Bible Society of South Africa

To The Word – Day 59

Joshua 13–15, Acts 13–15

Itekisi yeBhayibhile

UYOSHUWA 13

Umhlaba osamelwe kukuthinjwa

1Mhlenikweni uYoshuwa wayeselaluphele kakhulu, *uNdikhoyo wathi kuye: “Sewumdala kakhulu ngoku, Yoshuwa, ukanti umhlaba ekusafuneka uthinjwe usemkhulu. 2-3Yiyo le imimandla esaseleyo:

    ummandla wamaFilistiya (akumkani zawo zihlala eGaza naseAshdode, eAshkelon, eGati, nase-Ekron);
    ummandla wamaGeshure (ekudla ngokuthiwa ngowamaKanana, usuka ngakwintlambo iShihore ngakwimida yeJiputa, kuse emantla kwimida yase-Ekron);
    ummandla wama-Avi;
    4ummandla wamaKanana ongasezantsi kwakunye neMeyara (engumhlaba wamaSidon), kuse eAfeka ngakwimida yama-Amori;
    5elamaGebhali kunye neLebhanon iphela ukubheka ngasentshona ukususela eBhali-gadi esemzantsi wentaba iHermon, kuse kuloo nkalo yeHamati;
    6-7wonke ummandla wamaSidon ahlala kweleentaba phakathi kweentaba zaseLebhanon neMisefoti-mayim.

“Bonke abemi balapho ndobakhupha apho ukufika kwamaSirayeli. Loo mhlaba uzuwabele amaSirayeli kanye ngalaa ndlela bendikuxelele yona, ube lilifa lezizwe ezilithoba kunye nesiqingatha sakwaManase.

Ukwabiwa komhlaba ongasempumalanga kweJordan

8Isizwe sakwaRubhen nesakwaGadi kwakunye nesinye isiqingatha sakwaManase zona zaziseziwabelwe umhlaba wazo nguMosis isicaka *sikaNdikhoyo. Loo mhlaba wawungasempumalanga kweJordan. 9Wawuye kuthi xhaxhe eArure ummandla wabo, phezu kwentili iAnoni, nakwisixeko esasikuloo ntili, uthathe onke loo mathafa aseMedebha ukusa eDibhon. 10Wenjenjeya ukusa kwimida yaseAmon, waquka zonke ezo zixeko zaziphantsi kwekumkani yama-Amori uSihon owayephethe eHeshbhon. 11Lo mmandla wawuquka iGiliyadi, utyhutyhe imimandla yaseGeshure naseMahaka, uthathe yonke intaba iHermon nayo yonke iBhashan ukuya kutsho eSaleka. 12Ukwalapho nomhlaba kaOgi owaba yikumkani yokugqibela kumaRafa, owayephethe iAshtaroti ne-Edreyi. Ezi ntlanga zonke zoyiswa nguMosis, wawuthimba umhlaba wazo. 13Kambe ke amaSirayeli wona akazange abagxotha abantu baseGeshure naseMahaka; basahlala kunye namaSirayeli unangoku.

14UMosis akazange ababele mhlaba abaLevi. Bona esabo isabelo, ngokomyalelo kaNdikhoyo kuMosis, yinxaxheba bayifumana kumadini atshiswayo enzelwa uNdikhoyo, uThixo kaSirayeli.

Umhlaba owabelwa uRubhen

15Nguwo lo umhlaba uMosis owawabela isizwe sakwaRubhen ngokwemizi yaso ube lilifa laso: 16ummandla waso wawuye kuthi xhaxhe ngeArure phezu kwentili iAnoni, udibanise nesixeko esisembindini waloo ntili, kunye naloo mathafa ajikeleze iMedebha, 17uthathe iHeshbhon kunye nezo zixeko zikuloo mathafa: iDibhon, iBhamoti-bhali, iBhete-bhali-mehon, 18iYaza, iKedemoti, iMefati, 19iKiriyatayim, iSibhema, kunye neZereti-shahare eyayisendulini kuloo ntili, 20iBhete-pehore, amathambeka aloo ntaba iPisga, kunye neBhete-yeshimoti. 21Wawucanda kwezo dolophu zikuloo mathafa, uwuthathe wonke umhlaba wekumkani yama-Amori uSihon, owayephethe eHeshbhon. UMosis wayoyisa le kumkani ndawonye nezilawuli zaseMidiyan: uEvi, uRekem, uZure, noYuri, kunye noRebha. La madoda ayezizibonda ezaziphantsi kokumkani uSihon. 22Phakathi kwabantu ababulawa ngamaSirayeli kwafa noBhalam unyana kaBhehore owayengusiyazi. 23Umlambo iJordan yayingumda wangasentshonalanga wesizwe sakwaRubhen. Zizo ke ezo izixeko needolophu ezabelwa imizi yesizwe sakwaRubhen zaba lilifa lazo.

Ummandla owabelwa uGadi

24Nguwo lo umhlaba uMosis owawabela isizwe sakwaGadi ngokwemizi yaso ube lilifa laso: 25ummandla waso uthathela eJazere udibanise zonke izixeko zaseGiliyadi, udibanise nesiqingatha sommandla wama-Amon, kuye kuthi xhaxhe ngeArure ekhangelene neRabha. 26Wawusuka eHeshbhon use eRamati-mizepe naseBhetonim, usuke eMahanayim use kwimida yeDebhiri. 27Kwintili yeJordan wawuthatha iBhete-haram, iBhete-nimra, iSukoti, kunye neZafon, nawo wonke ummandla kakumkani uSihon waseHeshbhon. Umda wabo ngasentshona yayingumlambo iJordan kuse emantla kuLwandle lwaseGalili. 28Ezi zixeko needolophu zaba lilifa lezindlu zesizwe sakwaGadi.

Ummandla owabelwa uManase

29Nguwo lo umhlaba uMosis owawabela isiqingatha sesizwe sakwaManase ngokwemizi yaso ube lilifa laso: 30ummandla waso waya kuthi xhaxhe ngeMahanayim, wadibanisa neBhashan – wonke ummandla kakumkani uOgi waseBhashan, kunye nazo zonke ezo lali zimashumi mathandathu zaseJayire eBhashan. 31Uthatha isiqingatha seGiliyadi, udibanise iAshtaroti ne-Edreyi, iidolophu ezazingamaziko olawulo zelizwe likakumkani uOgi waseBhashan. Wonke lo mmandla wabelwa isiqingatha semizi eyinzala kaMakire unyana kaManase.

32Wenjenjalo ke uMosis ukwaba umhlaba ongasempumalanga kweJeriko neJordan kuloo mathafa akwaMowabi. 33Kodwa ke uMosis akazange ababele mhlaba bona abaLevi. Elabo ilifa nguNdikhoyo uThixo wamaSirayeli ngokwesithembiso sakhe.

UYOSHUWA 14

Ukwabiwa komhlaba ongasentshonalanga kweJordan

1Le yinkcukacha yokwabelwa kwamaSirayeli umhlaba waseKanana ongasentshonalanga kweJordan. Lo mhlaba wabelwa abantu nguElazare umbingeleli, noYoshuwa unyana kaNune, bekunye neentloko zezindlu zezizwe zamaSirayeli. 2Umhlaba olilifa lezizwe ezilithoba elinesiqingatha wasikwa ngokwenza *amaqashiso ngokomyalelo *kaNdikhoyo kuMosis. 3-4Umhlaba ongasempumalanga kweJordan uMosis wayeselewabele izizwe ezibini ezinesiqingatha. (Inzala kaJosefu yayizizizwe ezibini: esakwaManase nesakwaEfrayim.) Kambe ke abaLevi bona uMosis akazange ababele mhlaba. Ndaweni yaloo nto babelwa izixeko bahlala kuzo, kunye namadlelo empahla. 5AmaSirayeli awaba loo mhlaba kanye ngokomyalelo kaNdikhoyo kuMosis.

IHebron yabelwa uKalebhi

6Abantu besizwe sakwaJuda bafika kuYoshuwa eGiligali, uKalebhi unyana kaJefune umKenezi wathi kuYoshuwa: “Uyayazi into eyathethwa kuMosis umfo wakwaThixo *nguNdikhoyo mayela nawe kunye nam eKadeshe-bhaneya. 7Ndandimashumi mane ubudala ngamhla uMosis wandithumayo ndesuka eKadeshe-bhaneya ndaza kuhlola lo mhlaba. Ndamphathela ingxelo ngokungafihlisi, 8kuba ndamthobela ngomxhelo wam wonke uNdikhoyo uThixo. Kambe ke amadoda awayekunye nam abatsho bankwantya abantu. 9Ke ngoko uMosis wafunga wathi kum: ‘Inene, laa mhlaba unyathele kuwo woba lilifa lakho ndawonye nenzala yakho ngonaphakade, kuba umthobele ngomxhelo wonke uNdikhoyo uThixo wam.’ 10Ke uNdikhoyo usandigcinile njengoko wathembisayo. Kambe sekudlule amashumi amane anantlanu eminyaka oko uNdikhoyo wathetha loo nto kuMosis ngokuya amaSirayeli ayebhadula entlango. Ndim lo ke, ndimashumi asibhozo anantlanu eminyaka ndisidla amazimba, 11kodwa ndisengumqabaqaba njengoko ndandinjalo ukundithuma kwakhe uMosis. Ndisomelele; ndingaya emfazweni, ndingenza nantoni na. 12Ngoku ke ndabele eliya leentaba ndalithenjiswa nguNdikhoyo mhla ndenza ingxelo. Nawe ngokwakho weva ngaloo mini ukuba olwaa hlanga lweengxilimbela kuthiwa ngama-Anaki ayehlala apho ezixekweni ezikhulu ezingqingwe ngeendonga. Ukuba uNdikhoyo ungakum ndozichitha kanye njengoko yena watshoyo.”

13UYoshuwa wamsikelela uKalebhi unyana kaJefune, wamabela iHebron yaba lilifa lakhe. 14Unanamhla oku iHebron iseyeyenzala kaKalebhi unyana kaJefune umKenazi, kuba yena wamthobela ngomxhelo wonke uNdikhoyo uThixo kaSirayeli. 15Ngaphambili iHebron kwakusithiwa sisixeko sika-Arbha. (UArbha ngoyena mAnaki mkhulu.)

Kwabakho uxolo elizweni.

UYOSHUWA 15

Ummandla owabelwa uJuda

1Nguwo lo umhlaba owabelwa izindlu zesizwe sakwaJuda *ngamaqashiso: Lo mhlaba waya kutsho kumda wase-Edom ezantsi kwentlango. 2Lo mda wangasezantsi wawucanda kwincam engezantsi yoLwandle oluFileyo, 3uhle ubheke ezantsi ukusuka kwiNkalo yooNomadudwana, ugqithele eZin. Wawutyhutyha amazantsi eKadeshe-bhaneya, udlule eHezeron, unyuke usinge eAdare, ujike ujonge ngaseKareka, 4wenjenjeya usinga eAzemon, ugudle intlambo ekuthiwa yeyeJiputa, ujonge elwandle, apho ufika ume khona. Ngumda ongasezantsi wakwaJuda ke lowo.

5Umda wangasempumalanga wawuluLwandle oluFileyo, wenjenjeya uye kutsho apho umlambo iJordan ungena khona elwandle.

Wawuqala apho umda wangasentla, 6unyuke ubheke ngaseBhete-hogela, ubheke entla eBhete-arabha. Wawusuka apho unyukele kwiLitye likaBhohan (uBhohan ngunyana kaRubhen), 7usuke ngakwintili yeAkore, unyukele eDebhiri, uze ujike ujonge emantla ngaseGiligali. IGiligali le yayijonge inkalo yeAdumim esemazantsi omfula lowo. Wawugqithela kwimithombo yase-En-shemeshe, wenjenjeya ukuya e-En-rogele, 8uze unyuke utyhutyhe intili yoonyana bakaHinom esethambekeni lenduli ekwakumi kuyo isixeko samaJebhusi (yiJerusalem ke leyo), usuke apho unyuse intaba, utsho encotsheni ngakwicala langasentshona lentili iHinom ngasentla kumaphethelo entili yamaRafa. 9Usuka apho usinge emthonjeni waseNefetowa, ugqithele kwizixeko ezingakwintaba iEfron. Uyajika apho, ubheke ngaseBhala (oko kukuthi iKiriyati-yarim), 10apho ujikela ngasentshonalanga yeBhala, ujonge kwintaba iSeyire, uphume kwicala elingasentla lentaba iYarim (oko kukuthi iKesalon), uhle uye eBhete-shemeshe, ugqithele eTimna. 11Lo mda wawunyuka uye kwinduli engasentla kwe-Ekron, ujike ujonge eShikeron, udlule intaba iBhala, wenjenjeya ukusinga eYabheneli. Wawuhamba uyokuma ngolwandle 12olwalungumda wangasentshonalanga.

Ngaphakathi kwale mida kwakuhlala abantu bezindlu zikaJuda.

UKalebhi uthimba iHebron neDebhiri

(Nkokh 1:11-15)

13Inxalenye yommandla wakwaJuda wabelwa uKalebhi unyana kaJefune wesizwe sakwaJuda, ngokomyalelo *kaNdikhoyo kuYoshuwa. Wabelwa iHebron, isixeko sika-Arbha, uyise ka-Anaki. 14UKalebhi wayikhuphela ngaphandle kweso sixeko inzala ka-Anaki. YayinguSheshayi, uAhiman, noTalmayi. 15Wesuka apho waya kuhlasela abantu ababehlala eDebhiri ekwakusithiwa yiKiriyati-sefere mandulo. 16UKalebhi wathi: “Intombi yam uAkesa ndoyendisela kumntu oya kuze ayihlasele ayithimbe iKiriyati-sefere.” 17UOteniyeli unyana womntakwabo-Kalebhi uKenazi wasithimba ke eso sixeko, waza uKalebhi wayendisela kuye intombi yakhe uAkesa. 18Bakuba betshatile wacenga uOteniyeli amvumele acele umhlaba kuyise. Wehla kwidonki awayekhwele kuyo uAkesa, waza uKalebhi wabuza wathi: “Kwenzeke ntoni?”

19Wathi ukuphendula uAkesa: “Ndicela intsikelelo. Kaloku umhlaba ondinike wona ukwindawo ebharhileyo. Nceda undinike imithombo.” UKalebhi ke wamnika imithombo angasentla nengasezantsi.

Izixeko zakwaJuda

20Lo ngumhlaba owabelwe izindlu zesizwe sakwaJuda, waba lilifa lazo:

21Izixeko zabo ezazisemazantsi, ezo zazikufuphi nomda wase-Edom, yayizezi: iKabhezeli, iEdere, iYagure, 22iKina, iDimona, iAdada, 23iKedeshe, iHazore, i-Itenana, 24iZifi, iTelem, iBheyaloti, 25iHazore-hadata, iKeriyoti-hezeron (okanye iHazore), 26iAmam, iShema, iMolada, 27iHazare-gada, iHeshmon, iBhete-pelete, 28iHazare-shuwali, iBheshebha, iBhiziyotiya, 29iBhala, i-Iyim, iEzem, 30iEltoladi, iKezili, iHoma, 31iZikelage, iMademana, iSanesana, 32iLebhawoti, iShilim, iAyin, kunye neRimon. Yaba zizixeko ezimashumi mabini anethoba zizonke, kwakunye neelali ezizingqongileyo.

33Izixeko ezazisesihlanjeni yayizezi: iEshtawoli, iZora, iAshna, 34iZanowa, iEn-ganim, iTapuwa, iEnam, 35iYamuti, iAdulam, iSoko, iAzeka, 36iSharayim, iAditayim, neGedera (okanye iGederotayim). Yaba zizixeko ezilishumi elinesine kunye neelali ezazizingqongile.

37-41Kwakukho nezinye izixeko ezilishumi linantandathu ezazingqongwe ziilali. YayiyiZenan, iHadasha, iMigdali-gadi, iDilan, iMizpa, iYoketeli, iLakishe, iBhozekati, iEglon, iKabhon, iLamam, iKitilishe, iGederoyi, iBhete-dagoni, iNama, kunye neMakeda.

42-44Kanti ke kwakukho nezinye izixeko ezilithoba ezazingqongwe ziilali: iLibhena, iEtere, iAshan, i-Ifeta, iAshna, iNezibhi, iKeyila, iAkezibhi, kunye neMaresha.

45IEkron yayingqongwe zizixeko kunye neelali, 46kukho nezinye izixeko neelali ngaseAshdode, ukusuka e-Ekron kuse elwandle.

47Yayikwalapho iAshdode kunye neGaza kwanezixeko neelali zazo, zithe thande de kuye kuthi xhaxhe kwintlambo ekuthiwa yeyeJiputa nakunxweme lolwandle.

48Izixeko zeleentaba yayiyiShamire, iYatire, iSoko, 49neDana, iKiriyati-sana (okanye iDebhiri), 50iAnabhi, iEshtemo, kunye neAnim, 51iGoshen, neHolon, kunye neGilo. Yayizizixeko ezilishumi linambini zizonke kunye neelali ezizingqongileyo.

52YayiyiArabhu, iDuma, iEshan, 53iYanim, iBhete-tapuwa, iAfeka, 54iHumta, iKiriyati-arbha (yiHebron ke leyo), kunye neZiwore, izixeko ezilithoba kunye neelali ezizingqongileyo.

55IMawon, iKarmele, iZifi, neJuta, 56kunye neYizereli, iYokedim, neZanowa, 57iKayin, neGibheya, kunye neTimna, izixeko ezilishumi zizonke kunye neelali ezizingqongileyo.

58IHalehule, neBhete-zure, iGedore, 59neMarati, kunye neBhete-anoti ne-Eltekon, yayizizixeko ezithandathu kunye neelali ezizingqongileyo.

60Kwakukho neKiriyati-bhali (okanye iKiriyati-yarim) kunye neRabha: izixeko ezibini neelali ezizingqongileyo.

61Entlango kwakukho iBhete-arabha, iMidin, iSekaka, 62iNibheshan, isiXeko seTyuwa, kunye ne-Engedi: zazizithandathu kunye neelali ezizingqongileyo.

63Kodwa ke kambe amaJuda akazanga aba nako ukuwagxotha amaJebhusi awayemi eJerusalem. Asahlala apho nangoku kunye noonyana bakaJuda.

UMSEBENZI WABATHUNYWA 13

1Ke kaloku ebandleni laseAntiyokwe kwakukho abashumayeli nabefundisi: uBharnabha, uSimon ekwakusithiwa nguMnyamana, uLukiyo waseKirene, uManayen owayekhuliswe noHerode irhuluneli, kunye noSawule. 2Ekuyikhonzeni kwabo iNkosi, bezila ukutya, uMoya oyiNgcwele wathi kubo: “Ndikhetheleni uBharnabha noSawule, ukuze benze umsebenzi endibabizele wona.”

3Ngoko ke bazila ukutya bathandaza, bababeka izandla, baza babandulula.

UBharnabha noSawule eSipro

4Bakuba bethunywe nguMoya oyiNgcwele, uBharnabha noSawule behla baya eSeluki, baza ukusuka apho bahamba ngolwandle ukuya eSipro. 5Bathi bakufika eSalamisi, balishumayela khona ilizwi likaThixo ezindlwini zesikhungo zamaJuda. Babehamba noYohane Marko, khon' ukuze abancedise emsebenzini.

6Basijikeleza ke isiqithi eso, bada bafika ePafo. Apho badibana nomfo onemilingo ogama linguBhar-yesu, umJuda owayezenza *umshumayeli. 7Wayeliphakathi lerhuluneli yesiqithi eso, uSergiyo Pawulos, owayeyindoda enengqondo ekrele-krele. Irhuluneli leyo yababiza ooBharnabha noSawule, ifuna ukuphulaphula ilizwi likaThixo. 8Kodwa lo mfo unemilingo, owayebizwa ngokuba nguElima ngesiGrike, wachasana nabo, nerhuluneli leyo wafuna ukuyiwexula elukholweni. 9Waza ke ngoko uSawule, ogama limbi linguPawulos, ezaliswe nguMoya oyiNgcwele, wamjonga lo mfo, 10wathi: “Nyanandini kamtyholi, lutshabandini lobulungisa, uzele ngamaqhinga nobuqhetseba, usoloko uzama ukugqwetha inyaniso yeNkosi ngobuxoki! 11Khona ngoku iNkosi iza kukubetha, ube yimfama, futhi kuya kuba mzuzu ungakuboni ukukhanya.”

Ngoko nangoko aba nkungu amehlo kaElima, wabuva ubumnyama buwavala, wajikeleza ke empampatha, efuna umntu ongamrhuqayo. 12Ke kaloku yona irhuluneli yakuyibona loo nto, yazinikela, imangalisiwe yimfundiso emayela neNkosi.

UPawulos noBharnabha eAntiyokwe yasePisidi

13UPawulos nababemphahlile bemka ePafo, bahamba ngenqanawe, baya kufika ePerga yasePamfili. Apha ke wahlukana nabo uYohane Marko, wabuyela eJerusalem. 14Abanye bona banduluka ePerga, babheka eAntiyokwe yasePisidi. Bathi apho *ngoMhla wokuPhumla baya *kwindlu yesikhungo, bafika bahlala phantsi. 15Kwathi zakuba zifundiwe izicatshulwa encwadini *yomthetho kaMosis *nezabashumayeli, amagosa endlu yesikhungo athumela ebacela esithi: “Mawethu, khanisiphe kowenu umphako welizwi, ukwenzela ukukhuthaza abantu.”

16Waphakama uPawulos, wawangawangisa ngesandla, ukuba kuthi cwaka, waza wenjenje ukuthetha: “Mawethu, maSirayeli, nani nina zintlanga zimhlonelayo uThixo, khanibeke iindlebe! 17UThixo lo unqulwa ngamaSirayeli nguye owanyula ookhokho bethu, wawenza amaSirayeli asisizwe esikhulu ngexesha ayengabaphambukeli kwelaseJiputa. Nguye owawakhupha ngamandla angummangaliso amaSirayeli eJiputa. 18Wawanyamezela iminyaka emashumi mane entlango. 19Ikwanguye owazitshabalalisayo izizwe ezisixhenxe eKanana, waza loo mhlaba wawunika abantu bakhe amaSirayeli. 20Yonke loo nto yathatha isithuba esingangeminyaka engamakhulu amane anamashumi amahlanu.

“Emva koko wabanika iinkokheli, zabalawula kwada kwalixesha lomshumayeli uSamweli. 21Bakufuna ukumkani, wabanika uSawule unyana kaKishe, wesizwe sakwaBhenjamin, waza wabalawula iminyaka engamashumi amane. 22Akumsusa uSawule, uThixo wamisela uDavide wangukumkani. Nanga amazwi athethwa nguThixo ngoDavide: ‘Ndiphawule ukuba uDavide, unyana kaJese, ngulo mntu kanye ndimfunayo, umfo oya kwenza oko sukuba ndifuna kwenziwe.’ 23NguYesu lo mzukulwana kaDavide wenziwe uMsindisi wamaSirayeli nguThixo njengoko wathembisayo. 24Ngaphambi kokufika kukaYesu, uYohane wawashumayeza onke amaSirayeli, esithi makaziguqule iindlela zawo aze abhaptizwe. 25Ekuwusongeni kwakhe uYohane umsebenzi wakhe, wathi ebantwini: ‘Nithi ndingubani? Andinguye lowo nicinga ukuba ndigunye. Khangelani yena uza emva kwam, ndaye mna andikufanele nokukhulula iimbadada ezi ezinyaweni zakhe.’

26“Mawethu, nzala ka-Abraham, nani nonke zintlanga zimhlonelayo uThixo, olu daba losindiso lwathunyelwa kuthi. 27Kaloku abantu baseJerusalem, bekunye neenkokheli zabo, babengamazi, bengawaqondi namazwi abashumayeli bamandulo afundwayo ngayo yonke iMihla yokuPhumla. Kodwa bâwazalisekisa amazwi abo bashumayeli ngokumgweba uYesu. 28Nangona babengasifumani isizathu sokuba agwetyelwe ukufa, bacela uPilato ukuba ambulale. 29Emveni kokuzenza zonke izinto ezithethwa *ziziBhalo ngaye, bamothula emnqamlezweni, bamngcwaba. 30Kodwa uThixo yena wamvusa ekufeni, 31waza kwithuba leentsuku ezininzi wabonwa ngâbo wayejikeleza nabo ukusuka eGalili baye eJerusalem. Ngoku bangamangqina akhe kumaSirayeli. 32Thina silapha nje, sizise iindaba ezimnandi kuni. Loo nto uThixo wayithembisa ookhokho bethu, 33uyenzele thina bayinzala yabo, ngokumvusa uYesu. Kunjengoko kubhaliweyo eNdumisweni yesibini, kwathiwa:

“ ‘Ungunyana wam wena;

namhlanje ndikuzele.’

34“UThixo wamvusa ekufeni. Ke ngoko akasayi kuze abole. Le nto uyithethe ngala mazwi athi:

“ ‘Ndiya kuninika iintsikelelo ezizodwa eziqinisekileyo,

endazithembisa uDavide.’

35“Kwakhona uthi kwenye indawo:

“ ‘Akuyi kusiyeka isicaka sakho esithembekileyo sibole.’

36“Kuba kaloku ngexesha lakhe uDavide wayifeza injongo kaThixo, waza wafa emva koko, wangcwatywa ngakookhokho bakhe, wabola. 37Kodwa uYesu, evusiwe nje nguThixo, khange abole. 38-39Yazini niqiniseke xa ninonke, mawethu, ukuba kungoYesu ukushunyayelwa kodaba lokuxolelwa kwezono. Ngokunjalo qondani ukuba wonke umntu ozinikelayo kuye uyakhululwa kuzo zonke izono, obungenako ukumkhulula kuzo *umthetho kaMosis. 40Lumkani ke ngoko, hleze ihle kuni into eyathethwa ngabashumayeli, besithi:

41“ ‘Khangelani, nina bagxeki, nimangaliswe nife;

kuba umsebenzi endiwenza ngemihla yenu

yinto eningayi kukholwa yiyo

nokuba ubani uthe wanichazela.’

42Xa bayishiyayo intlanganiso ooPawulos noBharnabha, abantu babamema ukuba ze beze kwakhona ngoMhla wokuPhumla olandelayo, ukuze baphinde babafundise. 43Emveni kokuphuma kwentlanganiso, uPawulos noBharnabha balandelwa sisihlwele samaJuda neentlanga eziguqukele ebuJudeni, baza basikhuthaza ukuba sibambelele ngenyameko kuThixo onesisa.

44NgoMhla woPhumlo olandelayo phantse wonke umntu osedolophini weza kuphulaphula ilizwi leNkosi. 45Akuyibona le nkitha yabantu, amaJuda azala ngumona, amphikisa amnyelisa uPawulos. 46Kodwa bona ooPawulos noBharnabha bawaxelela phandle amaJuda bathi: “Kakade bekufuneka lishunyayezwe nina kuqala ilizwi likaThixo; koko ngenxa yokuba nilibukula, niziqonda ukuba anibulungelanga ubomi obungonaphakade, siza kuniyeka, siye ezintlangeni. 47Thina kaloku sanikwa lo myalelo yiNkosi:

“ ‘Ndikumisele ukuba ube sisibane sokukhanyisela iintlanga,

ube yindlela yokusindiswa kwalo lonke elimiweyo.’

48Zavuya iintlanga zakukuva oku, zayidumisa iNkosi ngenxa yodaba lwayo. Abo ke babenyulelwe ukungena ebomini obungonaphakade, baguquka bangamakholwa.

49Ilizwi leNkosi lanwenwa kuwo wonke loo mmandla. 50Kodwa amaJuda adala uchuku, enza *abathunywa bavukelwa ngamadoda aloo dolophu aphambili kwanangabafazi abakumgangatho ophezulu entlalweni, ababemhlonela uThixo. Babatshutshisa babagxotha kuloo mmandla. 51Abathunywa bavuthulula uthuli ezinyaweni, bekhalala, bemka baya eIkoniyo. 52Basala abalandeli bakaYesu eAntiyokwe bezele luvuyo nanguMoya oyiNgcwele.

UMSEBENZI WABATHUNYWA 13XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UMSEBENZI WABATHUNYWA 14

UPawulos noBharnabha eIkoniyo

1NaseIkoniyo yaba sesezolo: uPawulos noBharnabha baya *endlwini yesikhungo baza bathetha kangangokuba iqela elikhulu lamaJuda neentlanga lazinikela. 2Kodwa amaJuda angakholwayo azixhokonxa iintlanga, azifaka umoya ombi ngakumakholwa. 3*Abathunywa bahlala apho ixesha elide. Bathetha ngesibindi ngeNkosi, iNkosi ibanika amandla okwenza imiqondiso nemimangaliso, ingqina inyaniso yodaba lwabo ngesisa sayo. 4Inkoliso yabantu edolophini apho yathi qheke kubini: abanye baba ngakumaJuda, abanye baba ngakubathunywa.

5Zaza iintlanga namaJuda ndawonye neenkokheli zazimisela ukubaphatha kakubi abathunywa, zibaxulube ngamatye. 6Bathe bakuyiqonda le nto abathunywa, basaba baya eLikawoni, kwiidolophu zaseListra naseDerbhe nemimandla ejikelezileyo. 7Baza bazishumayela khona iindaba ezimnandi.

UPawulos noBharnabha eListra

8Apho eListra kwakukho indoda eyazalwa isisiqhwala, ingazange yaba nako ukuhamba. 9Yawaphulaphula ngomdla amazwi kaPawulos. UPawulos wayithi ntshoo ngamehlo, waqonda ukuba inokholo olungayiphilisayo, 10wadanduluka wathi: “Suk' ume ngeenyawo.” Indoda leyo yatsiba yema, yahamba-hamba. 11Zithe izihlwele zakuyibona le nto yenziwe nguPawulos, zakhwaza ngesiLikawoni zisithi: “Oothixo beze kuthi befana nabantu!” 12UBharnabha bamthiya bathi *nguZeyus, uPawulos bathi *nguHermes ngenxa yokuba yena wayesisithethi. 13Ke kaloku kwakukho indlu yokunqulela uZeyus ngaphandle nje kwedolophu. Waza umbingeleli kaZeyus weza neenkunzi zeenkomo neentyatyambo esangweni ledolophu. Yena nesihlwele eso babefuna ukwenzela *abathunywa idini.

14Bathe abathunywa ooBharnabha noPawulos bakuyiva le nto iqhubekayo, bazikrazula iimpahla zabo, babaleka baya kuso isihlwele, bekhwaza besithi: 15“Madoda, yintoni le niyenzayo? Nathi singabantu; sifana nani! Size apha ukuze sivakalise iindaba ezimnandi, ukuze niguquke nijike kwezi zinto ziphuthileyo, nize kuThixo, owenza izulu, nomhlaba, nolwandle, nezinto ezilapho kuzo. 16Mandulo uThixo wabayeka abantu, benza ukuthanda kwabo; 17kodwa wasoloko ezibonakalisa ubukho bakhe ngezinto ezintle azenzayo. Usipha imvula nezilimo ngamaxesha afanelekileyo; usipha nokudla, iintliziyo zethu azizalise ngovuyo.” 18Naxa sebethethe kangako abathunywa, phantse bangabi nako ukusijika isihlwele ekubeni sibenzele idini.

19Kwafika iqela lamaJuda evela eAntiyokwe yasePisidi naseIkoniyo. Ekubeni ezifake umoya ombi izihlwele, ukuba zithathe icala lawo, bamxuluba ngamatye uPawulos, bamrhuqela ngaphandle kwedolophu, beba ufile. 20Kodwa akungqongwa ngamakholwa, wavuka, wabuyela kwasedolophini. Ngengomso wemka kunye noBharnabha, baya eDerbhe.

UPawulos noBharnabha babuyela eAntiyokwe yaseSiriya

21UPawulos noBharnabha bazishumayela iindaba ezimnandi naseDerbhe, bafumana inkitha eyaba ngabalandeli bakaYesu. Baza ke babuyela eListra, baya eIkoniyo ukusuka apho, baya naseAntiyokwe yasePisidi. 22Bawomeleza amakholwa, bewakhuthaza ukuba ahlale ehleli elukholweni enyanisekile, besithi ukufundisa: “Simelwe kukuthwala ubunzima thina singene phantsi kolawulo lukaThixo.” 23Kwibandla ngalinye batyumba abadala, babanikela ngemithandazo nangozilo-kutya eNkosini ababethembele kuyo.

24Emveni kokutyhutyha ummandla wasePisidi, bafika ePamfili. 25Bashumayela udaba ePerga, baza badlulela eAtaliya. 26Basuka apho ngesikhephe babuyela eAntiyokwe yaseSiriya, apho babenikelwe elugcinweni naselubabalweni lukaThixo ukuya kwenza kwabo lo msebenzi bawufezileyo ngoku.

27Bakufika eAntiyokwe, balihlanganisela ndawonye ibandla, babalisa ngezinto uThixo awazenza ngabo, bexela nokuba nabaziintlanga uThixo ubavulele indlela yokukholwa. 28Bahlala ke apho kunye namakholwa ithuba elide.

UMSEBENZI WABATHUNYWA 14XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UMSEBENZI WABATHUNYWA 15

Intlanganiso yaseJerusalem

1Amadoda athile asuka eJerusalem, aya eAntiyokwe afundisa amakholwa esithi akanako ukusindiswa ngaphandle kokuba olùswe *ngokomthetho kaMosis. 2UPawulos noBharnabha baba nengxoxo eshushu nabo ngalo mbandela, kwaza kwagqitywa ukuba uPawulos noBharnabha kunye nabanye baseAntiyokwe baye eJerusalem, bayokuva le ngxaki *kubathunywa nakubadala.

3Ke kaloku lakuba libandulule ibandla, bacanda kwelaseFenike nelaseSamariya, behamba bebalisa ngokuguquka kweentlanga; iindaba ke ezo ezawavuyisa kakhulu amakholwa. 4Befikile ke eJerusalem, bamkelwa libandla, abathunywa, nabadala, baza ke benza ingxelo kubo ngendlela awayebasebenzise ngayo uThixo. 5Kodwa amakholwa athile awayekade engaweqela *labaFarasi, athi wona amakholwa aphuma ezintlangeni makoluswe awuthobele umthetho kaMosis.

6Abathunywa nabadala benza intlanganiso, baphicotha lo mbandela. 7Emva kwengxoxo ende, waphakama uPetros, wathi: “Mawethu, niyazi ukuba kwixesha elidlulileyo uThixo wandonyula phakathi kwenu ukuba iintlanga zizive ngam iindaba ezimnandi, zize ziguquke. 8UThixo ozaziyo iintliziyo zabantu, wabonakalisa ukuzamkela iintlanga ngokuzinika uMoya oyiNgcwele njengoko wasinikayo nathi. 9Akabonakalisanga mahluko phakathi kwazo nathi; nazo wazihlambulula iintliziyo zakuba zizinikele kuye. 10Ngoku ke nimlingela ntoni uThixo ngokuthwalisa amakholwa umthwalo abangazange babe nako ukuwuthwala ookhokho bethu, nathi ngokwethu esingenako ukuwuthwala? 11Hayi bo! Sikholwa kukuba thina sisindiswa ngesisa seNkosi uYesu kwanjengazo.”

12Kwakuthe cwaka ngexesha uBharnabha noPawulos besenza ingxelo ngemimangaliso nemiqondiso ayenzileyo uThixo ngabo phakathi kweentlanga. 13Emva kwentetho yabo kwathetha uYakobi, wathi: “Ndiphulaphuleni, mawethu! 14USimon unichazele indlela uThixo abonakalise ngayo ukuzikhathalela kwakhe iintlanga ngokukhetha phakathi kwazo abantu abangabakhe. 15Amazwi *abashumayeli ayavumelana nesi senzo, kuba zithi *iziBhalo:

16“ ‘Emva koku ndiya kubuya,’ itsho iNkosi,

‘ndiwuvuse umzi kaDavide ongamanxiwa,

ndiwulungise apho wonakele khona,

ume kakuhle.

17Bothi ke bayifune iNkosi bonke abantu,

zonke izizwe endizibizileyo zaba zezam,’

itsho iNkosi, yona ikwenzileyo oku.

18“Kakade ke iyaziwa le nto. 19Ke ngoko mna ndithi masingazixhamli iintlanga eziguqukayo, 20koko masizibhalele incwadi sizixelele ukuba mazingatyi naluphi na uhlobo lokutya okungahlambulukanga ngenxa yokubingelelwa kwizithixo, zizigcine nyulu ekurheletyeni, zingatyi nasiphi na isilo esikrwitshiweyo, nanyama inegazi. 21Sekukudala kakade ufundwa umthetho kaMosis, kushunyayelwa amazwi akhe ngayo yonke *iMihla yokuPhumla *ezindlwini zesikhungo kwiidolophu ngeedolophu.”

Isigqibo sentlanganiso

22*Abathunywa nabadala, kunye nebandla lonke, bafika kwisigqibo sokuba kukhethwe amadoda phakathi kwabo, athunywe eAntiyokwe kunye noPawulos noBharnabha. Banyulwa ke ooJudas ogama limbi linguBharsabha kunye noSilas, ingamadoda awayebekwe kakhulu ngamakholwa. 23Banikwa incwadi ukuba bahambe nayo. Ke yona yayibhalwe ngolu hlobo:

“Thina bathunywa sikunye nabadala siyanibulisa njengamawethu xa ninonke, nina zizwe zaseAntiyokwe eSiriya naseKiliki. 24Sivile ukuba kubekho madoda athile aphuma apha kuthi aza kunixhamla, eniphazamisa ngento esingawathumanga yona, ayithethileyo kuni. 25Sihlangene ke, savumelana sonke ukuba sinyule izigidimi sizithume kuni, zihambe kunye nabahlobo bethu abaziintanda, uBharnabha noPawulos, 26amadoda ancame ubomi bawo ngenxa yokukhonza uKrestu. 27Ke ngoko sinithumela uJudas noSilas abaya kunichazela ngokwabo ezi zinto kanye sizibhalileyo. 28Thina samkele isigqibo soMoya oyiNgcwele sokuba singanithwalisi bunzima bumbi ngaphandle kwale migaqo ibalulekileyo: 29Musani ukuyitya into ebingelelwe kwizithixo, nenyama enegazi, nesilo esikrwitshiweyo; nizigcine nyulu ekurheletyeni. Niya kuba niyakholisa xa nizilumlayo kwezo zinto. Salani kakuhle.”

30Izigidimi ezo zandululwa, zasinga eAntiyokwe, apho zafika zawahlanganisa amakholwa, zawanika incwadi leyo. 31Bathi abantu bakuyifunda incwadi leyo, bavuya kakhulu ziindaba zayo zenkuthazo. 32UJudas noSilas, ababengabashumayeli ngokwabo, bathetha ixesha elide namakholwa, bewakhuthaza, bewomeleza. 33Emva kwexesha belapho bakhululwa ngoxolo ngamakholwa, baza bagoduka. [ 34Kodwa uSilas yena wabona ukuba makasale khona.]

35UPawulos noBharnabha bona bakhe banexesha belapho eAntiyokwe. Bekunye nabanye balifundisa, balishumayela, ilizwi leNkosi.

UPawulos noBharnabha bayahlukana

36Ekuhambeni kwexesha wathi uPawulos kuBharnabha: “Makhe sityelele amakholwa kuzo zonke iidolophu apho sasikhe salishumayela khona ilizwi leNkosi, siqonde ukuba aphila njani na.” 37UBharnabha wafuna ukuba kuhanjwe noYohane Marko, 38kodwa uPawulos yena akathandanga ukuba bahambe naye, kuba ngokuya babehambe naye kuqala wajika esithubeni, wabashiya ePamfili. 39Baxambulisana ke ngale ndawo, bada bagqibela ngokwahlukana. UBharnabha wahamba noMarko, basinga eSipro ngesikhephe. 40Waza yena uPawulos wakhetha ukuhamba noSilas. Ke amakholwa abanikela ezibeleni zikaThixo, bemka. 41UPawulos watyhutyha imimandla yaseSiriya naseKiliki, ewomeleza amabandla.

UMSEBENZI WABATHUNYWA 15XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-