Bible Society of South Africa

To The Word – Day 56

Joshua 4–6, Acts 4–6

Itekisi yeBhayibhile

UYOSHUWA 4

Ukumiswa kwamatye esikhumbuzo

1Lakuba luwele lwaphelela uhlanga lwamaSirayeli, *uNdikhoyo wathi kuYoshuwa: 2“Tyumba amadoda abe lishumi elinambini, ibe nye kwisizwe ngasinye. 3Yithi makathathe ishumi elinambini lamatye kulaa ndawo bekume zinzi kuyo ababingeleli esazulwini seJordan, awathwale loo matye, aze awabeke apho kuya kuba kukhululwe khona ngokuhlwa namhlanje.”

4UYoshuwa wawabiza loo madoda alishumi elinambini awatyumbileyo kwisizwe ngasinye, 5wathi: “Ngenani emlanjeni iJordan, nigqithe kwityesi yomnqophiso kaThixo uNdikhoyo, ize indoda nganye ixwaye ilitye eliza kumela isizwe ngasinye samaSirayeli.” 6Watsho esithi: “La matye ngumqondiso kumaSirayeli ngazo zonke iziganeko zikaNdikhoyo. Xa bebuza ngomso abantwana benu besithi: ‘Ngawantoni na la matye?’ 7nobaxelela ukuba ngamhla ityesi yomnqophiso kaNdikhoyo yayiwela umlambo, ema amanzi, ahlanganiselana eJordan. La matye ohlala esisikhumbuzo kumaSirayeli sesiganeko esehla kule ndawo.”

8AmaSirayeli enza ngokomyalelo kaYoshuwa. Awakhetha amatye alishumi elinambini emlanjeni iJordan ngokomlomo kaNdikhoyo kuYoshuwa, lalinye kwisizwe ngasinye, awasa kulaa ndawo kwakuza kukhululwa kuyo ngaloo mhla. 9UYoshuwa yena wabeka amanye amatye alishumi elinambini kulaa ndawo kwakumi kuyo ababingeleli ababethwele ityesi yomnqophiso, phakathi emlanjeni iJordan. (Aselapho unanamhla loo matye.) 10Ababingeleli bema njalo emlanjeni iJordan kwada kwagqitywa yonke into ekwakuthiwe kuYoshuwa mayenziwe ngabantu. Zizinto ezaziyalelwe nguMosis zonke ezo.

Abantu bakhawuleza ukuwela umlambo. 11Bakuba bewele bonke, ityesi yomnqophiso yawezwa ngababingeleli, abantu bejongile. 12Amadoda esizwe sakwaRubhen nesakwaGadi, kunye nenxalenye yesizwe sakwaManase, awela kuqala kunabo bonke abantu, exhobile, njengoko wayetshilo kuwo uMosis. 13Kwawela amashumi mane amawaka amadoda axhobele idabi, aya kutsho kwezo ntili zeJeriko, ekhatshwa nguNdikhoyo. 14Into eyenziwa nguNdikhoyo ngalo mhla yatsho amaSirayeli amhlonela uYoshuwa. Amhlonela bonke ubomi bakhe njengoko amhlonelayo uMosis.

15UNdikhoyo wathi kuYoshuwa: 16“Xelela ababingeleli abathwele ityesi yomnqophiso ukuba baphume emlanjeni.” 17Wenjenjalo ke uYoshuwa, 18bathi bakuba bewelile, wabuya wazala, waphuphuma kwakhona umlambo.

19AmaSirayeli ayiwela iJordan ngomhla weshumi kwinyanga yokuqala, afika amisa iintente eGiligali engasempumalanga yeJeriko. 20UYoshuwa wawamisa apho eGiligali laa matye alishumi linambini ayethathwe eJordan. 21Wathi kumaSirayeli: “Xa bathe abantwana benu babuza kuni, boyise, besithi: ‘Ngawantoni na la matye?’ 22ze nibabalisele nithi: ‘AmaSirayeli ayiwela le Jordan ehamba emhlabeni owomileyo.’ 23Kaloku uNdikhoyo uThixo wenu wawanqumamisa amanzi eJordan, khon' ukuze niwele umlambo womile, kanye ngalaa ndlela womisa ngayo amanzi oLwandle oluBomvu khon' ukuze siwele. 24Loo nto ke iya kwenza ukuba bonke abemi belizwe bawaqonde amandla kaNdikhoyo uThixo wenu, nani nimoyike ngalo lonke ixesha.”

UYOSHUWA 5

1Zonke iikumkani zama-Amori ngasentshonalanga kweJordan, nazo zonke ezamaKanana ezigudle ulwandle, zeva ngesiganeko esenziwa nguNdikhoyo sokomisa iJordan ada awela onke amaSirayeli. Zankwantya, zaphelelwa ngamandla ngenxa yamaSirayeli.

Ulwaluko eGiligali

2Ngelo xesha *uNdikhoyo wathi kuYoshuwa: “Sebenzisa iintshengeca zelitye lenyengane, uwaluse amaSirayeli angolukanga.”

3Wenjenjalo ke uYoshuwa, wawalusela endaweni ekuthiwa yiNduli yeNyama yoKwaluswa. 4-6Ukumka kwamaSirayeli eJiputa onke amakhwenkwe ayesele alukile. Kodwa ke kuthe ngenxa yokubhadula entlango amashumi amane eminyaka akwabikho thuba lakwalusa nkwenkwe. Kanti ke onke amadoda ayeselekwixabiso lokuya emfazweni ukufuduka kwabo eJiputa ayeselebhubhile ngenxa yokungamthobeli uNdikhoyo. Njengoko watshoyo kooyise-mkhulu uNdikhoyo akazange awavumele alibone ilizwe laseKanana eliphuphuma ubisi nobusi. 7Oonyana uNdikhoyo awabakhulisa endaweni yooyise ngabo aba awabalusayo ngoku uYoshuwa, kuba kaloku babengazange boluka.

8Akuba alusiwe ke onke, ahlala esikhululweni ada aphila loo madoda. 9UNdikhoyo wathi kuYoshuwa: “Namhlanje ndilisusile kuni ihlazo lokuba ngamakhoboka aseJiputa.” Yiyo ke loo nto loo ndawo kwathiwa ukubizwa kwayo yiGiligali, igama esabizwa ngalo.

10Ngexesha amaSirayeli ayeseseGiligali entilini yaseJeriko, enza umsitho *wePasika ngokuhlwa komhla weshumi elinesine waloo nyanga. 11Ngomhla olandelayo ayeqala ukutya ukutya kwaseKanana, agcada ingqolowa, enza nezonka ezingenagwele. 12*Imana yaphela ngengomso, akaphinda ayifumana amaSirayeli, aza ngaloo nyaka atya ukutya okuveliswe yiKanana.

UYoshuwa nomfo ophethe ikrele

13Xa wayeselapho ngaseJeriko uYoshuwa, wagagana nomfo ophethe ikrele. Waya kuye uYoshuwa, wafika wathi: “Ngaba ungakuthi, okanye ulutshaba?”

14“Nakanye, ndikho nje mna ndiyingqwayi-ngqwayi yomkhosi *kaNdikhoyo,” utshilo lo mfo.

Wazikhahlela phantsi uYoshuwa, wathi: “Mhlekazi, mna ke ndisisicaka sakho; ufuna ndenze ntoni?”

15Yathi loo ngqwayi-ngqwayi yomkhosi kaNdikhoyo: “Khulula iimbadada zakho ezo. Lo mhlaba umi kuwo ngumhlaba ongcwele.” Wenjenjalo ke uYoshuwa.

UYOSHUWA 6

Ukudilika kweendonga zeJeriko

1Amasango eJeriko ayevalwe mba ukuze amaSirayeli angabi nako ukungena. Kwakungekho mntu uphumayo nongenayo kweso sixeko. 2*UNdikhoyo wathi kuYoshuwa: “IJeriko ndiyinikela kuwe, kunye nokumkani wayo, kwakunye namagorha ayo. 3Wena ke kunye nomkhosi wakho kufuneka niyijikeleze kanye ngemini iintsuku zibe ntandathu. 4Kufuneka ababingeleli babe sixhenxe, elowo ephethe isigodlo, bahambe ngaphambi kwetyesi yomnqophiso. Ngosuku lwesixhenxe kufuneka wena nomkhosi wakho nisijikeleze kasixhenxe isixeko, ababingeleli bona bavuthele izigodlo. 5Kuya kuthi ke xa bevuthela isandi eside ababingeleli, nihlabe umkhosi, nimemeze, zidilike iindonga zeJeriko. Wandule ke ukungena macal' onke ngaphakathi kwesixeko wonke umkhosi.”

6UYoshuwa wababiza ababingeleli, wathi kubo: “Thathani ityesi yomnqophiso kaNdikhoyo, baze abasixhenxe kuni bahambe ngaphambi kwayo, bephethe izigodlo.” 7Waza ke wayalela umkhosi wakhe ukuba ujikeleze isixeko, amanye amadoda axhobileyo ahambe ngaphambi kwetyesi yomnqophiso kaNdikhoyo.

8Kwathi uYoshuwa esathetha njalo beza phambili abo babingeleli basixhenxe bephethe izigodlo ezisixhenxe, bazivuthela, baza balandelwa yityesi yomnqophiso kaNdikhoyo. 9Ibutho lamadoda axhobileyo lahamba phambi kwabababingeleli ababevuthela izigodlo, elinye ibutho lalandela ityesi yomnqophiso. Wonke loo gama izigodlo bezihlokoma. 10UYoshuwa wawayalela amadoda akhe wathi: “Ze ningahlabi mkhosi, ningakhwazi. Ewe, ze ningakhe nilinge niyivule imilomo yenu, ide ibe lolo suku niya kuyalelwa ndim.” 11Loo madoda ke ajikeleza isixeko kwakanye, ehamba netyesi yomnqophiso kaNdikhoyo, aza abuyela esikhululweni, alala.

12Ngengomso uYoshuwa wavuka kwangentseni, nababingeleli baphinda bayithwala ityesi yomnqophiso njengezolo. 13Kwahamba amadoda axhobileyo ngaphambili, kwalandela ababingeleli abavuthela izigodlo abasixhenxe, kweza ababingeleli abathwele ityesi yomnqophiso kaNdikhoyo, kwaza ekugqibeleni yangamadoda axhobileyo. 14Ngolu suku lwesibini basijikeleza kanye isixeko, baza babuyela kwasesikhululweni. Loo nto bayenza iintsuku zantandathu.

15Ngosuku lwesixhenxe bavuka kwangomsobomvu, baza basijikeleza kasixhenxe isixeko, kwanjengalaa ndlela babenze ngayo. Ewe, ngale imini baphindelela kwada kwasixhenxe ukusijikeleza. 16Ngesihlandlo sesixhenxe, xa ababingeleli babevuthela izigodlo, uYoshuwa wathi kumadoda akhe: “Ze nihlabe umkhosi, nimemeze, kuba uNdikhoyo usinikile esi sixeko! 17Isixeko, nayo yonke into ekuso, kufuneka zitshatyalaliswe mpela, zibe ngumnikelo kuNdikhoyo ngomlilo. NguRahabhi ihenyukazi yedwa kunye nabantu bakowabo amabasindiswe, kuba yena wazifihla iintlola zethu. 18Ze ningathathi nto ekufuneka itshatyalaliswe; xa nenjenjalo nozibizela intshabalalo ngokunokwenu, nihlisele amaSirayeli ishwangusha xa ewonke. 19Yonke into eyenziwe ngesiliva, negolide, nobhedu, okanye ngentsimbi, mayahlulelwe uNdikhoyo. Kufuneka ifakwe koovimba bakaNdikhoyo.”

20Bazivuthela izigodlo ababingeleli. Athi akuziva amadoda, ahlaba umkhosi ememeza, zadilika iindonga! Wasuka umkhosi waya ngqo esixekweni, wafika wasithimba. 21Asenza umnikelo kuNdikhoyo isixeko, afaka ikrele umntu wonke, abulala amadoda nabafazi, abatsha nabadala. Abulala iinkomo, iigusha, kunye needonki.

22UYoshuwa wathi la madoda mabini ayeziintlola makaye kwaRahabhi, eze naye nabantu bakowabo, njengoko ayethembisile. 23Aya ke, abuya naye uRahabhi, kunye noyise, nonina, nabantakwabo, kunye nabo bonke abantu bakowabo. Bathatha wonke loo mzi uphela, babahlalisa ngakwisikhululo samaSirayeli. 24Bantumeka umlilo kweso sixeko, satsha nqu, kunye nento yonke eyayilapho. Igolide, nesiliva, nezinto zobhedu, nentsimbi, bazithatha bazisa koovimba bakaNdikhoyo. 25Kodwa uYoshuwa wabasindisa ooRahabhi nabantu bakowabo, yaye uRahabhi usekho kwaSirayeli unanamhla, kuba wafihla iintlola ezazithunyelwe eJeriko nguYoshuwa.

26UYoshuwa wafunga wathi:

“Uqalekisiwe nguNdikhoyo umntu ovusa esi sixeko saseJeriko.

Akubeka isiseko saso woswelekelwa lizibulo lakhe.

Akuvusa amasango aso woswelekelwa nguntondo wakhe.

27UNdikhoyo waba noYoshuwa, lwavakala kulo lonke udumo lwakhe.

UMSEBENZI WABATHUNYWA 4

UPetros noYohane phambi kweBhunga

1Kwathi uPetros noYohane besathetha nabo abantu, kwafika ababingeleli nentloko yabalindi *bendlu kaThixo kunye *nabaSadusi. 2Babekhathazekile kuba aba *bathunywa babefundisa abantu ngokuvuka kukaYesu ekufeni, nto leyo yayiqinisekisa ukuba abafileyo baya kuvuka. 3Bababamba ke, babafaka entolongweni, ukuba balinde khona kude kube ngengomso, njengoko imini yayiselisangene. 4Uninzi lwâbo bayivayo imfundiso leyo lwakholwa, laza ke landa inani labo laya kumawaka amahlanu.

5Ngomhla olandelayo iinkokheli zamaJuda, nabadala, nabachazi-mthetho, bahlangana eJerusalem. 6YayingooAnas umbingeleli omkhulu, noKayafa, noYohane, noAlesandire, kwanabanye bendlu yombingeleli omkhulu, ababelapho. 7Babamisa phambi kwabo abathunywa, bababuza bathi: “Niyenze kanjani le nto? Gunya lini eli ninalo? Ligama likabani eli nisebenze ngalo?”

8UPetros, ezele nguMoya oyiNgcwele, wabaphendula wathi: “Ziphathamandla nani badala, 9xa namhlanje nisixoxisa ngesenzo esihle sokuphiliswa komntu osisiqhwala, 10nina ninamaSirayeli ewonke yazini le nto ke: Lo mntu umi apha phambi kwenu ephile qete, uphile ngenxa yegunya legama likaYesu Krestu waseNazarete. Lowo nina nambethelela emnqamlezweni; wamvusa ke yena uThixo. 11Lo Yesu ngulowo zithi *iziBhalo xa zithetha ngaye:

“ ‘Ilitye enalidelayo nina bakhi

laba lelona litye lesiseko.’

12“Usindiso lufumaneka ngaye kuphela, kuba akukho wumbi emhlabeni ogama uThixo alinike uluntu, esingasindiswa ngalo.”

13Amalungu *eBhunga amangaliswa kukubona ukungafihlisi kukaPetros noYohane, eqonda ukuba bangabantu nje abaqhelekileyo abangenamfundo. Baphawula nokuba babengamahlakani kaYesu. 14Kodwa babengenandlela yokuphikisana nabo, kuba indoda le yayiphilisiwe yayimi apho kunye noPetros noYohane. 15Babakhuphela ngaphandle kwendlu leyo yeBhunga, basala bona bexoxa bodwa. 16Babuzana besithi: “Singawathini la madoda? Wonke ubani apha eJerusalem uyazi ukuba lo mqondiso ungaqhelekanga wenziwe ngawo, sibe ke thina singenako ukuyiphika le nto. 17Ukuze ke inganwenwi le nto phakathi kwabantu, masibalumkise bangaze bathethe nakubani ngegama likaYesu.”

18Babangenisa kwakhona, baza babayala ukuba ze bangaphindi bathethe okanye bafundise ngegama likaYesu. 19UPetros noYohane bona baphendula bathi: “Zahluleleni nina ngokwenu ukuba kulunge kuphi na phambi koThixo; kukho ukwenza intando yenu, kukho nokwenza intando kaThixo. 20Thina asinakuyeka ukuthetha ngento esiyibone sayiva ngokwethu.” 21IBhunga labatyityimbisela umnwe, laza labakhulula. Alibanga nakroba lakubohlwaya, ngenxa yokoyika abantu, kuba babedumisa uThixo ngesi senzo. 22Kaloku le ndoda yaphiliswa ngalo mmangaliso yayingaphezu kwamashumi amane eminyaka ubudala.

Amakholwa athandazela ukomelezwa

23Bakuba bekhululwe uPetros noYohane babuyela kubahlobo babo, bababalisela okwathethwa kubo ngababingeleli abaziintloko bekunye nabadala. 24Bevile ke, bonke bathandaza ngamxhelo mnye, besithi: “Nkosi, Mdali wezulu nomhlaba nolwandle nazo zonke izinto ezilapho, 25uDavide, isicaka sakho, ukhokho wethu, eqhutywa nguMoya oyiNgcwele wathi:

“ ‘Kungani na iintlanga zisenza imbudumbudu nje?

Kungani na ukuba abantu benze amayelenqe azé nje?

26Iikumkani neziphathamandla zelizwe zahlangana,

zavukela iNkosi *noKrestu wayo!’

27“Kuba ngenene uHerode noPilato bahlangana kwesi sixeko kunye neentlanga, namaSirayeli, ngaye uYesu isiCaka sakho osinyulileyo, uMthanjiswa wakho. 28Bahlangana ukuze bakwenze konke owawuselukumisele ngegunya nentando yakho ukuba kuya kwenzeka. 29Kalokunje, Nkosi, zigqale izoyikiso zabo; thina zicaka zakho usenze siluthethe udaba lwakho ngesibindi. 30Philisa ngesandla sakho, unike amandla okuba imimangaliso nemiqondiso yenzeke ngegunya legama lesiCaka sakho osinyulileyo uYesu.”

31Bakuba begqibile ukuthandaza, indawo ababehlangene kuyo yazanya-zanyiswa. Bonke bazaliswa nguMoya oyiNgcwele, baza baluthetha udaba lukaThixo benobuganga.

Ukubonelelana kwamakholwa

32Ewonke amakholwa ayevana entliziyo-nye. Akukho bani wayekubanga oko anako, kuba babesabelana ngezinto zonke abanazo. 33*Abathunywa babezingisa ukungqina ngovuko lweNkosi uYesu, waza uThixo wabasikelela xa bebonke. 34Kwakungekho bani usweleyo phakathi kwabo. Ababenemihlaba nezindlu babethengisa ngazo, baze imali leyo bayifumeneyo 35beze nayo, bayinike abathunywa, ize yabelwe ulowo nalowo ngokweentswelo zakhe.

36UJosefu, *umLevi onkaba iseSipro, owathiywa ngabathunywa bathi nguBarnabha, uMthuthuzeli, 37wathengisa umhlaba wakhe, waza wayizisa imali leyo kubathunywa.

UMSEBENZI WABATHUNYWA 4XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UMSEBENZI WABATHUNYWA 5

UHananiya noSafira

1Ke kaloku kwakukho nendoda egama linguHananiya, umfazi wayo yena enguSafira. Bathengisa umhlaba wabo, 2baza inxalenye yemali leyo bayifumeneyo bayigcina, eseleyo ke bayizisa *kubathunywa. 3UPetros wabuza wathi: “Hananiya, kutheni ukuba umyeke uSathana alawule intliziyo yakho, akwenze uxokise uMoya oyiNgcwele ngokugcina inxalenye yemali oyifumeneyo ngomhlaba wakho? 4Umhlaba wakho ubungowakho phambi kokuba uwuthengise, nemali yawo ibiyeyakho emveni kokuba uwuthengisile. Kungani ke ukuba ufike kwisigqibo sokwenza into enje? Awuxokisanga mntu, uxokise uThixo.” 5Akuweva loo mazwi uHananiya wawa phantsi, wafa; baza bonke abayivayo loo nto bankwantya luloyiko. 6Bafika abafana, bawuthatha bawuthandela umzimba wakhe, baya kumngcwaba.

7Emva kweeyure ezintathu, yafika inkosikazi kaHananiya ingekayiva loo nto ihlileyo. 8Wabhekisa kuyo uPetros esithi: “Khawutsho, ingaba le yimali epheleleyo eniyizuze ngokuthengisa umhlaba wenu nomyeni wakho?”

Yaphendula yathi: “Ewe, iphelele.”

9Wayibuza wathi uPetros: “Kungani ukuba wena nendoda yakho nidibane ngokuvavanya uMoya weNkosi? Uyabona ke, abafana abavela kungcwaba indoda yakho nâbo emnyango, nawe lo baza kukuthatha bemke nawe.” 10Ngoko nangoko uSafira wawa ezinyaweni zakhe, wafa. Bangena abafana, bambona ukuba ufile, bamthatha baya kumngcwaba ecaleni komyeni wakhe. 11Xa lilonke ibandla nabo bonke abayivayo le nto bazaliswa kukunkwantya.

Imiqondiso nemimangaliso

12*Abathunywa benza imiqondiso nemimangaliso emininzi ebantwini. Bonke abakholwayo babehlangana eVarandeni kaSolomon. 13Abangakholwayo babengazibandakanyi nabo, nakuba kwakuthethwa kakuhle ngabo. 14Kuyo yonke loo nto kwabakho ihlokondiba lamadoda namakhosikazi azinikelayo eNkosini, laza longezeka inani labo. 15Baza abagulayo basiwa ezitalatweni, balaliswa ezibhedini nasemakhukweni, ukuze kuthi xa agqithayo uPetros isithunzi sakhe siwe phezu kwabanye. 16Izihlwele zabantu zazisiza, zivela kwiidolophu ezimelene neJerusalem, zizisa abagulayo nâbo babeneendimoni, baze baphile bonke.

Abathunywa bayatshutshiswa

17Umbingeleli omkhulu nabalingane bakhe, abo beqela *labaSadusi, babamonela *abathunywa, 18baza bababamba babafaka entolongweni. 19Kwangobo busuku isithunywa seNkosi sawavula amasango entolongo, sabakhokelela phandle abathunywa, sathi kubo: 20“Hambani niye *endlwini kaThixo, nibafundise yonke into abantu ngale ntlalo intsha.” 21Bevile ke abathunywa, bathi kwasekuseni bangena endlwini kaThixo, bafundisa.

Umbingeleli omkhulu nabalingane bakhe nabo bonke abadala bamaJuda, babiza intlanganiso epheleleyo *yeBhunga, baza bathumela entolongweni ukuba abathunywa beziswe phambi kwabo. 22Zifikile izigidimi azibafumananga abathunywa entolongweni; zabuya ke zeza kuxela entlanganisweni, zathi: 23“Intolongo siyifumene ivalwe ngokuqinileyo, nabalindi bewagcinile amasango, kodwa sakuwavula amasango, asifumananga mntu ngaphakathi.” 24Kwathi intloko yabalindi bendlu kaThixo nababingeleli abaziintloko bakuyiva le nto, baxakwa ukuba ngaba kuhle ntoni na kubathunywa. 25Kwafika ndoda ithile eyathi kubo: “Khangelani, amadoda ebeniwafake entolongweni nangaya efundisa abantu endlwini kaThixo!” 26Yasuka ke intloko yabalindi yahamba nabaphantsi kwayo, babaphuthuma abathunywa. Babaphatha kakuhle abathunywa, kuba besoyika hleze baxulutywe ngamatye ngabantu.

27Babazisa phambi kweBhunga abathunywa, waza umbingeleli omkhulu wabamangalela esithi: 28“Saninika imiyalelo engqongqo yokuba ningaphindi nifundise egameni lale ndoda; kodwa khanikhangele into eniyenzileyo! Imfundiso yenu niyisarhaze kule Jerusalem iphela; ngoku nifuna ukuxhoma ukufa kwayo phezu kwethu.”

29OoPetros baphendula bathi: “Asinakwenza nto yimbi; sifanele ukuthobela uThixo endaweni yabantu! 30UThixo woobawo bethu wamvusa uYesu ekufeni, ekubeni nina nambulalayo ngokumxhoma emnqamlezweni. 31UThixo wammisela ewongeni, wayiNkokheli noMsindisi wokunika amaSirayeli ithuba lokuguquka, aze axolelwe izono zawo. 32Thina noMoya oyiNgcwele osisipho sikaThixo kwabo bamthobelayo, singamangqina azo ezi zinto.”

33Akuweva la mazwi amalungu eBhunga avutha ngumsindo kangangokuba afuna ukuba babulawe abathunywa. 34Kodwa omnye wabo, *owayengumFarasi ogama linguGamaliyeli, owayengumchazi-mthetho ohloniphekileyo kubantu bonke, waphakama wayalela ukuba abathunywa khe bakhutshelwe phandle. 35Wabhekisa eBhungeni esithi: “MaSirayeli, yilumkeleni into eniyenzayo kula madoda. 36Ngaphambi koku kukhe kwavela uTuda ezenza uthile obalulekileyo, waza walandelwa ngamadoda akwisithuba samakhulu amane. Kodwa wafa, abalandeli bakhe bathi saa, waza naloo mbutho wakhe wafa. 37Emva koko kwavela uJuda umGalili, ngexesha lobalo, naye walandelwa ngabantu abaninzi, kodwa naye wafa, nabalandeli bakhe basarhaka. 38Ngokunjalo nakwesi isihlandlo musani ukuthatha manyathelo ngakula madoda. Wayekeni, kuba ukuba lo msebenzi wawo yinto nje yabantu uza kuphelela esithubeni; 39ukanti ukuba yinto evela kuThixo, aninako ukuwutshabalalisa. Endaweni yaloo nto ningazibhaqa nisilwa noThixo.”

IBhunga lalandela icebo likaGamaliyeli. 40Baza ke bababiza abathunywa, babayala ukuba bangaze baphinde bathethe ngegama likaYesu. Emva koko ke bakatswa abathunywa, baza bakhululwa. 41Abathunywa balishiya iBhunga elo benemincili, kuba uThixo ebafumanise befanelekile ukuba bahlazeke ngenxa yegama likaYesu. 42Bazingisa ke imihla yonke, endlwini kaThixo nasemakhayeni, ukufundisa nokushumayela iindaba ezimnandi ezingoYesu onguKrestu.

UMSEBENZI WABATHUNYWA 5XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UMSEBENZI WABATHUNYWA 6

Ukumiselwa kwabancedisi

1Kwathi kwakubon' ukuba liyanda inani labalandeli bakaYesu, kwavela ukungevisisani phakathi kwamaJuda athetha isiGrike kwanamaJuda athetha olweenkobe. AmaJuda athetha isiGrike akhalazela ukuba abahlolokazi bawo àbamkeliswa kakuhle kwimali yenkxaso yemihla ngemihla. 2*Abathunywa abalishumi elinambini balihlanganisa ibandla lilonke, bathi kulo: “Asinto intle kuthi ukuba sikuyekelele ukushumayela ilizwi likaThixo ngenxa yokuzixakekisa ngomsebenzi wokwabela abasweleyo. 3Ngoko ke, mawethu, khethani amadoda abe sixhenxe phakathi kwenu, awaziwa ngokuzaliswa nguMoya oyiNgcwele nangobulumko; thina ke siwamisele kulo msebenzi. 4Ngalinye ke, thina siya kuzinikela ngokupheleleyo kumsebenzi wokushumayela nasemithandazweni.”

5Isiphakamiso sabathunywa samkeleka kubo bonke; baza ke banyula aba: uStefano, indoda ezele lukholo nanguMoya oyiNgcwele, noFilipu, noProkuro, noNikano, noTimon, noParmena, kwakunye noNikolawo waseAntiyokwe owayengumngeni-buJudeni. 6Aba ke banikelwa kubathunywa, baza bona babamisela ngokubathandazela nokubabeka izandla.

7Laya lisanda ke ilizwi likaThixo, laza ke nenani labalandeli bakaYesu lakhula kakhulu eJerusalem, kwabakho neqela lababingeleli elazinikelayo eNkosini.

Ukubanjwa kukaStefano

8UStefano, indoda eyayisikelelwe nguThixo, izele ngamandla, wênza imiqondiso nemimangaliso phakathi kwabantu. 9Aza amadoda athile amchasa. Wona ayedla ngokuhlangana *endlwini yesikhungo ekuthiwa yeyamakhoboka akhululekileyo. AyengamaJuda avela eKirene naseAlesandriya. Wona namaJuda aseKiliki nawaseAsiya axambulisana noStefano. 10Kodwa uMoya wamnika ubulumko uStefano, ngokokude bangabi nako ukuphikisana naye. 11Baza ke bafunza amadoda athile, khon' ukuze athi: “Thina simve ethetha kakubi ngoMosis nangoThixo.” 12Ngale ndlela bamenza wavukelwa ngabantu, nangabadala, nangabachazi-mthetho. Bamqubula uStefano, bamthatha bamsa entlanganisweni *yeBhunga. 13Bezisa namanye amadoda athetha ubuxoki ngaye, athi: “Le ndoda isoloko ithetha ngokuchaseneyo *nendlu kaThixo *nangomthetho kaMosis. 14Kuba samva esithi lo Yesu waseNazarete uya kuyitshabalalisa indlu kaThixo, awatshintshe namasiko esawafumana kuMosis.” 15Bonke abo babehleli entlanganisweni bamthi ntsho ngamehlo uStefano, baza babubona ubuso bakhe bunjengobesithunywa sezulu.

UMSEBENZI WABATHUNYWA 6XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-