Bible Society of South Africa

To The Word – Day 97

Isaiah 26–28, Matthew 1–3

Itekisi yeBhayibhile

UISAYA 26

Uloyiso lwabantu bakaThixo

1Ngelo thuba baya kumemelela bavume le ngoma kwelakwaJuda:

Asomelele ngako isixeko sethu!

Usindiso lumiselwe lwanga ziindonga neenqaba zaso.

2Khaniwavule amasango;

vulani singene isizwe samalungisa,

isizwe esihamba ngokunyaniseka.

3Ke wena ubathi jize ngenzolo

abo banjongo zingajika-jikiyo,

kuba behlala bekholose ngawe.

4Kholosa *ngoNdikhoyo njalo-njalo;

kaloku yena uNdikhoyo ngumqolomba ongasoz' uthini.

5Yena ngumthobi wabakhukhumeleyo,

asichitha-chithe nesixeko esomeleleyo,

iindonga zidilike zibe luthuli,

6baze abacinezelwa nabo basixovule,

ewe, basixangxathe ngeenyawo.

7Indlela yamalungisa ngumthebelele;

wena othe ngqo uyayilungiselelanisa indlela yawo.

8Naphakathi kwengqeqesho yakho, Ndikhoyo,

sihlala sijonge kuwe;

umnqweno neqhayiya lethu nguwe.

9Ebusuku umphefumlo wam ulangazelela wena;

kusasa umoya wam uyazula ufuna wena.

Xa ulohlwaya ihlabathi

abemi balo bafunda ngobulungisa.

10Akuncedi nto ukwazelelela isikhohlakali;

kaloku sivalekile, asibuqondi ubulungisa.

Sona siyona nakwilizwe lamalungisa;

asibuvumi ubungangamsha bukaNdikhoyo.

11Abachasi bakho, Ndikhoyo, abaqondi ukuba uyohlwaya;

bahlazise ubayekele ngeenzima.

Masibe phezu kwabo isohlwayo,

ubabonise ikhwele onalo ngabantu bakho.

12Ndikhoyo, wena usithe jize ngenzolo

kuyo yonke imisebenzi yethu;

ewe, konke sisiqhamo sokwenza kwakho.

13Ewe, Ndikhoyo Thixo wethu,

nokuba besingade silawulwe ngabanye

kodwa thina sikhahlela kuwe.

14Ngoku ke bafile, kuphelil' okwabo;

ewe, bona soze babuye bavuke.

Kaloku wena ubavelele ngentshabalalo;

usuke wabaphosa kwelokulibala.

15Usikhulisile isizwe sethu, Ndikhoyo,

wayongeza okunene nemida yesizwe.

Ngoko ke uzuze isihomo nesithozela.

16Beza kuwe ekuxakekeni kwabo;

uthe ke wakubohlwaya, Ndikhoyo,

suka bakhala bazibika kuwe.

17Ewe, usitsho sanga ngumfazi,

nditsho ojutyalaziswa yinimba

lakuba lifikile ixesha lakhe,

nathi ke sitsho sajubalaza sapena-pena

18phambi kwakho, Ndikhoyo.

Suka saphithizela ngathi siyalunywa,

phofu kuthe kanti yigalimoya.

Kaloku asiluhambisanga usindiso;

asibandisanga abantu emhlabeni.

19Abangasekhoyo bakho, Ndikhoyo,

bona bobuya bavuke;

kuya kuvuka bona ngenkqu, badle ubomi –

nditsho bonke abalinde emadlakeni,

bothi khwaphululu batsholoze ngemincili.

Njengombethe unyephisa umhlaba

uNdikhoyo ke uya kwenjenjalo

ukubavusa abo basishiya mandulo.

20Ngenan' emagumbini enu, bantu bam;

ewe, ngenani nizivalele kaloku,

nikhe nizifihle okomzuzwana nje,

ide ithothe le ngqumbo yakhe.

21Kaloku uNdikhoyo yena uyeza;

wosuka aphume ekhayeni lakhe,

aze kubohlwaya abemi behlabathi,

kuba kaloku bona basuke bona.

Nomhlaba ngokwawo wosuka uthethe

uwaxele amagazi aphalele kuwo;

wosuka ubaveze abo babulawayo.

UISAYA 27

Umgwebo nebuyambo

1Ngelo thuba ke uNdikhoyo uya kusebenzisa elo krele lakhe ligeqayo, ayohlwaye inabulele, alibulale elo gongqongqo lijubalaze libhinyalaze elwandle.

2Ngelo thuba ke *uNdikhoyo uya kuthi:

“Yinzwakazi yesidiliyazana, khanintyontyele!

3Mna Ndikhoyo ndingumalusi waso,

mna ndisinkcenkceshela rhoqo;

nangobhadakazi andilali, ndalusa sona,

hleze ubani asonakalise.

4Ngoku umsindo wam uthothile.

Akwaba ebekho ameva, ngendiwatshisa;

ewe, bendiya kulwa nawo ngenene.

5Zona iintshaba mazizimele kum,

mazizabalazele uxolelaniso;

ngenene mazicele uxolo.”

6Ngemihl' ezayo uYakobi uya kumila;

ewe, uSirayeli uya kudubula aqhakaze;

ilizwe lophuphuma yimveliso yakhe.

7USirayeli noko yena akohlwaywanga kangako,

noko akafaniswanga neentshaba zakhe,

akatshatyalaliswanga njengabagwinti bakhe.

8Yena wohlwaywe ngokuthinjwa,

suka yena wafuduswa ngesaqhwithikazi somoya,

njengeso somoya wasempuma.

9Isono sikaYakobi ke socanyagushelwa,

oko ke kube sisiqhamo sokuxolelwa kwakhe,

akuba amatye amaqonga ecoliwe,

nditsho amaqonga *oothixo basemzini.

Bowacumza njengelitye elinkum-nkum,

kungabi sabakho qonga lasiqhumiso,

kungasali namfanekiso ka-Ashera.

10Satsho salilolo isixeko esinqatyisiweyo.

Mzindini obalekiweyo washiywa,

ngoku sowumatwa nentlango.

Kulapho adla khona amathole,

anqunquda anqunqude acambalale.

11Amaseb' emithi oma ade aqhuzuke,

bancedakale ke abafazi ngezo nkuni.

Kaloku esi sisizwe esingaqondiyo,

ngoko ke tu usini kuMdali waso;

ewe, uMxonxi akayi kuba naluvelwano.

12Ngelo thuba uNdikhoyo uya kubaqokelela abantu bakhe ngabanye ngabanye, oku komntu obhulayo esahlula ingqolowa nomququ. Ewe, uya kuqalela kumlambo iEfrati, aye kuthi xhaxhe kumda waseJiputa. 13Kwangelo thuba kuya kuhlokonyiswa isigodlo, sibabize beze bephuma eAsiriya naseJiputa, apho babethinjwe khona. Baya kubuya bafike banqule uNdikhoyo kwintaba yakhe eyodwa eJerusalem.

UISAYA 28

Isilumkiso kwiSamariya

1Kwaza kwanyembeleka, Samariya echophe phezu kwentili echumayo,

ntshingandini iliqhayiya kwiinkokheli eziyantazayo zakwaEfrayim;

dumasindini elitshitsha njengentyatyambo,

bhongondini lamanxila!

2INkosi inengwanyalala eseyichophel' ukuhlasela.

Sisitshu esofika ngathi sisiphango;

yintw' engathi sisandyondyo semvula;

ilizwe labo ngathi lisityekelwa ngunogumbe.

3Woyiphosa phantsi emhlabeni!

Loo ntshinga yeenkokheli ezinxilayo zaseSamariya

yonyathelwa ixotyongwe ngeenyawo.

4Loo ntyatyambo itshitshayo, ichophe phezu kwentili echumayo,

yoba ngathi lulibo lwamakhiwane,

lona luthi lungavela luqhawulwe lutyiwe.

5Ikho kamb' imini ezayo;

*uNdikhoyo uSomandla-onke woba ngathi yintshinga,

isiqhwaqhwalala sembasa yeentyatyambo;

uya kuba njalo kwelo qaqobana lisindileyo.

6Ke bona abo bachophel' ukugweba

wobathi jize ngomoya wokwazelelela;

abayi kusilela noolindikhaya emasangweni –

wobakhuthaza abaphe ukomelela.

Abashumayeli abanxilayo

7Nababingeleli ngokwabo bayanxila,

nabashumayeli bayagxadazela butywala.

Utywala babusela bade bahexe;

ungafika beyotywe bade badideka.

Abashumayeli bathwangeke bancitheka,

nkqi ukuluqiqa udaba lukaThixo;

nababingeleli bayashwantshatha butywala,

abanako ukuyicalula imicimbi.

8Iitafile – mh-mh-mh, zibondekile!

Zitsho zangamanangalala bobubuyayo;

kurhiphilili, akukho nendawo!

9Kodwa bakhalaza bathi:

“Ngubani ongafundiswa nguye?

Ntshumayeloni yona leyo?

Suka! Ifanel' iintsana, yini le!

Ilingen' abakhov' ukulunyulwa!

10Khanimbone ukuzimisela kwakhe!

Khanimve epitiliza ubugoci-goci;

yenjenje, yenjenjeya,

nci-nci-nci-nci, yonk' inanana!”

11Ngoko ke uThixo wonithumel' iintlanga,

isizw' esilwimi lungaziwayo;

ngaso woninik' isifundo.

12Ngani nina aba kanye wathi:

“Yiyo le intuthuzelo nokuphumla kwenu;

le yindawo yokuphumla!”

Suka ke nina anamhoya.

13Ngenxa yoko ke yena *uNdikhoyo

wosuka abe yinto nani;

uza kunifundisa bonke ubugoci-goci,

anithi nca ngabo ubucukubhede.

Wonithi mbende ngenkcukacha nenanana!

Ngoko ke nosuka nithi thwanga,

noba ngasus' unyawo nikhubeke;

nosuka nenzakale ningxwelerheke;

norhintyelek' emigibeni nithinjwe.

Ilitye lesiseko

14Iinzwi, ke nina bagxeki,

nditsho nina balawul' eJerusalem!

Yivani; uyatheth' *uNdikhoyo.

15Kaloku nina niqhayisa ngokuthi:

“Thina senze umnqophiso nokufa;

sinesivumelwano nalo elabafileyo.”

Suka nazikhohlisa ke nisithi:

“Nangomhla wesithwakumbe ke thina sothubeleza;

thina kaloku siqamela ngokuxoka,

inkohliso nobuxoki yinqaba yethu.”

16INkosi enguNdikhoyo ke yona ithi:

“EZiyon ndibeka isiseko esingagungqiyo;

kuso ndifak' inyengane ekhethiweyo

entsingiselo ithi ozinikezeleyo akasayi kukhukhuliseka.

17Umthetho ndowenza umtya wokulungelelanisa,

ubulungisa bube yintambo yokundindanisa.

Ubuxoki benu botshayelwa sisichotho,

iimpuphuma ziyikhukulise inqaba yenu.

18Umnqophiso wenu nokufa uya kutshitsha,

nesivumelwano nelabafileyo sonqamka.

Ekugalelekeni kwaso isithwakumbe

sona siya kunibetha sinongamele.

19Isithwakumbe sobetha sinikhukhulise;

kobe ngasa ibe siso nani.

Soba ngunonca imini nobusuku.”

Ukuchazwa kolu daba kuya kunirhwaqelisa.

20Wozaliseka ke nomzekeliso othi:

“Akukho kunaba – umandlalo mfutshane;

kanti nengubo libhayi – ayambathisi.”

21Kuba uNdikhoyo uya kulwa njengamhla mnene,

nditsho apho kwintaba iPerazim.

Koba ngathi kukwintili yaseGibhiyon;

woba ufezekisa umsebenzi ongalindelekanga,

ephumeza oko kuhlasimlisayo.

22Ngoko ke, khawuthi cwaka, mgxeki,

hleze akusinde amakhamandela akho;

kuba sivakele kum isandi sentshabalalo,

isaziso esimiselwe lonke ilizwe,

siphuma kuMhlekazi uNdikhoyo onamandla onke.

Ubulumko buvela kuThixo

23Inzwi; yivani, maSirayeli!

Khanibek' iindlebe, ndiyathetha!

24Mlimi wuphi olim' intw' engenasiphelo?

Mlimi waphi ogelesha njalo?

Hayi bo! Ngunotshe lowo!

25Yena uyalima ade agqibe;

egqibile ke uhlwayela idile noba yikumin,

mhlawumbi atyale noba yingqolowa;

kungenjalo ke ahlwayele ihabile,

zonke ke ngeendawo zazo.

26Kanene akaqeqeshwanga na nguThixo wakhe?

Ewe, uwufundisiwe lo msebenzi.

27Obhula idile akasebenzisi sileyi,

engayibhuli nanganqwelo ikumin.

Hayi, idile uyibhula ngesibhulo,

ikumin ayibethe ngomchiza.

28Andithi iyasilwa na ingqolowa?

Hayi kaloku, akayibhuli okokoko,

engayicoli nditsho nangenqwelo,

kanti ke namahashe akayigrayi.

29Obo bulumko ke buvela *kuNdikhoyo uSomandla-onke;

kaloku yena yintshatsheli ngamacebo,

ngenene yena ubalasele ngobulumko.

UMATEWU 1

Umlibo wokuzalwa kukaYesu Krestu

(Luka 3:23-38)

1Nanku umlibo wokuzalwa kukaYesu Krestu, unyana kaDavide, unyana ka-Abraham.

2UAbraham wazala uIsake; uIsake wazala uYakobi; uYakobi wazala uJuda nabantakwabo; 3uJuda wazala uPerezi noZera, abanina wabo unguTamare; uPerezi wazala uHezeron; uHezeron wazala uAram; 4uAram wazala uAminadabhi; uAminadabhi wazala uNashon; uNashon wazala uSalman; 5uSalman wazala uBhowazi, onina unguRahabhi; uBhowazi wazala uObhedi, onina unguRute; uObhedi wazala uJese; 6uJese wazala uDavide ukumkani.

UDavide wazala uSolomon, onina wayengumka-Uriya; 7uSolomon wazala uRewobhowam; uRewobhowam wazala uAbhiya; uAbhiya wazala uAsa; 8uAsa wazala uYoshafati; uYoshafati wazala uYoram; uYoram wazala u-Uziya; 9u-Uziya wazala uYotam; uYotam wazala uAhazi; uAhazi wazala uHezekiya; 10uHezekiya wazala uManase; uManase wazala uAmon; uAmon wazala uYosiya; 11uYosiya wazala uJoyakin nabantakwabo ngemihla yokufuduselwa kwabo eBhabheli.

12Emva kokufuduselwa kwabo eBhabheli uJoyakin wazala uShalatiyeli; uShalatiyeli wazala uZerubhabheli; 13uZerubhabheli wazala uAbhihudi; uAbhihudi wazala uEliyakim; uEliyakim wazala uAzore; 14uAzore wazala uZadoki; uZadoki wazala uAkim; uAkim wazala uElihudi; 15uElihudi wazala uElazare; uElazare wazala uMatan; uMatan wazala uYakobi; 16uYakobi wazala uJosefu, umyeni kaMariya, unina kaYesu, lo kuthiwa *nguKrestu.

17Izizukulwana bezilishumi elinane ukususela kuAbraham kuye kuDavide; zilishumi elinane ukususela kuDavide kuye ekufuduselweni kwabo eBhabheli; zikwalishumi elinane ukususela ekufuduselweni kwabo eBhabheli kuye ekuzalweni kukaKrestu.

Ukuzalwa kukaYesu Krestu

(Luka 2:1-7)

18Ukuzalwa kukaYesu Krestu kwakungolu hlobo: UMariya, unina, wayesendela kuJosefu, bengekatshati, kwabonakala ukuba uMoya oyiNgcwele wenze ukuba abe nzima. 19Ke uJosefu, umyeni wakhe, wayelilungisa, engafuni ukumhlaza uMariya, waza wazimisela ukumala ngasese. 20Esazicinga ezi zinto, naso isithunywa seNkosi sibonakala kuye ephupheni, sisithi: “Josefu, nyana kaDavide, sukoyika ukumthatha uMariya abe ngumfazi wakho, kuba oko akukhawuleyo kungoMoya oyiNgcwele. 21Úya kuzala unyana, ùmthiye igama *elinguYesu, kuba nguye oya kubasindisa abantu bakhe ezonweni zabo.”

22Konke oku kwênzeka ukuze lizaliseke ilizwi leNkosi elathethwa *ngumshumayeli, esithi: 23“Niyabona, intombi le iya kumitha, izale unyana, abizwe ngokuba nguImanuweli” (oko kukuthi “uThixo unathi”).

24Akuvuka ebuthongweni uJosefu, wênza njengoko isithunywa seNkosi besitshilo kuye, wamthatha uMariya, waba ngumfazi wakhe; 25kodwa akahlangananga naye de wamzala unyana wakhe. UJosefu ke wamthiya igama elinguYesu.

UMATEWU 2

Iingcali zeenkwenkwezi ezavela empumalanga

1Kwathi akuba uYesu ezelwe eBhetelehem kwaJuda, ngemihla kakumkani uHerode, kwabonakala kufika iingcali zeenkwenkwezi eJerusalem, zivela empumalanga, 2zisithi: “Uphi na lo kumkani wamaJuda uzelweyo? Sibone inkwenkwezi yakhe empumalanga; ke size kumnqula.”

3Akukuva oku ukumkani uHerode, wakhathazeka, nayo yonke iJerusalem. 4Ebahlanganisile ke bonke ababingeleli abaziintloko nabachazi-mthetho balapho, wabuza kubo ukuba uKrestu ubeya kuzalelwa phi na. 5Bathi kuye: “EBhetelehem kwaJuda, kuba kubhaliwe *ngumshumayeli kwathiwa:

6“ ‘Wena Bhetelehem, sithili sakwaJuda,

akunguye oyena udelekileyo kubalawuli bakwaJuda,

kuba kuwe kuya kuphuma uMlawuli

oya kuba nguMalusi wabantu bam amaSirayeli.’

7UHerode ke uzibizele ngasese iingcali ezo, waqondisisa kakuhle kuzo ixesha lokubonakala kwenkwenkwezi leyo. 8Wazithumela eBhetelehem, esithi: “Hambani niye kubuzisa kakuhle ngomntwana lowo. Ze nithi ke, nakumfumana, nindixelele, ukuze nam ndiye kumnqula.”

9Zakuba zimvile ukumkani, iingcali zahamba; nantso inkwenkwezi leyo zayibonayo empumalanga, izikhokela, de yaya kuma phezu kwendawo abekuyo umntwana lowo. 10Zathi ke, zakuyibona inkwenkwezi, zavuya gqitha. 11Zingenile endlwini, zambona umntwana enoMariya unina, zaqubuda, zamnqula; zaza zathi, zivule iingxowa zazo, zanikela kuye ngezipho: igolide, intlaka yokuqhumisa, nentlaka yokuqhola.

12Zathi ke, ziyalelwe nguThixo ephupheni ukuba zingabuyi ziye kuHerode, zemka ngandlela yimbi ukuya kwelakowazo.

UYesu usiwa eJiputa

13Zakuba zimkile iingcali, kwabonakala isithunywa seNkosi kuJosefu ephupheni, sisithi: “Vuka, uthathe umntwana nonina, ubalekele eJiputa, uhlale apho de ndikuxelele, kuba uHerode uzimisele ukumbulala umntwana.” 14Wavuka ke uJosefu, wamthatha umntwana nonina ebusuku, wabalekela eJiputa, 15wahlala khona de wabhubha uHerode.

Oku kwênzeka ukuze lizaliseke ilizwi leNkosi elathethwa *ngumshumayeli, lisithi: “Ndambiza unyana wam waphuma eJiputa.”

UHerode ubulala abantwana baseBhetelehem

16Ke kaloku uHerode, akubona ukuba iingcali zeenkwenkwezi zimkhohlisile, waba nomsindo kakhulu, wayalela ukuba kubulawe bonke abantwana abangamakhwenkwe abaseBhetelehem nakuwo wonke loo mmandla, abaminyaka mibini bezelwe nangaphantsi, elungelelanisa nexesha abeliqondisise kakuhle kwiingcali.

17Kwazaliseka ke ngoko okwathethwayo *ngumshumayeli uJeremiya esithi:

18“ERama kwavakala isililo nesijwili esikhulu,

uRakeli elilela abantwana bakhe,

engavumi ukuthuthuzeleka,

kuba babengasekho.”

UYesu ubuyiswa eJiputa

19Akuba ebhubhile uHerode, nâko kubonakala isithunywa seNkosi kuJosefu ephupheni eseJiputa, 20sisithi: “Vuka, uthathe umntwana nonina, uye kwelakwaSirayeli, kuba bafile abo babefuna ukumbulala umntwana.” 21Wavuka, wamthatha umntwana nonina, waya kwelakwaSirayeli.

22UJosefu akuva ukuba uArkelawo ungukumkani kwelakwaJuda esikhundleni sikayise uHerode, woyika ukuya khona; wathi, eyalelwe nguThixo ephupheni, wemka waya kwiphondo laseGalili, 23waya kuhlala kwidolophu ekuthiwa yiNazarete. Oku kwênzeka ukuze kuzaliseke okwathethwayo *ngabashumayeli, besithi wobizwa ngokuba ngumNazarete.

UMATEWU 3

UYohane umbhaptizi

(Marko 1:1-8; Luka 3:1-18; Yoh 1:19-28)

1Ke kaloku ngaloo mihla kwafika uYohane umbhaptizi eshumayela entlango yelakwaJuda, 2esithi: “Guqukani, kuba ulawulo lukaThixo lusemnyango!” 3Ngulo ke wayexela yena *umshumayeli uIsaya xa wayesithi:

“Kuvakala ilizwi lodandulukayo entlango, lisithi:

‘Yilungiseleleni indlela iNkosi,

niyihlahlele umgaqo wayo.’ ”

4UYohane lo wayesambatha ingubo yoboya benkamela, abhinqe ngethwathwa. Ukutya kwakhe kwakuziinkumbi nobusi. 5Babephuma besiya kuye abantu baseJerusalem, nabakulo lonke elakwaJuda, nabommandla wonke waseJordan. 6Babezixela izono zabo, aze ababhaptize emlanjeni iJordan.

7Ke kaloku, akubona into eninzi *yabaFarasi *nabaSadusi besiza ekubhaptizeni kwakhe, uYohane wathi kubo: “Nzalandini yamarhamba, ngubani na onilumkisileyo ukuba niyibaleke ingqumbo ezayo? 8Ke ngoko velisani iziqhamo ezifanele inguquko. 9Ze ningafane nithi: ‘Siyinzala ka-Abraham.’ Ndiyanixelela mna, uThixo unako kuwo la matye ukumvelisela abantwana uAbraham. 10Kanti ke izembe selikulungele ukuyinqumla ezingcanjini imithi. Ngoko ke wonke umthi ongavelisi siqhamo sihle uyagawulwa utshiswe. 11Mna okunene ndinibhaptiza ngamanzi, ndibonisa ukuguquka kwenu; kodwa lowo uzayo emva kwam unamandla kunam. Andikufanelanga nokukhulula izihlangu ezi zakhe. Yena uya kunibhaptiza ngoMoya oyiNgcwele nangomlilo. 12Ingobozi isesandleni sakhe. Uya kukwela kuthi tu okusesandêni, ayigalele kuvimba ingqolowa. Ke wona umququ uya kuwutshisa ngomlilo ongacimiyo.”

Ukubhaptizwa kukaYesu

(Marko 1:9-11; Luka 3:21-22)

13Wafika eJordan uYesu, evela eGalili, eze kubhaptizwa nguYohane. 14UYohane ke wayengavumi, esithi: “Indim nje ofanele ukubhaptizwa nguwe, nguwe na oza kum?”

15Waphendula uYesu wathi kuye: “Vuma okwangoku, kuba kusifanele thina ukwenjenjalo, ukuze senze konke okufunwa nguThixo.” Wavuma ke uYohane.

16Ebhaptiziwe uYesu, waphuma kwangoko emanzini. Lasuka izulu lavuleka, wabona uMoya kaThixo enjengehobe esihla esiza kuye. 17Kwavakala izwi, livela ezulwini, lisithi: “Lo nguNyana wam endimthandayo; ndikholisiwe nguye.”

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-