Bible Society of South Africa

To The Word – Day 52

Deuteronomy 29–31, Mark 15–16, Psalm 22, Hebrews 5

Itekisi yeBhayibhile

UHLAZIYO-MNQOPHISO 29

Ukuhlaziywa komnqophiso eMowabhi

1Nantsi ke imiqathango yomnqophiso *uNdikhoyo awayalela uMosis ukuba awenze namaSirayeli kwelaseMowabhi; yona ixhasa umnqophiso owenziwa nguNdikhoyo kwintaba iHorebhe.

2UMosis wawahlanganisa ndawonye amaSirayeli, waza wathetha nawo wenjenje: “Nizibonele ngokwenu into eyenziwe nguNdikhoyo kukumkani waseJiputa, nakumaphakathi akhe, nelizwe lakhe liphela. 3Nizibonile izibetho ezirhwaqelisayo, imiqondiso, nemimangaliso ayenzileyo uNdikhoyo. 4Kanti unanamhla akaninikanga ingqondo yokuqiqa, namehlo okubona, neendlebe zokuva. 5Kule minyaka ingamashumi amane ndinikhokela entlango, impahla yenu yokunxiba, ngokunjalo neembadada zenu, azikhange ziguge. 6Beningenasonka nawayini natywala, kodwa uNdikhoyo unilungiselele, khon' ukuze nimqonde ukuba unguNdikhoyo uThixo wenu. 7Sithe ke sakufika kulo mhlaba baphuma beza kusihlasela ookumkani uSihon waseHeshbhon nokumkani uOgi waseBhashan. Kambe ke saboyisa. 8Umhlaba wabo ke sawuthimba, sawahlulela indlu kaRubhen nekaGadi ngokunjalo nesiqingatha sakwaManase. 9Ngoko ke yithobeleni ngenyameko imiqathango yalo mnqophiso, khon' ukuze nibe nempumelelo kuyo yonke into eniyenzayo.

10“Namhlanje ke nimi phambi koNdikhoyo uThixo wenu, nina xa ninonke – iintloko zezindlu zakuni, amadoda amakhulu, amaphakathi namadoda akwaSirayeli ephela, 11abafazi nabantwana benu, nabangeneleli abacanda iinkuni nabakha amanzi. 12Nilapha ke khon' ukuze nifungiswe nibopheleleke kumnqophiso noNdikhoyo uThixo wenu, 13ukuze uNdikhoyo animisele nibe ngabantu bakhe ncakasana, yena ke abe nguThixo wenu ngokwesithembiso sakhe nanjengoko wafungayo kooyihlo-mkhulu, uAbraham noIsake noYakobi. 14Lo mnqophiso ke ngokunjalo nesi sifungo uNdikhoyo akasenzi nani kuphela, 15koko usenza nabo bonke, nabangekhoyo apha namhlanje, ngokunjalo nani nina nimi phambi kwakhe namhlanje.

16“Niyazi ukuba kwakunjani na kwelaseJiputa; futhi nisayikhumbula indlela esahamba ngayo sicanda kwimihlaba yezinye izizwe. 17Nayibona nemifanekiso engamasikizi eyenziwe ngomthi, amatye, isiliva, negolide. 18Lumkani ke hleze kubekho ndoda, mfazi, noba ngumzi, okanye isizwe kwezimi apha namhlanje, esiya kuthi simfulathele uNdikhoyo uThixo, sinqule *oothixo beentlanga. Ze niqiniseke ingaze ibekho phakathi kwenu ingcambu eyityhefu evelisa iziqhamo ezikrakra. 19Xa umntu ololo hlobo athi akuyiva imiqathango yalo mnqophiso azikhohlise entliziyweni yakhe, athi: ‘Mna andinakuhlelwa nto; ndohlala eluxolweni noxa ndisenza ukuthanda kwam,’ into enjalo ingabangela ukuba kutshatyalaliswe konke nje, olungileyo nongendawo. 20Ewe, uNdikhoyo akayi kuba natarhu kumntu onjalo. Ndaweni yaloo nto uya kucaphuka, uvuthe umsindo wakhe, zize zithi neziqalekiso ezibhaliweyo apha kule ncwadi zimgubungele, ade ke uNdikhoyo amcime igama kwelimiweyo. 21UNdikhoyo uya kwenza umzekelo ngaye kuzo zonke izizwe zakwaSirayeli, amhlisele izithwakumbe ngokweziqalekiso zomnqophiso obhalwe kule ncwadi yomthetho wakhe.

22“Oonyana benu abaya kuvela emva kwenu, ngokunjalo neentlanga eziphuma kumazwe akude, ziya kusibona isithwakumbe nenkxwaleko ayihlisele ilizwe lenu uNdikhoyo. 23Umhlaba uya kubharha, wambathiswe yisulfure netyuwa. Awuyi kuvelisa nto; akuyi kuntshula nokhula olu lwembala. Elo lizwe liya kuba njengeSodom neGomora, iAdama neZebhoyim, awathi ngenxa yengqumbo nomsindo wazitshabalalisa uNdikhoyo.

24“Zonke iintlanga ziya kubuza zithi: ‘Kwakutheni ukuze uNdikhoyo awenjenje lo mhlaba? Wayekhathazwe yintoni ade abe nomsindo kangaka?’ 25Impendulo ke iya kuthi: ‘Kungenxa yokuba betyeshele umnqophiso ophakathi kwabo noNdikhoyo uThixo wooyise-mkhulu; mnqophiso lowo bângena kuwo ekubakhupheni kwakhe eJiputa. 26Basuke banqula *thixo bambi ababengabazi ngaphambili, ababengavumelekile ukuba babanqule. 27UNdikhoyo ke wavutha ngumsindo, waza elo lizwe walihlisela ezi ziqalekiso zibhalwe apha kule ncwadi. 28Ewe, wakhathazeka gqitha, wabancothula ngomsindo kwelakowabo, wabafudusela kwilizwe lasemzini apho basekhoyo unanamhla.’

29“Kambe ke zona izinto ezifihlakeleyo zezikaNdikhoyo uThixo wethu, ukanti ke zona ezityhiliweyo ziya kusoloko zizezethu nabantwana bethu. Ngoko ke masiyithobele imiqathango yalo mthetho.”

UHLAZIYO-MNQOPHISO 29XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UHLAZIYO-MNQOPHISO 30

Intsikelelo yokubuyela kuNdikhoyo

1“Zakuba zifikile zonke ezi ntsikelelo endikuxelele ngazo, zaza zakuhlela neziqalekiso, kungenzeka ukuba uzithathele ingqalelo naphi na apho uNdikhoyo uThixo wakho athe wakusasaza khona phakathi kweentlanga. 2Kwakuba njalo ke, wena nabantwana bakho buyelani kuNdikhoyo uThixo wenu, nimthobele ngomxhelo wonke, nangomoya wenu uphela, ngokwale miyalelo ndikunika yona namhlanje. 3Wosuka ke yena uNdikhoyo uThixo wakho abe nemfesane ngakuwe, akubuyisele ubuncwane bakho. Uya kuniqokelela anibuyise kuloo mazwe anisasaze kuwo. 4Noba ningade nibe nisarhake naya kutsho empelazwe, yena uNdikhoyo uThixo wenu uya kuniqokelela anibuyise, 5khon' ukuze anibuyisele kumhlaba wooyihlo, ube ngowenu. Ngelo thuba uya kunithi jize ngengayiwayo yona inkqubela, futhi anandise ngokuthe kratya kooyihlo-mkhulu. 6UNdikhoyo uThixo wakho uya kuyalùsa intliziyo yakho neentliziyo zabazukulwana bakho, khon' ukuze nimthande ngomxhelo wonke nomoya uphela, nidle ubomi. 7Ke zona ezi ziqalekiso uya kubetha ngazo iintshaba zakho, ezo zazikutshutshisa, 8wena ke ubuyele ekumthobeleni nasekugcineni le miyalelo ndikunika yona namhlanje. 9UNdikhoyo uThixo wakho uya kukupha intlutha kuko konke okwenzayo; ùya kuphiwa inzala, ube nenyambalala yeenkomo, ngokunjalo namasimi akho achume. Kuya kuba luvuyo kuNdikhoyo ukukunika intlutha, kwanjengokuba kwakuluvuyo kuye ukwenjenjalo kooyihlo-mkhulu. 10Kambe ke kofuneka nilithobele ilizwi likaNdikhoyo uThixo wenu, nenze ngokwale miyalelo nale mimiselo ibhalwe apha kule ncwadi yomthetho wakhe. Ngenene kofuneka nibuyele kuye ngomxhelo wenu uphela.

11“Lo myalelo ndininika wona namhlanje ke, awunzima kakhulu, futhi ungekho ngaphaya kwamandla enu. 12Awukho phezulu esibhakabhakeni, ukuba ningade nikhale, nithi: ‘Yaz'ba ngubani na oya kunyuka aye esibhakabhakeni asithobele wona uze kuthi, khon' ukuze sibe nokuwuva siwenze?’ 13Kwangokunjalo awukho ngaphesheya kolwandle, ukuba ningade nikhale, nithi: ‘Yaz'ba ngubani na oya kuwela ulwandle, awuthathe awusondeze kuthi, ukuze siwuve siwenze?’ 14Hayi khona, nakanye! Kaloku lo myalelo awukude kuwe: uthetha ngawo qho, uyawuthanda, uwuthobela nokuwuthobela.

15“Uyabona ke, zikhethele namhlanje; bukho ubomi nokuhle, ngokunjalo nokufa nobubi. 16Mna ndikuyalela namhlanje ukuba umthande uNdikhoyo uThixo wakho, uhambe ngeendlela zakhe, uyithobele uyenze imiyalelo nemimiselo nezithethe zakhe. Wakwenjenjalo uya kuphila wande, uNdikhoyo uThixo wakho akuthamsanqele kwelo lizwe ungenela ukuya kuma kulo.

17“Kambe ke ukuba uthe wajika, wala ukuphulaphula, wawexulwa ngabanye *oothixo, wakhahlela kubo, wabanqula, 18ndiyakuxelela ngayo yona le mini ukuba inene uya kutshabalala. Awuyi kuba nabomi bude kwelo lizwe liphesheya kweJordan ungenela ukuya kuma kulo ngoku. 19Amazulu nehlabathi ayangqina namhlanje ukuba ndithi khetha phakathi kobomi nokufa, naphakathi kweentsikelelo neziqalekiso. Kambe ke ndithi kheth' ubomi, khon' ukuze uphile, wena nenzala yakho. 20Mthande uNdikhoyo uThixo wakho, uliphulaphule ilizwi lakhe, uthi nca kuye. Kaloku nguye okunika ubomi noya kukolulela iminyaka kwelo lizwe wabathembisa ngalo ngesifungo ooyihlo-mkhulu, uAbraham noIsake noYakobi.

UHLAZIYO-MNQOPHISO 30XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UHLAZIYO-MNQOPHISO 31

UYoshuwa uthatha indawo kaMosis

1Waqhubela phambili uMosis ukuthetha nawo onke amaSirayeli, 2wathi: “Ngoku sendinekhulu mashumi mabini eminyaka. Andisenako ukunikhokela. Kaloku *uNdikhoyo wandazisa ukuba andiyi kuyiwela iJordan. 3NguNdikhoyo ngokwakhe oza kunikhokela niwele, azivuthulule zitshabalale iintlanga zelaa lizwe, ukuze ke nina ningene nime kulo. Ngokomlomo kaNdikhoyo nguYoshuwa oza kunikhokela niwele iJordan. 4UNdikhoyo uya kuzitshabalalisa ezo ntlanga kwanjengokuba wenzayo kookumkani bama-Amori, uSihon no-Ogi, awabatshabalalisayo kunye nomhlaba wabo. 5UNdikhoyo uza kuninceda nizoyise. Ngoko ke kufuneka niziphathe kanye ngale ndlela ndiniyalele yona. 6Qinani nikhaliphe, ningaxhali, ningabi nayo nedyudyu. Kaloku uNdikhoyo uThixo wenu ungakuni; soze arhoxe okanye anilahle.”

7UMosis wabiza uYoshuwa, wathetha naye phambi kwawo onke amaSirayeli, wathi: “Qina ukhaliphe! Kaloku nguwe oza kukhokela aba bantu, uye kubadlisa ilifa labo kwelo lizwe uNdikhoyo wabathembisa ngalo ngesifungo ooyise-mkhulu. 8NguNdikhoyo ngokwakhe oza kunikhokela, ahambe nani. Soze arhoxe, engasoze anilahle; ngoko ke yomelelani ningoyiki.”

Isiyalo mayela nokufundwa komthetho

9Lo mthetho ke uMosis wawubhala, wawunikezela kubabingeleli bakwaLevi ababejongene netyesi yomnqophiso *kaNdikhoyo, ngokunjalo nakumadoda amakhulu akwaSirayeli. 10Wabayala wathi: “Njalo xa kuphela unyaka wesixhenxe, kusondela unyaka wokucinywa kwamatyala, lo mthetho mawufundwe kumsitho wamaphempe. 11Mawufundelwe amaSirayeli xa ewonke mhla eze kunqula uNdikhoyo uThixo wenu kuloo ndawo yalathwe nguye. 12Makuqokelelwe bonke abantu – amadoda, abafazi, nabantwana, ngokunjalo nabangeneleli abalapho phakathi kwenu – khon' ukuze bawuve, bafunde ukumhlonela uNdikhoyo uThixo wenu, bazithobele bazenze ngondileko iimfundiso zalo mthetho. 13Ngale ndlela ke nabantwana benu abangekawazi lo mthetho baya kuwuva. Ngoko ke baya kufunda ukumthobela bamhlonele uNdikhoyo uThixo wenu ngalo lonke ithuba nihleli kwelo lizwe niza kungena kulo phesheya kweJordan.”

Iziyalo zokugqibela zikaNdikhoyo kuMosis

14*UNdikhoyo wabhekisa kuMosis, wathi: “Ngoku sekumbovu ukuba ufe. Ngoko ke biza uYoshuwa, uye naye *esibingelelweni, khon' ukuze ndimyale.” Ngenene ke uMosis noYoshuwa baya esibingelelweni, 15waza ke uNdikhoyo wazibonakalisa kubo ngomqulu welifu elisuka lime apho esangweni lesibingelelo.

16UNdikhoyo wathi kuMosis: “Wena uza kufa ngoku. Wakuba ufile, aba bantu baza kukreqa, bandilahle, banqule *oothixo abanqulwa kwelo lizwe baza kuma kulo ngoku, bawutyeshele umnqophiso endawenza nabo. 17Yakwenzeka loo nto ndiya kuvutha ngumsindo, ndibalahle, ndibafulathele, batshabalale. Baya kuhlelwa ziinzingo bahlupheke. Ngaloo mini baya kuvakala besithi: ‘Kunje nje nje kungenx' enokuba uThixo wethu engasekho ngakuthi.’ 18Inene, ngaloo mini ndiya kubafulathela ngenxa yabo bonke ububi ababenzileyo ngokubhenela kwabanye oothixo.

19“Ngoko ke bhala le ngoma, uyifundise amaSirayeli, ayicule, ibe lingqina lomnqophiso wam kunye nawo. 20Kaloku ndiza kuwangenisa kuloo mhlaba wobisi nobusi ndathembisa ngawo ooyise-mkhulu. Akuxhamla loo ntlala-kahle osuka akreqe, anqule thixo bambi, andidele, awutyeshele umnqophiso wam. 21Kweso sithuba ke aya kuhlelwa yintlekele nentlupheko. Ke yona le ngoma iya kuba isaculwa sisizukulwana, ibe lingqina elidandalazisa isono samaSirayeli. Andithi na kaloku, kanye ngoku ndingekawangenisi nokuwangenisa kwelo lizwe ndawathembisa ngalo, sendiyibona imikhwa yawo.”

22Kwangaloo mini ke uMosis wayibhala ingoma leyo, wayifundisa amaSirayeli.

23UNdikhoyo ke wamyalela wenjenje noYoshuwa unyana kaNune: “Qina ukhaliphe, kuba nguwe oza kukhokela amaSirayeli, uye kuwangenisa kwelo lizwe ndawathembisa ngalo ngesifungo; ibe ke mna ndiza kuba nawe.”

24Ke kaloku uMosis wawabhala encwadini amazwi alo mthetho, akashiyelela nento le. 25Akuba egqibile ke wayalela ababingeleli babaLevi ababejongene netyesi yomnqophso kaNdikhoyo, wathi: 26“Thathani, nantsi ke incwadi yomthetho. Yibekeni ecaleni letyesi yomnqophiso kaNdikhoyo uThixo wenu, khon' ukuze ibe lingqina likaNdikhoyo ngamaSirayeli. 27Kaloku ndiyanazi ukuba nizizibhoja ezinenkani. Ngexesha lokudla kwam ubomi benivukelana naye uNdikhoyo; nobeka phi na ukumvukela xa ndingasekhoyo? 28Ngoko ke khanihlanganise amadoda amakhulu ezizwe zakowenu neenduna zenu, ukuze ndiwaxelele ezi zinto. Ndiza kubiza amazulu nehlabathi, ukuze andingqinele. 29Kaloku ndiyazi ukuba xa ndingasekho niya kuba ziinjubaqa, niphambuke kule ndlela ndiniyalele yona. Kananjalo ke, kumaxesha ezayo, niya kuhlelwa ziintlekele ngenxa yokuba nixhokonxa uNdikhoyo ngobubi bezithixo ezenziwe zizandla zenu.”

Umbongo kaMosis

30Ke kaloku uMosis yena wawucengceleza wonke lo mbongo, amaSirayeli wona ephulaphule:

UHLAZIYO-MNQOPHISO 31XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UMARKO 15

UYesu phambi koPilato

(Mat 27:1-2,11-14; Luka 23:1-5; Yoh 18:28-38)

1Kwakusa ke, ababingeleli abaziintloko benza isigqibo, benamadoda amakhulu nabachazi-mthetho *neBhunga liphela. Bambopha ke uYesu, bemka naye, bamnikela kuPilato. 2UPilato wambuza esithi: “Unguye na ukumkani wamaJuda?”

Waphendula yena wathi kuye: “Nawe utsho.”

3Bammangalela ke uYesu ngeendawo ezininzi ababingeleli abaziintloko. 4Waphinda uPilato wambuza esithi: “Akuphenduli nento le na? Khangela ukuba ninzi kwazo iindawo abakumangalela ngazo.”

5Noko ke uYesu akaphendulanga nento le, ngokokude amangaliswe uPilato.

UYesu ugwetyelwa ukufa

(Mat 27:15-26; Luka 23:13-25; Yoh 18:39 – 19:16)

6Ke kaloku *ngePasika uPilato wayedla ngokubakhululela umbanjwa abe mnye – lowo ke babethi bamcele. 7Ke kwakukho mbanjwa uthile unguBharabha owayebanjwe kunye nabanye abenzi besaqunge, ababebanjwe ngokubulala xa kwakukho isidubedube. 8Safika ke isihlwele, saza sacela ukuba uPilato enze ngokwesiqhelo. 9Waphendula uPilato esithi: “Nithanda ukuba ndinikhululele ukumkani wamaJuda na?” 10Wayesazi ukuba ababingeleli abaziintloko bamnikele ngomona uYesu.

11Ke bona ababingeleli abaziintloko basifunza isihlwele ukuba sicele ukuba asikhululele uBharabha, ingabi nguYesu. 12Waphinda wabuza uPilato, esithi: “Ndimthini na ke lowo nina nithi ngukumkani wamaJuda?”

13Baphendula bekhwaza besithi: “Mbethelele emnqamlezweni!”

14Wathi ke kubo uPilato: “Kuba enze bubi buni na?”

Kodwa kwaba kukhona bankqangazayo, besithi: “Mbethelele emnqamlezweni!”

15UPilato ke, efuna ukusikholisa isihlwele, wamkhulula uBharabha, uYesu yena wamnikela ukuba akatswe, abethelelwe emnqamlezweni.

Amajoni ahlekisa ngoYesu

(Mat 27:27-31; Yoh 19:2-3)

16Amajoni amsa uYesu ngaphakathi kweyadi yomzi werhuluneli, alibizela ndawonye ibutho lawo liphela. 17Amambathisa ingubo ebomvu uYesu, athi, eluke isithsaba sameva, amthi jize ngaso, 18aza akhahlela esithi: “Aa, kumkani wamaJuda!” 19Ambetha entloko ngengcongolo, amtshicela, akhahlela. 20Athi ke akuba ehlekise ngaye, amhluba loo ngubo ibomvu, amambathisa kwaezakhe, aphuma naye esiya kumbethelela emnqamlezweni.

UYesu ubethelelwa emnqamlezweni

(Mat 27:32-44; Luka 23:26-43; Yoh 19:17-27)

21Amajoni ke anyanzela umntu othile, owayedlula evela emaphandleni, ukuba athwale umnqamlezo kaYesu. Lowo wayenguSimon waseKirene, uyise ka-Alesandire noRufo. 22Amsa ke uYesu endaweni ekuthiwa yiGolgota (oko kukuthi, xa kuguqulwayo, iNdawo yoKhakhayi). 23Apho ke amnika iwayini enesiyobisi, kodwa akavumanga ukuyisela. 24Ambethelela ke emnqamlezweni uYesu, aza abelana ngeengubo zakhe, esenza *amaqashiso ngazo, ukuze othile athathe ethile.

25Ke kaloku kwakungentsimbi yethoba kusasa ukumbethelela kwabo emnqamlezweni. 26Phezulu emnqamlezweni kwakubhalwe ityala lakhe, kwathiwa: “UKumkani wamaJuda.” 27Kwakubethelelwe kunye naye eminqamlezweni izihange ezibini, esinye ngasekunene, esinye ngasekhohlo. [ 28Kwazaliseka ke okubhalwe *eziBhalweni kusithiwa: “Wabalelwa kwabachasene nomthetho.”]

29Abadlulayo babemnyelisa uYesu, behlunguzela iintloko, besithi: “Tshotsho! Wena uchitha *indlu kaThixo, uyakhe ngeentsuku ezintathu, 30zisindise uhle emnqamlezweni!”

31Ngokukwanjalo nababingeleli abaziintloko babehlekisa ngaye, bezithethela bekunye nabachazi-mthetho, besithi: “Abanye wabasindisa, kodwa yena ngokwakhe akanako ukuzisindisa. 32*UKrestu, uKumkani wakwaSirayeli, makehle kaloku emnqamlezweni, sibone, size sikholwe.”

Kwanâbo babebethelelwe eminqamlezweni kunye naye babemenza isigculelo.

Ukufa kukaYesu

(Mat 27:45-56; Luka 23:44-49; Yoh 19:28-30)

33Ke kaloku ngentsimbi yeshumi elinambini emini, kwehla ubumnyama phezu kwawo wonke umhlaba, kwada kwayintsimbi yesithathu emva kwemini. 34Ngentsimbi yesithathu ke, uYesu wakhala ngezwi elikhulu, esithi: “Eloyi, Eloyi, lama sabaktani?” (Oko kukuthi xa kuguqulwayo: “Thixo wam, Thixo wam, undishiyeleni na?”)

35Ithe ke inxenye yababekho, yakukuva oko, yathi: “Yivani, ubiza uEliya.” 36Wabaleka omnye, wazalisa imfunxa ngewayini emuncu, wayibeka engcongolweni, wamseza, esithi: “Kahleni, khe sibone ukuba uEliya woza kumthula na.”

37UYesu ke wakhala ngezwi elikhulu, waphuma umphefumlo.

38Lathi ikhuselo legumbi elingcwele *endlwini kaThixo lakrazuka kubini, kususela phezulu kuye ezantsi. 39Ekubonile ukufa kukaYesu, umphathi-butho wamajoni, owayemi malunga naye, wathi: “Inyaniso, lo mntu ebenguNyana kaThixo.”

40Kwakukho nabafazi, bekhangele bemgama. Kubo apho kwakukho uMariya waseMagadala, noMariya unina kaYakobi omncinci noYose, ekho noSalomi. 41Bona bâmlandela uYesu eseseGalili, bemlungiselela. Kwakukho nabanye abafazi abaninzi ababenyuke naye ukuya eJerusalem.

Ukungcwatywa kukaYesu

(Mat 27:57-61; Luka 23:50-56; Yoh 19:38-42)

42-43Kuthe ke kwakuba kuhlwile, kwafika uJosefu waseArimati. Yena wayelilungu elibekekileyo *leBhunga, elulindele naye ulawulo lukaThixo. Ekubeni ke kwakuyimini yokulungiselela (oko kukuthi umhla ophambi *kowokuPhumla), yena waya kungena ngobuganga kuPilato, wawucela umzimba kaYesu. 44Wamangaliswa ke uPilato akuva ukuba uYesu selefile, waza wabiza umphathi-butho wamajoni, wambuza ukuba uYesu selenexesha na efile. 45Wathi ke, akuqonda kumphathi-butho lowo, wamnika uJosefu umzimba kaYesu. 46UJosefu ke, ethenge ilinen, wamthula uYesu, wamsongela kuyo, wambeka engcwabeni elalixholwe eliweni, waqengqela ilitye, walivala ingcwaba. 47Babona ke ooMariya waseMagadala noMariya unina kaYose apho wayebekwe khona uYesu.

UMARKO 16

Ukuvuka kukaYesu

(Mat 28:1-8; Luka 24:1-12; Yoh 20:1-10)

1Ekupheleni *koMhla wokuPhumla ooMariya waseMagadala noMariya unina kaYakobi, noSalomi, bathenga iziqholo, ukuze baye kuwuqhola umzimba kaYesu. 2Bona ke bathi, ukuthi chapha kwelanga, kusekusasa kakhulu ngeCawe, baya engcwabeni. 3Babethetha bodwa, besithi: “Ngubani na oya kusiqengqela ilitye lisuke engcwabeni?” 4Elo litye lalilikhulu kakhulu, baza bathi bakukhangela babona ukuba liqengqiwe lesuka engcwabeni. 5Bangena ke engcwabeni, babona indodana ehleli ngasekunene, izithe wambu ngengubo ende emhlophe, baza bamangaliswa.

6Yathi ke yona kubo: “Musani ukumangaliseka. Nifuna uYesu umNazarete, owayebethelelwe emnqamlezweni. Uvukile; akakho apha. Nantsi indawo abebembeke kuyo. 7Hambani niye kubaxelela abafundi bakhe noPetros ukuba uyanandulela ukuya kwelaseGalili. Nombona khona apho njengoko wayetshilo kuni.”

8Baphuma ke engcwabeni bebaleka, bengcangcazela besoyika. Abathetha nto ke nakubani, kuba babesoyika.

UYesu uzibonakalisa kuMariya waseMagadala

(Mat 28:9-10; Yoh 20:11-18)

[ 9Ekuseni ngeCawe, akuba uYesu evukile ekufeni, wabonakala kuqala kuMariya waseMagadala. Ke yena ngulo uYesu wayekhuphe iindimoni ezisixhenxe kuye. 10UMariya ke waya kubaxelela abalandeli bakaYesu, ababekhedamile belila. 11Bona ke, bakuva ukuba uYesu uhleli, nokuba ukhe wabonwa nguMariya, basuka àbakholwa.]

UYesu uzibonakalisa kubafundi ababini

(Luka 24:13-35)

[ 12Emva koko wabonakaliswa ngolunye uhlobo kubafundi ababini ababehamba besiya emaphandleni. 13Kwanabo ke baya kubaxelela abanye abafundi, kodwa àbakholwa nangabo.]

UYesu uzibonakalisa kubafundi abalishumi elinanye

(Mat 28:16-20; Luka 24:36-49; Yoh 20:19-23; Mseb 1:6-8)

[ 14Emva koko uYesu wazibonakalisa kubafundi abalishumi elinanye besetafileni. Wabakhalimela ngenxa yokungakholwa kwabo nangenxa yokuba lukhuni kweentliziyo zabo, kuba bengakholwa kubo abo babembonile evukile. 15Wathi ke kubo: “Hambani niye kulo lonke ihlabathi, nizivakalise iindaba ezimnandi kulo lonke elimiweyo. 16Lowo ukholwayo abhaptizwe wosindiswa; ke yena ongakholwayo wogwetywa. 17Nantsi imiqondiso eya kulandelana nâbo bakholwayo: baya kuthi egameni lam bakhuphe iindimoni; baya kuthetha ngeelwimi ezintsha; 18baya kuziphatha ngesandla iinyoka; nokuba bathe basela into ebulalayo, ayiyi kukha ibenzakalise; baya kuyibeka izandla imilwelwe, iphile.”]

UYesu unyuselwa ezulwini

(Luka 24:50-53; Mseb 1:9-11)

[ 19Emva kokuthetha nabo, iNkosi uYesu yanyuselwa ezulwini, yaya kuhlala ewongeni kwaThixo. 20Ke bona abafundi bâya kushumayela kuzo zonke iindawo, iNkosi isebenza kunye nabo, iwangqina amazwi abo ngemiqondiso.]

IINDUMISO 22

Isililo nengoma yokubonga

Umhobe kaDavide; kumbhexeshi-kwayara. Uvunywa ngokwengoma ethi: “Inxala lomsobomvu.”

1Thixo wam, Thixo wam, undishiyeleni na?

Kudala ndizigixa, ndicel' uncedo,

kodwa andikalufumani unangoku!

2Thixo wam, emini ndikhalela kuwe, kodwa akundiva.

Nasebusuku ndiyakhala,

ndingafumani kuphumla phezu koko.

3Kambe wena ungqendeve phakathi kwabakudumisayo;

nditsho wena ngangamela yakwaSirayeli.

4Babekholose ngawe ookhokho bethu;

babekuthembile, wabahlangula wena.

5Bakhala kuwe, wabakhulula wena;

babethembele ngawe, akwabadanisa.

6Ke mna andimntu, ndifana nqwa nombungu;

ndiyintlekisa ebantwini, ndideliwe luluntu.

7Bonk' abandibonayo bayandigxwala;

bandinyevulele, bahlunguzelis' intloko besithi:

8“Ubethembele *kuNdikhoyo, makamhlangule kaloku;

makamkhulule ukuba uyamthanda.”

9Kanti ke nguwe owawundikhusele kwasekuzalweni kwam,

wandilondoloza ndisesemabeleni kama.

10Ndahlulelwa wena kwasekuzalweni kwam;

ubunguThixo wam wena ndingekazalwa.

11Mus' ukuba kude kum.

Kaloku sele isemnyango imbandezelo;

ibe akukho namnye ongandincedayo.

12Zindingqongile iintshaba zam,

ngathi ziinkunz' ezomeleleyo zaseBhashan;

zindivelele macal' onke.

13Zikhamisile, zindivulel' imilomo;

ziyandijamela zixel' ingonyam' egqumayo.

14Ndiphelelwe; amandla aphalele njengamanzi,

ahlukene onke amathambo am,

intliziyo yam iyanyibilika ngathi ngumthwebeba.

15Aphele mpel' amandla kum,

ulwimi lwam lunamathel' ezinkalakahleni,

undishiy' eluthulini njengofileyo.

16Lindirhawul' igquba labantw' abagwenxa,

ndangathi ndirhangqwe ligqiza lezinja;

bandidlavul' izandla neenyawo,

17ngoko ke amathambo am aphandle.

Ke zona iintshaba zam zibukele.

18Babelana ngeengubo zam;

benzelan' amaqashiso ngesambatho sam.

19Ke wena, Ndikhoyo, mus' ukuba kude nam;

Mkhululi wam, khawuleza undincede!

20Ndihlangule ekreleni,

undisindise kwezi zinja.

21Ndihlangule emlonyeni wengonyama;

ndisindise kulo mngcipheko ndikuwo.

22Ndowabalisela amawethu ngezint' ozenzileyo,

ndikubonge ebandleni, ndithi:

23“Mbongen' uNdikhoyo, nina bamhlonelayo;

mdumiseni nonke, nina bonyana bakaYakobi;

mhloneleni nonke, nina nzala kaSirayeli!

24Kaloku akazideli engazicekisi iintsizi zehlwempu;

uyaziva izicelo zalo, angalifulatheli.”

25Ndiya kukubonga esidlangalaleni,

ngenxa yezinto ondenzele zona;

ndowafezekisa amadinga endawenzayo,

phambi kwebandla lâbo bakuthobelayo.

26Amahlwempu aya kutya ahluthe mpu;

bombonga uNdikhoyo abo bamfunayo.

Banga banganempumelelo engapheliyo.

27Zonke izizwe zomkhumbula uNdikhoyo,

zibuyele kuye ehlabathini liphela,

ziqubude kuye zonke iintlanga.

28Kaloku nguNdikhoyo ukumkani;

nguye umlawuli weentlanga zonke.

29Ewe, zonk' izinhanha ziya kudlelana, zimvume yena;

nditsho yonk' intw' engumntu iya kumnqul' uNdikhoyo.

30Izizukulwana ziya kumkhonza,

ooyise babalisele abazukulwana ngoNdikhoyo.

31Ewe, nâbo bangekazalwa boxelelwa

ukuba uNdikhoyo wabasindisa abantu bakhe.

IINDUMISO 22XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KUMAHEBHERE 5

1Kaloku wonke umbingeleli omkhulu ukhethwa ebantwini, amiselwe ukuzakuza phakathi kwabantu noThixo. Unikela izipho namadini okungxengxezela izono. 2Uyakwazi ukubanyamezela abo bazizityhifili nabo baphazamayo, kuba kaloku naye ngokwakhe unobuthathaka. 3Ngenxa yaloo nto ke umelwe kukunikela amadini okungxengxezela izono zakhe kwakunye nezabantu. 4Akukho mntu uzithathelayo eli wonga; elowo ubizwa nguThixo njengoAron.

5Kunjalo ke nakuKrestu: naye akazange azithathele iwonga lokuba ngumbingeleli omkhulu. Walinikwa nguThixo, lo wathi kuye:

“Wena unguNyana wam;

namhlanje ndikuzele.”

6Kwenye indawo uthi:

“Wena ungumbingeleli wodidi lukaMelkizedeki,

oya kuhlala ehleli.”

7Esadla ubomi apha emhlabeni, wayedla ngokwenza imithandazo nezicelo, ekhala iinyembezi, ebhekisa kuThixo onamandla okumhlangula ekufeni. Wawuva uThixo umthandazo wakhe, ngenxa yokuzimisela kwakhe ukuthobela. 8Ngoku kanye anguNyana kaThixo, intlupheko yamnika amava okuthobela. 9Uthe ke akusulungeka wenziwa umthombo wosindiso olungapheliyo lwabo bamthobelayo, 10emiselwe nguThixo waba ngumbingeleli omkhulu wodidi lukaMelkizedeki.

Isilumkiso ngokreqo

11Zininzi iindawo ebesinokunichazela ngazo ngoMelkizedeki. Kodwa ke kusuke kwanzima nokunithela gqabagqaba oku, kuba kaloku nisuke naneentloko ezilukhuni. 12Benifanelwe kukuba nifundisa ngokwenu ngoku. Kodwa kusuke kwafuneka ibe nini abafundiswayo, niqaliswe emva kwizifundo zokuqala ezingeendaba zikaThixo. Kusuke kwafuneka nisezwe ubisi endaweni yokuba ninikwe ukutya okuqinileyo. 13Wonke umntu osezwa ubisi lusana; akakwazi okuhle nokubi. 14Ngabantu abadala abatya ukutya okuqinileyo; bona sebenamava, bayawazi umahluko phakathi kokuhle nokubi.

KUMAHEBHERE 5XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-