Bible Society of South Africa

To The Word – Day 85

Micah 1–7

Itekisi yeBhayibhile

UMIKA 1

Intshayelelo

1Nali ilizwi *likaNdikhoyo elafikela uMika waseMoreshete ngemihla kaJotam noAhazi noHezekiya, ookumkani bakwaJuda, awalibonayo ngokusingisele kwiSamariya neJerusalem:

ISamariya neJerusalem

2Yivani, nina nonke zizwe;

phulaphulani, mhlaba nabo bonke abemiyo kuwo.

*UNdikhoyo uSomandla unika ubungqina ngawe;

yena uthetha esendlwini yakhe engcwele.

3Nanko ephuma ekhayeni lakhe;

ewe, nanko esiza ehamba ezindaweni eziphakamileyo.

4Uya kunyathela iintaba zitsho zinyibilike,

zibe ngathi ngumthwebeba emlilweni.

Uya kunyathela iintili zitsho zimke,

kube ngathi kuhl' iimpuphuma zamanzi ethambekeni –

5nto leyo ihla ngenxa yobugwenxa bukaYakobi;

ewe, le nto ingenxa yesono sendlu kaSirayeli.

Bubugwenxa buni obu bukaYakobi? AsingoSamariya na?

Yiyiphi indawo ephakamileyo yokukhonza *izithixo kwaJuda? AsiyoJerusalem na?

6“Ngoko ke iSamariya ndoyitsho ibe yimbuqe,

ibe yintili yokutyala isidiliya.

Loo matye ayo ndowaphosa entilini,

iziseko zayo zisale zize.

7Imifanekiso eqingqiweyo yezithixo zakhona yoba ziingceba;

iminikelo kwindlu yokunqula yotshiswa ngomlilo.

Ndoyitshabalalisa imifanekiso yezithixo.

Kaloku izuzwe ngobuhenyu;

yophinda ke ibuyele kwakubuhenyu bengqesho.”

Isililo

8Ngesi ke isizathu ndobhomboloza ndikhale;

ndohamba ndinganxibanga zihlangu, ndizé,

nditsho ngomkhulungwane ngathi ngudyakalashe,

ndigqumshele ngathi yinciniba.

9Kaloku inxeba leSamariya alinyangeki,

ngoku selisosulela noJuda lo.

Selikumasango abantu bam;

ewe, kwiJerusalem ngenkqu.

10Le nto ze ningayibiki eGati;

ze ningakhe nigixe konke-konke.

Ze nizibhuqa-bhuqe eluthulini eBhete-leafra.

11Dlulani nihamba zé nilihlazo, nina bemi baseShafire.

AbaseZanan abacingi baphume.

IBhete-ezele ikwinzilo;

akukho ndawo isondele kuyo yokuzikhusela.

12AbaseMaroti bayapena-pena ziintlungu,

belangazelela okulungileyo,

kuba isithwakumbe sivele *kuNdikhoyo,

sathi gaxa kumasango eJerusalem.

13Nina bemi baseLakishe, bophelan' amahash' enqwelweni.

Yaba nini abangcamli besono,

neZiyon nayikhokelela kwakuso;

ubugwenxa bukaSirayeli bufunyenwe kuni.

14Nangoku nab' izipho zokwahlukana,

ninikezele kwiMoresheti yaseGati.

IAkezibhi yona ngumkhohlisi;

ibagqibile ookumkani bakwaSirayeli.

15Ke nina, bemi baseMaresha, ndiya kunizisela oya kunidla ilifa.

Yena lowo usisidima sikaSirayeli uza kufika eAdulam.

16Zilani nigugule nitsho ngeenkqayi ngenxa yabantwana enibathandayo.

Chengezelisani ngeempandla ngathi lixhalanga;

kaloku baza kuthathwa basiwe ekuthinjweni.

UMIKA 2

Isohlwayo sabacinezeli

1Mawoo ke, nina baceba ububi –

nditsho nina bayila inkohlakalo kwiimandlalo zenu!

Kwakusa benza loo nkohlakalo,

kuba kaloku isemandleni abo.

2Bakunqwenela intsimi bayayohlutha;

bakubawela indlu bayayoxutha.

Umzi womntu bawuthatha ngobuqili,

ilifa lomfo liphelele kubo.

3Ngoko ke utsho *uNdikhoyo ukuthi:

“Ndiniqulunqela isithwakumbe, bantundini;

aningekhe nibe nako ukusinda kuso.

Soze nibe sahamba ngebhongo,

kuba koba kugos' okwaphukayo.

4Ngaloo mini niya kuba sisigculelo,

baphoxise ngani ngelenzila iculo, besithi:

‘Basivuthulule satshabalala mpela;

balahlula-hlule ilifa labantu bam.

UNdikhoyo ulithathile kuthi

walinikela kwabo bangabavukeli.’ ”

5Ngoko ke akuyi kubakho mntu,

nditsho ebandleni likaNdikhoyo,

oya kwaba umhlaba *ngeqashiso.

Abashumayeli abakhohlisayo

6Abashumayelayo bathi:

“Hayi, musa ukushumayela!

Sukushumayela ngayo le nto;

akukho hlazo liya kusihlela.”

7Ndlu kaYakobi, ngani ukuba kuthiwe:

“Ngaba uMoya kaNdikhoyo ukhathazekile?

Uthi angazenza izinto ezinjalo?”

“Akazali buhle na amazwi am kwabo bahamba ngokuthe ngqo?

8Abantu bam basand' ukundivukela oku kotshaba.

Abo badlulayo bengacingele nto, oku kwamajoni avela emfazweni,

nibahluba izambatho zabo ezingayiwayo.

9Niyabagxotha abafazi bakowethu,

bemke emizini elibhongo labo.

Abantwana babo nibohlutha intsikelelo yam,

bangaze bayifumane naphakade.

10Yithi thwas' uhambe,

kuba le asiyondawo yakuphumla.

Ewe, le ndawo ixabhelekile;

ifikelwa yintshabalalo engenakunqandwa.

11Ukuba kufika ixoki lomkhohlisi lisithi:

‘Mna ndishumayela indyebo;

yoba yindyikityha yewayini notywala;’

yena woba ngoyena *mshumayeli ulungileyo kwaba bantu!”

Ukubuyiswa kwamasalela

12“Ngenene ndoniqokelela nonke, nzala kaYakobi;

ewe, ndowahlanganisela ndawonye amasalela kaSirayeli.

Ndonidibanisela ndawonye ngathi ziigusha esibayeni.

Oku komhlambi osedlelweni baya kuxokozela ngokuba baninzi kwabo abantu.

13Uvulindlela wohamba phambi kwabo;

botyhoboza baphume esangweni.

Ukumkani woba yena ekhokele,

*uNdikhoyo ngokwakhe abe yintloko yabo.”

UMIKA 3

Kugxekwa iinkokheli zakwaSirayeli

1Suka ke mna ndathi:

“Phulaphulani, zinkokheli zakwaYakobi,

nani balawuli bendlu kaSirayeli.

Beningafanele na ukubuqonda ubulungisa?

2Kambe ke, nibuthiyil' ubulungisa, nithand' ububi.

Abantu bam nibahlubulula ulusu,

nibabhunyule inyama emathanjeni.

3Ewe, abantu bam nibadla ngathi bayinyama,

nibahlube ulusu lwabo,

amathambo abo niwakroboze,

nibanqunqe oku kwenyama elungele imbiza,

ngathi yinyama eza kuphekwa ngongxawu.”

4Boba ngakhala ke *kuNdikhoyo asuke yena angabaphenduli.

Ngelo xesha yena uya kubafulathela ngenxa yobubi ababenzileyo.

5Ngokusingisele *kubashumayeli abalahlekisa abantu bakowethu,

abalilisela ngoxolo kwabo babanika ukutya,

ukanti kwabo bangabanikiyo sele bequlele imfazwe,

utsho uNdikhoyo ukuthi: 6“Ngoko ke ubusuku buya kunigubungela, ningabi namibono;

kuya kuba mnyama, ningabi satyhilelwa nto.

Abashumayeli botshonelwa lilanga,

nemini isuke ixubayele.

7Iimboni ke zona ziya kuhlazeka,

oosiyazi baphoxeke.

Baya kuba zizishwayimbana, babufihle ubuso,

kuba bengaphendulwa nguThixo.”

8Ke mna okokwam ndomelele;

uMoya kaNdikhoyo uyandongamela,

undithe jize ngobulungisa namandla,

ukuze ndixelele uYakobi ubugwenxa bakhe,

uSirayeli ndimbonise isono sakhe.

9Yivani, zinkokheli zendlu kaYakobi,

nani balawuli bendlu kaSirayeli,

nina babuthiyileyo ubulungisa,

nina bagqwethi bolungelelwano.

10IZiyon niyakha ngobutyadidi begazi;

iJerusalem niyiseka ngenkohlakalo.

11Iinkokheli zayo zisebenza ngenxa yokunyotywa;

ababingeleli basebenzela inzuzo,

nabashumayeli benza izityhilelo khon' ukuze bazuze imali,

kodwa bayame ngoNdikhoyo besithi:

“UNdikhoyo ukho phakathi kwethu.

Ngekhe sihlelwe bububi mpela.”

12Ngoko ke, ngenxa yenu, iZiyon yolinywa njengentsimi,

iJerusalem yona ibe ngamabhodlo;

ke yona intaba yendlu kaThixo ibe ngummango wamahlathi.

UMIKA 4

Uxolo olungaphele ndawo

(Isaya 2:1-4)

1Ke kaloku ngemihla yokugqibela

intaba emi kuyo indlu *kaNdikhoyo

iya kuba yeyona ibalaseleyo,

izikrobele zonke iinduli;

nabantu baya kugxalathelana ukuya kuyo.

2Ewe, izizwe ezininzi ziya kuza zithi:

“Yizani siye entabeni kaNdikhoyo,

endlwini kaThixo kaYakobi.

Yena wosifundisa iindlela zakhe,

ukuze thina sihambe ngazo.”

Kaloku umthetho wophuma eZiyon,

liphume eJerusalem ilizwi likaNdikhoyo.

3Nguye oya kugweba phakathi kwabantu,

abe ngumlamli phakathi kwezizwe ezikude nezomeleleyo,

wona amakrele awenze amakhuba,

yona imikhonto ibe zizitshetshe zokuthena imithi.

Kaloku izizwe soze ziphinde ziqulelane ngamakrele,

zingasayi kuze ziphinde ziqeqeshelwe imfazwe.

4Bonke ngabanye bophumla phantsi kwemidiliya yabo,

umntu ahlale phantsi komkhiwane wakhe,

kungekho namntu uya kuboyikisa.

Kaloku uthethile uNdikhoyo uSomandla.

5Zonke izizwe ziya kuhamba emagameni *oothixo bazo;

ke thina siya kuhamba egameni likaNdikhoyo uThixo wethu nanini nanini.

Ukubuya ekuthinjweni

6Umlomo *kaNdikhoyo uthi:

“Ngaloo mini ndiya kuziqokelela neziqhwala,

neembacu ngokwazo ndizihlanganise,

ngokunjalo nâbo ndibabandezeleyo.

7Iziqhwala ndozenza amasalela,

iimbacu zibe sisizwe esomeleleyo,

uNdikhoyo abalawule kwintaba iZiyon

kusukela ngaloo mini kuse ephakadeni.

8Ke wena, nqaba yemboniselo yomhlambi,

wena nduli, ntombindini eyiZiyon,

wowubuyiselwa umbuso wamandulo;

ewe, ubukhosi bobuyiselwa kwintombi eyiJerusalem.”

9Ngani ke ukuba ubhomboloze?

Ngaba akunaye ukumkani?

Ngaba akusenalo na iphakathi,

sowupena-pena nje ngoku

ngathi ngumfazi efunyenwe yinimba?

10Pinyalaza uncwine, ntombindini eyiZiyon,

ube ngathi ngumfazi mhla ngenimba,

kuba uyaphuma ngoku kwesi sixeko.

Uza kuhlala empenge-mpengeni.

Uza kuya kwelaseBhabheli

apho uya kuhlangulwa khona.

Uya kukhululwa nguNdikhoyo khona,

akukhuphe esandleni seentshaba zakho.

11Ngoku ke zininzi izizwe ezihlanganisene ngawe.

Zithi: “Ewe, mayixabheleke iZiyon,

amehlo ethu akubone oko.”

12Kodwa ke bona abazazi iingcinga zikaNdikhoyo,

necebo lakhe abaliqondi.

Yena ubaqokelela njengezithungu

ingqolowa xa isiya kubhulwa.

13“Vuka kaloku ubhule, ntombindini iyiZiyon!

Ndokunika iimpondo ezingathi yintsimbi,

ube neempuphu ezinjengobhedu,

izizwe ezininzi uzinyhashe zibe ziintsali,

uze loo ngeniso yazo yobutshijolo uyinikele ibe yekaNdikhoyo,

ubutyebi bazo buye kwiNkosi yehlabathi lonke.”

UMIKA 5

Umlawuli oya kuphuma eBhetelehem

1Hlanganisa umkhosi, wena sixeko sihlaselwayo!

Kaloku thina basingqingile.

Ke yena umlawuli kaSirayeli

baya kumbetha ngentonga esidleleni.

2“Kambe ke nawe, Bhetelehem yase-Efrata,

udeleke unjalo kwizindlu zakwaJuda,

kanti ke kwalapha kuwe ndiza kuvelisa

lowo uya kuba ngumlawuli kaSirayeli,

omveli yakhe isukela kwamandulo,

kwimihla yasephakadeni.”

3Ke uSirayeli yena uya kulahlwa

ade ke lowo ulunywayo abeleke,

ke bona abantakwabo babuye

beze bazibandakanye namaSirayeli.

4Uya kumiselwa ukwalusa umhlambi,

enamandla *kaNdikhoyo,

enobungangamsha begama likaNdikhoyo uThixo wakhe.

Ewe, bona bohlala bekhuselekile

kuba kaloku ubungangalala bakhe

bofikelela nakwiziphelo zehlabathi.

5Kaloku yena uya kuzisa uxolo.

Ukuhlangulwa nokutshatyalaliswa

Xa ama-Asiriya elihlasela ilizwe lethu,

egaleleka kwiinqaba zethu,

sowakhuphela isixhenxe sabelusi –

hayi, yoba sisibhozo samatshawe.

6Ilizwe laseAsiriya aya kulilawula ngekrele,

elakwaNimrode alilawule ngamakrele angxashiweyo.

Yena uya kusihlangula kuma-Asiriya

xa wona ehlasela ilizwe lethu,

xa wona engqisha kwimida yethu.

7Amasalela kaYakobi oba phakathi kwezizwe ezininzi;

oku kombethe ovela kuNdikhoyo,

oku komvimbi engceni;

kaloku wona awujongi mntu,

wona awubalindi oonyana babantu.

8Amasalela kaYakobi oba phakathi kweentlanga –

ewe, wona aya kuhlala phakathi kwezizwe ezininzi –

oku kwengonyama phakathi kwamarhamncwa ehlathini,

oku kwethole lengonyama phakathi kwemihlambi yeegusha –

nditsho elihamba linyhasha,

liqwenga-qwenga kungekho mhlanguli.

9Isandla sakho siya kuboyisa ababandezeli bakho,

uzitshabalalise zonke iintshaba zakho.

10Umlomo kaNdikhoyo uthi:

“Ngaloo mini ndowatshabalalisa amahashe akho,

neenqwelo zakho ndizifohloze.

11Ndiya kuzivuthulula izixeko zelizwe lakho,

ke zona iinqaba ndizibhodloze.

12Ndiya kuziphuthisa izixhobo zemilingo ezisesandleni sakho,

ungabi saba nabo abantu abavumisayo.

13Ndoyitshabalalisa imifanekiso eqingqiweyo neentsika zonqulo eziphakathi kwenu.

Akuyi kuba saguqa kumsebenzi wezandla zakho.

14Ndozincothula neentsika zika-Ashera phakathi kwenu;

izixeko zakho zona ndizibhodloze.

15Ndiya kuziphindezela ndinomsindo nengqumbo

kwezo zizwe zingandithobelanga.”

UMIKA 6

UNdikhoyo umangalela amaSirayeli

1Phulaphulani oko *uNdikhoyo akuthethayo:

“Phakama uxoxe, zive neentaba;

neenduli mazilive ilizwi lakho.

2Kuveni ukubambana kukaNdikhoyo, zintaba.

Phulaphulani, ziseko ezingatshitshiyo zehlabathi.

UNdikhoyo ubabeka ityala abantu bakhe;

ewe, ubeka isityholo kuSirayeli.

3“Ngaba ndinenze ntoni, bantu bam?

Kodwa-kodwa ndinidinise ngantoni?

Hayi kaloku, ndiphenduleni!

4Andithi ndanikhupha kwelaseJiputa;

ndanikhulula kwilizwe lobukhoboka;

ndaninika uMosis ukuba anikhokele,

enoAron noMiriyam?

5Bantu bam, senikulibele na ukucetyiswa kukaBhalaki ukumkani waseMowabhi?

Aniyikhumbuli na impendulo kaBhalam unyana kaBhehore?

Zona izigigaba zaseShitim naseGiligali?

Yiqiqeni imisebenzi elungileyo kaNdikhoyo.”

Oko uNdikhoyo akufunayo emntwini

6Ndoya nantoni kodwa phambi *koNdikhoyo?

Ndokhahlela ndinantoni kuThixo uPhezukonke?

Ngaba ndoya namadini atshiswayo,

ndiye namathole anyaka mnye?

7Ngaba uNdikhoyo wokholiswa na ngamawaka-waka eenkunzi zeegusha,

nangawo amawaka alishumi emilambo yamafutha omnquma?

Ubugwenxa bam ndingabungxengxezela na ngezibulo lam,

isono sam ngesiqhamo somzimba wam?

8Ukuxelelwe, mntundini, oko kulungileyo –

nditsho oko uNdikhoyo akufunayo kuwe:

kukwenza ngobulungisa, uthande ububele,

uhambe ngokuthobileyo kunye noThixo wakho.

9UNdikhoyo ubhekisa ilizwi lakhe esixekweni.

Bubulumko ukuthobela igama lakhe.

Yigqaleni intonga yakhe nalowo wayimiselayo.

10“Soze ndibulibale, ndlundini yenkohlakalo,

ubutyebi obuzuze ngobuqhophololo.

Ziqalekisiwe izilinganiso zakho zobuqhetseba.

11Andimxoleli umntu osikali sinexanasi,

osebenzisa amatye okuveyisha anenkohliso.

12Izinhanha zakho zizibhoja,

kanti abantu bakho bayaxoka,

batsho ngolwimi olukhohlisayo.

13Ngoko ke ndiqalile ukukutshabalalisa;

ndokutshitshisa ngenxa yezono zakho.

14Uya kuba ngatya, unganeliseki;

isisu sakho sosala sithe nca.

Uya kuba ngabeka, kungagcinakali nto;

oovimba bakho bochithwa yimfazwe.

15Uya kuba ngalima, tu isivuno.

Uya kuwukhama wona umnquma

kodwa ungaze ube nawo amafutha.

Uya kuyixovula yona idiliya,

kodwa soze usele wayini.

16Kaloku ulandele imikhuba kaOmri,

uhamba ngezenzo zendlu ka-Ahabhi.

Ewe, uthene nca nezithethe zabo.

Ngoko ke ndosuka ndikutshabalalise,

abantu bakho bona babe yintlekisa.

Uya kukuthwala ukungcikivwa kwabantu bam.”

UMIKA 7

Ubugxwayiba bamaSirayeli

1Mawoo! Hayi ubugxwayiba endikubo!

Sendifana nokhwahlaza iziqhamo,

obhikica esidiliyeni ehlotyeni.

Phi ke? Akukho nesihloko esi seediliya sokuba nditye!

Akusekho neli lolibo ikhiwane!

2Akasekho amadoda anyanisekileyo emhlabeni;

amadoda athe ngqo suka athi shwaka.

Akhoyo alalela ukuphalaza igazi;

elowo uzingela umntakwabo ngomnatha.

3Izandla zabo zozibini zinobuchule ekwenzeni ububi.

Ooziphathamandla bafunana nezicengo.

Abalawuli bathe thwanga kukunyotywa.

Izikhulu zifezekisa iminqweno yazo.

Ewe, badibene ngokufutha amayelenqe.

4Noyena ubalaseleyo kubo nqwa nokhula;

kunoyena uthembekileyo kubhetele kwabobo.

Ngoku igalelekile imini yesohlwayo;

yiphaphele oku komlindi.

Eli ngoku lixesha lokudideka kwabo.

5Musa ukuthembela ngommelwane.

Hayi, sukubambelela kumhlobo.

Ewe ngenene, wabale amazwi akho,

nditsho nkqu nakulowo ulele esifubeni sakho.

6Kaloku noonyana bayabadela ooyise;

iintombi zivukelana nabo noonina;

umolokazana uvukelana nonina-zala;

iintshaba zomntu zoba ngabendlu yakhe.

7Kambe ke mna ndijonge *kuNdikhoyo;

ewe, ndikholosa ngoThixo olusindiso lwam.

UThixo wam yena uya kundiva.

Ukuphakanyiswa kukaSirayeli

8Nina zintshaba, sanukundivuyelela.

Nakuba ndiwile nje ndobuya ndivuke.

Ndingade ndibe ngathi ndisebumnyameni

kodwa yena *uNdikhoyo kukukhanya kwam.

9Kaloku ndimonile uNdikhoyo.

Ngoko ke ndoyithwala ingqumbo yakhe,

ade ke abuye andithethelele,

abuye andilungisele.

Yena wondibeka ekukhanyeni,

nditsho ndibubone ubulungisa bakhe.

10Notshaba lwam lotsho lubone;

luya kwambathiswa lihlazo.

Nditsho olo belufudula lusithi kum:

“Ude abe phi na lo Ndikhoyo unguThixo wakho?”

Ewe, amehlo am aya kukubona ukuwa kwalo,

lunyhashwe ngeenyawo okodaka ezitalatweni.

11Iyeza imini yokwakhiwa kweendonga zakho.

Ngaloo mini iya kwandiswa imida yakho.

12Ngaloo mini baya kufika bevela eAsiriya nakwizixeko zaseJiputa,

bethabathela eJiputa, bade baye kutsho kumlambo iEfrati,

bephuma elwandle, bee xhaxhe ngolunye ulwandle,

bethabathela entabeni, baye kuthi gaa ngenye intaba.

13Lo mhlaba wona woba yinkangala;

ewe, ngenxa yabemi bawo,

nangenxa yezinto abazenzileyo.

Uvelwano lukaNdikhoyo

14Ewe, *Ndikhoyo, baluse abantu bakho;

ngaloo ntonga yalusa ilifa lakho,

elo ke lizihlalela emahlathini

kuloo madlelo mahle kunene.

Mabatye eBhashan naseGiliyadi;

ewe, mabadle ngendeb' endala.

15“Njengakwimihla yokuphuma kwenu eJiputa

ndobabonisa imimangaliso yam.”

16Izizwe zothi zingabona zinyoshoze

nakuba bezisakuba namandla.

Zosuka ke zibamb' ongezantsi,

zithi ti, zivingcek' iindlebe.

17Zosuka zity' uthuli njengeenyoka;

zofana nezidalwa ezirhubuluzayo,

eziphuma emingxunyeni zingcangcazela.

Ziya kunkwantya phambi koNdikhoyo uThixo wakho,

zitsho zoyike ngenxa yakho.

18Kodwa nguwuphi uThixo onjengawe?

Nguwuphi oxolela ubugwenxa,

angazihoyi iziphoso zamasalela elifa lakhe?

Wena akuhlali uqumbile ngonaphakade;

kaloku uyimvuze-mvuze bububele.

19Nangoku wobuya uvelane nathi,

izono zethu uzinyathele ngeenyawo,

uzilahle lee iziphoso zethu,

uzintywilisele enzulwini yolwandle.

20Wena uya kunyaniseka kuYakobi,

uya kubuya ngenceba kuAbraham,

njengoko wabhambathisayo ngesifungo koobawo,

kudala-dala ngemihla yamandulo.

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-