Bible Society of South Africa

To The Word – Day 83

2 Samuel 19–24, Psalms 18 & 50 (optional: Psalm 59)

Itekisi yeBhayibhile

2 KASAMWELI 19

UJowabhi uthethisa uDavide

1UJowabhi waxelelwa kwathiwa: “Uyabona, ukumkani uzilile, elilela uAbhasalom.” 2Ngaloo mini uvuyo loloyiso lwajika lwaba lusizi kuwo wonke umkhosi kaDavide, kuba eva kusithiwa: “Ukumkani uzilile ngenxa yonyana wakhe.” 3Loo mkhosi wabuyela edolophini unyoshoza oku komkhosi obaleke edabini. 4Wazigquma ubuso ukumkani, watsho esikrakra isikhalo, esithi: “Yini umntwana wam uAbhasalom! Abhasalom, nyana wam, nyana wam!”

5Wasuka uJowabhi, waya endlwini kakumkani, wafika wathi kukumkani: “Namhlanje uwaphoxile amadoda omkhosi wakho, nditsho amadoda asindise ubomi bakho, ubomi boonyana neentombi zakho, nabafazi bakho namaqadi akho. 6Abo bakuthiyileyo uyabathanda, uze abo bakuthandayo ubathiye. Kucace gca ukuba izinxiba-mxhaka zakho kwakunye namadoda omkhosi akuzikhathalele. Ndiyabona ukuba namhlanje ngewuvuya ukuba ebengafanga uAbhasalom, kufe thina endaweni yakhe. 7Hamba ke ngoku, uye kuthetha nawo uwancome la madoda, kuba ngomso kusasa kobe kungekho nanye kuwo ehamba nawe, xa ungayenzanga loo nto. Ndifunga *uNdikhoyo! Loo nto ke yoba lelona shwangusha wakha wanalo ebomini bakho ukususela ebutsheni bakho ukuza kuthi ga ngoku.”

8Usukile ukumkani, waya kuhlala ngasesangweni lesixeko. Axelelwa onke amadoda kwathiwa: “Ukumkani uhleli ngasesangweni.” Abuthelana ngakukumkani ke amadoda omkhosi wakhe.

UDavide ubuyela eJerusalem

Ngeli xesha ayeselebalekile onke amaSirayeli, indoda nganye iye kowayo. 9Afika axabana odwa kuwo wonke loo mmandla. Kwakukho athi: “UDavide wawasindisa kwiintshaba zawo amaSirayeli, wawahlangula esandleni samaFilistiya. Ngoku ubaleke uAbhasalom, walishiya lodwa ilizwe. 10UAbhasalom esamthambisa waba ngukumkani wethu, ngoku ufele edabini. Ke kutheni kuthe cwaka nje malunga nokuphuthunywa kukakumkani uDavide?”

11Ukumkani uDavide wathumela kooZadoki noAbhiyatare ababingeleli, wathi: “Thethani namadoda amakhulu akwaJuda nithi: ‘Kutheni nina nibe ngabokugqibela ukubuyisela ukumkani kwibhotwe lakhe? Kaloku okuthethwayo ngamaSirayeli onke kufikile kukumkani endlwini yakhe. 12Kanti nina niyazalana naye, niligazi lakhe.’ 13Yithini kuAmasa mna naye siyazalana, yaye uThixo uya kuba nento andenzayo, nditsho nokuba iqatha kangakanani, ukuba andimenzi injengele yomkhosi wam yonke imihla yobomi bam esikhundleni sikaJowabhi.”

14Loo mlomo kaDavide wazitsalela kuye iintliziyo zamadoda onke akwaJuda, aba mxhelo-mnye, aza athumela kukumkani athi: “Buyela ekhaya, wena kunye nabo bonke abantu abanawe.” 15Wabuya ukumkani, waya kufika kumlambo iJordan, wahlangatyezwa ngamadoda akwaJuda, awayeze kumkhawulela eGiligali amkhaphe ukuwela loo mlambo.

16Kwangelo xesha uShimeyi unyana kaGera wakwaBhenjamin eBhawurim, waphuthuma ukuya kuhlangabeza ukumkani uDavide eJordan. 17Wayehamba newaka lamadoda esizwe sakwaBhenjamin. UZibha, isicaka sakwakumkani uSawule, naye wayeze noonyana bakhe bolishumi linantlanu kunye namashumi amabini ezicaka, bakhawuleza bafika eJordan apho engekafiki ukumkani. 18Bawuwela umlambo ukuya kuphuthuma iqela likakumkani, bancede nakuloo nto ukumkani afuna yenziwe.

UDavide wenzela uShimeyi inceba

Kuthe xa ukumkani ezilungiselela ukuwela iJordan, weza uShimeyi, wazikhahlela phambi kwakhe, 19wathi: “Mhlekazi, ndixolele into endakwenza yona ngamhla uyishiya iJerusalem. Musukuba sandixhiba, ungabi sayicinga konke loo nto. 20Ndiyazi ukuba ndakona, mhlekazi. Yiyo ke loo nto ndingowokuqala kwindlu kaJosefu ukuza kufika apha, ndikukhawulele namhlanje.”

21Kwathetha uAbhishayi, unyana kaZeruya, wathi: “Makabulawe uShimeyi lo ngokuqalekisa umthanjiswa *kaNdikhoyo.”

22UDavide wathi: “Yintoni endidibanisa nani, bonyana bakaZeruya? Kutheni le nto nifana neentshaba kum namhlanje? Kaloku ndim ngoku ukumkani wakwaSirayeli; ngoko ke akukho mSirayeli uya kubulawa namhlanje.” 23Uqhube wathi ebhekisa kuShimeyi: “Akuyi kufa.” Waza ke ukumkani wathembisa oku ngesifungo.

Ububele bukaDavide kuMefibhoshete

24Kufike uMefibhoshete, umzukulwana kaSawule, naye eze kukhawulela ukumkani. Wayengazange azihlambe iinyawo, achebe amabhovu, nezambatho sezawagqibela kudala amanzi, okoko wemkayo eJerusalem uDavide kude kuze kuba yile mini abuya noloyiso. 25Uthe akufika evela eJerusalem, wathi kuye ukumkani: “Mefibhoshete, kwakutheni ukuze ungahambi nam?”

26Uphendule ngelithi uMefibhoshete: “Mhlekazi, nkosi yam, uyazi ukuba ndisisiqhwala. Ndathi isicaka sam uZibha masibophe idonki ndihambe ngayo ndikukhaphe, kodwa sona sasuka sandiphoxa. 27Saza kuxoka ngam kuwe, mhlekazi. Kambe ke wena mhlekazi, nkosi yam, usisithunywa sikaThixo – yenza loo nto ubona ifanele. 28Kwathi umzi kabawo umelwe kukubulawa, wena wathi mandiye kuhlala kwakho. Andisenako nokuba ndibe sacela isisa kuwe ngoku, mhlekazi.”

29Ukumkani wathi kuye: “Musa ukuba sathetha; ndigqibe kwelokuba wena noZibha nahlulelane ngomhlaba kaSawule.”

30UMefibhoshete wathi kukumkani: “Makakuthathe konke uZibha, mhlekazi. Mna ndixolile kukubona wena ubuyela ekhaya.”

UDavide wenzela uBhazilayi inceba

31UBhazilayi waseGiliyadi wayekho naye, evela eRogelim, eze kuphuthuma ukumkani eJordan. 32Wayesele eyinkonde emashumi asibhozo ubudala. Wayesisityebi, esoloko emondla ukumkani ngokuya wayeseMahanayim. 33Ukumkani wathi kuBhazilayi: “Masiye eJerusalem, wondliwe ndim wena ngoku.”

34Uthe uBhazilayi: “Mhlekazi, seyimbalwa imihla yokudla kwam ubomi; ndiza kuba sahambela ntoni ukuya nokumkani eJerusalem? 35Sendimashumi asibhozo ubudala; akusekho nto imnandi nembi kum. Ukutya nento eselwayo azisenancasa kum; andisawuva nomculo weemvumi neemvumikazi. Ndingasuka ndibe ngumthwalo kuwe ngoku, mhlekazi, nkosi yam. 36Noko andikufanelanga ukuba ukumkani andivuze ngolo hlobo. Ndiza kuhamba nje ithutyana, ndikukhaphe uwele iJordan, 37emva koko ndijike ndigoduke, ndiye kufela ngakumathambo kabawo noma. Nasi isicaka sakho uKimam; ungahamba naso, mhlekazi, usenzele loo nto wena ubona ukuba isilungele.”

38Uthe ukuphendula ukumkani: “Makahambe nam uKimam; ndomenzela into efunwa nguwe. Wena ndingakwenzela nantoni na oyifunayo.” 39Wayiwela ke iJordan ukumkani uDavide nawo onke amadoda omkhosi wakhe. Uthe akuba ngaphesheya wajika wanga uBhazilayi, wamthamsanqela, waza ke uBhazilayi wajika wagoduka.

UJuda noSirayeli babangisana ngekumkani

40Uthe akuwela ukumkani ekhatshwa ngawo onke amadoda akwaJuda nenxalenye yamadoda akwaSirayeli, waya eGiligali. Wayelapho noKimam. 41Emva koko amaSirayeli onke aya kukumkani, afika athi: “Mhlekazi, ngaba abantakwethu abaya bakwaJuda babuthathe phi ubuganga bokukuthatha eJordan nomzi wakho uphela?”

42Onke amadoda akwaJuda awaphendula awakwaSirayeli athi: “Loo nto siyenze ngenxa yokuba nathi sibanye nokumkani. Yintoni ke ekhathazayo kuloo nto, engasihlawuleli nakutya nje, kungekho nanto asenzele yona?”

43Aphendula amadoda akwaSirayeli athi kumadoda akwaJuda: “Sinebango eliphindwe kalishumi kunani kukumkani. Ke ngoko sinelungelo kuye kunani. Ngani ke ukuba nisidele? Sanukulibala ukuba sithi kaloku esathetha kuqala ngokulandwa kukakumkani.”

Amadoda akwaJuda ayegadlela wona kunamaSirayeli ekwenzeni elawo ibango ngokumkani.

2 KASAMWELI 19XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

2 KASAMWELI 20

UShebha uvukela ukumkani uDavide

1Apho eGiligali kwakukho itshijolo elithile lomfo ogama linguShebha, unyana kaBhikri wesizwe sakwaBhenjamin. Wasuka wabetha isigodlo sakhe, wamemelela esithi: “Asinasahlulo kuDavide, singenalifa kunyana kaJese. Elowo makaye endlwini yakhe, maSirayeli!”

2Ke onke amadoda akwaSirayeli amshiya uDavide, alandela uShebha unyana kaBhikri, kodwa wona amaJuda asala noDavide, amlandela ukusuka eJordan ada aya kutsho naye eJerusalem.

3Wathi uDavide akufika komkhulu eJerusalem, wawathatha lawo maqadi akhe alishumi ayesele ejonge ikomkhulu, wathi makajongwe ngabalindi. Wayebondla, kodwa akabuyanga ahlangane nabo, bahlala ubomi bobuhlolokazi bonke ubomi babo.

4UDavide wathi kuAmasa: “Wabize amadoda akwaJuda eze apha zingadlulanga iintsuku ezintathu.” 5Wahamba uAmasa, esiya kubiza amaJuda, kodwa akabuya ngosuku awayemiselwe lona ngukumkani.

6Uvakele esithi ukumkani kuAbhishayi: “Phofu uyaqonda na ukuba uShebha unyana kaBhikri uza kusenzela ingxwaba-ngxwaba nangaphezu koAbhasalom. Hamba nala madoda omkhosi wam, nimlandele engekayi kwiidolophu ezinqatyisiweyo, asithele emehlweni ethu.” 7Asuka ke amadoda ebutho likaJowabhi, nabalindi abangamaKreti namaPleti, nawo onke amagorha, anduluka eJerusalem, alanda ekhondweni likaShebha unyana kaBhikri.

8Bathi bakufika ngakwelaa liwa laseGibheyon, bahlangana noAmasa. UJowabhi wayegaxele ezedabi, ikrele lisesingxobeni, sibotshelelwe ebhantini. Uthe akusondela lawa elo krele.

9UJowabhi wathi kuAmasa: “Uphila njani, mfo wethu?” Wamthi nqaku ngentshebe uAmasa ngesokunene isandla sakhe, eza kumanga. 10UAmasa wayengalilumkelanga ikrele elalisesandleni sikaJowabhi, wamhlaba ngalo esiswini, wamkhupha amathumbu. Wafa kwangoko, akwafuneka ukuba abuye amhlabe uJowabhi.

Basuka apho uJowabhi nomntakwabo uAbhishayi bangena endleleni, belandela uShebha unyana kaBhikri. 11Enye kulaa madoda ayehamba noJowabhi yasala imi ngakweso sidumbu sika-Amasa, ikhwaza isithi: “Indoda engakwicala likaJowabhi noDavide mayilandele uJowabhi.” 12Isidumbu sika-Amasa esasilijaja ligazi sasiqungquluze phakathi endleleni. Loo ndoda yathi yakubona amadoda afika eme apho, yasirhuqela entsimini eso sidumbu, yasigquma ngengubo. 13Emva koko ke wonke umntu walandela uJowabhi, kuzingelwa uShebha unyana kaBhikri.

14UShebha wawutyhutyha wonke ummandla wezizwe zakwaSirayeli, wada waya kutsho kwidolophu iAbhele-bhete-mahaka, elandelwa nguwo wonke umzi wakwaBhikri. 15UJowabhi nomkhosi wakhe bamngqinga uShebha apho eAbhele-bhete-mahaka. Benza amanqwanqwa ngomhlaba okuqabela udonga lwangaphandle, bemba ngaphantsi kodonga, befuna ukuluwisa.

16Kweso sixeko kwakukho umfazi owayehlakaniphile. Wamemeza engaphakathi, wathi: “Khawuphulaphule apha. Nceda undibizele uJowabhi; ndifuna ukuthetha naye.”

17Efikile uJowabhi, wabuza loo mfazi wathi: “UnguJowabhi?”

Wathi: “Ewe, ndinguye.”

Umfazi lowo wathi kuye: “Khawuphulaphule ke, mhlekazi, oko isicakazana sakho sikuthethayo.”

Yena wathi: “Ewe, qhuba, ndimamele.”

18Umfazi lowo wathi: “Kudala kwakudla ngokuthiwa: ‘Yiya kwidolophu iAbhele, uye kuvisa khona.’ Yayisenziwa ke loo nto. 19Le yidolophu exolileyo nethembekileyo kwaSirayeli; kutheni ke ngoku uyidiliza nje, utshabalalisa isixeko esingunozala kuSirayeli? Ngani ukuba ufune ukucima isixeko esililifa *likaNdikhoyo?”

20Waphendula uJowabhi wathi: “Hayi, andingeke ndisidilize isixeko senu ndisicime. 21Asiyiyo injongo yam leyo. Kukho umfo okuthiwa nguShebha, unyana kaBhikri wakweleentaba kwaEfrayim; nguye oqale olu dushe ngokuvukela ukumkani uDavide. Mkhupheni ngaphandle; ndosiyeka esi sixeko.”

“Kulungile, intloko yakhe soyijula ngaphandle kodonga,” utshilo loo mfazi. 22Wabuyela kubemi balapho necebo lakhe, bamnqumla intloko uShebha, bayijula ngaphandle kodonga kuJowabhi. Wasivuthela isigodlo, amadoda akhe ayeka ukusihlasela isixeko, agoduka. Wenjenjeya noJowabhi ukubuyela kukumkani eJerusalem.

Amaphakathi kaDavide

23Umphathi-mkhosi wakwaSirayeli yayinguJowabhi. Abalindi bakakumkani uDavide abangamaKreti namaPleti umphathi wabo yayinguBhenaya unyana kaJoyada. 24UAdoram yena wayephethe abo benza umsebenzi ngokunyanzelwa; uYoshafati yena, unyana ka-Ahiludi, wayengumgcini-manqaku, 25uSheva ingunobhala, ababingeleli inguZadoki noAbhiyatare. 26UIra waseJayire wayengomnye wababingeleli bakaDavide.

2 KASAMWELI 20XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

2 KASAMWELI 21

Ukubulawa kwenzala kaSawule

1Kwabakho indlala enkulu eyathatha iminyaka emithathu ngexesha kulawula uDavide. UDavide wafuna ukuqonda *kuNdikhoyo, waza uNdikhoyo wathi: “Kungenxa kaSawule nokuphalaza kwendlu yakhe igazi mhla wababulalayo abantu baseGibheyon.”

2Abantu baseGibheyon bebengengawo amaSirayeli. Babeliqaqobana lama-Amori awathenjiswa ukukhuselwa ngamaSirayeli, kodwa uSawule walinga ukuwatshabalalisa, kuba etshiseka ngenxa yenkqubela yamaSirayeli namaJuda. UDavide ke wawabiza amaGibheyon, 3waza wathi kuwo: “Ngaba nifuna ndinenzele ntoni? Ndinganixolisa njani ukuze nilithamsanqelise ilifa likaNdikhoyo?”

4Athi ukuphendula amaGibheyon: “Imbambano yethu noSawule nomzi wakhe ayinakuze ilungiswe ngegolide nesiliva, yaye asizimiselanga ukukhupha isixhiba ngokubulala namnye umSirayeli.”

Yena wathi: “Ke nifuna ndinenzele ntoni?”

5Athi kukumkani: “Indoda eyasitshabalalisayo, iceba ukusicima igama kwimida yakwaSirayeli, 6masinikwe amadoda abe sixhenxe kwinzala yayo, aye kuxhonywa phambi koNdikhoyo eGibheya, isixeko sikaSawule ukumkani owatyunjwa nguNdikhoyo.”

Ukumkani wathi: “Kulungile, ndiza kunikhululela.”

7UDavide wamsindisa uMefibhoshete, unyana kaJonatan unyana kaSawule, ngenxa yesifungo awasenza kunye noJonatan phambi koNdikhoyo. 8Kodwa ke wakhupha uArmoni kunye noMefibhoshete, oonyana ababini bakaRizpa intombi ka-Aya eyabazalela uSawule, kunye noonyana abahlanu bentombi kaSawule uMerabhi eyabazalela uAdriyeli unyana kaBhazilayi waseMehola, 9wabanikela esandleni sabantu baseGibheyon. Bona baya kubaxhoma entabeni ngaphambi koNdikhoyo. Bafa bonke ngaxesha-nye. Ukufa kwabo kwakungexesha lokuqalisa ukuvuna, ekuqaleni kokuvunwa kwerhasi.

10Emva koko uRizpa intombi ka-Aya wazenzela indlu yamarhonya kwelo litye babefele kulo, wahlala apho ukususela ngexesha lokuvuna kwada kwalixesha leemvula. Emini wayedla ngokugxotha amaxhalanga, aze ngokuhlwa agxothe amarhamncwa afuna ukudla ezo zidumbu.

11Wathi uDavide, zakufika kuye ezo ndaba zento eyenziwa nguRizpa iqadi likaSawule, 12waya kuthatha amathambo kaSawule noJonatan kubantu baseJabheshe eGiliyadi. (Babewabe endaweni yembutho yaseBhete-shan apho yayixhonywe khona imizimba yabo ngamhla amaFilistiya abulala uSawule kwintaba iGilibhowa.) 13Wemka nawo uDavide amathambo kaSawule noJonatan kwakunye nawabo basixhenxe babexhonywe apho. 14Bawafaka engcwabeni likaKishe uyise kaSawule amathambo kaSawule noJonatan eZela kummandla wakwaBhenjamin njengokomthetho kakumkani. Emva koko uThixo wayiva imithandazo yabo bethandazela ilizwe.

Amadabi kunye neengxilimbela zamaFilistiya

(1 Gan 20:4-8)

15Kwavuka enye imfazwe phakathi kwamaFilistiya namaSirayeli, wanduluka uDavide waya kulwa namaFilistiya enamadoda akhe. Balwa ke namaFilistiya, waza uDavide wadinwa kakhulu. 16Wasuka uIshbhi-bhenobhi wenzala kaRafa, ephethe umkhonto wobhedu obunzima bungaphezu kweekhilogram ezintathu, enekrele elitsha, wafuna ukubulala uDavide. 17Waza uAbhishayi, unyana kaZeruya, waya kunceda uDavide. Ufike wamhlasela loo mFilistiya, wamosela. Emva koko amadoda kaDavide enza isifungo athi: “Unakanye ukuba uphinde uye edabini kunye nathi, hleze isibane sakwaSirayeli sicinywe.”

18Emva kwelo dabi kwabakho elinye idabi namaFilistiya eGobhi, apho uSibhekayi waseHusha wabulala uSafu wenzala kaRafa.

19Kuphinde kwabakho elinye idabi kunye namaFilistiya kwaseGobhi apho, waza uEl-hanani, unyana kaJayire umluki waseBhetelehem, wabulala khona uGoliyati waseGati owayephethe umkhonto ongangesibonda.

20Kubekho elinye idabi eGati, apho kwakukho ingxilimbela eyayikuthanda kunene ukulwa. Yayiyinto eminwe mithandathu kwisandla ngasinye, ineenzwane ezintandathu kunyawo ngalunye, amashumi amabini anesine ukutsho. Nayo yayiyinzala kaRafa. 21Yawathuka amaSirayeli, yabulawa nguJonatan unyana kaShama umntakwabo-Davide.

22Bobane aba babeyinzala kaRafa eGati. Babulawa nguDavide namadoda akhe.

2 KASAMWELI 21XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

2 KASAMWELI 22

Ingoma kaDavide yoloyiso

(Ndum 18)

1UDavide wabhekisa lo mhobe *kuNdikhoyo mhla wamkhulula kwiintshaba zakhe nasesandleni sikaSawule. 2Wathi:

NguNdikhoyo iliwa lam;

nguye inqaba yam;

nguye umkhuseli wam.

3Xa ndizimele ngoThixo wam ndihlala ndikhuselekile.

Nguye ikhaka lam;

nguye ondigcina ndifihlakele.

Nguye inqaba yam ephakamileyo;

nguye isikhundla sam sokuzimela.

Mhlanguli wam, nguwe ondisindisayo kumadoda anogonyamelo.

4Ndithi ndakukhala kuNdikhoyo,

asuke andithi hlasi kwiintshaba zam.

Ngenene, makabongwe uNdikhoyo!

5Bendintlithwa ngamaza abulalayo,

amaza arhaxayo endigubungele.

6Ukufa bekundirhangqile,

ingcwaba selivuleke lithe ng'aa.

7Ndazibika kuNdikhoyo ndikuloo ngxingongo;

ewe, ndabiza kuThixo wam.

Wandiva engqendeve kwibhotwe lakhe,

savakala kuye isikhalo sam.

8Suka wagungqa wanyikima umhlaba,

isibhakabhaka sangcangcazela,

kuba uThixo wayenomsindo.

9Kwathi phoko umsi emathatheni akhe,

walephuza amadangatye ngomlomo,

kuliqika amalahle avuthayo.

10Wasikrazula isibhakabhaka

wehla engqendeve phezu kwelifu elimnyama.

11Wandanda ngenqwelo *yezithunyw' ezimaphiko,

itshebeleza ngesantya emoyeni.

12Wayethiwe gqume sisithokothoko,

kumnyama thsu;

engqingwe ziingqimba zamafu anemvula,

13kutshawuza imibane ngaphambi kwakhe,

kunga kuvutha amalahle.

14Wazongoma esibhakabhakeni uNdikhoyo,

lavakala ilizwi loPhezukonke.

15Wadubula ngeentolo zakhe,

zee qhu saa iintshaba,

eziswantsulisa ngokugqekreza kwemibane.

16Watsho zoma qoko iilwandle,

kwatsho kwavela nezisekelo zelizwe,

akukhalima yena uNdikhoyo,

egragramela iintshaba enomsindo.

17Wehla, wandithi hlasi uNdikhoyo,

wandihlangula kumanzi enzonzobila.

18Wandihlangula kwiintshaba zam

nakwabo bandichasayo, bendivuyelela.

19Bandihlasela ndisengxingweni,

wandikhusela yena uNdikhoyo.

20Wandihlangula ndisengozini,

wandisindisa kuba ekholisekile ndim.

21Wandivuza uNdikhoyo kuba ndandilungisa;

wandithamsanqela kuba ndimsulwa.

22Umthetho kaNdikhoyo ndiyawuthobela;

andimfulathelanga uThixo wam.

23Yonke imiyalelo yakhe ndiyigcinile;

andayaphula imithetho yakhe.

24Uyandazi ukuba andonanga;

ndiyazilumla ekwenzeni ububi.

25Ngoko ke uyandivuza kuba ndisenza okulungileyo;

uyandivuza kuba akukho sikhwa kum.

26Uthembekile, Ndikhoyo, kwabo bathembekileyo;

ubenzela ububele abo bandlela zithe tse.

27Umsulwa kwabo bamsulwa;

uchasene nabo bangamatshijolo.

28Ungumsindisi wabathobekileyo,

obabone benekratshi ubathobe.

29Usisibane sokundikhanyisela, wena Ndikhoyo;

nguwe ondigxothela ubumnyama.

30Ewe, ngawe ndingawuchitha-chitha nomkhosi,

ngamandla akho ndilutsibe nongqameko lwawo.

31Hayi bo, zigqibelele izinto azenzayo lo Thixo!

Hayi ukuthembeka kwelizwi lakhe!

Uyabakhusela bonke abo bathembela ngaye.

32NguNdikhoyo yedwa uThixo;

nguye kuphela osikhuselayo;

33ewe, nguThixo oyinqaba yam;

nguye oyenza iphumelele indlela yam.

34Undicondobisa kuhle njengenxala,

andichankcathise emaweni ndingatyibiliki.

35Undiqhelisa ukulwa edabini,

andifundise ukugoba isaphetha esomeleleyo.

36Ndikhoyo, undinike ikhaka lokuhlanganisa;

undibonelele ndatsho ndazimaseka.

37Undimise endaweni ephangaleleyo;

azinakutyibilika kuyo iinyawo zam.

38Ndizisukela ndizoyise iintshaba zam;

andijiki ndide ndizitshabalalise.

39Ndizithi ntshinte-ntshinte zingavuki tu,

ziqungquluze apha phambi kwam.

40Undinika amandla edabini,

undoyisele iintshaba zam.

41Ziyandoyika iintshaba zam;

abandithiyileyo ndibatshabalalisile.

42Ziba ngafuna uncedo zingancedwa bani;

ziba ngazibika kuNdikhoyo angaphenduli.

43Mna ndizicumza zibe njengothuli,

ndizinyhashe okodaka endleleni.

44Wena wandihlangula ekuvukelweni ngamawethu,

walimisa igunya lam elizweni,

ndada ndaphatha nabo bendingabazi.

45Ndikhahlelwa nangabasemzini abantu;

bayandithobela bakuwuva umthetho wam.

46Baphuma kwiinqaba zabo begubha,

bephelelwe sisibindi xa bebonke.

47Huntshuu! Khul' ud' ukhokhobe, Ndikhoyo!

Mawubongwe wena mkhuseli wam,

Thixo ongumhlanguli wam!

48Wena undoyisela iintshaba zam;

wena ugoba iintlanga zindikhahlele;

49wena undihlangula kwabandichasayo!

Ewe, undoyisele iintshaba zam,

wandikhusela kubaphalazi-gazi.

50Ngoko ke ndiya kukubonga phakathi kwezizwe,

ndityibele ndivuma umbongo wakho, Ndikhoyo.

51NguThixo omnika uloyiso ukumkani,

amenzele izibele umthanjiswa wakhe,

uDavide nayo yonke inzala yakhe kude kuse ephakadeni.

2 KASAMWELI 22XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

2 KASAMWELI 23

Umyolelo kaDavide

1Nanku ke umyolelo kaDavide:

Utsho uDavide unyana kaJese,

itsho indoda eyaphakanyiselwa phezulu,

umthanjiswa kaThixo kaYakobi,

iciko leengoma kwaSirayeli.

2UMoya *kaNdikhoyo uthetha ngomlomo wam;

ilizwi lakhe lisencakameni yolwimi lwam.

3Uthethile uThixo kaSirayeli;

iliwa lokhuselo likaSirayeli libhekise kum lathi:

“Lowo kumkani ulawula ngobulungisa,

lowo ulawula esoyika uThixo,

4uqaqamba ngokwelanga ngomsobomvu ngentsasa engenamafu,

lona liqaqambis' umhlaba emva kwemvula,

lintshulise ingca emhlabeni.”

5UThixo ukuzinzisile ukulawula kwenzala yam,

kub' undenzel' umnqophis' ongasoz' ujike,

umnqophis' ongayi kwaphulwa,

dinga elingagugiyo.

Uya kuluphumelelisa usindiso lwam,

awufezekise wonke umnqweno wam.

6Kodwa amatshijolo ngamev' alahliweyo;

ziinkuni ezingathezwayo ngokuhlaba.

7Wona abanjwa ngesixhobo sentsimbi,

okanye atyhalwe ngomphini womkhonto,

atshiselwe kuloo ndawo akuyo.

Amagorha kaDavide

(1 Gan 11:10-41)

8Ngawo la amagama amagorha omkhosi kaDavide: nguYoshebhe-bhashebhete waseTakemon kuqala, owayeyinkokheli yamagorha amathathu. Walwa namakhulu asibhozo amadoda eyedwa, wawabulala onke ngomkhonto wakhe kwidabi elinye.

9Olandelayo nguElazare unyana kaDodo umAhoyi. Engomnye wamagorha amathathu nje, yena wayekunye noDavide xa bacela umngeni kumaFilistiya awayeze edabini. Abuya umva amaSirayeli, 10kodwa yena wangena kuwo amaFilistiya, wabetha sada isandla sakhe sagogeka yinkantsi, watsho akabi nako ukuliyeka ikrele lakhe. *UNdikhoyo watshatshela edabini loo mini. Igalelo labalandeli bakaElazare kwelo dabi yaba kukuthimba impahla yabawileyo.

11Olandelayo nguShama unyana ka-Age waseHarari. Waqubisana namaFilistiya eLehi ngasentsimini yeentlumayo. Abaleka amaSirayeli, 12wema yena uShama, walwa ekhusela loo ntsimi, afa amaFilistiya, watshatshela uNdikhoyo.

13Kwakha kwathi kanye xa kusondela ixesha lokuvuna, kwasuka isithathu kuloo madoda angamashumi amathathu aziintloko zomkhosi kaDavide, saya kuye kumqolomba waseAdulam, lo gama wona umkhosi wamaFilistiya umise ngakwintili yamaRafa. 14Ngelo xesha uDavide wayesezintabeni kwindawo enqabileyo, kukho ibutho lamaFilistiya eBhetelehem. 15UDavide wanxanwa, waza wathi: “Akwaba bekungakho mntu undiphathela amanzi kwelaa qula lingasesangweni eBhetelehem.” 16Loo magorha mathathu ke atyhoboza apho kuloo maFilistiya, aya kukha amanzi apho kwelo qula lingasesangweni eBhetelehem, abuya nawo, awanika uDavide. Kambe ke uDavide wala ukuwasela, ndaweni yaloo nto wawachitha, esenza umnikelo ngawo kuNdikhoyo, esithi: 17“Andinakuze ndiwasele la manzi, Ndikhoyo. Loo nto ingafana nqwa nokusela igazi lala madoda abubeke esichengeni ubomi bawo.” UDavide wala ukuwasela loo manzi.

Zazinjalo ke izigigaba zaloo magorha mathathu.

18UAbhishayi, umntakwabo-Jowabhi, onina unguZeruya, yayinguye inkokheli yamashumi amathathu amagorha. Yena ngomkhonto wakhe walwa namadoda angamakhulu amathathu, wawabulala, watsho wabalasela njengaloo magorha mathathu. 19Ewe, waba yimbalasane njengaloo magorha mathathu, waba yinkokheli yelo qela lingamashumi amathathu, noxa engabandakanywanga kuloo magorha mathathu.

20Enye indoda eyayitshatshele ngemisebenzi yobugorha nguBhenaya unyana kaJoyada waseKabhezeli. Yena wabulala iintshatsheli zamaMowabhi ezimbini. Kwakhona ngemini ekwakukhithika ngayo waya kungena emhadini, wabulala khona ingonyama. 21Wabulala nesigantsontso somJiputa ophethe umkhonto. UBhenaya wamgqebha ngebhunguza, hlasi loo mkhonto, wamgwaza kwangawo loo mJiputa. 22Zazinjalo ke izigigaba zikaBhenaya unyana kaJoyada; naye wayedume njengaloo magorha mathathu. 23Wayebalasele phakathi kwaloo magorha angamashumi amathathu, kodwa wayengabandakanywanga kuloo magorha mathathu. UDavide wamenza inkokheli yabalindi bokumkani.

24Kuloo magorha angamashumi amathathu kwakukho aba:

    YayinguAsayeli umntakwabo-Jowabhi,
    uEl-hanani unyana kaDodo waseBhetelehem,
    25uShama waseHarodi,
    uElikana waseHarodi,
    26uHeleze wasePeleti,
    kunye noIra unyana kaIkeshe waseTekowa.
    27Wayelapho uAbhiyezere waseAnatoti,
    noMebhunayi waseHusha,
    28uZalmon waseAhoyi,
    kwakunye noMaharayi waseNetofa,
    29uHelebhe unyana kaBhana waseNetofa,
    noItayi unyana kaRibhayi waseGibheya kwaBhenjamin.
    30Wayelapho uBhenaya wasePiraton,
    uHidayi wamaxandeka aseGahashe,
    31kunye noAbhiyalebhon waseBhete-arabha,
    uAzemavete waseBhawurim,
    32noEliyabha waseShalebhon.
    Zazilapho iinto zikaYashene,
    noJonatan 33unyana kaShama waseHarari,
    kunye noAhiyam unyana kaSharare waseHarari,
    34uElifelete, unyana ka-Ahasebhayi waseMahaka,
    uEliyam unyana ka-Ahitofele waseGilo,
    35uHezero waseKarmele,
    uParayi waseArbhi,
    36uIgali unyana kaNatan waseZobha,
    uBhani wakwaGadi,
    37uZeleki umAmon,
    noNaharayi waseBheroti umphathi-zikrweqe zikaJowabhi, unyana kaZeruya.
    38Wayelapho uIra waseItri,
    noGarebhe waseItri,
    39kunye noUriya umHeti.

Babengamashumi mathathu anesixhenxe xa bebonke.

2 KASAMWELI 23XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

2 KASAMWELI 24

UDavide wenza ubalo

(1 Gan 21:1-27)

1Wabuya wavutha umsindo *kaNdikhoyo ngakumaSirayeli, waza waxhokonxa uDavide ukuchasana nawo, esithi: “Yiya uwabale amaSirayeli namaJuda.”

2UDavide ukumkani uyalele uJowabhi umphathi-mkhosi owayekunye naye, wathi: “Zibale zonke izizwe zakwaSirayeli, ukususela kwaDan kuse eBheshebha, khon' ukuze ndilazi inani labantu.”

3Ke yena uJowabhi wathi kukumkani: “Ngamana uNdikhoyo uThixo wakho wabandisa kalikhulu abantu, aze amehlo enkosi yam ukumkani ayibone loo nto. Kodwa ke, nkosi yam mhlekazi, ngani ukuba ufune ukwenza into enje?”

4Kambe ke ilizwi likakumkani laboyisa ooJowabhi nabaphathi-mkhosi, baza ke bahamba bamshiya ukumkani, baya kubala uluntu lwakwaSirayeli.

5Bawuwela umlambo iJordan, baya kuqalisa emazantsi eArohere kwisixeko esasisembindini wentlambo kummandla wakwaGati. Besuka apho baya emantla weYazere, 6bedlulela eGiliyadi nakummandla waseTatim-hodeshe, baya kutsho kwaDan-yahan, benjenjeya ukusa eSidon. 7Besuka apho bajonga emazantsi kwidolophu yaseTire eyayinqatyisiwe, baya badlulela nakuzo zonke iidolophu zamaHivi namaKanana, baya kugqibela ngeBheshebha ekumzantsi welakwaJuda.

8Babuyela eJerusalem emva kweenyanga ezilithoba namashumi amabini eentsuku, sele belityhutyhile lonke elo lizwe. 9UJowabhi ke wamchazela ukumkani inani lamadoda akulungeleyo ukubhaliswa emkhosini. KwaSirayeli yaba ngamakhulu asibhozo amawaka amadoda akwaziyo ukusebenzisa ikrele, kwaza kwaJuda yaba ngamakhulu amahlanu amawaka.

10Kusuke kwathi akuba elwenzile olo balo uDavide wangenwa kukuba nomva-ndedwa. Waza ke wazibika kuNdikhoyo wathi: “Ndenze into embi gqitha ngesi senzo, Ndikhoyo. Ngoko ke ndiyakubongoza, bususe ubutyala bam, mna sicaka sakho. Ndenze into yobutyhakala.”

11Ekuvukeni kukaDavide ngentsasa elandelayo ilizwi likaNdikhoyo laliselifikile *kumshumayeli uGadi, imboni kaDavide, lisithi: 12“Hamba uye kuthi kuDavide: ‘Utsho uNdikhoyo ukuthi: Ndikubekela izinto ezintathu. Khetha ibe nye kuzo, ndize ke mna ndikwenze loo nto.’ ”

13UGadi ke waya kuDavide, wafika wamxelela esithi: “Khetha phakathi kweminyaka esixhenxe yendlala ezweni lakho, okanye iinyanga ezintathu ubalekana neentshaba zakho xa zona zikusukela, okanye iintsuku ezintathu kukho isibetho sikabhubhani ezweni lakho. Cingisisa ugqibe, undinike impendulo emandiyise kulowo undithumileyo.”

14UDavide waphendula wathi kuGadi: “Ndisengxakini enkulu. Kodwa ke kubhetele siwele ezandleni zikaNdikhoyo, kuba inkulu inceba yakhe. Ewe, andikunqweneli ukuwela ezandleni zabantu.”

15Ngoko ke uNdikhoyo wathumela isibetho sikabhubhani kwaSirayeli. Saqalisa kwangentsasa yangaloo mini, kwada kwaya kutsho kwelaa xesha wayelimisele. Kwafa amashumi asixhenxe amawaka abantu ukusukela kwaDan kuye kutsho eBheshebha. 16Kwathi xa isithunywa sikaNdikhoyo sasisolula isandla siza kutshabalalisa iJerusalem, uNdikhoyo wazijika iimbono zakhe ngenxa yaloo ntlekele, waza wathi kwisithunywa esasitshabalalisa abantu: “Kwanele! Sirhoxise isandla sakho.” Oku kwenzeke xa kanye isithunywa sasingakwisanda sokubhula sika-Aravena umJebhusi.

17Akusibona uDavide eso sithunywa sasibhubhisa abantu, wathi kuNdikhoyo: “Ndim owonileyo wenza ubugwenxa. Aba bantu bona banjengeegusha; akukho nto bayenzileyo. Isandla sakho masohlwaywe mna kunye nomzi kabawo.”

UDavide wakha iqonga lamadini

18Kwangaloo mini uGadi waya kuDavide, wathi kuye: “Hamba uye kwakhela uNdikhoyo iqonga lamadini esandeni sokubhula sika-Aravena umJebhusi.” 19Ngoko ke uDavide waya wayenza loo nto ayiyalelwe nguGadi ngokomlomo kaNdikhoyo.

20Wathi akukhangela uAravena, wabona ukumkani esiza kuye ehamba namaphakathi akhe. Waphuma uAravena, wakhahlela ejongise ubuso emhlabeni phambi kokumkani. 21Waza uAravena wathi: “Kungani ukuba ukumkani inkosi yam eze kwisicaka sakhe?”

Waphendula ukumkani uDavide wathi: “Ndize kuthenga esaa sanda sokubhula sakwakho, ndize ndakhele kuso uNdikhoyo iqonga lamadini, khon' ukuze isibetho sikabhubhani sinqamke ebantwini.”

22Wathi uAravena kuDavide: “Inkosi yam ukumkani mayithathe konke okukholekileyo kuyo, yenze idini. Naziya iinkabi zeenkomo zokwenza idini elitshiswayo. Naziya nezileyi zokubhula kunye needyokhwe zokwenziwa iinkuni. 23Zonke ezi zinto, mhlekazi, uAravena uzinika ukumkani.” Waza waqhuba uAravena wathi kukumkani: “Ubenga uNdikhoyo uThixo wakho angakwamkela.”

24Kambe ke ukumkani uphendule uAravena wathi: “Ngunotshe lowo! Ndiza kulihlawula ixabiso lazo. Andingekhe ndinikele kuNdikhoyo amadini atshiswayo ngento endingadlekanga ngayo.” UDavide wasithenga ke eso sanda sokubhula kunye neenkabi zeenkomo ngexabiso elingamashumi amahlanu eesiliva. 25UDavide ke wakhela uNdikhoyo iqonga lamadini apho, waza wenza amadini atshiswayo kunye nawobudlelwana. Wakuva uNdikhoyo ukuthandazelwa kwelizwe, satsho saphela isibetho sikabhubhani kwaSirayeli.

2 KASAMWELI 24XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 18

Ingoma kaDavide yoloyiso

(2 Sam 22)

Umhobe kaDavide; kumbhexeshi-kwayara. UDavide isicaka *sikaNdikhoyo wawubhekisa lo mhobe kuNdikhoyo mhla wamkhulula kwiintshaba zakhe nakuSawule, wathi:

1Ndiyakuthanda, Ndikhoyo, mandla am.

2NguNdikhoyo iliwa lam; nguye inqaba yam; nguye umkhuseli wam.

Xa ndizimele ngoThixo wam ndihlala ndikhuselekile.

Nguye ikhaka lam, nguye ondigcina ndifihlakele.

3Ndithi ndakukhala kuNdikhoyo,

asuke andithi hlasi kwiintshaba zam.

Ngenene, makabongwe uNdikhoyo!

4Bendirhintyelwe ziintambo zokufa,

amaza arhaxayo endigubungele.

5Ukufa bekundirhangqile,

ingcwaba selivuleke lithe ng'aa.

6Ndazibika kuNdikhoyo ndikuloo ngxingongo,

ndalucela uncedo kuThixo wam.

Wandiva engqendeve ebhotwe lakhe,

savakala kuye isikhalo sam.

7Suka wagungqa wanyikima umhlaba,

nditsho neziseko zeentaba zashukuma,

kuba uThixo wayenomsindo.

8Kwathi phoko umsi emathatheni akhe,

walephuza amadangatye ngomlomo,

kuliqika amalahle avuthayo.

9Wasikrazula isibhakabhaka, wehla,

ethe zukuva phezu kwelifu elimnyama.

10Wandanda ngenqwelo *yezithunyw' ezimaphiko

itshebeleza ngesantya emoyeni.

11Wayethiwe gqume sisithokothoko, kumnyama thsu;

engqingwe ziingqimba zamafu anemvula.

12Kwaw' isichotho namalahl' avuthayo,

ziphuma kumban' ongaphambi kwakhe,

zagqobhoza kuloo ntshinyela yamafu.

13Wazongoma esibhakabhakeni uNdikhoyo,

lavakal' ilizwi loPhezukonke,

satsho isichotho nemibane.

14Wadubula ngeentolo zakhe, zee qhu saa iintshaba,

eziswantsulisa ngokugqekreza kwemibane.

15Ewe, watsho zoma qoko iilwandle,

kwatsho kwavela neziseko zelizwe,

wakukhalima, wena Ndikhoyo,

ugragramela iintshaba unomsindo.

16Wehla, wandithi hlasi uNdikhoyo,

wandihlangula kumanzi enzonzobila.

17Wandihlangula kwiintshaba zam

nakwabo bandichasayo, bendivuyelela.

18Bandihlasela ndisengxingweni,

wandikhusela yena uNdikhoyo.

19Wandihlangula ndisengozini,

wandisindisa kuba ekholisekile ndim.

20Wandivuza uNdikhoyo, kuba ndandilungisa;

wandithamsanqela, kuba ndimsulwa.

21Umthetho kaNdikhoyo ndiyawuthobela;

andimfulathelanga uThixo wam.

22Yonke imiyalelo yakhe ndiyigcinile;

andiyaphulanga imithetho yakhe.

23Uyandazi ukuba andonanga;

ndiyazilumla ekwenzeni ububi.

24Ngoko ke uyandivuza, kuba ndisenza okulungileyo;

uyandivuza, kuba akukho sikhwa kum.

25Uthembekile, Ndikhoyo, kwabo bathembekileyo;

ubenzela ububele abo bandlela zithe tse.

26Umsulwa kwabo bamsulwa;

uchasene nabo bangamatshijolo.

27Ungumsindisi wabathobekileyo;

uyabathoba abo banekratshi.

28Usisibane sokundikhanyisela, wena Ndikhoyo;

undigxothela ubumnyama, wena Thixo.

29Ewe, ngawe ndingawuchitha-chitha nomkhosi,

ngamandla akho ndilutsibe nongqameko lwawo.

30Hayi bo, zigqibelele izinto azenzayo lo Thixo!

Hayi ukuthembeka kwelizwi lakhe!

Uyabakhusela bonke abo bathembela ngaye.

31NguNdikhoyo yedwa uThixo;

nguye kuphela osikhuselayo.

32Ewe, nguThixo ondinika amandla;

nguye oyenza iphumelele indlela yam.

33Undicondobisa kuhle njengenxala,

ndichankcathe emaweni ndingatyibiliki.

34Undiqhelisa ukulwa edabini,

andifundise ukugoba isaphetha esomeleleyo.

35Ndikhoyo, undinike ikhaka lokuhlanganisa,

wandixhasa ngesandla sakho esinamandla;

undibonelele ndatsho ndazimaseka.

36Undimise endaweni ephangaleleyo;

azinakutyibilika kuyo iinyawo zam.

37Ndizisukela ndizifumane iintshaba zam;

andijiki ndide ndizitshabalalise.

38Ndizithi ntshinte-ntshinte zingavuki tu,

ziqungquluze apho phambi kwam.

39Undinika amandla edabini,

undoyisele iintshaba zam.

40Ziyandoyika iintshaba zam;

abandithiyileyo ndibatshabalalisile.

41Ziba ngafuna uncedo, zingancedwa bani;

ziba ngazibika kuNdikhoyo, angaphenduli.

42Mna ndizicumza zibe njengothuli luphetshethwa ngumoya,

ndizinyhashe okodaka endleleni.

43Wandihlangula kubavukeli,

walimisa igunya lam ezizweni,

ndada ndaphatha nabo bendingabazi.

44Bayandithobela bakuwuva umthetho wam;

ndikhahlelwe nangabasemzini abantu,

45bephuma kwiinqaba zabo begubha,

bephelelwe sisibindi xa bebonke.

46Huntshu! Khul' ud' ukhokhobe, Ndikhoyo!

Mawubongwe, wena mkhuseli wam,

Thixo ongumhlanguli wam!

47Wena undoyisela iintshaba zam;

wena ugoba iintlanga zitsho zindikhahlele;

48wena undihlangula kwabandichasayo!

Ewe, undoyisele iintshaba zam,

wandikhusela kubaphalazi-gazi.

49Ngoko ke ndiya kukubonga phakathi kwezizwe,

ndityibele ndivuma umbongo wakho, Ndikhoyo.

50NguThixo omnika uloyiso ukumkani,

omenzele izibele umthanjiswa wakhe,

uDavide nayo yonke inzala yakhe kude kuse ephakadeni.

IINDUMISO 18XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 50

Unqulo olululo

Umhobe ka-Asafu.

1*UNdikhoyo, uThixo uSomandla, uyathetha;

ubhekisa kwihlabathi jikelele,

ukususela empumalanga kuye entshonalanga.

2UThixo ubengezela eZiyon,

isixeko esibalaseleyo ngobuhle.

3Uyeza uThixo wethu;

yena akayi kuthi tu.

Phambi kwakhe kudangazela umlilo;

uphahlwe sisitshu sesivungu-vungu.

4Umema amazulu kwanehlabathi,

xa aza kugweba abantu bakhe.

5Uthi: “Bahlanganiseleni kum abam abathembekileyo,

abanqophisene nam ngombingelelo.”

6Amazulu ngokwawo abalisa ngobulungisa bukaThixo;

kaloku umgwebi ikwanguye ngokwakhe.

7“Khaniphulaphule, bantu bam, ndithethe;

ndiyakumangalela, Sirayeli.

Mna Thixo ndinguThixo wakho.

8Andiyigxeki imibingelelo yakho;

amadini akho atshiswayo asoloko ephambi kwam.

9Kambe azisamkeleki iinkunzi zakho zeenkomo;

ngokunjalo neebhokhwe zemihlambi yakho.

10Kaloku zezam zonke izilwanyana

neenyamakazi ezikumawaka-waka eenduli.

11Xa zizonke iintaka ndiyazazi;

nezinambuzane zamathafa zezam.

12“Xa bendingalambayo, bendingayi kukubikela.

Kaloku lelam ihlabathi nezinto zalo.

13Ngaba ndiyayitya inyama yeenkunzi?

Khona, ndiyalisela igazi leebhokhwe?

14Umbingelelo wakho kuThixo mayibe kukubulela,

uzifezekise izithembise zakho kuPhezukonke.

15Zibike kum xa usengxakini;

mna ndiya kukuhlangula, ke wena undidumise.”

16Kambe ke kwabo bakhohlakeleyo uThixo uthi:

“Ngani ukuba niyicengceleze imithetho yam,

nincokole ngomnqophiso wam?

17Kaloku niyayenyanya ingqeqesho;

aniyithobeli nemiyalelo yam.

18Nakudibana nesela, nihlobana nalo;

abakrexezi niyevana nabo.

19“Usoloko uthetha kakubi;

uqhelene nentlebendwane.

20Uncokola kakubi ngamawethu;

uhleba nomntakanyoko lo.

21Ndinibukele nizenza ezi zinto,

andathetha nada nacinga ukuba nam ndifana nani.

Kodwa ke ngoku ndiyakhalima;

ndilaneka phambi kwenu ityala.

22“Phulaphulani, nina bangandikhathalelanga,

hleze ndiniqwenge, angabikho nonqandayo.

23Obingelela ngokubulela uyandidumisa;

uzilungiselela ukusindiswa nguThixo.”

IINDUMISO 50XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 59

Ukuthandazela ukukhuselwa

Kumbhexeshi-kwayara; ucamngco lukaDavide emveni kokuba uSawule wayethumele amadoda ukuze amchwechwele ambulale endlwini yakhe. Luculwa ngathi leliya lithi: “Uze ungatshabalalisi.”

1Khawundihlangule ezintshabeni, Thixo wam;

ndikhusele kwabo bandihlaselayo.

2Ndihlangule kubantu abagwenxa;

ndisindise kwizikrelemnqa.

3Uyabona bayandilalela.

Izikhohlakali zidibana ngam,

ndingonanga nokona, *Ndikhoyo.

4Hayi, andenzanga nento le,

kodwa nâbo bendiqulela.

5Ndikhoyo, Thixo Somandla,

wena Thixo kaSirayeli,

phakama uze kundinceda!

Vela undibone kaloku.

Zivukele uzohlwaye iintlanga.

Mabangasindi abaphembi boqhushululu.

6Baphuma ngamarhatya,

ngathi zizinja ezilambayo,

benze umkhulungwane esixekweni.

7Nâbo begragrama,

iilwimi zabo ngathi likrele;

bathi ngubani obakhathaleleyo.

8Ke wena, Ndikhoyo, uyabahleka;

ewe, ziyintlekisa kuwe iintlanga.

9Ungumkhuseli wam, ndizimela ngawe;

ulikhakha lam, wena Thixo.

10Ngenxa yokuba undithanda

uyandihlangabeza, Thixo wam;

uya kuziswantsulisa iintshaba zam.

11Musa ukubatshabalalisa, Thixo,

khon' ukuze abantu bakho bafumane umzekelo.

Ngaloo mandla akho basarhaze babe zizibhadu-bhadu.

Ulikhakha lethu, wena Ndikhoyo.

12Kukrwada ukuthetha kwabo;

mabaxakane nekratshi labo,

kuba bayaqalekisa, futhi bayaxoka.

13Babhubhise ngomsindo wakho;

batshabalalise kuthi tu,

khon' ukuze ihlabathi lazi

ukuba kwaYakobi kulawula uThixo.

14Baphuma ngamarhatya, ngathi zizinja ezilambayo,

benze umkhulungwane esixekweni.

15Bafunana nokutya, barhaqaze bakuba benganeli.

16Kodwa ke mna ndiya kucula ndibonga amandla akho;

ndiya kumemelela kwasekuseni,

kuba uthando lwakho luyamangalisa.

Kaloku wena uyinqaba yam,

ungumqolomba ngomhla wembandezelo.

17Ndiya kukubonga, mkhuseli wam.

Mna ndizimela ngoThixo;

ewe, uThixo ondithandayo.

IINDUMISO 59XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-