; 11linda phandle, ibe nguye oyizisayo. 12Ukuba lo mntu lihlwempu, le mpahla yakhe ke mayingalali kuwe, 13koko yibuyisele kuye ukutshona kwelanga, kuba uyayifuna ngexesha lokulala. Úya kuthamsanqeliswa ke nguloo mntu, nesenzo sakho sibe sesobulungisa emehlweni kaNdikhoyo uThixo wakho.

14“Isicaka osiqeshileyo esisweleyo sukusiqhatha noba singumSirayeli okanye siyintlanga ehlala kwakwezo dolophu zenu. 15Yonke imihla ukutshona kwelanga mhlawule ngomsebenzi wakhe; kaloku loo mali uyayifuna, uqamele ngayo. Xa ungamhlawuli uya kukuxela kuNdikhoyo, uze ke wena ube netyala.

16“Abazali mabangabulawa ngenxa yamatyala enziwe ngabantwana babo, nabantwana mabangabulawa ngenxa yamatyala enziwe ngabazali babo; umntu makabulawe ngenxa yesono asenze ngokwakhe.

17“Uzungayigqwethi inyaniso xa kuthethwa ityala labangeneleli neenkedama. Xa umhlolokazi eboleke ulutho, sukuyithatha ingubo yakhe abambisa ngayo. 18Kaloku khumbula ukuba nawe wawukhe walikhoboka eJiputa, waza ke uNdikhoyo uThixo wakho wakukhulula; yiloo nto ke ndikunika lo myalelo nje.

19“Ukuba ushiye isithungu sengqolowa entsimini xa uvunayo, sukuphinda usiphuthume; sesoba sesabangeneleli abahlala phakathi kwenu, neenkedama, nabahlolokazi, khon' ukuze uNdikhoyo uThixo wakho akuthamsanqele kuyo yonke into oyenzayo. 20Xa uvuna umnquma, sukubuya ukhwahlaze; lo useleyo woba ngowabangeneleli, neenkedama, nabahlolokazi. 21Ngokunjalo naxa uvuna idiliya sukukhwahlaza; leyo iseleyo yeyabangeneleli, neenkedama, nabahlolokazi. 22Mayingaze iphume engqondweni yakho into yokuba nawe wawukhe walikhoboka eJiputa; yiyo loo nto ke mna ndikuyala ngolu hlobo nje.

UHLAZIYO-MNQOPHISO 24XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UHLAZIYO-MNQOPHISO 25

1“Xa amaSirayeli amabini exabene, aza asana enkundleni, omnye wawo ke wafunyaniswa engenatyala, waza ke wagwetywa omnye lo; 2ukuba ugwetywe ikatsi, umgwebi makatsho acanjalaliswe. Inani lemivumbo yakhe loxhomekeka kwelo tyala alenzileyo. 3Angákatswa ukuya kwimivumbo emashumi mane, kodwa ke ingadluli apho. Kaloku xa inokuba ngaphezu kwaleyo wòba umthobile umwenu.

4“Xa usebenzisa inkabi yenkomo ekubhuleni ingqolowa, musa ukuyifaka isicheme.”

Uxanduva kwabazalanayo

5“Ukuba oonyana bomntu omnye bahlala mzini-mnye, aze omnye lo asweleke engenanyana, umhlolokazi lowo kamfi akufuneki athathwe ndoda yamzi wumbi; kaloku luxanduva lomntakwabo-mfi ukumthatha amenze umfazi. 6Ke unyana wokuqala abaya kumzala bobabini woba ngunyana kamfi, khon' ukuze umlibo wakhe ungatshitshi kwaSirayeli. 7Kambe ke ukuba umntakwabo-mfi lo akafuni kumthatha, umka-mfi makaye kuxelela amadoda amakhulu edolophu leyo, athi: ‘Umntakwabo-mfi akavumi kuwenza umsebenzi wakhe; uyala ukuvelisela umfi inzala phakathi kwamaSirayeli.’ 8Ke wona amadoda amakhulu aya kumbiza athethe naye.

“Ukuba ke uphikelela ukwala, 9umka-mfi lowo makaye kuye ekho namadoda amakhulu edolophu leyo, afike akhulule isihlangu sakhe, amtshicele ebusweni, athi: ‘Nantso ke into eyenziwayo kumntu ongafuniyo ukuvelisela umntakwabo inzala.’ 10Jikelele ke kwaSirayeli umzi wakhe uya kwaziwa njengomzi ondoda ikhululelwe isihlangu.”

Izilumkiso

11“Ukuba amadoda amabini ayalwa, aze umfazi wenye azame ukuncedisa indoda yakhe ngokubamba le ilwa nayo ngobudoda, 12sukumenzela nceba, mnqumle isandla.

13-14“Xa usebenzisa isilinganiso sukwenza buqhophololo mayela nobunzima nobungakanani. Izilinganiso zakho mazibe zezizizo ngalo lonke ixesha. 15Sisebenzise ngokunyaniseka isilinganiso, khon' ukuze uhlale ithuba elide kwelo lizwe akunika lona uNdikhoyo uThixo wakho. 16Kaloku banezothe kuNdikhoyo abantu abanobuqhophololo.

17“Ungaze uyilibale into enayenziwa ngama-Amaleki ngokuya nanivela eJiputa. 18Wona ahlangana nani nidiniwe, niphelelwe ngamandla, aza ababulala bonke abo baberhuqeka ngasemva. Kaloku ayengamoyiki uThixo. 19Ngoko ke akuba uNdikhoyo ekuhlangule kuzo zonke iintlanga ezikungqongileyo, waza wawuma umhlaba akunika wona ukuba ube lilifa lakho, uze uwabulale uwatshayele ama-Amaleki atsho alibaleke. Uyabona ke, uze ungaphazami!”

UHLAZIYO-MNQOPHISO 25XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UMARKO 11

UYesu ungena eJerusalem ekhwele idonki

(Mat 21:1-11; Luka 19:28-40; Yoh 12:12-19)

1Ke kaloku, bakusondela eJerusalem, eBhetefage naseBhetani, ngaseNtabeni yemiNquma, uYesu wathuma ababini kubafundi bakhe, 2esithi kubo: “Hambani niye kule dolophana ikhangelene nani. Nothi ke ningenanje nifumane inkonyana yedonki ibotshelelwe, ekungazange kukhwele mntu kuyo. Yikhululeni ke, niyizise apha. 3Ukuba ubani uthe kuni: ‘Kutheni na ukuba nikwenze oku?’ ze nithi: ‘Iyafuneka eNkosini. Iza kubuyiswa kwangoku.’ ”

4Basuka ke baya, bayifumana inkonyana ibotshelelwe ngasesangweni esitalatweni. Bakuyikhulula ke, 5abathile kwababemi khona bathi kubo: “Nenza ntoni na, niyikhulula nje inkonyana?”

6Bathetha ke njengoko babeyalelwe nguYesu, baza bayekwa. 7Bayizisa inkonyana kuYesu, bandlala iingubo zabo phezu kwayo, wakhwela. 8Abaninzi ke bandlala iingubo zabo endleleni, bathi abanye bandlala amahlamvu abawakhe emasimini. 9Abo babehamba ngaphambili nabo babelandela ngasemva babedanduluka besithi: “Camagu! Makabongwe lowo uzayo egameni leNkosi! 10Makabongwe oza kuvusa ulawulo lukaBawo uDavide! Sithi: ‘Bayethe!’ kuPhezukonke.”

11UYesu ke wangena eJerusalem, wangena *nasendlwini kaThixo, wahamba ezibuka izinto zonke, wathi, ngenxa yokuba kwakusekuhlwile, waphuma waya eBhetani, enabafundi bakhe abalishumi elinambini.

Umqondiso womkhiwane; ukuvalwa korhwebo endlwini kaThixo

(Mat 21:12-22; Luka 19:45-48; Yoh 2:13-22)

12Ngengomso, bakuba bephumile eBhetani, uYesu waziva elambile, 13waza wathi, akuba ebone umkhiwane uthe qelele, unamagqabi, waya kukhangela ukuba angafumana siqhamo na kuwo. Akufika kuwo akafumananga nto ngaphandle kwamagqabi, kuba kwakungelilo ixesha lamakhiwane. 14UYesu ke wathi kuwo umkhiwane: “Ze kungaze kutyiwe siqhamo kuwe naphakade!”

Babesiva abafundi bakhe.

15Bafika ke eJerusalem, uYesu waya kungena *endlwini kaThixo, waza wabakhupha abathengayo nabathengisayo, wathi neetafile zabatshintshi bemali nezihlalo zabathengisa amahobe wazibhukuqa. 16Wayengavumi ukuba kubekho bani ucanda endlwini kaThixo ethwele nokuba yintoni na. 17Wabafundisa esithi: “Akatsho na uThixo *eziBhalweni ukuthi: ‘Indlu yam iya kubizwa ngokuba yindlu ekuthandazelwa kuyo ziintlanga zonke’? Ke nina niyenzé umqolomba wezihange.

18Bekuvile oku ababingeleli abaziintloko nabachazi-mthetho, bafuna indlela abanokumbulala ngayo uYesu. Babesoyika, kuba indimbane yonke yayimangalisiwe yimfundiso yakhe.

19Kwakuhlwa, uYesu nabafundi bakhe baphuma esixekweni. 20Kwaza kwathi kusasa, ukubuya kwabo, bawubona umkhiwane lowo womile ukususela ezingcanjini. 21UPetros ke ekhumbule okwezolo, wathi kuye: “Mfundisi, khangela umkhiwane owuqalekisileyo womile.”

22Waphendula uYesu wathi kubo: “Kholwani kuThixo. Ndithi kuni, inene, 23othe kule ntaba: ‘Funquka, uphoseke elwandle;’ abe ke esitsho engathandabuzi entliziyweni yakhe, kodwa ekholwa ukuba oko akuthethayo kuya kwenzeka, wokwenzelwa. 24Ngenxa yoko ndithi kuni, zonke izinto enizicela nithandaza, kholwani ukuba senizinikiwe; nozifumana ke. 25Naxa nithandazayo, ukuba ninendawo ngakubani, mxoleleni, ukuze noYihlo osezulwini anixolele iziphoso zenu. [ 26Ke, ukuba anixoleli, nàye uYihlo osezulwini akayi kunixolela iziphoso zenu.]”

Igunya likaYesu

(Mat 21:23-27; Luka 20:1-8)

27Bafika ke eJerusalem kwakhona, kwaza kwathi, uYesu ehamba-hamba *endlwini kaThixo kwafika kuye ababingeleli abaziintloko nabachazi-mthetho namadoda amakhulu. 28Bona bambuza besithi: “Ezi zinto uzenza ngagunya lini na? Ingubani na kakade okunike elo gunya lokwenza ezi zinto?”

29Waphendula uYesu wathi kubo: “Nam ndiya kunibuza mbuzo mnye. Ukuba nithe nandiphendula, ndonixelela ukuba ndizenza ngagunya lini na ezi zinto. 30Khanindixelele, ngaba ubhaptizo lukaYohane lwaluvela ezulwini, okanye lwaluvela ebantwini?”

31Baxoxa bodwa, besithi: “Ukuba sithe: ‘Lwaluvela ezulwini,’ wothi: ‘Kwakutheni ke phofu ukuze ningamamkeli?’ 32Ngaba sinokuthi: ‘Lwaluvela ebantwini’?” – kodwa babesoyika isihlwele, kuba bonke babesithi uYohane *wayengumshumayeli ngokwenene. 33Baphendula ke bathi kuYesu: “Asazi.”

Waphendula uYesu wathi kubo: “Nam ke andinixeleli ukuba ndizenza ngagunya lini na ezi zinto.”

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-