Bible Society of South Africa

Ubulumko banaphakade – Day 4

UThixo – UMdali wako konke Part 4
- Umntu akamamkeli uThixo

Itekisi yeBhayibhile

KWABASEROMA 1

25Aba bantu ke bagqwethe inyaniso kaThixo ngobuxoki. Bahlonela isidalwa, basikhonze, baze bamlibale uMdali, yena ongowokubongwa ngonaphakade. *Amen.

KWABASEROMA 1:25XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KWABASEROMA 3

23Kaloku bonke bonile; bayalabalaba kubuqaqawuli ababulungiselelwe nguThixo.

KWABASEROMA 3:23XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UMATEWU 15

19Kaloku ziphuma entliziyweni iingcamango ezimbi. Kusentliziyweni apho kuphuma khona ukubulala, ukukrexeza, ubuhenyu, ubusela, ukungqina ubuxoki, nokunyelisa.

UMATEWU 15:19XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 14

Umhobe kaDavide; kumbhexeshi-kwayara.

1Iziyatha zithi akukho Thixo ngandawo.

Zonakele, futhi zenza amasikizi;

akukho ulungisayo kuzo.

2Ke yena *uNdikhoyo ubabukele abantu;

uhlel' ezulwini efuna ukuqonda

ukuba ngaba sikho na isilumko,

nditsho ofuna ukunqula uThixo.

3Kambe ke bonke bemkile,

xa bebonke bonakele;

kuba akakho olungisayo,

nditsho nokuba abe mnye.

IINDUMISO 14:1-3XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

Impendulo yomntu kwintembeko kaThixo kuye yaba kukungamthobeli nokungamkeli ubuhlobo bakhe obunothando. Ngenxa yoko, isono sangena ehlabathini. Ubungqina besono somntu bungapha kokuqonda.

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-