Bible Society of South Africa

To The Word – Day 7

Genesis 21–24, John 12–13

Itekisi yeBhayibhile

EYEZIQALO 21

Ukuvela kukaIsake

1*UNdikhoyo wamenzela isisa uSara ngokuthi asizalisekise isithembiso sakhe. 2USara wakhulelwa, waza wazala umntwana oyinkwenkwe, sele aluphele uAbraham. Wamzala kanye ngelaa xesha wayelixelile uThixo. 3Wamthiya igama loo mntwana uAbraham, wathi nguIsake. 4Uthe ke akuba ntsuku zisibhozo ezelwe, wamalusa uAbraham ngokomyalelo kaThixo. 5UAbraham wayeselenekhulu leminyaka ukuzalwa kukaIsake. 6Wada wathi uSara: “UThixo undenze ndakwazi ukuhleka, yaye wonke ubani oyivayo le nto wohleka kunye nam.” 7Uqokele wathi: “Ibingubani kakade obenokuthi kuAbraham ndiza kuba ngumdlezana owanyisayo? Naku ke kodwa ndizele umntwana wakhe, eyinkothovu yexhego enjalo!”

8Lwakhula usana lwada lwalunyulwa. Wenza elikhulu lona itheko uAbraham ukulunyulwa kwaloo mntwana.

Ukugxothwa kukaHagare noIshmayeli

9Ngaminazana ithile uSara wabona umntakaHagare umJiputakazi, lowa uHagare wamfumana kuAbraham, edlala ngoIsake. 10Waya kuthi kuAbraham: “Wethu, sikhuphele ngaphandle esi sicakazana kunye nomntwana waso. Andiyi kuyivumela yona into yokuba lo mntwana wesi sicakazana sahlulelane ngelifa kunye noIsake umntwana wam!”

11Le nto yamkhathaza gqitha uAbraham, kuba noIshmayeli lowo wayengumntwana wakhe. 12Wavakala esithi uThixo kuye: “Hayi, sukuzikhathaza ngenxa yalo mntwana nesicakazana sakho. Yenza loo nto ithethwa nguSara wena, kuba kaloku abazukulwana bakho boba yinzala kaIsake. 13Ewe, nonyana wesicakazana lo uya kuzala isizwe esikhulu, kuba kaloku naye ngumntwana wakho ncam.”

14Kwakusasa ngengomso uAbraham wavuka wathatha ukutya kunye nentsuba ezele ngamanzi, wazinika uHagare, wamthwalisa, wathi makahambe nomntwana wakhe. Wemka ke uHagare, wahamba ebhadula kuloo ntlango iyiBheshebha. 15Akuphela amanzi awayewaphethe, wamqhusheka etyholweni umntwana, 16wemka wathi qelele, wahlala phantsi. Watsho esithi: “Andinakuyinyamezela into yokubona umntwana wam esifa.” Uthe ehleli apho zehla iinyembezi.

17UThixo wamva ekhala umntwana, kwavakala ilizwi lesithunywa livela ezulwini, lisithi kuHagare: “Ukhathazwa yintoni, Hagare? Sukoyika. UThixo umvile umntwana wakho kulaa ndawo umbeke kuyo. 18Hamb' uye kumthatha umthuthuzele. Úya kuba ngunozala wesizwe esikhulu.” 19UThixo wawavula amehlo kaHagare, nako kubonakala umthombo. Waya kuzalisa loo ntsuba, waseza nomntwana wakhe. 20-21UThixo wamgcina loo mntwana, wakhula ehlala kuloo ntlango yaseParan. Waba yincutshe yomzingeli. Unina wamthathela intombi engumJiputakazi.

Imvumelwano ka-Abraham noAbhimeleki

22Ngelo xesha kwafika uAbhimeleki ehamba noPikoli umphathi-mkhosi, wathi kuAbraham: “Yonke into oyenzayo inesandla sikaThixo kuyo, Abraham. 23Ngoko ke khawufunge ngoku apha phambi koThixo ukuba akusokuze undixokise mna nabantwana bam kunye nabazukulwana bam. Mna ndinyanisekile kuwe, nawe ke ndithembise ukuba uya kunyaniseka kum nakubemi beli lizwe uhlala kulo.”

24UAbraham wathi ukuphendula: “Ndiyathembisa.”

25UAbraham wavakalisa kwanesikhalazo awayenaso kuAbhimeleki, esiphathelele nomthombo owahluthwa zizicaka zika-Abhimeleki. 26Wathi uAbhimeleki: “Bendingazi ukuba ukho owenze loo nto; nawe ngokwakho akuzange wandixelela nokundixelela. Ndiyaqala namhlanje ukuyiva into enjalo.”

27UAbraham ke wakhupha iinkomo neegusha, wazinika uAbhimeleki, baza benza imvumelwano. 28UAbraham wakhetha amatakane asixhenxe kuloo mhlambi, 29waza uAbhimeleki wathi kuAbraham: “Ngawantoni la matakane asixhenxe uwakhethileyo?”

30Wathi uAbraham: “Wathathe la matakane asixhenxe. Ngokwenjenjalo ungqina ukuba lo mthombo wembiwa ndim.” 31Yaba ke loo ndawo kuthiwa yiBheshebha ukubizwa kwayo, kuba kaloku kulapho loo madoda avumelana khona efunga.

32Emva koko uAbhimeleki noPikoli babuyela kwakwelamaFilistiya. 33UAbraham watyala umthi apho eBheshebha. Apho ke wamnqula *uNdikhoyo uThixo uSonini-nanini. 34Wahlala kwelo lizwe lamaFilistiya ixesha elide.

EYEZIQALO 21XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

EYEZIQALO 22

UThixo uvavanya uAbraham

1Ekuhambeni kwexesha uThixo wamvavanya uAbraham. Wambiza wathi: “Abraham!”

Wasabela uAbraham wathi: “Ndim lo, Mhlekazi!”

2Uthe uThixo: “Thatha unyana wakho uIsake, lo kanye usenyongweni kuwe, uye naye eMoriya. Uya kufika apho ke, kuloo nduli ndiza kukubonisa yona, umnikele khona abe lidini elitshiswayo.”

3Kwakusasa ngengomso uAbraham wavuka, wabopha idonki yakhe, wabiza izicaka zazibini kunye noIsake, bacanda iinkuni zokubasa umlilo wedini, banduluka baya kuloo ndawo bekuthiwe ze baye kuyo nguThixo. 4Ngosuku lwesithathu wayibona isekude loo ndawo uAbraham. 5Wathi kuloo madoda wayehamba nawo: “Salani apha nina nale donki, mna nale nkwenkwe siza kuya phaya. Sakuthi sakugqiba ukunqula, sibuye.”

6UAbraham wamthwalisa emagxeni uIsake ezo nkuni, yena waphatha amalahle nemela. Benjenjeya bobabini.

7Endleleni uthe uIsake kuyise: “Tata!”

UAbraham wathi: “Thetha, nyana!”

UIsake wathi: “Nanku umlilo, nanzi neenkuni; liphi ke lona ixhwane ledini?”

8-9Uthe ukuphendula uAbraham: “Iya kubonwa nguThixo loo nto, mfo wam.”

Batsho bahamba besiya kuloo ndawo yayalathwe nguThixo. Bakufika apho, uAbraham wenza iqonga lamadini, wabeka iinkuni ezo phezu kwalo, wambopha uIsake unyana wakhe, wambeka phezu kwezo nkuni. 10Uthathe imela ukuze ambulale unyana wakhe. 11Suka kwavakala isithunywa *sikaNdikhoyo simemeza sisezulwini sisithi: “Abraham! Abraham!”

Yena ke uthe: “Ndim lo!”

Sathi isithunywa kuye: 12“Uze ungayenzakalisi loo nkwenkwe, ungayithi cha nakancinci! Ngoku ndiyazi ukuba uThixo uyamoyika; kaloku akwalanga nonyana wakho oyintandane ekuphela kwakhe.”

13UAbraham wabheka-bheka, wabona inkunzi yegusha ibambeke ngeempondo etyholweni. Waya kuyirhola, wenza ngayo idini endaweni yonyana wakhe. 14UAbraham wathi loo ndawo yiYawe-yire. Unangoku kusathiwa xa kuthethwayo: “UNdikhoyo uyabonelela endulini yakhe.”

15Siphindile savakala sithetha ezulwini isithunywa, sisithi kuAbraham: 16“Uthi uNdikhoyo: ‘Mna ngokwam ndiyafunga; ndithi ngenxa yale nto uyenzileyo, akwala ukuncama intandane ekuphela kwayo, 17ndiza kukuthamsanqelisa kanobom, ndikuphe inzala eninzi, ibe ngangeenkwenkwezi ezisesibhaka-bhakeni nentlabathi eselunxwemeni lolwandle ubuninzi bayo. Abazukulwana bakho boyithimba imihlaba yeentshaba zabo. 18Zonke izizwe emhlabeni zothamsanqeliswa ngenzala yakho. Iyonke loo nto kungenxa yokundithobela kwakho.’ ”

19UAbraham wabuyela kwizicaka zakhe, bonke baphindela eBheshebha apho waba ngummi khona.

Inzala kaNahore

20Emva kwexesha uAbraham weva ukuba uMilika uzalele uNahore umninawa wakhe abantwana abasibhozo. 21Yayingu-Uzi izibulo, yaba nguBhuzi, kweza uKamweli uyise ka-Aram. 22Kulandele uRhesedi, noHazo, noPildashe, noJidelafu, kunye noBhetuweli. 23UBhetuweli wazala intombi uRabheka. Aba bantwana basibhozo bazalwa nguMilika umka-Nahore umninawa ka-Abraham. 24Iqadi likaNahore, uRewuma, lazala uTebha, noGaham, noTahashe, kunye noMahaka.

EYEZIQALO 22XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

EYEZIQALO 23

Ukubhubha kukaSara

1USara uhleli wade wanekhulu elinamashumi amabini anesixhenxe ubudala. 2Ubhubhele eKiriyati-arbha, ekuthiwa yiHebron, kwelaseKanana. Waba buhlungu uAbraham, wamzilela umkakhe.

3UAbraham wesuka apho wafela khona umkakhe, waya kumaHeti. Ufike wathi kubemi balapho: 4“Ndingumfiki nomhambi apha; ndinikeni indawo apho ndingamngcwabela khona umkam.”

5Athe ukuphendula uAbraham amaHeti: 6“Phulaphula, mhlekazi, kuthi uyinkosi. Siyakukhululela; ungamngcwaba umfikazi kweyona ndawo uyithandayo.”

7Waphakama uAbraham, wakhahlela kumaHeti, 8wathi: “Ukuba niyavuma ndimngcwabe apha umfikazi, ndiceleleni kuEfron unyana kaZoware 9ukuba andithengisele laa mqolomba useMakapela; nankuya emdeni womhlaba wakhe. Ze nithi makandinike ngexabiso lawo, ukuze ndiwuthenge, ndingcwabe kuwo.”

10UEfron wayehleli namanye amaHeti enkundleni yembizo yedolophu kuthe nqwadalala. Wenjenje ukuphendula, eviwa ngumntu wonke owayelapho: 11“Hayi, mhlekazi, mandithi ndiyakunika laa mhlaba ndawonye naloo mqolomba ulapho. Loo nto ndiyithetha apha phambi kwamawethu, la athe thande apha; ndithi ndiyakunika laa mhlaba wakuthi; ungamngcwaba khona umfikazi.”

12UAbraham wakhahlela kubantu balapho. 13Waza wathi kuEfron, eviwa ngumntu wonke: “Ndiyakucela, ndiphe indlebe! Ndiza kukunika ixabiso lemali yalaa mhlaba. Yithathe le mali, ukuze nam ndixole, ndingcwabe khona umfikazi.”

14Uthe uEfron: 15“Mhlekazi, laa mhlaba ziisiliva ezimakhulu mane kuphela; asinto loo nto kuwe nakum. Hamba uye kumngcwaba umkakho.” 16UAbraham wavuma, waza wayibala loo mali yayifunwa nguEfron apho phambi kwabantu. Yaba ngamakhulu amane eesiliva ngokomlinganiselo wabarhwebi.

17-18Wawufumana ngolo hlobo ke uAbraham umhlaba kaEfron owawuseMakapela ngasempumalanga yeMamre. Yayiyintsimi, umqolomba, kunye nemithi eyayikho. Yangqinwa loo nto ngawo onke amaHeti awayekuloo mbizo. 19UAbraham wamngcwaba ke umkakhe uSara kuloo mqolomba eMakapela ngaseMamre eseHebron kwelaseKanana. 20Loo mhlaba ke owawungowamaHeti kunye naloo mqolomba waba ngoka-Abraham, wangcwabela kuwo.

EYEZIQALO 23XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

EYEZIQALO 24

UIsake ufunelwa umfazi

1Wayeseleyinkothovu yexhego uAbraham ngeli xesha, waye *uNdikhoyo emthamsanqelisa kuyo yonke into ayenzayo. 2Ngenye imini wathi kwisicaka sakhe esithembekileyo esasiyinduna emzini wakhe: “Khawufunge! 3Ndifuna ufunge phambi kukaNdikhoyo uThixo wezulu nomhlaba ukuba akusayi kumfunela umfazi unyana wam apha kwezi ntombi zaseKanana. 4Kufuneka uye kwilizwe lakowethu, apho ikhoyo inkaba yam. Kulapho uya kumfunela khona umfazi uIsake, phakathi kwezizalwane zam.”

5Sibuzile sathi isicaka sika-Abraham: “Ukuba loo ntombi ayivumi ukulishiya ikhaya layo ize apha kweli lizwe, ze ndithini? Ze ndimse apho kwelo zwe unyana wakho uIsake?”

6Uthe uAbraham: “Uze ungakhe umse apho unyana wam. 7NguNdikhoyo uThixo wezulu nomhlaba ngokwakhe owandisusa kwilizwe lakowethu, naphakathi kwezizalwane zam, wandithembisa efunga ukuba lo mhlaba uya kumiwa ngabazukulwana bam. Nguye oya kuthumela isithunywa sakhe apho, ungekafiki wena. Ke wofika apho uyifumane intombi eyoba ngumfazi wonyana wam. 8Ukuba ke loo ntombi ayifuni kuza kweli lizwe, woba ke ukhululekile wena kwesi sifungo. Kodwa nokuba sekutheni, uzungakhe ulinge ukumsa kwelo zwe unyana wam.” 9Sasenza ke isifungo saso isicaka, sithembisa ukwenza loo nto asiyalela yona uAbraham.

10Induna ka-Abraham yahamba neshumi leenkamela, yaphatha neendidi ngeendidi zezipho. Yanduluka ukuya kwisixeko esasiseAram-narayim apho wayemi khona uNahore. 11Yafika ukutshona kwelanga apho, ngexesha kanye iintombi ziya kukha amanzi. Iinkamela yaziphumza ngakumthombo owawusekungeneni kwesixeko eso.

12Wathandaza loo mfo wathi: “Ndikhoyo, Thixo wenkosi yam uAbraham, khawundincede namhlanje usikhumbule isithembiso owasenza kuAbraham. 13Naku ndilapha ngakulo mthombo, apho iintombi zalapha zikha khona amanzi. 14Maze kuthi ke xa ndithi kuzo mazindikhelele amanzi ndisele, ithi leyo ithe yandipha yaza yathi iza kupha neenkamela zam zisele, ndiqonde ngaloo nto ke ukuba yile uyikhethele ukuba yendele kuIsake isicaka sakho. Ndokwazi kananjalo ukuba usigcinile isithembiso owasenza enkosini yam uAbraham.”

15Uthe engekaphezi nokuthandaza kwafika uRabheka emthonjeni, ethwele ingqayi yamanzi. Yena ke yintombi kaBhetuweli unyana kaNahore umninawa ka-Abraham. Unina kaBhetuweli nguMilika. 16Wayeyinzwakazi, eseyintombi nto engayaziyo indoda. Wehla waya emthonjeni, wayizalisa ingqayi, wabuya. 17Loo mfo wakhawuleza ukumhlangabeza, wathi: “Khawundiphe amanzi ndisele kuloo ngqayi yakho.”

18Wathi uRabheka: “Ungasela, mhlekazi.” Watsho eyithoba ingqayi, wambambela lo gama aselayo. 19Akugqiba ukusela loo mfo, uthe uRabheka: “Ndiza kuzikhelela neenkamela zakho, zisele zanele.” 20Wawagalela loo manzi ayesengqayini kwindawo yokuselela iinkamela, waquqa esiya kukha amanye, zada zasela zanela. 21Lo mfo wayebukele ethe cwaka, ecinga ukuba ngaba lwaluphumelele na uhambo lwakhe.

22Zakugqiba ukusela iinkamela loo mfo wakhupha ijikazi legolide, waliqhoboshela empumlweni kaRabheka, wamfaka nezacholo zegolide ezingalweni. 23Wabuza wathi: “Uyintombi kabani? Phofu singayifumana indawo yokulala kowenu, sikhe siphumle ngokuhlwanje?”

24“Ndiyintombi kaBhetuweli, ozalwa nguNahore noMilika,” yatsho ukuphendula. 25“Kukho iindiza nehabile eninzi ekhaya, ikwakho nendawo yokulala.”

26Loo ndoda yaguqa yathandaza yathi: 27“Makabongwe uNdikhoyo, uThixo ka-Abraham inkosi yam, othe wanyaniseka ekugcineni isithembiso sakhe. NguNdikhoyo ondikhokelele ngqo emzini wezizalwana zenkosi yam.”

28Loo ntombi yabaleka ukuya kowayo, yafika yabalisa. 29URabheka wayenomnakwabo ekuthiwa nguLabhan. Yena wasukela ukuya emthonjeni apho kwakukho isicaka sika-Abraham. 30ULabhan wayelibonile ijikazi nezacholo zodade wabo, eyivile nento eyathethwa nguloo mfo kuye. Ufike wathi kweso sicaka sika-Abraham sasimi ngasemthonjeni neenkamela zaso: 31“Mhlekazi, wena uNdikhoyo ukuthamsanqelisile; yiza siye ekhaya; mus' ukum' apha. Kukho indawo ekhaya, nditsho neyokugcina iinkamela zakho.”

32Yahamba naye ke loo ndoda, yaya kowabo, uLabhan wazithula imithwalo iinkamela, wazipha nokutya. Weza namanzi, aza loo madoda ahlamba iinyawo. 33Kweziswa nokutya, sathi isicaka sika-Abraham: “Andikazi kutya ndide ndiluthethe udaba endihambele lona.”

Uthe uLabhan: “Thetha sive.”

34“Mna ndisisicaka sika-Abraham,” utshilo lo mfo. 35“UNdikhoyo wamthamsanqelisa uAbraham, wamenza isityebi. Uneenkomo, neegusha, neebhokhwe, kunye nemali yesiliva negolide. Unazo nezicaka ezingamadoda nezibhinqileyo, ukwanazo neenkamela needonki. 36USara inkosikazi yenkosi yam wazala unyana sele aluphele. Nguloo nyana indlalifa ka-Abraham. 37Inkosi yam uAbraham yathi mandifunge ukuba andiyi kumthathela umfazi unyana wakhe phakathi kweentombi zaseKanana apho akhoyo. 38Wathi kufuneka ndiye kowabo, ndimthathele umfazi unyana wakhe phakathi kwezizalwane zakhe. 39Ndathi ke mna kuye: ‘Ukuba loo ntombi ayifuni kumka kowayo, ze ndithini?’ 40Wathi yena uNdikhoyo amkhonzayo wothumela isithunywa sakhe phambi kwam, khon' ukuze uphumelele umcimbi endiwuhambelayo. Mna kufuneka ndithathe umfazi kowabo, phakathi kwezizalwana zakhe. 41Wathi ukuba ndiyenzile loo nto, zaza izizalwana zakhe azavuma ukundinika intombi yazo, ndoba ke mna ndikhululekile esifungweni sam.

42“Ndithe ke ndakufika kulaa mthombo namhlanje, ndamcela uNdikhoyo uThixo wenkosi yam uAbraham ukuba ze lo mcimbi ndiwuhambeleyo uphumelele. 43Ndathi: ‘Ndim lo, ndimi apha ngakulo mthombo. Ze kuthi ke xa kukho ntombi ifikayo apha, ndithi ndakucela amanzi 44indiphe, ivume ukuseza neenkamela zam, ndiya kuqonda ngaloo nto ke ukuba yile uyikhethele unyana wenkosi yam.’ 45Ndithe ndingekaphezi noko kuthandaza wee gqi uRabheka ethwele ingqayi, wehla waya kukha amanzi emthonjeni. Ndicelile ukuba andiphe amanzi ndisele. 46Kwangoko uyithule ingqayi abeyithwele, wathi mandisele, watsho esithi neenkamela zam uza kuzithuthela amanzi zisele. Ndisele ke, neenkamela zam zasela. 47Ndibuze ukuba uyintombi kabani na. Wathi yena uyintombi kaBhetuweli ozalwa nguNahore noMilika. Ndimfake elaa jikazi ahombe ngalo, ndamnxiba nezacholo ezingalweni. 48Ndiguqile, ndinqula ndibulela uNdikhoyo uThixo ka-Abraham inkosi yam, lo undizise ngqo apha kwintombi engumzukulwana womtakwabo wenkosi yam engendela kunyana wayo. 49Yitshoni ke ngoku ukuba nizimisele ukuyenzela le mbeko inkosi yam, ninyaniseke kuyo; naxa kungenjalo ndixeleleni, khon' ukuze ndibone cebo limbi.”

50Bathe ukuphendula ooLabhan noBhetuweli: “Asingethi: ‘Hayi,’ okanye: ‘Ewe;’ kuba sijongile nje ngathi le nto ayiyodwa, inomnwe kaNdikhoyo kuyo. 51Nanku uRabheka, ukho; mthathe uhambe naye, aye kwendela kunyana wenkosi yakho, njengoko ebonile uNdikhoyo.” 52Yakuyiva loo nto induna ka-Abraham yaguqa yathandaza ibonga uNdikhoyo. 53Ikhuphe izambatho ezihle, nezacholo zegolide nezesiliva, yazinika uRabheka. Iphe nomnakwabo kunye nonina izipho zexabiso.

54Emva koko loo nduna ka-Abraham yaya kutya naloo madoda yayihamba nawo. Balala apho ngobo busuku. Bathe bakuvuka ngengomso, yathi induna ka-Abraham: “Siza kucela indlela sigoduke namhlanje.”

55Umnakwabo-Rabheka nonina bathe: “Ubungeyishiyi na intombi okweentsukwana nokuba zilishumi, ize ibuye ilandele?”

56Ithe induna: “Hayi, sanukundibambezela; uNdikhoyo ewuqabelisile nje umcimbi ebendiwuhambele, yini ngoku? Ndiyekeni ndibuyele ekhaya kwinkosi yam.”

57Bathe ke makhe kubizwe uRabheka, khe kuviwe kuye. 58Ubiziwe ke, wabuzwa ukuba uyahamba na kunye nalo mfo. Uphendule ngelithi: “Ewe, ndiyahamba.”

59Bamkhulula ke uRabheka ukuba ahambe naloo nduna ka-Abraham kunye naloo madoda yayihamba nawo. Waphelekwa sisicakakazi sakowabo awayekhulela phantsi kwaso. 60Bamndulula ngentsikelelo, besithi:

“Hamba ke, ntombi!

Unga ungazala waphule uluthi,

ube nenyambalala yabantwana.

Banga bangazoyis' iintshaba zabo,

baziphange nemihlaba yazo.”

61URabheka kunye nabafazana ababemkhapha bazilungiselela ukukhwela iinkamela, baza banduluka kunye nesicaka sika-Abraham.

62UIsake wayeselefudukile waya kutsho ngakumthombo kaPhila-endibonile, selemi emazantsi eKanana. 63Ngamhla uthile ngorhatya uIsake wayehamba-hamba endle, wabona kusithi gqi iinkamela, zisiza ngakuye. 64URabheka akubona uIsake wehla enkameleni yakhe, 65wabuza kwinduna ka-Abraham wathi: “Ngubani lowa ucanda emasimini esihlangabeza?”

Ithe ukuphendula: “Yinkosi yam leya.” Kwangoko uRabheka uthathe iqhiya yakhe, wazigquma ubuso.

66Yambalisela konke induna uIsake. 67UIsake umngenise uRabheka kulaa ntente yayiyekanina uSara, wamenza umkakhe. UIsake wayemthanda kakhulu uRabheka, kangangokuba savaleka nesikroba esabangwa kukusweleka kukanina uSara.

EYEZIQALO 24XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UYOHANE 12

Ukuthanjiswa kukaYesu eBhetani

(Mat 26:6-13; Marko 14:3-9)

1Ngosuku lwesithandathu phambi *kwePasika uYesu waya eBhetani, apho wayehlala khona uLazaro, lowo uYesu wayemvuse ekufeni. 2Walungiselelwa isidlo ke uYesu, waza uMarta wabaphakela, uLazaro engomnye wababehleli etafileni kunye noYesu. 3UMariya wathatha amafutha angangxengwanga esiqholo esiyinadusi, abunzima bungaphezulwana kwamakhulu amathathu eegram, axabiso likhulu, wathambisa ngawo iinyawo zikaYesu, wazisula ngeenwele zakhe. Yatsho indlu yazala livumba elimnandi lesiqholo eso. 4Ke ngoko omnye wabafundi bakaYesu, uJudas Sikariyoti, lowo wayeza kumngcatsha, wathi: 5“Kutheni esi siqholo singàthengiswa ngamakhulu amathathu eerandi nje, ize loo mali inikwe amahlwempu?” 6Esitsho nje, kwakungekuko okokuba ebewakhathalele amahlwempu, koko wayesitsho kuba wayelisela. Ingxowa yabo yemali yayiphathwa nguye, emana ukucuntsula kuyo.

7Kodwa uYesu wathi: “Myeke; sukumkhathaza. Esi siqholo ebesigcinele ukulungiselela ukungcwatywa kwam. 8Amahlwempu aya kuhlala ekho, kodwa aniyi kuhlala ninam mna.”

Ibhunga ngoLazaro

9Yeva ke indimbane yamaJuda okokuba uYesu useBhetani, yaya khona, ingayi kubona uYesu kuphela, koko isiya kubona noLazaro, lowo uYesu wamvusayo ekufeni. 10Babhunga ke ababingeleli abaziintloko okokuba bambulale noLazaro, 11kuba ngenxa yakhe amaJuda amaninzi ayeguquka akholwe kuYesu.

UYesu ungena eJerusalem ekhwele idonki

(Mat 21:1-11; Marko 11:1-11; Luka 19:28-40)

12Ngengomso indimbane yabantu ababeze kwitheko *lePasika, yeva okokuba uYesu uyeza eJerusalem, 13yaxhuzula amasebe emithi yamasundu, yamhlangabeza, yakhwaza isithi: “Camagu! Makabongwe lowo uzayo egameni leNkosi, uKumkani wakwaSirayeli!”

14UYesu wafumana idonki eselula, wakhwela kuyo, njengoko zitshoyo *iziBhalo ukuthi:

15“Sukoyika, sixeko saseZiyon.

Khangela, uKumkani wakho uza kuwe

ekhwele idonki,

ithole lento ebotshwayo.”

16Abafundi bakhe abazange bayiqonde le nto kuqala, kodwa kwathi akuba uYesu evukile ekufeni, bakhumbula okokuba iziBhalo ziyakuxela oku, bakhumbula nokokuba bamenzele oku kanye.

17Abantu ababekho oko uYesu wambizayo uLazaro ukuba aphume engcwabeni, emvusa ekufeni, babebabalisela abanye ngaloo nto. 18Ke ngoko indimbane yaya kumhlangabeza uYesu, kuba yayivile ngokwenza kwakhe loo mqondiso. 19Baza *abaFarasi bathethana besithi: “Khangelani, yeyele ngomkhono! Nanko elandelwa lilizwe lonke!”

AmaGrike athile afuna ukumbona uYesu

20Kwakukho namaGrike phakathi kwabo bantu babeye kunqula eJerusalem ngexesha lomsitho *wePasika. 21Ke wona aya kuFilipu, lowo waseBhetesayida eGalili, acela esithi: “Nkosi, sifuna ukubona uYesu.”

22UFilipu waya kuxelela uAndreya, baza bahamba bobabini baya kuxelela uYesu. 23Wabaphendula uYesu wathi: “Lifikile ngoku ixesha lokuba ubungangamsha bakhe *uNyana woLuntu bubonakale. 24Inene, ukuba ukhozo lwengqolowa aluthanga lufakwe emhlabeni lufe, lohlala lungabi nto; kodwa ukuba luthe lwafa, luvelisa isiqhamo ngakumbi. 25Lowo ubukokosayo ubomi bakhe, wolahlekelwa bubo; kanti lowo ubuncamayo kweli hlabathi, wohlala enabo kude kube kwelizayo. 26Lowo usisicaka sam makandilandele, abe kunye nam apho ndikhoyo. Osisicaka sam ke uya kunikwa imbeko nguBawo.”

UYesu uthetha ngokufa kwakhe

27“Intliziyo yam ikhathazekile ngoku. Ndingathini kodwa? Kuthi mandithi: ‘Bawo, ndisindise, ulidlulise kum eli xesha’? Hayi, mandingatsho, kuba kwakungenxa yoku ukuba ndifikelele kweli xesha. 28Ke ngoko ndithi: ‘Bawo, zibonakalise into oyiyo wena.’ ”

Kwavakala ilizwi, liphuma ezulwini, lisithi: “Ndizibonakalisile, ndibe ndisaya kuphinda ndizibonakalise.”

29Isihlwele sabantu ababemi apho sathi liyaduduma, abanye besithi isithunywa sezulu sithethe naye. 30Kodwa uYesu wathi kubo: “Eli lizwi alivakalanga ngenxa yam, koko livakale ngenxa yenu. 31Lithwasile ngoku ixesha lokugwetywa kweli hlabathi; umphathi weli hlabathi uza kukhiqwa ngoku. 32Mna ke, ndakuba ndithe ndaphakanyiswa ndemka emhlabeni, ndiya kubatsalela kum bonke.” 33Esitsho nje, wayebaqondisa ngendlela aza kufa ngayo.

34Isihlwele ke saphendula sathi: “*IziBhalo zithi *uKrestu uya kuhlala nathi kude kube nîni. Ungathini ke wena ukuthi *uNyana woLuntu umelwe kukuphakanyiswa emke? Kakade ngubani yena lo Nyana woLuntu?”

35Waza uYesu wathi kubo: “Aliselide ixesha ninalo ukhanyiso. Ke ngoko hambani ekukhanyeni, nisenalo nje ukhanyiso, hleze ubumnyama buniqubule, kuba lowo uhamba ebumnyameni akayiqondi indlela ahamba ngayo. 36Hlalani nithembele kulo ukhanyiso ngoku nisenalo, ukuze nibe ngabantu bokukhanya.”

Akuba etshilo uYesu wazimela wemka.

Ukungakholwa kwamaJuda

37Nangona uYesu wayenze imiqondiso engako phambi kwabo, abakholwanga kuye. 38Le nto yênzeka izalisekisa oko kwathethwayo *ngumshumayeli uIsaya esithi:

“Nkosi, ngubani na okholiweyo ludaba lwethu?

Amandla eNkosi ngaba atyhileke kubani na?”

39Abakholwanga ke, njengoko atshoyo nakwenye indawo uIsaya ukuthi:

40“UThixo ubamfamekisile, ubaqaqadekisile,

hleze babone ngamehlo, baqonde ngengqondo:

‘Baze babuyele kum,’ utsho uThixo,

‘ndize ndibaphilise.’ ”

41UIsaya watsho kuba wabubona ubungangamsha bukaYesu, waza wathetha ngaye.

42Noko ke into eninzi yeenkokheli zamaJuda yakholwa kuYesu, kodwa ngenxa *yabaFarasi aba bantu abazange bathethe ngaloo nto, hleze basikwe *endlwini yesikhungo. 43Babexabise kakhulu ukunconywa ngabantu ngaphezu kokunconywa nguThixo.

Ukugweba kwelizwi likaYesu

44Watsho ngelivakalayo uYesu, wathi: “Lowo ukholwayo kum, akakholwa kum nje kodwa, koko ukholwa nakulowo undithumileyo. 45Lowo undibonayo mna, ubona nalowo undithumileyo. 46Mna ndilukhanyiso; ndize ehlabathini ukuze bonke abakholwayo kum bangahlali ebumnyameni. 47Lowo uwevayo amazwi am, aze angawagcini, akagwetywa ndim. Andizanga kuligweba ihlabathi; ndize kulisindisa. 48Ukho omgwebayo lowo ungandifuniyo, ongawamkeliyo amazwi am. Ilizwi endilithethileyo lilo eliya kumgweba ngomhla wokugqibela. 49Kaloku mna andithethanga nto ivela kum; nguBawo ngokwakhe, yena ondithumileyo, ondiyalele okokuba mandithini, ndithethe ntoni na. 50Ndiyazi ke okokuba lo myalelo wakhe ububomi obungonaphakade. Ke ngoko into endiyithethayo kuphela yileyo uBawo andiyalele ukuba mandiyithethe.”

UYOHANE 13

UYesu uhlamba iinyawo zabafundi bakhe

1Laliselisondele itheko *lePasika. UYesu ke wayesazi okokuba lifikile ixesha lokuba anduluke kweli hlabathi, aye kuYise. Wayesoloko ebathanda abo bangabakhe kweli hlabathi, wabathanda kwada kwaba sekugqibeleni.

2-3Ngokuhlwa uYesu nabafundi bakhe babesetafileni besitya. Umtyholi wayeselekufakile entliziyweni kaJudas, unyana kaSimon Sikariyoti, okokuba angcatshe uYesu. UYesu wayesazi ukuba uYise uzinikele ezandleni zakhe zonke izinto; esazi okokuba yena uvela kuThixo, kwaye uya kuThixo. 4Waza ke uYesu waphakama etafileni, wakhulula isambatho sakhe sangaphezulu, wabhinqa itawuli, 5wagalela amanzi ekomini, wahlamba iinyawo zabafundi bakhe, ezisula ngetawuli awayeyibhinqile. 6Akufika kuSimon Petros, yena wathi kuYesu: “Nkosi, uza kuhlamba nezam iinyawo?”

7Waphendula uYesu wathi kuye: “Okwangoku akukayazi into endiyenzayo, kodwa uza kube uyiqonde.”

8Wathi kuye uPetros: “Nokuba sekutheni, ngekhe zihlanjwe nguwe iinyawo zam.”

UYesu wamphendula wathi: “Ukuba andithanga ndikuhlambe, awunabudlelane nam.”

9Waza uSimon Petros wathi kuye: “Nkosi, xa kunjalo, sukundihlamba iinyawo zodwa, selundihlamba izandla nentloko.”

10UYesu wathi kuye: “Oselehlambe umzimba, uswele kuphela okokuba ahlanjwe iinyawo, ukuze ahlambuluke wonke. Nani ke nihlambulukile, kodwa aninjalo nonke.” 11UYesu wayeselemazi lowo uza kumngcatsha, kungoko watshoyo ukuthi abahlambulukanga bonke.

12Akuba uYesu ezihlambile iinyawo zabo, ephinde wasinxiba isambatho sakhe sangaphezulu, waya kuhlala phantsi, wathi kubo: “Ngaba niyayiqonda na into endiyenzileyo? 13Nindibiza ngokuthi: ‘Mfundisi,’ okanye: ‘Nkosi’. Niyakholisa ukutsho, kuba kunjalo. 14Ke ngoko, ukuba mna endiyiNkosi noMfundisi wenu, ndithe ndahlamba iinyawo zenu, nani ke nimelwe kukuhlambana iinyawo. 15Ndinenzele umzekelo, ukuze nani nenze njengoko mna ndinibonisileyo. 16Ndithi kuni, inene, akukho sicaka singaphezu kwenkosi yaso, kungekho nothunyiweyo ongaphezulu kwalowo umthumileyo. 17Nivile ke. Hayi uyolo lwenu xa nithe nawulandela lo mzekelo.

18“Andibhekisi kuni nonke. Ndiyabazi abo ndibanyulileyo, kodwa imelwe kukuzaliseka le ndawo eziBhalweni ithi: ‘Lowo utyayo kunye nam undivukele.’ 19Ndinixelele kungekenzeki, ukuze kuthi, kwakuba kwenzekile, nikholwe okokuba ndinguye endinguye. 20Inene, lowo umamkelayo endimthumileyo, wamkela mna; ke owamkela mna, wamkela lowo undithumileyo.”

UYesu walatha umngcatshi wakhe

(Mat 26:20-25; Marko 14:17-21; Luka 22:21-23)

21Akuba uYesu etshilo, wakhathazeka kakhulu, waza wabaqononondisa esithi: “Ndithi kuni, inene, omnye kuni apha uza kundingcatsha.”

22Baza bajongana abafundi bakhe, bengazi mpela okokuba ngubani na lowo athetha ngaye. 23Ke omnye umfundi kaYesu, lowo wayethandwa nguye, wayehleli ecaleni kwakhe, 24waza uSimon Petros wanqwala kuye ukuba abuze ukuba ngaba uYesu uthetha bani na. 25Lowo mfundi ke wagobela ngakuYesu, wathi: “Ngaba ngubani lowo, Nkosi?”

26Waphendula uYesu wathi: “Ngulowo ndiya kuthi ndakuba ndisithe nkxu isonka, ndimnike.” Waza wathatha iqhekeza lesonka, walithi nkxu, walinika uJudas, unyana kaSimon Sikariyoti. 27Kwathi kwangoko akulamkela elo qhekeza lesonka uJudas, wangenwa nguSathana. Waza wathi kuye uYesu: “Khawulezisa uyenze into oyenzayo.” 28Kwakungekho namnye kwabo basetafileni owakuqondayo oko uYesu wayekuthetha. 29Ekubeni yayigcinwa nguJudas ingxowa yabo yemali, abanye kubafundi babesithi uYesu umthuma ukuba aye kuthenga ezo zinto ziyimfuneko kwitheko *lePasika, okanye mhlawumbi uthi makaye kupha amahlwempu amalizo.

30Elamkele ke uJudas elo qhekeza lesonka, waphuma kwangoko. Ke kaloku kwakusebusuku.

Umthetho omtsha

31Akuba emkile uJudas, uYesu wathi: “Ngoku ke uza kunikwa ubungangamsha *uNyana woLuntu; uThixo uza kubonakalisa amandla akhe ngaye. 32Xa ke uThixo abonakalisa amandla akhe ngaye, wothi amnike ubungangamsha uNyana woLuntu, kwaye oko uza kukwenza kwangoku. 33Bantwana bam, liphelile ixesha lam phakathi kwenu. Niya kundifuna, kodwa oko ndakuthethayo kumaJuda ndikuthetha nakuni ngoku, ndisithi: ‘Apho mna ndiya khona, aninakuya nina.’ 34Ndiniwisela umthetho omtsha, ndithi: Thandanani! Njengoko ndinithandileyo mna, nani thandanani kanye ngolo hlobo. 35Ukuba niyathandana, bonke baya kuqonda okokuba ningabafundi bam.”

UYesu uthi uza kukhanyelwa nguPetros

(Mat 26:31-35; Marko 14:27-31; Luka 22:31-34)

36USimon Petros wabuza kuYesu wathi: “Uza kuya phi na, Nkosi?”

Waphendula uYesu wathi: “Apho ndiya khona akukabi nakuya okwangoku, kodwa wobe ulandele.”

37Wathi kuye uPetros: “Nkosi, kungani na ukuba ndingabi nakuya ngoku? Ndilindele nokufa ngenxa yakho!”

38Wamphendula uYesu wathi: “Ngaba ukulindele ngenene ukufa ngenxa yam? Ndithi kuwe, inene, wobe sewundikhanyele kathathu ukukhala kwenkuku.”

Bible Society of South Africav.4.25.3
SIFUMANE KU-