Bible Society of South Africa

Ubulumko banaphakade – Day 12

Isitsixo sesipho sikaThixo lukholo - Part 2
- Ukholo kukuthobela uKrestu

Itekisi yeBhayibhile

1 KAYOHANE 2

3Into ebonakalisa ukuba siyazana noThixo kukuba siyithobele imiyalelo yakhe. 4Umntu othi uyazana naye, abe kodwa engayithobeli imiyalelo yakhe, uyaxoka; ukude nenyaniso. 5Kambe ke yena olithobelayo ilizwi lakhe, uthando lukaThixo luyondelelene kuye. Nantsi ke into ecacisa ukuba simanyene noThixo:

1 KAYOHANE 2:3-5XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

1 KAYOHANE 3

23Umyalelo wakhe uthi masizinikele kwigama loNyana wakhe uYesu Krestu, sithandane nanjengokuba wasiyalelayo. 24Wonke umntu oyithobelayo imiyalelo kaThixo umanyene noThixo, noThixo uhlala kuye. Into ecacisa ukuba uThixo uhlala kuthi nguMoya lo asinike yena.

1 KAYOHANE 3:23-24XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

1 KAYOHANE 5

3Kaloku ukumthanda uThixo kuhambisana nokuthobela imiyalelo yakhe. Ke yona imiyalelo kaThixo ayinzima kuthi.

1 KAYOHANE 5:3XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

2 KWABASEKORINTE 7

1Xa ke kanti, mawethu, izithembiso ezinje zenzelwa thina, masizenze sibe nyulu emzimbeni nasemphefumlweni, sibe ngcwele ngokuhlala simoyika uThixo.

2 KWABASEKORINTE 7:1XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

Ukwenza njengoko uKrestu esiyalela, kunikeza ubunyani kwinto esikholelwa kuyo.

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-