Bible Society of South Africa

Ubulumko banaphakade – Day 16

Ndiza kwazi njani ukuba konke oku kuyinyani?
- Ngobungqina boMoya oyiNgcwele
- Through the Word of God

Itekisi yeBhayibhile

UYOHANE 14

16Wothi ke uBawo, ndakumcela, aninike omnye uMmeli, ukuze ahlale nani ngonaphakade.

UYOHANE 14:16XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UYOHANE 14

26Ke uMmeli uMoya oyiNgcwele, lowo uBawo aya kumthuma egameni lam, uya kunifundisa zonke izinto, anikhumbuze ngako konke endithe ndanixelela kona.

UYOHANE 14:26XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UYOHANE 16

8Uya kuthi ke akufika ababonise abantu beli hlabathi into esiyiyo isono sabo, into obuyiyo ubulungisa babo, nento okuyiyo ukugwetywa:

UYOHANE 16:8XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

1 KWABASEKORINTE 12

3Ngoko ke yiqondeni into yokuba akukho bani ukhokelwa nguMoya kaThixo unokuthi: “Uqalekisiwe uYesu,” futhi kungekho bani unokuvuma ukuba: “UYesu uyiNkosi,” engakhokelwa nguMoya oyiNgcwele.

1 KWABASEKORINTE 12:3XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

2 KWABASEKORINTE 1

21-22NguThixo osizimasileyo thina nani ngokusimanya noKrestu. Ewe, nguThixo ngokwakhe osiphawuleyo wasithambisa ngoMoya oyiNgcwele ohleli kuthi osisiqinisekiso sezinto ezizayo.

2 KWABASEKORINTE 1:21-22XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 119

Ilizwi likaNdikhoyo liyakhanyisa

105Ilizwi lakho sisibane sendlela yam;

liyandikhanyisela eluhambeni.

IINDUMISO 119:105XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

1 KWABASEKORINTE 1

21UThixo ngobulumko bakhe ubone okokuba ihlabathi malingabi nako ukumazi ngobalo ubulumko. Hayi, kwakholeka kuThixo ukuba abo bakholwayo abasindise “ngobudenge” belizwi esilishumayelayo.

1 KWABASEKORINTE 1:21XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KWABASEROMA 10

17Ngoko ke ukholo luvuswa ngokuvakaliswa kodaba; ke lona udaba luvakalisa uKrestu.

KWABASEROMA 10:17XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UMoya oyiNgcwele sisiqu sesithathu kwiZiqu eziThathu ezazikho ukususela ekuqaleni kwamaxesha.

Bible Society of South Africav.4.25.3
SIFUMANE KU-